Isahluko 109
UYesu Ukhalimela Abo Bamchasayo
UYESU uye wabadida ngokupheleleyo abo bamchasayo ngokonqulo kangangokuba bayoyika ukumbuza nantoni na ngokubhekele phaya. Ngoko uqalisa ngokwakhe ukubhenca ukungabi nalwazi kwabo. Uyababuza, “Nithini na nina ngaye uKristu? Ungunyana kabani na?”
AbaFarisi bayaphendula, “KaDavide.”
Nangona uYesu engalikhanyeli elokuba uDavide unguyisemkhulu wokwenyama kaKristu, okanye kaMesiya, uyabuza: “Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya [kwiNdumiso 110] ambize ngokuthi, Nkosi, esithi, Yathi iNkosi [uYehova, NW] eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, ungunyana wakhe ngani na?”
AbaFarisi bayathula, kuba abazi ukuba ngokwenyaniso uKristu okanye lowo uthanjisiweyo, ungubani na. UMesiya akangomntu nje oyinzala kaDavide, njengokuba kubonakala ukuba abaFarisi bakholelwa njalo, kodwa wayephila ezulwini yaye emkhulu kunoDavide, okanye eyiNkosi yakhe.
Ngoku ebhekisa kwisihlwele nakubafundi bakhe, uYesu ulumkisa ngababhali nabaFarisi. Ekubeni aba befundisa uMthetho kaThixo, kwaye ‘behleli esihlalweni sikaMoses,’ uYesu uyabongoza: “Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze.” Kodwa walek’ umsundulo enjenje: “Ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi.”
Bangabahanahanisi, ibe uYesu ubakhalimela ngamazwi anjengalawo wawathethayo ngoxa wayesitya kwindlu yomFarisi kwiinyanga ezithile ngaphambilana. Uthi, “Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ngokunga bangabonwa ngabantu.” Ibe unikela imizekelo, esithi:
“Bawenze banzi amaqhaga abo ezikhumbuzo.” La maqhaga mancinane ngokwentelekiso, anxitywa ebunzi okanye engalweni, aqulathe iinxalenye ezine zoMthetho ezizezi: Eksodus 13:1-10, 11-16; neyeDuteronomi 6:4-9; 11:13-21. Kodwa abaFarisi bawenza makhulu la maqhaga ukuze babonakale ngathi bayawuzondelela uMthetho.
UYesu uhlabela mgama esithi “bayandise imiqukumbelo yeengubo zabo.” KwiNumeri 15:38-40 amaSirayeli ayalelwa ukuba enze imiqukumbelo kwiingubo zawo, kodwa abaFarisi eyabo bayenza mikhulu kuneyabo bonke abanye. Yonke into bayenza ukuze babonwe! UYesu uthi, “Bathanda izilili zobukhulu.”
Kulusizi ukuthi, abafundi bakhe baye bachatshazelwa ngulo mnqweno wokufuna udumo. Ngoko uyabaluleka: “Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana. Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini. Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu.” Abafundi bamele bahlukane nomnqweno wokuba ngabokuqala! uYesu uyaluleka, “Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu.”
Ngokulandelayo uvakalisa ungcelele looyeha kubabhali nabaFarisi, ngokuphindaphindiweyo ebabiza ngokuba ngabahanahanisi. Uthi, ‘bayabuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu, ibe badla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu.’
UYesu uthi, “Yeha, nina bakhokelindini baziimfama!” Uyakugweba ukuswela kwabaFarisi iimpawu ezixabisekileyo zokomoya, njengoko oku kuboniswa lucalucalulo olungekho mthethweni nolubonakalisa ukuzikhukumalisa. Ngokomzekelo, bathi, ‘Akunto ukufunga ngetempile, kodwa othe wafunga igolide yetempile, unetyala.’ Ngokugxininisa kwabo ngakumbi kwigolide yetempile kunokubaluleka okungomoya kwalo ndawo yonqulo, batyhila imilinganiselo yabo ephantsi yokuziphatha.
Wandula ke uYesu, njengoko enzile ngaphambilana, abagwebe abaFarisi ngokutyeshela “ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo” ngoxa benikela ingqalelo egqithiseleyo ekunikelweni kwezishumi, okanye isahlulo seshumi kwizityalwana zokunonga ukutya ezingabalulekanga.
UYesu ubabiza abaFarisi ngokuthi ‘ngabakhokeli abaziimfama, abahluza imbuzane baze baginye inkamela.’ Bahluza imbuzane kwiwayini yabo kungengenxa nje yokuba isisinambuzane kodwa kuba iyinqambi. Ukanti, ukuzityeshela kwabo ezona ndawo zinzima zoMthetho kuthelekiswa nokuginya kwabo inkamela, nayo ekwasisilwanyana esiyinqambi. Mateyu 22:41–23:24; Marko 12:35-40; Luka 20:41-47; Levitikus 11:4, 21-24.
▪ Kutheni le nto abaFarisi bengaphenduli xa uYesu ebabuza ngoko uDavide wakuthethayo kwiNdumiso 110?
▪ Kutheni le nto abaFarisi bewandisa amaqhaga abo ezikhumbuzo nemiqukumbelo yeengubo zabo?
▪ Sisiphi isiluleko uYesu asinikela kubafundi bakhe?
▪ Luluphi ucalucalulo olungekho mthethweni nolubonakalisa ukuzikhukumalisa kwabaFarisi, ibe uYesu ubagweba njani ngokutyeshela ezona ndawo zinzima?