ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa Sinentsingiselo Ebalulekileyo Kuwe
NGABA iSidlo seNkosi Sangokuhlwa sinentsingiselo ebalulekileyo nehlala ihleli kuwe? Ukuze sikufumanise oku, kuqala makhe siqwalasele indlela uYesu Kristu awasigqala sibaluleke ngayo esi siganeko sikhethekileyo.
Ngobusuku bangoNisan 14, 33 C.E., uYesu nabapostile bakhe abali-12 bahlanganisana kwigumbi eliphezulu eYerusalem ukuze babhiyozele iPasika yaminyaka le. Emva kokuba betye isidlo sePasika, uYuda ongumngcatshi waphuma kwelo gumbi ukuze aye kungcatsha uYesu. (Yohane 13:21, 26-30) UYesu wasungula “isidlo sangokuhlwa seNkosi” enabapostile abali-11 abaseleyo. (1 Korinte 11:20) Kwakhona kubhekiselwa kuso njengeSikhumbuzo, ekubeni uYesu wayalela abalandeli bakhe esithi: “Oku kwenzeleni ukundikhumbula.” Esi kuphela kwesiganeko amaKristu ayalelwa ukuba asikhumbule.—1 Korinte 11:24.
Kwiindawo ezininzi, abantu bakha izakhiwo ezisisikhumbuzo okanye bamisele usuku olukhethekileyo lokukhunjulwa, okanye bakhumbule umntu othile okanye into ethile ebalulekileyo. Ngesi sihlandlo uYesu wasungula isidlo sesikhumbuzo—isidlo esasiza kuba sisikhumbuzo, sinceda abafundi bakhe bakhumbule ukubaluleka kweziganeko zolu lusuku lukhethekileyo. Esi sidlo sesikhumbuzo sasiya kukhumbuza izizukulwana ngokubaluleka koko kwenziwa nguYesu ngobo busuku, ingakumbi imifuziselo awayisebenzisayo. Yiyiphi imifuziselo uYesu awayisebenzisayo, yaye inayiphi intsingiselo? Makhe sihlolisise ingxelo yeBhayibhile ngoko kwenzekayo ngobusuku bowama-33 C.E.
Intsingiselo Yemifuziselo
“Wathabatha isonka, wathi akubulela, wasiqhekeza, wabanika sona, esithi: ‘Oku kuthetha umzimba wam oza kunikelwa ngenxa yenu. Hlalani nisenza oku nindikhumbula.’”—Luka 22:19.
Xa uYesu wathabatha isonka waza wathi, “oku kuthetha umzimba wam,” wayethetha ukuba isonka esingenagwele sasifanekisela umzimba wakhe wokwenyama ongenasono, awawunikela “ngenxa yobomi behlabathi.” (Yohane 6:51) Nangona ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zisithi “lo [ngesiGrike, es·tinʹ] ngumzimba wam,” iThayer’s Greek-English Lexicon of the New Testament ithi eli binzana lidla ngokuthetha “ukubonisa, ukufanekisela, intsingiselo.” Eli binzana lithetha ukumela, okanye ukufuzisela.—Mateyu 26:26.
Oku kwakunjalo nangendebe yewayini. UYesu wathi: “Le ndebe ithetha umnqophiso omtsha ongegazi lam, eliza kuphalala ngenxa yenu.”—Luka 22:20.
Kwingxelo kaMateyu, uYesu wathi ngokuphathelele indebe: “Oku kuthetha ‘igazi lam lomnqophiso,’ eliza kuphalala ngenxa yabaninzi ukuze kuxolelwe izono.” (Mateyu 26:28) UYesu wayesebenzisa iwayini ekwindebe njengemela okanye efuzisela igazi lakhe. Igazi lakhe elaphalalayo laliza kuba sisiseko ‘somnqophiso omtsha’ sabalandeli abanyulwe ngomoya, ababeya kulawula njengookumkani nababingeleli naye ezulwini.—Yeremiya 31:31-33; Yohane 14:2, 3; 2 Korinte 5:5; ISityhilelo 1:5, 6; 5:9, 10; 20:4, 6.
