Uhlangabezana Njani Nohanahaniso?
KUMYEZO waseGetsemane, uYudas Skariyoti waya kuYesu waza “wamanga.” Le yayiyindlela eqhelekileyo yokubonakalisa uthando. Kodwa uYudas yena wayesenza inkwalambisa ukuze abo babeze kubamba uYesu ngobo busuku bakwazi ukumbona. (Mateyu 26:48, 49) UYudas wayengumhanahanisi—umntu ozenza into angeyiyo, umntu ofihla iintshukumisa ezimbi anazo azenze ngathi unyanisekile. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “umhanahanisi” lithetha “umntu ophendulayo” yaye libhekisela kumlinganiswa oseqongeni. Ekuhambeni kwexesha, eli gama labhekisela kuye nabani na ozenza into angeyiyo ukuze akhohlise abanye.
Usabela njani kuhanahaniso? Ngokomzekelo, ngaba uba nomsindo xa ubona abenzi bemidiza bekhuthaza ukutshaya nakuba kukho ubungqina obuvela kwabezonyango bokuba le mveliso yabo iyingozi? Ngaba uyalucaphukela uhanahaniso olwenziwa ngabantu abanyamekela abanye baze babaxhaphaze abo banikwe imbopheleleko yokubanyamekela? Ngaba uyakhathazeka xa ujikelwa ngumntu obucinga ukuba ngumhlobo wokwenene? Lukuchaphazela njani uhanahaniso lonqulo?
“Yeha Nina . . . Bahanahanisindini!”
Khawucinge ngemeko yonqulo ngexesha uYesu wayesemhlabeni. Ababhali nabaFarisi babezenza ngathi ngabafundisi boMthetho kaThixo abanyanisekileyo, kodwa eneneni babezalisa iingqondo zabantu ngeemfundiso zabantu ezazibashenxisela kude noThixo. Ababhali nabaFarisi babebambelela ngokungqongqo emthethweni, kodwa imigaqo esisiseko eyayibonisa uthando nemfesane babengayikhathalele. Xa bephakathi kwabantu babezenza ngathi bazinikele kuThixo, kodwa xa bengasese babezele bububi bodwa. Izenzo zabo zazingavisisani noko babekuthetha. Babesenza izinto ngenjongo ‘yokubonwa ngabantu.’ Babefana ‘namangcwaba aqatywe mhlophe, ngaphandle eneneni abonakala emahle kodwa ngaphakathi azele ngamathambo abantu abafileyo nalo lonke uhlobo lokungahlambuluki.’ Ebhenca ukuhanahanisa kwabo ngenkalipho, uYesu ngokuphindaphindiweyo wathi: “Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini!”—Mateyu 23:5, 13-31.
Ukuba wawuphila ngaloo mihla, kusenokwenzeka ukuba, njengabanye abantu abantliziyo zinyanisekileyo wawuya kulucekisa ngokwenene uhanahaniso olunjalo lonqulo. (Roma 2:21-24; 2 Petros 2:1-3) Kodwa ngaba wawuya kuvumela uhanahaniso lwababhali nabaFarisi ukuba lukwenze buhlungu kangangokude uchase yonke into elunqulo, kuquka nolo uYesu Kristu nabafundi bakhe bafundisa ngalo baza baluqhelisela? Ngaba oko kwakungayi kuba yingozi kuwe?
Uhanahaniso lwabantu bonqulo lunokusenza silucekise unqulo. Noko ke, ukwenjenjalo kunokusenza singababoni abanquli bokwenyaniso abanyanisekileyo. Ngenxa yoko, kanye loo miqobo esiyibeka ngenjongo yokuba isikhusele nxamnye nohanahaniso, inokuvalela abahlobo bokwenyaniso. Ngoko ke, indlela esisabela ngayo kuhanahaniso, ifanele ibe sengqiqweni yaye ilungelelane.
“Amehlo Enu Mawahlale Evulekile”
Okokuqala, simele sifunde indlela yokubona abahanahanisi. Oku akusoloko kulula. Enye intsapho yakufunda oko ngamava abuhlungu kakhulu. Umama walapho wayefe isiqaqa. Xa yayimangalela isibhedlele ngenxa yokungakhathali, le ntsapho yaqesha igqwetha elalikwangumshumayeli kwicawa yasekuhlaleni. Nangona isibhedlele sahlawula ii-R27,2 zezigidi ngenjongo yokuzinzisa loo mbambano, intlungu eyenzeka kuloo ntsapho yaba mbi nangakumbi. Loo mama wafa elihlwempu, yaye kwakungekho mali yakuhlawula iindleko zomngcwabo wakhe. Ngoba? Ngenxa yokuba inxalenye enkulu yaloo mali yaphelela kwelo gqwetha. Ngokuphathelele eli gqwetha, ulindixesha wasemthethweni wathi: “Ukuba isigidimi elisishumayelayo sifana nehambo yalo . . . , inokuba isigidimi salo sithi: masihlasele amaxhoba.” Sinokuzikhusela njani kubantu abanjalo?
Icebiso likaYesu kwabo bantu babephila ngexesha lakhe, abo babejamelene nohanahaniso lonqulo lalisithi: “Amehlo enu mawahlale evulekile.” (Mateyu 16:6; Luka 12:1) Ewe, simele silumke. Abantu basenokuthi baneenjongo ezintle yaye babonakale njengabona bantu banyanisekileyo, kodwa kufuneka silumke singamkeli nje wonke umntu ngoko nangoko. Ngaba besingayi kuyihlolisisa ngenyameko imali yethu engamaphepha ukuba besisazi ukuba kukho imali yomgunyathi kwindawo esikuyo?
