Siza Kuhamba Egameni LikaYehova UThixo Wethu
“Thina siya kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe ngonaphakade.”—MIKA 4:5.
1. Babeziphethe njani abantu ngomhla kaNowa, kodwa yena uNowa wayahluke njani?
UMNTU wokuqala okhankanywe eBhayibhileni njengowayehamba noThixo nguEnoki. Owesibini nguNowa. Ingxelo ithi: “UNowa wayeyindoda elilungisa. Wangqineka engenasiphoso phakathi kwabantu bexesha lakhe. UNowa wahamba noThixo oyinyaniso.” (Genesis 6:9) Ngexesha likaNowa, uluntu ngokubanzi lwalulushiyile unqulo olunyulu. Le meko yenziwa mandundu ziingelosi ezingathembekanga ezaba neentlobano ezingezozamvelo kunye namabhinqa aza avelisa inzala eyayibizwa ngokuba ziiNefili, ‘amadoda anamandla,’ okanye ‘amadoda adumileyo’ ngaloo mihla. Akufane nje umhlaba wazaliswa lugonyamelo! (Genesis 6:2, 4, 11) Sekunjalo, uNowa wangqineka engenasiphoso yaye ‘engumshumayeli wobulungisa.’ (2 Petros 2:5) Xa uThixo wamyalela ukuba akhe umkhombe wokusindisa ubomi, ngokuthobeka uNowa ‘wenza njengako konke uThixo abemyalele kona. Wenza kanye njengoko.’ (Genesis 6:22) Enyanisweni, uNowa wahamba noThixo.
2, 3. Nguwuphi umzekelo omhle awasimisela wona uNowa?
2 UPawulos wamquka uNowa kuludwe lwakhe lwamangqina athembekileyo xa wabhala wathi: “Ngokholo uNowa, emva kokunikwa isilumkiso sobuthixo sezinto ezingekabonwa, wabonisa uloyiko lobuthixo waza wakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe; yaye ngalo olo kholo waligwebela isohlwayo ihlabathi, waza waba yindlalifa yobulungisa bokholo.” (Hebhere 11:7) Onjani wona ukubalasela umzekelo! Eqinisekile ukuba oko uYehova akuthethileyo kuza kwenzeka, uNowa wachitha ixesha, amandla, nezinto zakhe eziphathekayo ekwenzeni oko wayekuyalelwe nguThixo. Ngokufanayo, abaninzi namhlanje bayawayeka amathuba omsebenzi wempangelo avelayo kweli hlabathi, baze bachithe ixesha, amandla, nezinto zabo eziphathekayo ekwenzeni ngokuvisisana nemiyalelo kaYehova. Ukholo lwabo luyaphawuleka yaye luya kubazisela usindiso bona kunye nabanye.—Luka 16:9; 1 Timoti 4:16.
3 Ukubonisa ukholo kumele ukuba kwakunzima kuNowa nentsapho yakhe njengokuba kwakunjalo nakuEnoki, ukhokho kaNowa, ekuxutyushwe ngaye kwinqaku elingaphambi kweli. Ngomhla kaNowa, njengakumhla kaEnoki, babembalwa abanquli bokwenyaniso—basibhozo kuphela abantu abangqineka bethembekile baza basinda kuMkhukula. UNowa washumayela ngobulungisa kwihlabathi elalinogonyamelo nokuziphatha okubi. Ngaphezu koko, yena nentsapho yakhe babesakha umkhombe omkhulu wamaplanga belungiselela umkhukula wehlabathi lonke, nangona wawungazange ubekho umkhukula ololo hlobo ngaphambili. Oko kumele ukuba kwakubamangalisa gqitha abo babebukele.
