ISAHLUKO 3
“Bakhumbuleni Abo Bakhokelayo Phakathi Kwenu”
UKUSUSELA ngePentekoste ka-33 C.E., abapostile beNkosi uYesu Kristu babeliqumrhu elilawulayo elikhokela ekwalathiseni ibandla lamaKristu elalisandokumiselwa. (IZe. 6:2-4; Heb. 13:7) Malunga no-49 C.E., kweli qumrhu kwakusele kukho nabanye abangengabo abapostile bakaYesu. Xa kwakusenziwa isigqibo ngolwaluko, iqumrhu elilawulayo laliquka ‘abapostile nabadala baseYerusalem.’ (IZe. 15:1, 2) Yayingumsebenzi walo ukujonga izinto ezichaphazela amaKristu onke. Lalikhupha iileta nemiyalelo, zinto ezo ezazisomeleza amabandla nezazisenza abapostile bahlale bemanyene ngezinto abazicingayo nabazenzayo. Amabandla ayeluthobela ulwalathiso lwequmrhu elilawulayo, ibe ngenxa yaloo nto, asikelelwa nguYehova aza aphumelela.—IZe. 8:1, 14, 15; 15:22-31; 16:4, 5; Heb. 13:17.
2 Emva kokufa kwabapostile, kwangena uwexuko. (2 Tes. 2:3-12) Njengokuba uYesu wabonisayo kumzekelo wakhe wengqolowa nokhula, ingqolowa (amaKristu athanjisiweyo), yodlulwa lukhula (amaKristu obuxoki). Kangangamakhulu eminyaka, la maqela avunyelwa ukuba akhule kunye de kube lixesha lokuvuna, ‘ekuphelisweni kweli hlabathi.’ (Mat. 13:24-30, 36-43) AmaKristu athanjisiweyo aqhubeka esondelelene noYesu ngeli xesha, kodwa kwakungekho qumrhu lilawulayo, okanye abantu abasemhlabeni awayebasebenzisa ukwalathisa abalandeli bakhe. (Mat. 28:20) Sekunjalo, wachaza ukuba kwakuza kubakho utshintsho ngexesha lokuvuna.
3 “Ngubani kanye kanye olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi?” Xa uYesu Kristu wayebuza lo mbuzo, wayetshayelela umzekeliso oyinxalenye ‘yezinto ekuza kubonwa ngazo’ xa sekuza “kupheliswa ihlabathi.” (Mat. 24:3, 42-47) UYesu wabonisa ukuba eli khoboka lithembekileyo laliza kuxakeka, linika abantu bakaThixo ukutya “ngexesha elifanelekileyo.” Njengokuba uYesu wasebenzisa iqela lamadoda, kunokusebenzisa umntu omnye oza kukhokela ngexesha labapostile, nekhoboka elithembekileyo alisebenzisayo ngexesha lokupheliswa kwehlabathi ayingomntu omnye.
UKUQONDA “IKHOBOKA ELITHEMBEKILEYO NELIYINGQONDI”
4 Ngubani owamiselwa nguYesu ukuba ondle abalandeli bakhe? Kwakufanelekile ukuba asebenzise amaKristu athanjisiweyo asemhlabeni. IBhayibhile ithi ‘angababingeleli basebukhosini’ nathunywe ukuba ‘ashumayele kuyo yonke indawo ngeempawu ezimangalisayo zaLowo wawakhuphayo ebumnyameni waza wawafaka ekukhanyeni kwakhe okumangalisayo.’ (1 Pet. 2:9; Mal. 2:7; ISityhi. 12:17) Ngaba bonke abathanjisiweyo emhlabeni balikhoboka elithembekileyo? Hayi. Xa uYesu wenza ummangaliso wokutyisa abantu abaninzi, amadoda ayi-5 000, abafazi nabantwana abancinci, wakunika abafundi bakhe oko kutya, bona banika abo bantu. (Mat. 14:19) Wondla abantu abaninzi ngezandla zabambalwa. Nanamhlanje, uYesu ukhupha ukutya okuqinisa ukholo ngendlela efanayo.
5 Ngoko ‘igosa elithembekileyo neliyingqondi,’ ngabazalwana abambalwa abathanjisiweyo abalungiselela nabasasaza ukutya okuqinisa ukholo ngexesha lobukho bukaKristu. (Luka 12:42) Kule mihla yokugqibela, abazalwana abathanjisiweyo ababumba “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” bebekhonza bonke kwikomkhulu. Namhlanje, aba bazalwana baliQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova.