Abahanahanisi baye babonakala kwanaphakathi kwibandla lamaKristu okwenyaniso. Umfundi uYude walumkisa nxamnye nabo, esithi: “Bona balulwalwa olufihlakele phantsi kwamanzi emathekweni enu othando xa besezidlweni kunye nani; bangabalusi abazondla ngaphandle koloyiko; bangamafu angenamanzi aphehluzeliswa yimimoya; bayimithi engathwali siqhamo nkqu nasekwindla.”—Yude 12.
‘Ukuhlala kwethu sivule amehlo ethu’ kuthetha ukuphepha ukuqhathwa ngumntu ozenza ngathi uyasithanda kodwa abe eneneni engumntu ozingcayo yaye ekhuthaza iingcamango ezingasekelwanga kwiLizwi likaThixo. Njengolwalwa olufihlakele phantsi kwamanzi azolileyo, umntu onjalo unokubangela ukuba abo bangalumkanga baphukelwe yinqanawa ngokomoya. (1 Timoti 1:19) Umhanahanisi unokuthembisa okuninzi ngokuphathelele ukuhlaziyeka kokomoya kodwa konke oko kunokufana ‘nelifu elingenamanzi’—elingavelisi mvula. Njengomthi ongathwali siqhamo, umkhohlisi akavelisi siqhamo somKristu wokwenene. (Mateyu 7:15-20; Galati 5:19-21) Ewe, kufuneka sibalumkele abakhohlisi abanjalo. Ukanti, asimele sikrokrele zonke iintshukumisa zabantu xa sisenza oko.
“Musani Ukugweba”
Hayi indlela ekulula ngayo ngabantu abangafezekanga ukubona iziphoso zabanye abantu ngoxa bezibetha ngoyaba ezabo! Noko ke, olu tyekelo lusibeka engozini yokuba ngabahanahanisi. UYesu wathi: “Mhanahanisindini! Khupha kuqala umqadi kwelakho iliso, yaye uya kwandula ke ubone ngokucacileyo indlela yokukhupha udiza elisweni lomzalwana wakho.” Senza kakuhle xa sithobela isiluleko sakhe esithi: “Musani ukugweba ukuze ningagwetywa; kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani . . . Kutheni, ngoko, ukhangela udiza olukwiliso lomzalwana wakho, kodwa ungawuqwalaseli umqadi okwelakho iliso?”—Mateyu 7:1-5.
Xa abanye maxa wambi besenza izinto ezibonakala njengohanahaniso, simele sikulumkele ukukhawuleza sithi ngabahanahanisi. Ngokomzekelo, umpostile uPetros ‘wemka waza wazahlula’ kwamanye amakholwa angaweeNtlanga kwa-Antiyokwe ukuze akholise iindwendwe ezingamaYuda ezazivela eYerusalem. UBharnabhas ‘wakhukuliswa kunye noPetros nabanye kuloo nkwalambisa yabo.’ UPetros wenza oku nakuba wayenikwe ilungelo elikhethekileyo lokuvulela abeeNtlanga ithuba lokuba bamkeleke kwibandla lamaKristu. (Galati 2:11-14; IZenzo 10:24-28, 34, 35) Ngokuqinisekileyo, loo mpazamo incinane yenziwa nguBharnabhas noPetros ayizange ibenze babotshwe ngabande linye nababhali nabaFarisi okanye noYudas Skariyoti.
“Uthando Lwenu Malungabi Naluhanahaniso”
UYesu wanikela esi silumkiso: “Xa usenza izipho zenceba, musa ukuvuthela ixilongo phambi kwakho, kanye njengoko besenza abahanahanisi kwizindlu zesikhungu nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu.” (Mateyu 6:2) Umpostile uPawulos wabhala: “Uthando lwenu malungabi naluhanahaniso.” (Roma 12:9) Wakhuthaza uTimoti oselula ukuba abe ‘nothando oluphuma kwintliziyo ehlambulukileyo noluphuma kukholo olungenaluhanahaniso.’ (1 Timoti 1:5) Ukuba uthando nokholo lwethu lolokwenene—aludyojwanga kukuzingca nayinkohliso—abanye baya kuba nentembelo kuthi. Siya kuba ngumthombo wamandla nokhuthazo lokwenene kwabo basingqongileyo. (Filipi 2:4; 1 Yohane 3:17, 18; 4:20, 21) Yaye ngaphezu koko, siya kuzuza inkoliseko kaYehova.
Kwelinye icala, ekugqibeleni uhanahaniso luya kuba yingozi kwabo baluqheliselayo. Ekugqibeleni, uhanahaniso luya kubhencwa ekuhleni. UYesu Kristu wathi: “Akukho nto igqutyuthelweyo ingayi kutyhileka, nemfihlelo engayi kwaziwa.” (Mateyu 10:26; Luka 12:2) UKumkani uSolomon osisilumko wathi: “UThixo oyinyaniso uya kuzisa ekugwetyweni lonke uhlobo lomsebenzi ngokuphathelele yonke into efihlakeleyo, enoba ilungile okanye imbi.”—INtshumayeli 12:14.
Okwakalokunje, kutheni sifanele sivumele uhanahaniso lwabanye lusichaphazele ukusa kwinqanaba lokuba sizibandeze uthando lokwenene lwabahlobo bokwenyaniso? Sinokulumka ngaphandle kokuba singabathembi ngokugqithiseleyo abanye. Yaye ngandlela zonke, masigcine olwethu uthando nokholo lungenaluhanahaniso.—Yakobi 3:17; 1 Petros 1:22.
[Imifanekiso ekwiphepha 22, 23]
Ngaba wawuya kuvumela uhanahaniso lwababhali nabaFarisi lukushenxisele kude noYesu Kristu nabafundi bakhe?