-
Ngaba Uza ‘Kuhlala Ulindile’?IMboniselo—2015 | Matshi 15
-
-
9. (a) UYesu walumkisa wathini ngokunqwaleka bubuthongo? (b) Abathanjiswa baye basabela njani xa kukhwazwa kusithiwa: “Nanku umyeni”? (Jonga nombhalo osemazantsi.)
9 Iintombi eziziingqondi zazilungele ukufika komyeni kuba zazithe qwa. Kodwa kulo mzekeliso, zolishumi ezi ntombi zinyulu “zanqwaleka zonke zaza zalala” zisalinde umyeni owayebonakala elibazisa. Ngaba kunokwenzeka ke namhlanje ukuba abathanjiswa ‘balale,’ ngamany’ amazwi, baphazamiseke ngoxa besalinde ukufika kukaKristu? Ewe. UYesu wayesazi ukuba kwanomntu okulungeleyo nokufuna ngamehlo abomvu ukufika kwakhe unokuba buthathaka aze aphazamiseke ngoxa esamlindile. Ngoko amaKristu athanjisiweyo athembekileyo aye azama ngandlela zonke ukuba ahlale ethe qwa. Njani? Kulo mzekeliso, zolishumi ezi ntombi zasabela xa kwavakala ilizwi elikhwazayo lisithi: “Nanku umyeni!” Kodwa ziintombi ezinyulu eziziingqondi kuphela ezahlala zithe qwa. (Mateyu 25:5, 6; 26:41) Ngendlela efanayo ke, kule mihla yokugqibela, amaKristu athanjisiweyo athembekileyo aye asabela xa kusithiwa: “Nanku umyeni!” Aye abamkela ubungqina obucacileyo bokuba uYesu sele eza kuza, kwaye akulungele ukufika kwakhe.a (Funda umbhalo osemazantsi.) Ngoku masiye kumqukumbelo walo mzekeliso, othetha ngexesha elithile.
-
-
Ngaba Uza ‘Kuhlala Ulindile’?IMboniselo—2015 | Matshi 15
-
-
a Kulo mzekeliso, kukhwazwa kuthiwe, “Nanku umyeni!” (kwivesi 6), kudlule ixesha elithile, andule ke afike umyeni (kwivesi 10). Abathanjiswa baye bahlala bethe qwa ukutyhubela yonke imihla yokugqibela. Bawubonile umqondiso wobukho bukaYesu, ngoko bayazi ukuba ulawula njengoKumkani kuBukumkani bukaThixo. Sekunjalo, bamele bahlale belindile de afike.
-