-
“Sixelele, Ziya Kubakho Nini Na Ezi Zinto?”IMboniselo—2013 | Julayi 15
-
-
16. Ziziphi ezinye izibhalo ezithetha ngokuza kukaYesu?
16 Ngokuphathelele ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi, uYesu uthi: “Linoyolo elo khoboka ukuba inkosi yalo yakufika ilifumana lisenjenjalo.” Kumzekeliso weentombi ezinyulu, uYesu uthi: “Ngoxa babesiya kuthenga, wafika umyeni [“weza,” ngokweKingdom Interlinear].” Kumzekeliso weetalente, uYesu uthi: “Emva kwexesha elide inkosi yaloo makhoboka yeza.” Kwakulo mzekeliso, inkosi ithi: “Ekufikeni kwam ndamkele oko kukokwam.” (Mat. 24:46; 25:10, 19, 27) Liliphi ixesha ezibhekisela kulo ezi zihlandlo zine zokuza kukaYesu?
17. Sasikade sisithini ngokufika okuchazwa kuMateyu 24:46?
17 Kwiimpapasho zethu zangaphambili sakha sathi ezi zihlandlo zine zibhekisela ekufikeni okanye ekuzeni kukaYesu, ngo-1918. Umzekelo woko, ngamazwi kaYesu aphathelele “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Funda uMateyu 24:45-47.) Sasikade sisithi “ukufika” okuchazwe kwivesi 46 kunxibelelene nokuza kukaYesu eze kuhlola imeko yokomoya yabathanjiswa ngo-1918 kwanokuba ukumiselwa kwelo khoboka phezu kwayo yonke impahla yeNkosi kwenzeka ngo-1919. (Mal. 3:1) Noko ke, ukusiqwalasela ngakumbi esi siprofeto kubonisa ukuba simele sizikise ukucinga kwindlela esiliqonda ngayo ixesha leziganeko ezithile zesi siprofeto sikaYesu. Ngoba?
18. Sisiphi isigqibo esifikelela kuso xa sisihlolisisa sonke isiprofeto esiphathelele ukuza kukaYesu?
18 Kwiivesi ezingaphambi kwekaMateyu 24:46, igama elithi ‘ukuza’ lisoloko libhekisela kwixesha apho uYesu esiza kuvakalisa aze agwebe ebudeni bembandezelo enkulu. (Mat. 24:30, 42, 44) Enye into, njengokuba siqwalasela isiqendu 12, ‘ukufika’ kukaYesu okuchazwe kuMateyu 25:31 kubhekisela kwakwelo xesha lifanayo lokugweba. Ngoko ke, kusengqiqweni ukugqiba ekubeni ukufika kukaYesu eze kumisela ikhoboka elithembekile phezu kwayo yonke impahla yakhe, okuchazwe kuMateyu 24:46, 47, kubhekisela nasekuzeni kwakhe kwixa elizayo, ebudeni bembandezelo enkulu.f Enyanisweni, xa sisihlolisisa sonke esi siprofeto sikaYesu sitsho sibone kakuhle ukuba sihlandlo ngasinye kwezi zisibhozo zokuza kwakhe sibhekisela ekuzeni kwakhe kwixa elizayo eze kugweba ebudeni bembandezelo enkulu.
-
-
“Sixelele, Ziya Kubakho Nini Na Ezi Zinto?”IMboniselo—2013 | Julayi 15
-
-
e Isiqendu 15: Igama elithi ‘ukuza’ nelithi “ekufikeni” aguqulelwe kumagama anesenzi sesiGrike esifanayo esithi, erʹkho·mai.
f Isiqendu 18: Njengokuba kuphawuliwe, igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “yakufika” kuMateyu 24:46 liphuma kwisenzi sesiGrike esifanayo esiguqulelwe ngokuthi ‘ukuza’ kuMateyu 24:30, 42, 44.
-