UYehova Uyakwazi Ukubahlangula Abantu Bakhe
“UYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo.”—2 PET. 2:9.
SINOKUQINISEKA NJANI UKUBA UYEHOVA:
Uyazilawula iziganeko ukuze injongo yakhe iphumelele?
Uya kusebenzisa amandla akhe ukuze alwele abantu bakhe?
Uyayazi indlela eziya kwenzeka ngayo izinto kwimbandezelo enkulu?
1. Ziziphi iimeko eziya kubakho ebudeni ‘bembandezelo enkulu’?
UKUPHUNYEZWA komgwebo kaThixo kwihlabathi likaSathana, kuya kwenzeka ngephanyazo. (1 Tes. 5:2, 3) Njengoko “imini enkulu kaYehova” iya isondela, ziza kuya zisanda iziphithiphithi emhlabeni. (Zef. 1:14-17) Eli xesha liya kuphawulwa kukubandezeleka okungathethekiyo. Kuya kubakho imbandezelo “ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku.”—Funda uMateyu 24:21, 22.
2, 3. (a) Abantu bakaThixo baya kujamelana nantoni ebudeni ‘bembandezelo enkulu’? (b) Yintoni enokusomelezela iziganeko zexesha elizayo?
2 Xa “imbandezelo enkulu” ifikelela kwincopho yayo, abantu bakaThixo baya kuba zizisulu zokuhlaselwa ngenkohlakalo ‘nguGogi welizwe lakwaMagogi.’ Kolu hlaselo, “umkhosi omkhulu wamajoni,” uya kulwa nabantu bakaThixo “njengamafu agubungele ilizwe.” (Hez. 38:2, 14-16) Akukho ntlangano yabantu iya kubakhusela abantu bakaYehova. NguThixo kuphela oya kubasindisa. Baya kusabela njani xa besecicini lokutshayelwa?
3 Ukuba ungumkhonzi kaYehova, ngaba unokholo lokuba uYehova unako yaye uya kubalondoloza abantu bakhe bephila ukutyhubela imbandezelo enkulu? Umpostile uPetros wabhala wathi: “UYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo, kodwa abantu abangengomalungisa ubagcinele imini yomgwebo ukuze banqunyulwe.” (2 Pet. 2:9) Ukucamngca ngendlela uYehova aye wabasindisa ngayo abantu bakhe kwixa elidluleyo, kunokusixhobisela iziganeko zexesha elizayo. Makhe sihlolisise imizekelo emithathu eya kusenza sithembele kumandla kaYehova okuhlangula abantu bakhe.
UMKHUKULA WEHLABATHI LONKE
4. Yintoni eyayimele yenziwe ngaphambi kokufika koMkhukula?
4 Okokuqala, cinga nje ngengxelo ephathelele uMkhukula womhla kaNowa. Kwakukho izinto ezazimele zenziwe ngaphambi kwawo ngokuvisisana nokuthanda kukaYehova. Kwakumele kugqitywe umsebenzi omkhulu wokwakha umkhombe nowokufakwa ngokukhuselekileyo kwezilwanyana emkhombeni ngaphambi kokuba kuqalise umkhukula. Ingxelo yeGenesis idiza ukuba uYehova akazange ayeke umkhombe wakhiwe kuqala ngaphambi kokuba abeke umhla oza kuqalisa ngawo umkhukula, ngokungathi ebengafuni kumisela umhla woMkhukula, esoyikela ukuba umsebenzi wokwakha usenokugqitywa emva kwexesha. Kunoko, kude kudala ngaphambi kokuba axelele uNowa nantoni na ephathelele ukwakhiwa komkhombe, uThixo wabeka ixesha aza kuqalisa ngalo uMkhukula. Sikwazi njani oko?
5. Wathini uYehova kwiGenesis 6:3, yaye wakhutshwa nini loo mmiselo?
5 IBhayibhile isixelela ukuba uYehova wakhupha ummiselo ezulwini. IGenesis 6:3 isixelela ukuba wathi: “Umoya wam awusayi kusebenza ngokungenammiselo emntwini ngokuba eyinyama. Ngako oko imihla yakhe iya kuba likhulu elinamashumi amabini eminyaka.” La mazwi ayengenanto yakwenza nomlinganiselo weminyaka eza kuphilwa ngumntu emhlabeni. Yayingummiselo kaYehova awathi wavakalisa kuwo ukuba uya kucoca umhlaba, ngokutshabalalisa abantu abangamthobeliyo.a Ekubeni uMkhukula waqalisa ngowama-2370 B.C.E., sigqiba ngelithi uThixo wathetha la mazwi ngowama-2490 B.C.E. Ngelo xesha, uNowa wayeneminyaka engama-480 ubudala. (Gen. 7:6) Malunga neminyaka engama-20 emva koko, ngowama-2470 B.C.E., kwazalwa unyana kaNowa. (Gen. 5:32) Kwakusasele malunga nekhulu leminyaka ngaphambi kokuba kuqalise uMkhukula, kodwa uYehova wayengekamtyhileli uNowa indima ebalulekileyo awayeza kuba nayo ekulondolozweni kwentsapho yabantu. UThixo wayeza kulinda ixesha elingakanani ngaphambi kokuba axelele uNowa?