4. Sisiphi isiphoso sabantu bomhla kaNowa awasibalaselisayo uYesu?
4 Okubangel’ umdla kukuba, xa uYesu wayebhekisela kwimihla kaNowa, akazange athethe ngogonyamelo, unqulo lobuxoki, okanye ukuziphatha okubi—nangona yayizizono ezinzulu kakhulu ezo. Isiphoso uYesu awasibalaselisayo yayikukwala kwabantu ukuthobela isilumkiso esanikelwayo. Wathi ‘babesidla yaye besela, amadoda etshata namabhinqa etshatiswa, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa emkhombeni.’ Ukudla, ukusela, ukutshata, nokutshatiswa—yintoni ephosakeleyo ngezo zinto? Babeziphilela nje ubomi “obuqhelekileyo”! Kodwa kwakusiza umkhukula, yaye uNowa wayeshumayela ngobulungisa. Amazwi akhe nokuziphatha kwakhe kufanele ukuba kwaba sisilumkiso kubo. Sekunjalo, “abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke.”—Mateyu 24:38, 39.
5. Ziziphi iimpawu ekwafuneka abe nazo uNowa nentsapho yakhe?
5 Xa sicinga ngoko kwenzekayo ngelo xesha, siyabubona ubulumko bekhondo likaNowa. Noko ke, ngemihla yangaphambi koMkhukula, kwakufuna inkalipho ukwahluka kwabanye abantu. Kwakufuna ukholo olomeleleyo ngoNowa nentsapho yakhe ukwakha umkhombe omkhulu baze bawuzalise ngazo zonke iintlobo zezilwanyana. Ngaba abanye kuloo miphefumlo imbalwa ithembekileyo babekhe banqwenele ukuba bangahluki kangako kwabanye abantu baze nabo baziphilele ubomi nje “obuqhelekileyo”? Kwanokuba zazikhe zibafikele ezo ngcinga, azizange ziyenze buthathaka ingqibelelo yabo. Emva kweminyaka emininzi gqitha—ngaphezu kwaleyo nabani na kuthi aya kuze ayinyamezele kule nkqubo yezinto—ukholo lukaNowa lwakhokelela ekusindisweni kwakhe kuMkhukula. Kodwa ke, uYehova wabagweba bonke abo babephila ubomi “obuqhelekileyo” baza abanikela ngqalelo kwintsingiselo yamaxesha ababephila kuwo.
Uluntu Luthwaxwa Lugonyamelo Kwakhona
6. Yiyiphi imeko eyaqhubeka ikho emva koMkhukula?
6 Emva kokuba amanzi oMkhukula ewuthile, uluntu lwaba nesiqalo esitsha. Noko ke, abantu babengafezekanga yaye “intliziyo yomntu” yaqhubeka “ityekele ebubini kwasebutsheni bakhe.” (Genesis 8:21) Ngaphezu koko, nangona iidemon zazingasakwazi ukuzambathisa imizimba yabantu, zazisenempembelelo enamandla. Ihlabathi loluntu olungahloneli Thixo lakhawuleza lazibonakalisa ukuba “lisemandleni ongendawo,” yaye kanye njenganamhlanje, abanquli bokwenyaniso kwafuneka balwe “nxamnye namaqhinga kaMtyholi.”—1 Yohane 5:19; Efese 6:11, 12.
7. Lwanda njani ugonyamelo emva koMkhukula?
7 Ukususela malunga nexesha likaNimrodi, ihlabathi laphinda lazaliswa lugonyamelo emva koMkhukula. Njengoko abantu babesanda yaye besenza inkqubela kwezobugcisa, nalo ugonyamelo lwaqhubeka lusanda. Mandulo, kwakusetyenziswa ikrele, umkhonto, isaphetha notolo, neenqwelo zamahashe. Kwinkulungwane yama-20 kuye kwasetyenziswa imipu neenkanunu, kwanoombayimbayi abakhulu. IMfazwe Yehlabathi I iye yavelisa izixhobo ezoyikeka ngakumbi, njengeenqwelo-moya, iinqwelo ezinkulu zemfazwe, iinqanawa zemfazwe, kunye neegesi ezinetyhefu. Kuloo mfazwe, ezi zixhobo ziye zabulala izigidi zabantu. Ngaba kwakungalindelekanga oko? Akunjalo.