Kwakhona iwayini ekwindebe isisikhumbuzo sokuba kuya kusetyenziswa igazi likaYesu elaphalalayo “ukuze kuxolelwe izono,” ngaloo ndlela livula ithuba lokuba abo bathabathayo baye ezulwini njengeendlalifa ezimanyene kunye noKristu. Kuyaqondakala ukuba, abo babizelwe ukuphila ezulwini—abalinani eliqingqiweyo—ngabo kuphela abathabathayo kwisonka nakwiwayini yeSikhumbuzo.—Luka 12:32; Efese 1:13, 14; Hebhere 9:22; 1 Petros 1:3, 4.
Noko ke, kuthekani ngabalandeli bakaYesu, abangekho kumnqophiso omtsha? Aba ‘bazezinye izimvu’ zeNkosi, ezikhangele phambili, ingekuko ekulawuleni kunye noKristu ezulwini, kodwa ekuphileni ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi. (Yohane 10:16; Luka 23:43; ISityhilelo 21:3, 4) ‘Njengesihlwele esikhulu’ samaKristu athembekileyo ‘banikela inkonzo engcwele kuThixo imini nobusuku,’ bayakuvuyela ukuba ngababukeli abanoxabiso kwiSidlo seNkosi Sangokuhlwa. Eneneni ngamazwi nangezenzo bathi: “Usindiso silufumene kuThixo wethu, ohleli etroneni, nakuyo iMvana.”—ISityhilelo 7:9, 10, 14, 15.
Ngokufuthi Kangakanani?
“Hlalani nisenza oku nindikhumbula.”—Luka 22:19.
ISikhumbuzo sifanele senziwe ngokufuthi kangakanani ukuze kukhunjulwe ukufa kukaKristu? UYesu akazange achaze ngokungqalileyo. Noko ke, ekubeni wasungula iSidlo seNkosi Sangokuhlwa ngoNisan 14, ngobusuku bePasika, amaSirayeli awayeyibhiyozela minyaka le, kuyabonakala ukuba uYesu wamisela ukuba iSikhumbuzo senziwe ngendlela efanayo. Ngoxa amaSirayeli minyaka le ayebhiyozela ukukhululwa kwawo ebukhobokeni eYiputa, minyaka le amaKristu akhumbula ukukhululwa kwawo kubukhoboka besono nasekufeni.—Eksodus 12:11, 17; Roma 5:20, 21.
Ingcamango yokwenziwa kwesikhumbuzo minyaka le ukukhumbula isiganeko esibalulekileyo asinto ingaqhelekanga. Ngokomzekelo, cinga ngesibini esenza umsitho wesikhumbuzo somtshato waso okanye xa isizwe esithile sikhumbula isiganeko esibalulekileyo kwimbali yaso. Ngokuqhelekileyo isikhumbuzo senziwa kube kanye ngonyaka ngosuku lweso siganeko. Okubangel’ umdla kukuba, kwiinkulungwane eziliqela emva kwexesha likaKristu, abaninzi ababesithi bangamaKristu babebizwa ngokuba ziiQuartodecimanus, igama elithetha “aboSuku Lweshumi Elinesine,” kuba babekhumbula ukufa kukaYesu kube kanye ngonyaka, ngoNisan 14.
Umsitho Ongenabugocigoci Kodwa Obalulekileyo
Umpostile uPawulos wacacisa ukuba ukwenza iSidlo seNkosi Sangokuhlwa kwakuya kubenza abafundi bakaYesu ‘bahlale bebhengeza ukufa kweNkosi.’ (1 Korinte 11:26) Ngenxa yoko, esi sikhumbuzo sasiya kugxininisa kwindima ebalulekileyo ukufa kukaYesu okwaba nayo ekuphunyezweni kwenjongo kaThixo.