6. UYehova wamyalela nini uNowa ukuba akhe umkhombe?
6 Kuyabonakala ukuba, uYehova walinda amashumi ngamashumi eminyaka ngaphambi kokuba axelele uNowa ngoko wayeza kukwenza. Kutheni sisitsho nje? Ingxelo ephefumlelweyo ibonisa ukuba oonyana bakaNowa babesele bebadala yaye betshatile xa uThixo wayalela uNowa ukuba akhe umkhombe. UYehova wathi kuye: “Ndikumisela umnqophiso; umele ungene emkhombeni, wena kunye noonyana bakho nomfazi wakho nabafazi boonyana bakho.” (Gen. 6:9-18) Ngenxa yoko, kunokwenzeka ukuba xa uNowa wafumana umyalelo wokwakha umkhombe, kwakusele iminyaka engama-40 okanye engama-50 ngaphambi koMkhukula.
7. (a) UNowa nentsapho yakhe balubonisa njani ukholo? (b) UThixo wada wamxelela nini ngelona xesha uza kuqalisa ngalo uMkhukula?
7 Njengoko babeqhubeka nokwakha umkhombe, kumele ukuba uNowa nentsapho yakhe babezibuza ngendlela uThixo aza kuyiphumeza ngayo injongo yakhe nangexesha owawuza kuqalisa ngalo uMkhukula. Sekunjalo, ukungazazi kwabo ezo nkcukacha akuzange kubenze bayeke ukwakha umkhombe. Ingxelo yeZibhalo ithi: “Wenza ke uNowa njengako konke oko uThixo abemyalele kona. Wenza kanye njengoko.” (Gen. 6:22) Kwiintsuku ezisixhenxe ngaphambi kokuba kuqalise umkhukula—ithuba nje elalanele ukuba uNowa nentsapho yakhe bafake izilwanyana emkhombeni—uYehova wada wamxelela uNowa elona xesha wawuza kuqalisa ngalo uMkhukula. Ngenxa yoko, xa iingcango zezulu zavulekayo “kunyaka wamakhulu amathandathu wobomi bukaNowa, kwinyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo,” yonke into yayisele ilungile.—Gen. 7:1-5, 11.
8. Ingxelo engoMkhukula isinceda njani sibe nentembelo yokuba uYehova uyalazi ixesha aza kubakhulula ngalo abantu bakhe?
8 Ingxelo yoMkhukula ingqina ubuchule bukaYehova kungekuphela nje njengoMgcini-xesha kodwa kwananjengoMhlanguli. Njengoko eza kuphelisa le nkqubo ikhoyo yezinto, sinokuqinisekisa ukuba yonke into uYehova anenjongo yokuyenza, iya kwenzeka ngexesha alimiseleyo, kanye ‘ngaloo mhla nangelo lixa.’—Mat. 24:36; funda uHabhakuki 2:3.
WABAKHULULA KULWANDLE OLUBOMVU
9, 10. UYehova wabasebenzisa njani abantu bakhe ukuze afake imikhosi yaseYiputa emgibeni?
9 Ukuza kuthi ga ngoku, sele sibonile ukuba uYehova ulilawula ngokupheleleyo ixesha lokwenzeka kweziganeko ukuze aphumeze injongo yakhe. Umzekelo wesibini esiza kuwuhlolisisa ubethelela esinye isizathu esisibangela ukuba siqiniseke ukuba uYehova uya kubakhulula abantu bakhe: Uya kusebenzisa amandla akhe angenakulinganiswa nanto ukuze aqinisekise ukuba ukuthanda kwakhe kuyenzeka. Kangangendlela uYehova anamandla ngayo okuhlangula abakhonzi bakhe, uye wawasebenzisa maxa wambi ukuze afake iintshaba zakhe emgibeni. Wakwenza oko xa wayekhulula amaSirayeli kubukhoboka baseYiputa.
10 Kusenokwenzeka ukuba amaSirayeli awaphuma eYiputa ayemalunga nezigidi ezithathu. UYehova wayalela uMoses ukuba abakhokelele kwindlela eyabangela uFaro acinge ukuba bayabhadula yaye badidekile. (Funda iEksodus 14:1-4.) Esiya kanye kuloo mgibe, uFaro wakhokela imikhosi yakhe ekuleqeni ababesakuba ngamakhoboka abo, ukuze abavingcele kuLwandle Olubomvu. Babebonakala bengenandlela yokuphuncuka. (Eks. 14:5-10) Kodwa ke, enyanisweni amaSirayeli ayengekho ngozini kwaphela. Ngoba? Ngenxa yokuba, uYehova wayeza kuwalwela.
