Phum’ Uphele Kummandla Oyingozi!
KUYIMBOPHELELEKO yeengcali zentaba-mlilo ukuhlola nokuphicotha ubungqina zize zilumkise ngentaba-mlilo ezayo. (Kwathi kwakubakho ugqabhuko-dubulo kwiNtaba iFugen, kwafuneka amapolisa athintele abantu ukuba bangangeni kummandla oyingozi.) Ngokufanayo, abafundi beBhayibhile bahlola umqondiso “wokuqosheliswa kwenkqubo yezinto” baze balumkise abanye ngengozi ezayo.—Mateyu 24:3.
Kwakwisahluko esinye seBhayibhile esilumkisa ngentlekele ezayo yehlabathi lonke, sinokufunda le nkcazelo engeziganeko eziza kwenzeka ngaphambi kwayo: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani, yaye kuya kubakho ukunqongophala kokutya neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo. . . . Kuya kuvela abaprofeti bobuxoki abaninzi baze balahlekise abaninzi; kwaye ngenxa yokwanda kokuchas’ umthetho uthando lwenani elikhulu ngakumbi luya kuphola. . . . Kwaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:7-14.
Akuyomfuneko nokuba sibe ngabahlalutyi beendaba ukuze sibone inzaliseko yangoku yesi siprofeto. Siye sazibonela ngokwethu ingakumbi ukususela ngowe-1914. Kule nkulungwane kuye kwakho iimfazwe zehlabathi ezimbini, iimfazwe zamakhaya ezininzi, amadabi asekuhlaleni, ungquzulwano lobuhlanga nolonqulo. Uluntu luye lwanqongophalelwa kukutya ngenxa yezo mfazwe, singasathethi ke ngokuhlwempuzeka okubangelwa ziintlekele zemvelo. Mininzi imiphefumlo eye yabimbilizwa ziinyikima. Kuye kwee vumbu amahlelo akhokelwa ngabantu abangaqondakaliyo nanabalandeli abanenzondelelo yempambano. ‘Ukwanda kokuchas’ umthetho’ kuye kwenza abantu baphelelwa luthando, kwaye ubumelwane abuseyonto iqhelekileyo.
Umsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke, oyenye inkalo yalo mqondiso, ngokuqinisekileyo uyaphunyezwa. Khawubuyele kwiphepha elingaphandle leli phephancwadi, kwaye uza kubona amagama athi “Evakalisa UBukumkani BukaYehova” ayinxalenye yomxholo. IMboniselo, epapashwa ngeelwimi ezili-132 nekusasazwa imibhalo yayo engaphezu kwezigidi ezingama-22, isisixhobo esiyintloko sabo bavakalisa ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani’ kuwo wonke umhlaba omiweyo. Ezo ndaba zilungileyo ziquka isigidimi esithi uMdali wendalo iphela, uYehova uThixo, umisele uBukumkani basezulwini obuza kutshabalalisa le nkqubo ingendawo yezinto buze benze umhlaba ube yiparadesi. Okunene, umqondiso wokuba kungekudala uThixo uza kuthabatha inyathelo uyabonakala ngoku, uyabonisa ukuba ubomi babantu abaphila kule nkqubo yezinto busengozini.—Thelekisa eyesi-2 kuTimoti 3:1-5; 2 Petros 3:3, 4; ISityhilelo 6:1-8.
Imini Eyoyikekayo KaYehova
Yintoni eza kwenzeka xa lifikile ixesha lokuba uYehova aphumeze umgwebo wakhe? Phulaphula ke xa enikela iinkcukacha ngokuphathelele oko kuza kwenzeka: “Ndiya kwenza izimanga ezulwini nasehlabathini, igazi nomlilo nemiqulu yomsi. Ilanga liya kusuka libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo.”—Yoweli 2:30, 31.