8. Siye sazaliseka njani iSityhilelo 6:1-4?
8 Ngonyaka we-1914, uYesu wabekwa etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini, yaye kwaqalisa “imini yeNkosi.” (ISityhilelo 1:10) Embonweni ochazwe kwincwadi yeSityhilelo, uYesu ubonwa njengoKumkani ekhwele ihashe elimhlophe yaye esoyisa. Ulandelwa ngabanye abakhweli-mahashe, ngamnye kubo efanekisela isibetho esahlukileyo eluntwini. Omnye wabo ukhwele ihashe elibumlilorha, yaye unikwe igunya lokuba “asuse uxolo emhlabeni ukuze babulalane ngogonyamelo; wanikwa nekrele elikhulu.” (ISityhilelo 6:1-4) Eli hashe nomkhweli walo bafanekisela imfazwe, yaye ikrele elikhulu lifanekisela umkhamo ongathethekiyo ezitshabalalisa ngawo izixhobo zanamhlanje zemfazwe. Ezo zixhobo ziquka izixhobo zenyukliya, ngasinye kuzo sinamandla okutshabalalisa amashumi amawaka abantu; imijukujelwa ekwaziyo ukuhlasela kumgama wamawaka eekhilomitha; kwakunye nemichiza entsonkothileyo enamandla okutshabalalisa inyambalala yabantu.
Thina Sinikela Ingqalelo Kwizilumkiso ZikaYehova
9. Linjani ihlabathi namhlanje xa lithelekiswa nexesha langaphambi koMkhukula?
9 Ngemihla kaNowa, uYehova walutshabalalisa uluntu ngenxa yogonyamelo olugqithiseleyo lwabantu abangendawo ababephenjelelwa ziiNefili. Kuthekani namhlanje? Ngaba ugonyamelo luye lwancipha namhlanje? Ngokuqinisekileyo akunjalo! Kunoko, kanye njengakumhla kaNowa, abantu namhlanje baziphilela ubomi “obuqhelekileyo,” besala ukuthobela izilumkiso ezivakaliswayo. (Luka 17:26, 27) Ngoko, ngaba sikho isizathu sokuthandabuza ukuba uYehova uza kuphinda alutshabalalise uluntu? Ngokuqinisekileyo asikho.
10. (a) Sisiphi isilumkiso esinikelwa ngokuphindaphindiweyo eBhayibhileni? (b) Liliphi ekuphela kwekhondo lobulumko namhlanje?
10 Kumakhulu eminyaka ngaphambi koMkhukula, uEnoki waprofeta ngentshabalalo yomhla wethu. (Yude 14, 15) UYesu naye wathetha ‘ngembandezelo enkulu’ ezayo. (Mateyu 24:21) Nabanye abaprofeti balumkisa ngokuza kwelo xesha. (Hezekile 38:18-23; Daniyeli 12:1; Yoweli 2:31, 32) Yaye kwincwadi yeSityhilelo, sifunda inkcazelo ecacileyo yaloo ntshabalalo yokugqibela. (ISityhilelo 19:11-21) Sixelisa uNowa ngokuthi siqhubeke singabashumayeli bobulungisa. Sinikela ingqalelo kwizilumkiso zikaYehova size ngothando sincede abamelwane bethu benze okufanayo. Ngoko njengoNowa, nathi sihamba noThixo. Eneneni, kubalulekile ukuba nabani na ofuna ukuphila aqhubeke ehamba noThixo. Sinokukwenza njani oko nakubeni sijamelene neengcinezelo zemihla ngemihla? Simele sibe nokholo olomeleleyo lokuba injongo kaThixo iza kuzaliseka.—Hebhere 11:6.
Qhubeka Uhamba NoThixo Kula Maxesha Eziphithiphithi
11. Siwaxelisa ngayiphi indlela amaKristu enkulungwane yokuqala?
11 Ngenkulungwane yokuqala, amaKristu athanjisiweyo ayebizwa ngokuba ngabantu bale “Ndlela.” (IZenzo 9:2) Indlela awayephila ngayo yayisekelwe kukholo awayenalo kuYehova noYesu Kristu. Ayehamba ekhondweni leNkosi yawo. Namhlanje, amaKristu athembekileyo enza okufanayo.