11, 12. (a) UYehova wabalwela njani abantu bakhe? (b) Waba yintoni umphumo wokungenelela kukaThixo, yaye le ngxelo isifundisa ntoni ngoYehova?
11 “Umqulu welifu” owawukhokela amaSirayeli waya ngasemva, uvalela umkhosi kaFaro, uwushiya usebumnyameni. Noko ke, lo mqulu wawakhanyisela ngokungummangaliso amaSirayeli. (Funda iEksodus 14:19, 20.) Emva koko, uYehova walwahlula kubini ulwandle esebenzisa umoya onamandla wasempuma, “waluguqula lwaba ngumhlaba owomileyo ulwandle.” Ngokungathandabuzekiyo oko kwathatha ithuba elide kuba ingxelo ithi: “Ethubeni bangena oonyana bakaSirayeli phakathi elwandle emhlabeni owomileyo.” AmaSirayeli ayehamba ngesantya solovane xa ethelekiswa nemikhosi kaFaro eyayikhwele iinqwelo zemfazwe. Kodwa kwakungenakwenzeka ukuba amaYiputa awafumane, kuba uYehova wayewalwela amaSirayeli. “Walivusela isiphithiphithi iqela lamaYiputa. Waqhubeka ewatoncula amavili eenqwelo zawo, aziqhuba nzima.”—Eks. 14:21-25.
12 Athi amaSirayeli akuphumela ekhuselekile kwelinye icala lolwandle, uYehova wamyalela oku uMoses: “Yolula isandla sakho phezu kolwandle, ukuze amanzi abuyele phezu kwamaYiputa, neenqwelo zawo zokulwa, namajoni awo akhwele emahasheni.” Njengoko amajoni ayezama ukubaleka amanzi awayedibana, “uYehova wawavuthululela amaYiputa phakathi elwandle.” Akazange akwazi ukubaleka. ‘Akuzange kusale namnye kuwo.’ (Eks. 14:26-28) Ngaloo ndlela, uYehova wabonisa ukuba unako ukubasindisa abantu bakhe nakweyiphi na imeko.
UKUBALEKA UKUTSHATYALALISWA KWEYERUSALEM
13. UYesu wanikela yiphi imiyalelo, yaye nguwuphi umbuzo ekusenokwenzeka abalandeli bakhe babenawo?
13 UYehova uyazi kakuhle indlela iziganeko eziza kwenzeka ngayo ukuze kuzalisekiswe injongo yakhe. Umzekelo woku ubethelelwa kumzekelo wesithathu esiza kuwuqwalasela: ukurhangqwa kweYerusalem ngenkulungwane yokuqala. UYehova wathuma uNyana wakhe ukuba adlulisele imiyalelo yezinto awayemele azenze ukuze asinde amaKristu awayehlala eYerusalem nakwaYuda ngaphambi kokutshatyalaliswa kweso sixeko ngowama-70 C.E. UYesu wathi: “Xa nibona into elizothe ebangela isiphanziso, njengoko kwathethwa ngayo ngomprofeti uDaniyeli, imi kwindawo engcwele, . . . mabandule abo bakwelakwaYuda basabele ezintabeni.” (Mat. 24:15, 16) Kodwa abalandeli bakaYesu babeza kubona njani xa esi siprofeto sizaliseka?
14. Iziganeko ezenzekayo zayenza njani yacaca intsingiselo yemiyalelo kaYesu?
14 Yacaca intsingiselo yamazwi kaYesu njengoko iziganeko zazisenzeka. Ngowama-66 C.E., imikhosi yamaRoma ngaphantsi kukaCestius Gallus yagaleleka eYerusalem ize kuthintela imvukelo yamaYuda. Xa aBavukeli baseYerusalem bazimela kwinqaba yetempile, amajoni angamaRoma aqalisa ukudiliza udonga lwayo. KumaKristu aphaphileyo, intsingiselo yoku yayicace okwekat’ emhlophe ehlungwini: Umkhosi wabahedeni onqula izithixo (“into elizothe”) waya kufika kwiindonga zetempile (“indawo engcwele”). Elo yayilixesha lokuba abalandeli bakaYesu “basabele ezintabeni.” Kodwa babeza kuphuma njani kwisixeko esasirhangqiwe? Izinto zaziza kutshintsha ngendlela engalindelekanga.
15, 16. (a) Nguwuphi umyalelo okhethekileyo owanikelwa nguYesu, yaye kutheni kubalulekile ukuba abalandeli bakhe bawuthobele? (b) Ukuhlangulwa kwethu kuya kuxhomekeka entwenini?