Ngokuthembeka kwakhe de kuse ekufeni, uYesu Kristu wamthethelela uYehova uThixo njengoMdali onobulumko nonothando noMongami olilungisa. Ngokwahlukileyo koko kwathethwa nguSathana, yaye ngokungafaniyo noAdam, uYesu wangqina ukuba umntu unako ukuhlala ethembekile kuThixo, naphantsi kwezona ngcinezelo zinzima.—Yobhi 2:4, 5.
Kwakhona iSidlo seNkosi Sangokuhlwa senza ubani alukhumbule ngoxabiso uthando lukaYesu lokuzinikela. Phezu kwazo nje iimvavanyo eziqatha, uYesu wamthobela ngokupheleleyo uYise. Ngenxa yoko wakwazi ukunikela ngobomi bakhe bomntu ofezekileyo ukuze ahlawule ityala elikhulu lesono sika-Adam. Njengoko uYesu wacacisa, weza ukuze “anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:28) Ngenxa yoko, bonke abo banokholo kuYesu banokuxolelwa izono zabo baze bafumane ubomi obungunaphakade nto leyo evisisana nenjongo kaYehova yantlandlolo ngoluntu.—Roma 5:6, 8, 12, 18, 19; 6:23; 1 Timoti 2:5, 6.a
Kwakhona konke oku kubalaselisa ukulunga nobubele obungasifanelanga bukaYehova ngokwenza ilungiselelo lokusindisa uluntu. IBhayibhile ithi: “Kwabonakaliswa ngale nto ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo athumele uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ehlabathini ukuze sizuze ubomi ngaye. Ngoko ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo waza wathumela uNyana wakhe njengombingelelo wokucamagushela izono zethu.”—1 Yohane 4:9, 10.
Ewe, iSikhumbuzo ngumsitho obaluleke ngokwenene! Asinabugocigoci yaye kulula ukuba senziwe ehlabathini lonke phantsi kweemeko ezahlukahlukeneyo, sekunjalo, singumfuziselo wokwenene ukuze sikhunjulwe kangangexesha elide.
Intsingiselo Yaso Kuwe
Ngokufa kwayo okulidini, iNkosi yethu uYesu Kristu noYise, uYehova balahlekelwa yinto exabiseke gqitha. Njengomntu ofezekileyo, uYesu akazange akuzuze ilifa ukufa njengokuba kunjalo ngathi sonke. (Roma 5:12; Hebhere 7:26) Wayenokuqhubeka ephila ngonaphakade. Ukuba wayengazange avume, akukho mntu wayenokubuhlutha ubomi bakhe. Wathi: ‘Akukho mntu ubuthabathileyo kum [ubomi bam], kodwa ndibunikezela ngokwam.’—Yohane 10:18.
Sekunjalo, ngokuzithandela uYesu wanikela ngobomi bakhe bomntu ofezekileyo njengedini ukuze “ngokufa kwakhe amtshitshise lowo unamandla okubangela ukufa, oko kukuthi, uMtyholi; aze abakhulule bonke abo bebengamakhoboka okoyika ukufa ubomi babo bonke.” (Hebhere 2:14, 15) Uthando lukaKristu lokuzincama lwaphinda lwabonakaliswa kwindlela awavuma ukubulawa ngayo. Wayeyiqonda kakuhle indlela awayeza kubandezeleka nawayeza kufa ngayo.—Mateyu 17:22; 20:17-19.
Kwakhona iSikhumbuzo sisikhumbuza ngomnye umntu owabonakalisa uthando olukhulu uBawo wethu osemazulwini, uYehova. Njengomntu ‘onomsa omkhulu nenceba,’ kufanele ukuba kwamkhathaza ngokwenene, ukuva nokubona ‘izikhalo ezinamandla neenyembezi’ zikaYesu kumyezo waseGetsemane, ukutyakatywa ngokulusizi, ukubethelelwa kwakhe ngenkohlakalo, nokungcungcuthekiswa kwakhe ade afe. (Yakobi 5:11; Hebhere 5:7; Yohane 3:16; 1 Yohane 4:7, 8) Nangoku, emva kweenkulungwane ezadlulayo, abantu abaninzi basaziva buhlungu xa becinga ngoku.