Loo mini, yoyikekayo neza kutshabalalisa ngaphezu kwayo nayiphi na intaba-mlilo okanye inyikima ekhe yenzeka, isemnyango. Umprofeti uZefaniya uthi: “Isondele imini enkulu kaYehova, isondele ikhawulezile kakhulu. . . . Lotshiswa lonke ihlabathi ngumlilo wekhwele lakhe. Ngokuba uya kubaphelisa, inene, abenze into ekhwankqisayo bonke abemi behlabathi.” Nangona ‘nesilivere yabo negolide yabo ingasayi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova,’ ikho indlela yokusinda kuloo mini yoyikekayo.—Zefaniya 1:14-18.
Ecacisa loo ndlela, uZefaniya uthi: “Kungekanifikeli ukuvutha komsindo kaYehova, ingekanifikeli imini yomsindo kaYehova. Funani uYehova, nonke balulamileyo belizwe . . . funani ubulungisa, funani ululamo, mhlawumbi nositheliswa ngemini yomsindo kaYehova.” (Zefaniya 2:2, 3) Sinako ukunqabiseka ngokuthi ‘sifune uYehova, sifune ubulungisa, sifune ululamo.’ Ngoobani namhlanje abafuna uYehova?
Alithandabuzeki elokuba igama elithi “Yehova” ulinxulumanisa namaNgqina kaYehova ngenxa yomsebenzi wawo wokushumayela. Usenokuba ulifumene komnye wawo eli phephancwadi. Aziwa njengabemi abaziphethe kakuhle nabaphila ubomi obugqibeleleyo. Azabalazela ukwambatha “ubuntu obutsha,” obuquka ukuhlakulela ululamo. (Kolose 3:8-10) Ayavuma ukuba oko kubangelwa kukufundiswa yintlangano kaYehova ebonakalayo, emelwa ngamabandla asekuhlaleni amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke. Ewe, unako ukunqabiseka ukunye ‘nomanyano lwabazalwana luphela’ phakathi kwamaNgqina kaYehova asehlabathini lonke.—1 Petros 5:9.
Nqabiseka Ngoku
Ukuze sinqabiseke ngokufuna uYehova, kufuneka sibe ngabahlobo bakhe. Kubandakanya ntoni oko? IBhayibhile iyaphendula: “Anazi na ukuba ubuhlobo kunye nehlabathi bubutshaba kunye noThixo? Nabani na, ke ngoko, ofuna ukuba ngumhlobo wehlabathi uzimisa njengotshaba lukaThixo.” (Yakobi 4:4) Ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo, simele siqhawule naluphi na unxibelelwano lweemvakalelo neli hlabathi likhoyo lingendawo elizibalula ngesimo sengqondo sokuba nemvukelo kuThixo.
IBhayibhile iyasibongoza: “Musani ukulithanda ihlabathi okanye izinto ezisehlabathini. Ukuba nabani na uyalithanda ihlabathi, uthando lukaBawo alukho kuye; ngenxa yokuba yonk’ into esehlabathini—umnqweno wenyama nomnqweno wamehlo nokubonisa kukabani ngokuqhayisa ngezinto zakhe zobomi—ayiphumi kuBawo, kodwa iphuma ehlabathini. Ngapha koko, ihlabathi liyadlula yaye kunjalo nangomnqweno walo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yohane 2:15-17) Uninzi lwabantu namhlanje luqhutywa yiminqweno yenyama—inkanuko yesini engalawulekileyo, ukunyolukela imali kunye nokusebenzisa kakubi igunya. Kodwa ukuze ubani abe kwicala likaYehova, umele ayoyise loo minqweno.—Kolose 3:5-8.
Usenokuba ubuman’ ukumfunda lo lindixesha, kwaye uyavumelana nendlela azichaza ngayo iziprofeto zeBhayibhile. Ukanti, usenokuba umathidala ngokuthabatha amanyathelo okunxulumana namaNgqina kaYehova. Noko ke, xa sijamelene nentlekele, ngaba kuye kwanele ukusiphulaphula nje isilumkiso? Njengoko sinokubona kwimeko yogqabhuko-dubulo lweNtaba iFugen, kufuneka senze okuthile sakulunyukiswa. Khumbula, ubuncinane bali-15 abacholacholi beendaba nababethabatha imifanekiso ababefuna ukuza nezona ndaba ziphambili baphulukana nobomi babo. Enyanisweni, omnye owayethabatha imifanekiso wafa umnwe wakhe usacinezele iqhosha lokufota lekhamera yakhe. Enye ingcali yeentaba-mlilo—eyayikhe yathi, “Nangomhla endiya kufa ngawo, ndifuna ukufela phambi kwentaba-mlilo”—yaphulukana nobomi bayo kanye ngendlela eyayinqwenele ngayo. Bonke aba bantu babezinikele kumsebenzi nakusukelo lwabo. Kodwa baphulukana nobomi babo ngenxa yaloo nto—bahlawula ngenxa yokungathobeli.