6 UKristu usebenzisa eli qumrhu ukuze apapashe inkcazelo ethetha ngokwenzeka kweziprofeto zeBhayibhile, kwaye anikele ulwalathiso ngendlela yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kubomi bemihla ngemihla. Oku kutya kuqinisa ukholo sikufumana emabandleni amaNgqina KaYehova. (Isa. 43:10; Gal. 6:16) Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ikhoboka elithembekileyo, lalingumphathi wendlu. Ngokufanayo, ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi liye lanikwa umsebenzi wokuphatha, nokukhathalela indlu yokholo. Ngoko ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi lijonge zonke izinto ezisetyenziswa yintlangano, ibe lalathisa umsebenzi wokushumayela, ucwangciso lweendibano ezinkulu nezincinci nokwenziwa kweencwadi ezifundisa iBhayibhile. Wonke lo msebenzi unceda “abo basebenza endlini.”—Mat. 24:45.
7 Ngoobani “abo basebenza endlini” ekuthethwa ngabo? Ngabo banikwa ukutya. Ekuqaleni, yayingabathanjiswa bodwa. Kodwa ekuhambeni kwexesha, nesihlwele esikhulu, ‘esizezinye izimvu,’ saba yinxalenye yabo basebenza endlini. (Yoh. 10:16) Omabini la maqela, ondliwa ngokutya okuqinisa ukholo okusasazwa likhoboka elithembekileyo.
8 Ngexesha lentlungu engathethekiyo, xa uYesu ezokugweba aze atshabalalise ihlabathi likaSathana, uza kuphathisa ikhoboka elithembekileyo ‘zonke izinto zakhe.’ (Mat. 24:46, 47) Eli khoboka lithembekileyo liza kufumana umvuzo wokuphila ezulwini. Xa bebonke abathanjiswa abayi-144 000, baza kulawula noKristu besezulwini. Nangona kungasoze kuphinde kubekho ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi emhlabeni, uYehova noYesu baza kumisela “iinkosana” baze basebenzise zona ukwalathisa abantu abalawulwa buBukumkani bukaMesiya emhlabeni.—INdu. 45:16.
KUTHENI SIFANELE ‘SIBAKHUMBULE ABO BAKHOKELAYO’?
9 Zininzi izizathu esinazo ‘zokukhumbula abo bakhokelayo,’ nezokubabonisa ukuba sibathembile. Kutheni kusinceda nje ukwenza loo nto? Umpostile uPawulos wathi: “Bahlala benigadile kuba beza kuphenduliswa, ukuze bangawenzi umsebenzi wabo bekhathazekile kodwa bawenze bevuya. Kaloku ukuba bangawenza bekhathazekile, loo nto ingenzakalisa kwanina.” (Heb. 13:17) Kubalulekile ukuba siluthobele ulwalathiso lwabo bakhokelayo kuba bahlala bekhusela ubuhlobo bethu noYehova.
10 Kweyoku-1 kwabaseKorinte 16:14, uPawulos wathi: “Zonke izinto enizenzayo zenzeni ngothando.” Izigqibo ezenzelwa abantu bakaThixo zenziwa ngothando, olona phawu lwakhe lubalaseleyo. Xa ithetha ngothando, eyoku-1 kwabaseKorinte 13:4-8 ithi: “Uthando lunomonde yaye lunobubele. Uthando alunamona, aluqhayisi, aluziphakamisi, aluziphathi ngokungenambeko, aluzicingeli lona lodwa, alukhawulezi lucaphuke, yaye alunanzondo. Aluzivuyeli izinto ezimbi, kodwa luvuyela inyaniso. Luthwala yonke into, lukholelwa yonke into, luthemba yonke into, lunyamezela yonke into. Uthando alusoze luphele.” Ekubeni zonke izigqibo ezenzelwa ukunceda abakhonzi bakaYehova zisenziwa ngothando, sinezizathu ezivakalayo zokuziva sikhuselekile phantsi kolo lwalathiso. Le yindlela uYehova abonisa ngayo ukuba ubathanda bonke abantu bakhe.