12. Kwenzeka ntoni emva kokondla kukaYesu isihlwele ngokungummangaliso?
12 Ukubaluleka kokholo sikubona kwisiganeko esenzeka ngexesha lobulungiseleli bukaYesu. Ngesinye isihlandlo, uYesu wondla ngokungummangaliso isihlwele samadoda amalunga nama-5 000. Abantu babemangalisiwe yaye bechwayitile. Kodwa phawula okwenzekayo emva koko. Sifunda oku: “Ngoko ke abantu bakubona imiqondiso ayenzileyo, bathi: ‘Lo ngokuqinisekileyo ngumprofeti owayeza kuza ehlabathini.’ Ngoko ke uYesu, esazi ukuba babesele beza kuza, bambambe bamenze ukumkani, wemka kwakhona waya entabeni eyedwa.” (Yohane 6:10-15) Ngobo busuku waya komnye ummandla. Ukwala kukaYesu ukuba ngukumkani kumele ukuba kwabadanisa abaninzi. Ngapha koko, wayebonisile ukuba ulumke ngokwaneleyo ukuba angaba ngukumkani yaye unamandla okwanelisa iintswelo zabantu zokwenyama. Noko ke, lalingekafiki ixesha likaYehova lokuba ammisele njengoKumkani. Ngaphezu koko, uBukumkani bukaYesu babuza kuba sezulwini, kungekhona emhlabeni.
13, 14. Sisiphi isimo sengqondo abasibonisayo abaninzi, yaye lwavavanywa njani ukholo lwabo?
13 Noko ke, isihlwele samlandela uYesu saza samfumana “phesheya kolwandle,” ngokutsho kwengxelo kaYohane. Kwakutheni ukuze simlandele emva kokwala kwakhe ukwenziwa ukumkani? Abaninzi babenembono yokwenyama, bebalaselisa ukuvelisa kukaYehova ukutya entlango ngomhla kaMoses. Babenomdla wokuba uYesu aqhubeke ebanika ukutya. Ekubeni uYesu wayeziqonda iintshukumisa zabo eziphosakeleyo, waqalisa ukubafundisa inyaniso eyayiza kubanceda balungise indlela ababecinga ngayo. (Yohane 6:17, 24, 25, 30, 31, 35-40) Abanye abazange bakuthande oko, ingakumbi xa wenza umzekeliso othi: “Inene, inene, ndithi kuni, Ngaphandle kokuba nitya inyama yoNyana womntu nize nisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. Lowo utya inyama yam aze asele igazi lam unobomi obungunaphakade, yaye ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.”—Yohane 6:53, 54.
14 Imizekeliso kaYesu yayidla ngokushukumisela abantu ukuba babonise enoba babenomdla wokuhamba noThixo kusini na. Kwakunjalo nangalo umzekeliso. Wabacaphukisa gqitha abanye. Sifunda oku: “Abaninzi kubafundi bakhe, bakukuva oku, bathi: ‘Le ntetho iyothusa; ngubani na onako ukuyiphulaphula?’” UYesu wabachazela ukuba babefanele bafune intsingiselo yokomoya yamazwi akhe. Wathi: “Ngumoya onika ubomi; inyama ayisebenzi nto konke konke. Amazwi endiwathethileyo kuni angumoya yaye abubomi.” Sekunjalo, abaninzi abazange baphulaphule, njengokuba ingxelo ibonisa isithi: “Ngenxa yoko abaninzi kubafundi bakhe baphindela kwizinto ezisemva baza ababi sahamba naye.”—Yohane 6:60, 63, 66.
15. Sisiphi isimo sengqondo esihle ababenaso abanye abalandeli bakaYesu?
15 Noko ke, asingabo bonke abafundi bakaYesu abasabela ngaloo ndlela. Enyanisweni, abafundi abanyanisekileyo babengakuqondi ngokupheleleyo oko kwakuthethwa nguYesu. Sekunjalo, baqhubeka benentembelo eyomeleleyo kuye. Omnye wabo bafundi banyanisekileyo, uPetros, wachaza imvakalelo yabo bonke abo babesele xa wathi: “Nkosi, siya kumka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade.” (Yohane 6:68) Esinjani sona ukuba sihle isimo sengqondo nomzekelo abasimisela wona!