Khawucinge ngendlela elikhulu ngayo ityala uYehova uThixo noYesu Kristu abaye basihlawulela lona thina njengaboni! (Roma 3:23) Suku ngalunye, sijamelana nemiphumo ebuhlungu yokuba nesono nokungafezeki. Noko ke, ngesizinzi sokholo kwidini likaYesu lentlawulelo sinokucela uThixo ukuba asixolele. (1 Yohane 2:1, 2) Oku kusenza sikwazi ukuthetha ngokukhululekileyo noThixo size sibe nesazela esicocekileyo. (Hebhere 4:14-16; 9:13, 14) Ukongezelela, sinokuba nethemba lokuphila kumhlaba oyiparadesi ngonaphakade. (Yohane 17:3; ISityhilelo 21:3, 4) Ezi nezinye iintsikelelo ezingakumbi zifumaneka ngenxa yokuzincama kukaYesu okubalaseleyo.
Ukubonakalisa Uxabiso NgeSidlo SeNkosi Sangokuhlwa
Ngokungathandabuzekiyo, iSidlo seNkosi Sangokuhlwa siyeyona ndlela ibalaseleyo yokubonakalisa ‘ububele obungasifanelanga bukaThixo obugqwesileyo.’ Yaye ilungiselelo likaYehova uThixo ledini lentlawulelo—eliye lakho ngenxa yothando lukaYesu lokuzincama—eneneni ‘lisisipho sakhe sesisa esingathethekiyo.’ (2 Korinte 9:14, 15) Ngaba ezi ndlela zikaThixo zokubonakalisa uthando ngoYesu Kristu azikwenzi ube nombulelo noxabiso olunzulu?
Siqinisekile ukuba oku kunjalo. Ngoko ke, sikumema ngokufudumeleyo ukuba ube kunye namaNgqina kaYehova xa esenza iSikhumbuzo sokufa kukaYesu. Kulo nyaka iSikhumbuzo siya kuba ngoLwesithathu, ngoAprili 16, emva kokutshona kwelanga. AmaNgqina kaYehova asekuhlaleni aya kukuvuyela ukukuxelela ixesha nendawo oza kuqhutyelwa kuyo lo msitho ubaluleke ngokwenene.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngentlawulelo, bona incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 6]
“NGUMZIMBA WAM LO” OKANYE “OKU KUTHETHA UMZIMBA WAM” YIYIPHI ECHANILEYO?
Xa uYesu wathi, “Ndim umnyango” waza wathi, “ndingumdiliya wenyaniso,” akukho mntu owacinga ukuba wayengumnyango okanye umdiliya wokoqobo. (Yohane 10:7; 15:1) Ngokufanayo, xa iThe New Jerusalem Bible icaphula uYesu esithi: “Le ndebe ngumnqophiso omtsha,” asigqibi kwelokuba indebe ngokwayo ngokoqobo yayingumnqophiso omtsha. Yaye kwakhona, xa wathi isonka ‘yayingumzimba’ wakhe, alithandabuzeki elokuba isonka simela okanye sifuzisela umzimba wakhe. Ngaloo ndlela, inguqulelo kaCharles B. Williams ithi: “Oku kumela umzimba wam.”—Luka 22:19, 20.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Isonka esingenagwele newayini ziwufanekisela ngokufanelekileyo umzimba kaYesu ongenasono negazi lakhe elaphalalayo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
ISikhumbuzo sisikhumbuza ngothando olubalaseleyo olwabonakaliswa nguYehova uThixo noYesu Kristu