Abaninzi namhlanje bayasiva isigidimi esiphathelele isigqibo sikaThixo sokutshabalalisa le nkqubo ingendawo yezinto kwaye, ukusa kumlinganiselo othile, bayakuqonda ukubaluleka kweso silumkiso. Basenokuqiqa ngelithi, ‘Ewe isenokuza yona ekugqibeleni, kodwa hayi namhlanje.’ Bavakalelwa kukuba kubalungele ukuyityhalela kumhla noko okudana imini kaYehova ukuze bangaphazamiseki kwizinto ezibonakala ngathi zibaluleke ngakumbi kubo ngelo xesha.
UBharuki wayenaloo ngxaki. Ekubeni wayengunobhala womprofeti wamandulo uYeremiya, uBharuki wawalumkisa ngenkalipho amaSirayeli aseYerusalem ngentshabalalo ezayo. Ukanti, ngasihlandlo sithile wadinwa luthumo lwakhe. UYehova wamlungisa kuloo nto, esithi: “Wena uzifunela izinto ezinkulu; musa ukuzifuna.” Enoba yayibubutyebi, isikhundla esiphezulu okanye ukunqabiseka kwizinto eziphathekayo, uBharuki wayengamele ‘azifunele izinto ezinkulu.’ Wayemele abe nomdla kwinto enye nje qha, ukwenza ukuthanda kukaThixo ukuze ancede abantu babe kwicala Lakhe. Ngenxa yoko, wayeza kufumana ‘umphefumlo wakhe njengexhoba.’ (Yeremiya 45:1-5) Ngendlela efanayo, kunokuba ‘sizifunele izinto ezinkulu,’ sifanele sifune uYehova, nto leyo enokukhokelela ekusindiseni ubomi bethu.
KwiNtaba iFugen, aliqela amapolisa namatshantliziyo abacimi-mlilo ababephangele xa loo msinga utshisayo wodaka lwentaba-mlilo wabafumanayo. Babezama ukunceda baze bakhusele abantu abasengozini. Babefana namadoda namabhinqa aneenjongo ezintle axakeke kukuzama ukuphucula eli hlabathi. Nangona iintshukumisa zawo zintle, “into egoso ayinakolulwa.” (INtshumayeli 1:15) Le nkqubo yezinto igoso ayinakolulwa. Ngaba kusengqiqweni ukuzenza “umhlobo wehlabathi” ngokuzama ukuhlangula inkqubo esehlabathini lonke uThixo azimisele ukuyishenxisa?
Wakuba Usabile, Mus’ Ukubuyela Emva
Kuyenye into ukusaba kwinkqubo esengozini, kuphinde kube yenye ukuhlala kwindawo ekhuselekileyo ‘yomanyano lwabazalwana luphela.’ (1 Petros 2:17) Masingabalibali abalimi abathi, sebemkile, babuya beyokuhlola amasimi abo akufuphi neNtaba iFugen. Kusenokwenzeka ukuba babesele bengxamele ukubuyela kubomi babo “obuqhelekileyo.” Kodwa ke uyazibonela nawe ukuba isigqibo sabo sokubuyela emva sasibubudenge. Mhlawumbi babengaqali ukuzama ukunqumla kuloo ndawo ingumda. Mhlawumbi bangena kuloo mmandla uyingozi kangangexeshana nje kwaza akwenzeka nto. Kwixa elilandelayo, basenokuba bahlala ixesha elidana noko, ibe akuzange kwenzeke nto nangoko. Kusenokwenzeka ukuba, baya beyiqhela into yokunqumla umda wokhuseleko baza baba nesibindi sokuyabula kwindawo eyingozi.