16. Sisenokuvavanywa njani, yaye sisiphi isimo sengqondo esimele sibe naso?
16 Nathi namhlanje sisenokuvavanywa njengabo bafundi bokuqala. Mhlawumbi sisenokudaniswa kukuba izithembiso zikaYehova zingazaliseki ngokukhawuleza ngendlela ebesicinga ngayo. Sisenokuvakalelwa kukuba inkcazelo yeZibhalo kwiimpapasho zethu kunzima ukuyiqonda. Sisenokudaniswa kukuziphatha komKristu esikhonza kunye naye. Ngaba kufanelekile ukuyeka ukuhamba noThixo ngenxa yezi zizathu nezinye ezifana nazo? Ngokuqinisekileyo akufanelekanga! Abafundi abamshiyayo uYesu babonisa isimo sengqondo sokwenyama. Simele sikuphephe ukwenza okufanayo.
“Asingabahlehla Baye Entshabalalweni”
17. Yintoni enokusinceda siqhubeke sihamba noThixo?
17 Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) EBhayibhileni uYehova usixelela ngokucacileyo esithi: “Nantsi indlela. Hambani ngayo.” (Isaya 30:21) Ukuthobela iLizwi likaThixo kuyasinceda ‘siyiphaphele ngokungqongqo indlela esihamba ngayo.’ (Efese 5:15) Ukufundisisa iBhayibhile nokucamngca ngoko sikufundayo kusenza ‘sihambe enyanisweni.’ (3 Yohane 3) Enyanisweni, njengokuba uYesu watshoyo, “ngumoya onika ubomi; inyama ayisebenzi nto konke konke.” Ekuphela kokhokelo olunokuthenjwa nesinokusekela kulo amanyathelo ethu, lukhokelo lokomoya, olufumaneka ngeLizwi likaYehova, ngomoya wakhe, nangentlangano yakhe.
18. (a) Yintoni engebobulumko abayenzayo abanye? (b) Luhlobo olunjani lokholo esiluhlakulelayo?
18 Namhlanje, abo bangonwabanga ngenxa yeengcamango zokwenyama okanye ngenxa yokungazaliseki kolindelo lwabo, badla ngokuzibhokoxa kwizinto zehlabathi. Ekubeni bengasenayo imbono yongxamiseko, abayiboni imfuneko ‘yokuhlala belindile,’ yaye bakhetha usukelo lokuzingca kunokubeka uBukumkani kuqala. (Mateyu 24:42) Ukukhetha elo khondo akubobulumko kwaphela. Phawula amazwi ompostile uPawulos athi: “Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni, kodwa siluhlobo olunokholo olugcina umphefumlo uphila.” (Hebhere 10:39) NjengoEnoki noNowa, siphila kumaxesha eziphithiphithi, kodwa njengabo, sinelungelo lokuhamba noThixo. Ngaloo ndlela, sinolindelo oluqinisekileyo lokuba siza kukubona ukuzaliseka kwezithembiso zikaYehova, ukupheliswa kobungendawo, nokufika kwehlabathi elitsha lobulungisa. Elinjani lona ukumangalisa ithemba!
19. UMika ulichaza njani ikhondo labanquli bokwenyaniso?
19 Umprofeti ophefumlelweyo uMika wathi iintlanga zehlabathi zaziya ‘kuhamba egameni loothixo bazo.’ Emva koko wathetha ngaye nangabanye abanquli abathembekileyo esithi: “Thina siya kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe ngonaphakade.” (Mika 4:5) Ukuba nawe uzimisele njengoMika, hlala usondele kuYehova zingakhathaliseki iziphithiphithi zamaxesha esiphila kuwo. (Yakobi 4:8) Ngamana ngamnye wethu angaba nomnqweno osuk’ entliziyweni wokuhamba noYehova uThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe ngonaphakade!
Ubunokuphendula Uthini?
• Umhla kaNowa ufana njani nowethu?
• Liliphi ikhondo awalilandelayo uNowa nentsapho yakhe, yaye sinokuluxelisa njani ukholo lwabo?
• Sisiphi isimo sengqondo esiphosakeleyo esaboniswa ngabanye babalandeli bakaYesu?
• Yintoni azimisele ukuyenza amaKristu okwenyaniso?
[Imifanekiso ekwiphepha 20]
Njengakumhla kaNowa, abantu namhlanje baxakeke yimicimbi yabo yemihla ngemihla
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Njengabavakalisi boBukumkani, “asingabahlehla baye entshabalalweni”