Kubalulekile ukuba siluthobele ulwalathiso lwabo bakhokelayo kuba bahlala bekhusela ubuhlobo bethu noYehova
11 Njengoko kwakunjalo ngexesha labapostile, abo uYehova abasebenzisayo ukuze bakhokele abantu bakhe, abafezekanga. Sekunjalo, kwixesha elidluleyo uYehova uye wasebenzisa abantu abangafezekanga ukuze injongo yakhe yenzeke. Ngomhla wakhe, uNowa wakha umkhombe waza washumayela ngentshabalalo ezayo. (Gen. 6:13, 14, 22; 2 Pet. 2:5) UMoses wamiselwa ukuba akhokele abantu bakaYehova baphume eYiputa. (Eks. 3:10) Abantu abangafezekanga baphefumlelwa ukuba babhale iBhayibhile. (2 Tim. 3:16; 2 Pet. 1:21) Ukusebenzisa kukaYehova abantu abangafezekanga ukuze balathise umsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi, akusenzi singayithembi intlangano yakhe. Kodwa kuyakhuthaza ukwazi ukuba, intlangano ibingasoze ikwazi ukwenza imisebenzi eyenzayo ngaphandle kukaYehova. Kuzo zonke izinto elizenzileyo entlanganweni, nokumelana nezinto ezinzima, ikhoboka elithembekileyo liye labonisa ukuba likhokelwa ngumoya kaThixo. UYehova uye wayisikelela inxalenye ebonakalayo yentlangano yakhe. Ngenxa yoko, siyixhasa ngokupheleleyo ibe siyayithemba.
MASIMTHEMBE UYEHOVA NENTLANGANO YAKHE
12 Abo babekwe nguThixo ukuba basebenze ebandleni, babonisa ukuba bayamthemba uYehova nentlangano yakhe ngokuyamkela nangokuyenza ngokuthembeka imisebenzi abayinikiweyo. (IZe. 20:28) Njengabavakalisi boBukumkani, siyazimisela kumsebenzi wendlu ngendlu, senze amabuyelo size siqhube nezifundo zeBhayibhile. (Mat. 24:14; 28:19, 20) Ukuze kusincede ukutya okuqinisa ukholo okusuka kwikhoboka elithembekileyo, silungiselela kakuhle size siye kuzo zonke iintlanganiso zebandla, nakwiindibano ezinkulu nezincinci. Kusinceda kakhulu ukuhlanganisana namanye amaKristu kuba siyakhuthazana xa sikunye nabazalwana noodade.—Heb. 10:24, 25.
13 Xa sixhasa intlangano ngokunikela ngezinto zethu, sibonisa ukuba siyayithemba. (IMize. 3:9, 10) Xa sifumanisa ukuba abazalwana bethu badinga izinto, sibanceda ngoko nangoko. (Gal. 6:10; 1 Tim. 6:18) Sibanceda kuba sibathanda. Ibe sihlala sikhangela amathuba okubonisa indlela esinombulelo ngayo kuYehova nakwintlangano yakhe ngezinto ezintle aye wasenzela zona.—Yoh. 13:35.
14 Enye indlela esibonisa ngayo ukuba siyayithemba intlangano kukuxhasa izigqibo ezenzayo. Loo nto ifuna sizithobe, size silandele ulwalathiso oluvela kwabo bakhokelayo, njengabaveleli besiphaluka nabadala bebandla. Aba bazalwana baphakathi kwabo “bakhokelayo,” esimele sibathobele. (Heb. 13:7, 17) Nangona sisenokungazazi izizathu zokuba kwenziwe izigqibo ezithile, siyazi ukuba ukuzamkela kuza kusinceda. Ngenxa yoko, uYehova uyasisikelela xa sithobela iLizwi lakhe nentlangano yakhe. Ngaloo ndlela sibonisa ukuba siyazithoba kwiNkosi yethu, uYesu Kristu.
15 Sinezizathu ezivakalayo zokulithemba ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi. USathana, uthixo weli hlabathi, uphum’ izithuba ezama ukungcolisa igama likaYehova nentlangano yakhe. (2 Kor. 4:4) Ungaqhathwa nguSathana onamaqhinga! (2 Kor. 2:11) Uyayazi ukuba “ixesha analo lifutshane” ngaphambi kokuba afakwe emngxunyeni ongenasiphelo, kwaye uzimisele ukwenza abantu abaninzi kangangoko bajikele uYehova. (ISityhi. 12:12) Kodwa ke njengokuba uSathana ezama kakhulu ukusilahlekisa, ngamana singasondela kakhulu kuYehova. Akwaba singamthemba uYehova, nabantu abasebenzisayo ukwalathisa abakhonzi bakhe namhlanje. Ukuba siyayenza loo nto, siza kumanyana.