-
‘Aniyazi Imini Okanye Ilixa’IMboniselo—2012 | Septemba 15
-
-
‘Aniyazi Imini Okanye Ilixa’
“Hlalani nilindile, ngenxa yokuba ningayazi imini okanye ilixa.”—MAT. 25:13.
-
-
‘Aniyazi Imini Okanye Ilixa’IMboniselo—2012 | Septemba 15
-
-
1-3. (a) Ziziphi iimeko ezimbini ezizekelisa iingongoma zemizekeliso kaYesu? (b) Yiyiphi imibuzo ekufuneka siyiphendule?
MASITHI igosa eliphambili laseburhumenteni likucela uliqhubele ulise kwintlanganiso elibalulekileyo. Noko ke, kwimizuzu nje embalwa ngaphambi kokuba uye kulithatha ulise entlanganisweni ufumanisa ukuba incinci ipetroli esemotweni. Kufuneka ukhawuleze uye kuyitha. Njengoko usaye kuyitha, liyafika igosa laseburhulumenteni. Liyakukhangela lingakuboni. Alilindi, licela omnye umntu alise. Ukhawuleza ubuye yaye ufumanisa ukuba igosa sele limkile. Uvakalelwa njani?
2 Ngoku yiba nomfanekiso ngqondweni wakho uligosa laseburhulumenteni yaye ukhetha abantu abathathu uze ubacele bakwenzele umsebenzi othile obalulekileyo. Uyabachazela indlela abafanele bawenze ngayo loo msebenzi, yaye bobathathu bakulungele ukuwenza. Xa ubuya, uqaphela ukuba ngababini kuphela abawenzileyo loo msebenzi. Ngaphezu koko, lo wesithathu uyangxengxeza kuba engawenzanga umsebenzi. Phofu ke, khange aqalise ukuwenza. Uya kuvakalelwa njani?
3 Kumzekeliso wakhe weentombi ezinyulu neetalente, uYesu wasebenzisa iimeko ezifana nezi ukuze azekelise isizathu sokuba ebudeni besiphelo amanye amaKristu athanjisiweyo eya kuzingqina ethembekile ngoxa amanye engenjinjalo.a (Mat. 25:1-30) Egxininisa ingongoma yakhe wathi, “hlalani nilindile, ngenxa yokuba ningayazi imini okanye ilixa”—nto leyo ebhekisela kwelona xesha uYesu awayeza kuzisa ngalo umgwebo kaThixo kwihlabathi likaSathana. (Mat. 25:13) Sinokusisebenzisa nathi esi siluleko namhlanje. Ngokuhlala silindile sinokungenelwa njani thina, kanye njengokuba uYesu wakhuthazayo? Ngoobani abaye bazingqina bekulungele ukusinda? Yaye yintoni esifanele siyenze ngoku ukuze sihlale silindile?
-