UYesu Kristu wathetha ngemeko efanayo eyayiza kubakho ebudeni ‘bokuqosheliswa kwenkqubo yezinto.’ Wathi: “Njengokuba babenjalo ngaloo mihla yangaphambi komkhukula, besidla yaye besela, amadoda etshata kwaye abafazi benikelwa emtshatweni, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; kwaye abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke, nobukho boNyana womntu buya kuba njalo.”—Mateyu 24:3, 38, 39.
Phawula ukuba uYesu wakhankanya ukudla, ukusela kunye nokutshata. Akukho nanye kwezi zinto ephosakeleyo emehlweni kaYehova. Yintoni ke eyayiphosakele? Abantu bomhla kaNowa “abazange banikele ngqalelo,” bephila ubomi obusekelwe kwizinto zemihla ngemihla. Ngexesha likaxakeka, ubani akanakuphila ubomi “obuqhelekileyo.” Wakuba usabile, okanye wazahlukanisa, neli hlabathi liza kutshabalala, umele ulwe nawuphi na umnqweno wokubuyela emva uye kuxhamla nantoni onokuyifumana. (1 Korinte 7:31) Usenokukwazi ukukhe uphume ngaphandle kommandla okhuselekileyo ngokomoya uze ubuye ungenawo nomkrwelo yaye ungabonwanga mntu. Noko ke, kusenokwenzeka ukuba oko kuya kukunika isibindi yaye kukwenze ubuyele ehlabathini kwakhona, ukhe uhlale ixesha elidana noko. Kungekudala usenokuzixelela ukuba: “Isiphelo asiyi kufika namhlanje.”
Kwakhona, cinga ngabaqhubi abathathu abaphulukana nobomi babo belinde abachola-choli beendaba nabo babethabatha imifanekiso xa udaka lwentaba-mlilo lwaphokoka lusihlisa loo ntaba. Namhlanje abanye basenokupheleka abanye abaye banobuganga bokubuyela ehlabathini. Enoba siyintoni na isizathu, ukuntlokothiswa ngomnye ukuba nibuyele kummandla oyingozi akuyifanelanga ingozi ozibeka kuyo.
Onke amaxhoba ogqabhuko-dubulo lweNtaba iFugen anqumla umda wokhuseleko aza angena kummandla oyingozi. Nangona ayelindele ukuba loo ntaba yayiza kudubula ngeny’ imini, akukho namnye owayecinga ukuba oko kwakuza kwenzeka ngaloo mini. Xa beqwalasela umqondiso wokuqosheliswa kwale nkqubo yezinto, abaninzi basenokulindela ukuba imini kaYehova ize ngaxa lithile kodwa hayi kwangoku. Bambi bade bavakalelwe ukuba loo mini ayinakuba “namhlanje.” Siyingozi ngokwenene isimo sengqondo esinjalo.
Umpostile uPetros walumkisa: “Imini kaYehova iya kuza njengesela.” Kufuneka siphaphe, ‘silindele yaye sigcine ngokusondeleyo engqondweni ubukho bemini kaYehova,’ senze ‘unako-nako ukuze ekugqibeleni sifunyanwe nguye singenabala kwaye singenasiphako yaye siseluxolweni.’ (2 Petros 3:10-14) Emva kokutshatyalaliswa kwale nkqubo ikhoyo ingendawo yezinto, umhlaba uza kuba yiparadesi phantsi koBukumkani bukaThixo. Ngamana singangaze sihendelwe ekubeni senze ugxada kummandla oyingozi ngenxa yayo nantoni na ingqondo yethu esenokuyicinga, kuba kaloku le mini sinqumla ngayo umda sisiya ehlabathini isenokuba yimini kaYehova.
Zinqabise kunye nabantu bakaYehova uze uhlale nabo.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Zinqabise kunye nabantu bakaYehova uze uhlale nabo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]
Iwasa/Sipa Press