15 Ngezizathu ezingaziwayo, uCestius Gallus namajoni akhe barhoxa baza bemka eYerusalem. ABavukeli baseYerusalem babaleqa. Bathi bakumka aba bavukeli kwakunye namaRoma, ngequbuliso abalandeli bakaYesu bafumana ithuba lokubaleka. UYesu wayebayalele ngokukhethekileyo ukuba bazishiye izinto zabo eziphathekayo baze bemke apho ngaphandle kokulibazisa. (Funda uMateyu 24:17, 18.) Ngaba ngokwenene kwakubalulekile ukukhawulezisa? Sasiza kucaca isizathu sokuba oko kubaluleke. Kwisithuba seentsuku, aBavukeli babuya baza baqalisa ukunyanzelisa abantu baseYerusalem nakwelakwaYuda ukuba bangenelele kwimvukelo. Kwakhawuleza kwaba kubi kweso sixeko njengoko amaqela amaYuda ayesilwa ngokulawula. Kwaya kusiba nzima ukubaleka. Ukubuya kwamaRoma ngowama-70 C.E., lalingasekho ithuba lokubaleka. (Luka 19:43) Nabani na owayeselapho wayevalelekile! AmaKristu awabalekela ezintabeni ethobela imiyalelo kaYesu, abusindisa ubomi bawo. Azibonela ukuba, uYehova uyakwazi ukuhlangula abantu bakhe. Sinokufunda ntoni kule ngxelo?
16 Njengoko kuza kube kukho iziganeko ebudeni bembandezelo enkulu, kuya kufuneka amaKristu athobele imiyalelo ekwiLizwi likaThixo naleyo ivela kwintlangano yakhe. Ngokomzekelo, umyalelo kaYesu ‘wokusabela ezintabeni’ unentsingiselo yawo namhlanje. Asikayazi indlela esiza kusaba ngayo.b Noko ke, sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kuyenza icace intsingiselo yaloo miyalelo, xa lifika ixesha lokuba siyithobele. Ekubeni ukuhlangulwa kwethu kuya kuxhomekeka ekuthobeleni, kuya kuba kuhle sizibuze: ‘Ndiyijonga njani imiyalelo uYehova ayinika abantu bakhe ngoku? Ngaba ndiyithobela ngokukhawuleza okanye ngaba ndimadolw’ anzima ukuthobela?’—Yak. 3:17.
SIXHOTYISELWA IZIGANEKO EZIZAYO
17. Isiprofeto sikaHabhakuki sityhila ntoni ngokuphathelele ukuhlaselwa okuzayo kwabantu bakaThixo?
17 Ngoku makhe sibuyele kwiintlaselo zenkohlakalo zikaGogi ezikhankanywe ekuqaleni. Kwesinye isiprofeto esinxulumene noko, uHabhakuki wathi: “Ndeva saza isisu sam saqalisa ukuphazamiseka; sakuvakala eso sandi imilebe yam yabebezela; ukubola kwaqalisa ukungena emathanjeni am; ndaza ndaphazamiseka kwimeko yam, ukuze ngokuzola ndilindele imini yokubandezeleka, ukuza kwakhe [uThixo] ebantwini [imikhosi esongelayo], ukuze abahlasele.” (Hab. 3:16) Ukuva nje ingxelo engokuhlaselwa kwabantu bakaThixo kwabangela isisu saxukuzela, imilebe yakhe yabebezela waza waphelelwa nangamandla. Indlela awasabela ngayo uHabhakuki ibonisa indlela esiya kubonakala sibandezeleke ngayo xa imikhosi kaGogi isihlasela. Sekunjalo, lo mprofeti wayekulungele ukuzola alinde imini enkulu kaYehova, ethembe ukuba uYehova uya kubahlangula abantu bakhe. Nathi sinokuba nentembelo efanayo.—Hab. 3:18, 19.
18. (a) Sisiphi isizathu sokungaloyiki uhlaselo oluzayo? (b) Yintoni esiza kuyixubusha kwinqaku elilandelayo?
18 Imizekelo emithathu esiye sayihlolisisa ibonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba uYehova uyakwazi ukuhlangula abantu bakhe. Injongo yakhe ayinakuze isilele; uya koyisa ngokuqinisekileyo. Noko ke, ukuze nathi silubone olo loyiso luzukileyo, simele sihlale sithembekile de kube sekupheleni. UYehova usinceda njani ukuba sigcine ingqibelelo ngoku? Oko siza kukuxubusha kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Sicela ufunde iMboniselo kaDisemba 15, 2010, iphepha 30-31.
b Sicela ufunde iMboniselo kaMeyi 1, 1999, iphepha 19.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ngaba amaSirayeli ayesengozini kumkhosi kaFaro?