Isahluko 105
Ukuqalisa Kwemini Yeemini
XA UYESU esimka eYerusalem ngengokuhlwa yangoMvulo, ubuyela eBhetani kwithambeka elisempuma leNtaba yemiNquma. Iintsuku ezimbini zobulungiseleli bakhe bokugqibela eYerusalem ziphelile. Ngokungathandabuzekiyo uYesu kwakhona uchitha ubusuku nomhlobo wakhe uLazaro. Obu bubusuku besine eseBhetani, ukususela ekufikeni kwakhe ngoLwesihlanu evela eYeriko.
Ngentseni yangoLwesibini, ngoNisan 11, yena nabafundi bakhe basendleleni kwakhona. Le ingqineka iyeyona mini yeemini kubulungiseleli bukaYesu, eyona yakhe yaxakeka ukuza kuthi ga ngoku. Lusuku lokugqibela ukuba abonakale etempileni. Yaye lusuku lokugqibela lobulungiseleli bakhe basesidlangalaleni ngaphambi kokuvavanywa nokubulawa kwakhe.
UYesu nabafundi bakhe bathabatha indlela ekwanye ukuqabela kwiNtaba yemiNquma ukuya eYerusalem. Ngoxa besendleleni evela eBhetani, uPetros uphawula umthi uYesu ebewuqalekisile kwintsasa edluleyo. Udanduluka athi: “Rabhi, khangela umkhiwane obuwuqalekisile womile.”
Kodwa bekutheni ukuze uYesu awubulale loo mthi? Walatha isizathu soko xa ehlabela mgama esithi: “Inene, ndithi kuni, ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; kosuka, nokuba nithe kule ntaba [iNtaba yemiNquba abemi kuyo], Thabatheka uphoseke elwandle, kwenzeke. Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela.”
Ngoko ngokomisa loo mthi, uYesu unikela isifundo esibonakalayo kubafundi bakhe esingemfuneko yokuba babe nokholo kuThixo. Kunjengokuba esithi: “Izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo.” Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba bafunde isifundo esilolu hlobo, ingakumbi ngenxa yeemvavanyo eziqatha abaza kujamelana nazo kungekudala! Kanti, ukoma komthi womkhiwane nophawu lokholo kuhlobene nangenye indlela.
Uhlanga lukaSirayeli, njengalo mthi womkhiwane, lunembonakalo ekhohlisayo. Nangona olu hlanga lukulwalamano lomnqophiso noThixo yaye lusenokubonakala ngaphandle luyigcina imimiselo yakhe, luzingqine lungenalo ukholo, lungenazo iziqhamo ezilungileyo. Ngenxa yokuswela ukholo, sele luza kukhanyela kwanoNyana kaThixo! Ngenxa yoko, ngokubunisa umthi womkhiwane ongenamveliso, uYesu ubonisa ngokucacileyo oko uya kuba kuko umphumo wokugqibela wolu hlanga lungenaziqhamo, nolungenalukholo.
Kungekudala, uYesu nabafundi bakhe bangena eYerusalem, yaye ngokwesiko labo, baya etempileni, apho uYesu aqalisa khona ukufundisa. Ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu phakathi kwabantu, ngokungathandabuzekiyo bekhumbula oko uYesu akwenzileyo kusuku oludluleyo nxamnye nabananisi bemali, bamcel’ umngeni besithi: “Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? Kananjalo ngubani na okunike eli gunya?”
Ekuphenduleni uYesu uthi: “Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto: Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na, emazulwini, ebantwini, sini na?”
Ababingeleli namadoda amakhulu baqalisa ukuthethana bodwa ukuba baya kuthini na ukuphendula. “Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, soyika abantu; kuba bonke bebambe ukuthi uYohane ungumprofeti.”
Iinkokeli azazi ukuba mazithini na ukuphendula. Ngoko zimphendula uYesu zisithi: “Asazi.”
UYesu, ubuya athi: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.” Mateyu 21:19-27; Marko 11:19-33; Luka 20:1-8.
▪ ULwesibini, kuNisan 11 ubaluleke ngantoni?
▪ Ziziphi izifundo uYesu azifundisayo ngokomisa umthi womkhiwane?
▪ UYesu ubaphendula njani abo bambuza ukuba uzenza ngagunya lini na izinto?