ISAHLUKO SESINE
“Khangela! Ingonyama Yesizwe SikaYuda”
1-3. Yiyiphi ingozi awayejamelene nayo uYesu, yaye wasabela njani?
KWATHI gqi ihlokondiba labantu lizingela uYesu, lixhobe lafohlela ngamakrele, amagqudu, kukho namajoni. Lalivath’ iqaqa lithwabaza ngobusuku kwizitrato zaseYerusalem, lenjenjeya ukunqumla kwiNtlambo yaseKidron lijolise imibombo kwiNtaba yemiNquma. Inyanga yayikhanyisile, kodwa laliphethe iitotshi nezibane. Ngaba lalikhanyise kuba inyanga yayisithwe ngamafu? Okanye ngaba lalifunisela ebumnyameni utshaba oluzimeleyo? Ukuba lalicinga ukuba uYesu uzimele, lalizibhudile izingqi.
2 UYesu wayebazi kakuhle ubungozi belo hlokondiba. Kodwa wayengoyiki ngokoyikiswa. Ihlokondiba lasondela ngokusondela, likhokelwa nguYudas, owayekade engumhlobo othembekileyo. Lo dyakalashe onkone wamngcatsha uYesu ngokuthi amange. Sekunjalo, uYesu waqhubeka ezolile. Wema kanye phambi kwelo hlokondiba. Wabuza wathi: “Nifuna bani na?” Laphendula lathi: “UYesu umNazarete.”
3 Abantu abaninzi bebeya kutyhwatyhwa luloyiko phambi kwehlokondiba elixhobe ngolo hlobo. Kunokwenzeka ukuba nalo elo hlokondiba lalilindele ukuba kube njalo. Kodwa uYesu akazange oyike aze abaleke okanye azikhusele ngobuxoki. Kunoko wathi: “Ndinguye.” Indlela le awayezole nawayekhaliphe ngayo, yawatsho athi khamnqa la madoda. Ahlehla ethe phithi thwanga aza awa bhaxa phantsi!—Yohane 18:1-6; Mateyu 26:45-50; Marko 14:41-46.
4-6. (a) UNyana kaThixo ufaniswa nantoni, yaye ngoba? (b) Ziziphi iindlela ezintathu uYesu awabonisa ngazo inkalipho?
4 Yintoni eyabangela ukuba uYesu akwazi ukujamelana naloo ngozi ngokuzola okungako? Impendulo inye, yinkalipho. Olu lolunye lweempawu ezibalulekileyo inkokeli emele ibe nazo, yaye akakho umntu owakhe wabonisa inkalipho njengoYesu. Kwisahluko esingaphambi kwesi, sifunde indlela awayethobeke nawayelulame ngayo uYesu, kangangokuba wabizwa ngokuba ‘yiMvana.’ (Yohane 1:29) Kodwa inkalipho yakhe yenza ukuba abizwe nangelinye igama elahlukileyo. IBhayibhile ithi ngoNyana kaThixo: “Khangela! INgonyama yesizwe sikaYuda.”—ISityhilelo 5:5.
5 Ingonyama yaziwa ngokuba nenkalipho. Ngaba wakha wajongana ubuso ngobuso nenkunzi yengonyama? Ukuba wakha wajongana nayo, imele ukuba ngokuqinisekileyo yayivalelwe ngaphaya kocingo. Sekunjalo, zimele ukuba zathi xhungu kancinane izibilini zakho. Xa ujongene ubuso ngobuso nesi silwanyana sinamandla, akuyicingi nokuyicinga into yokuba singaze soyike ngokoyikiswa. IBhayibhile ithi ‘ingonyama yeyona inamandla phakathi kwezilo yaye ayibuyi mva kuzo zonke.’ (IMizekeliso 30:30) Injalo ke kanye inkalipho kaKristu.
6 Makhe sixubushe iindlela ezintathu uYesu awabonisa ngazo inkalipho efana neyengonyama: ekumeleni inyaniso, ekumeleni okusesikweni, nasekuxhathiseni inkcaso. Yaye siza kubona indlela nathi esinokumxelisa ngayo uYesu ekuboniseni inkalipho—enoba singamakroti okanye amagwala ngemvelo.
Wayimela Ngenkalipho Inyaniso
7-9. (a) Yintoni eyenzekayo xa uYesu wayeneminyaka eli-12 ubudala, yaye yintoni eyayinokumenza umntu oyike ngeso sihlandlo? (b) UYesu wayibonisa njani inkalipho xa wayekunye nabafundisi etempileni?
7 Kweli hlabathi lilawulwa nguSathana, ‘uyise wobuxoki,’ kudla ngokufuneka umntu abe nenkalipho ukuze amele inyaniso. (Yohane 8:44; 14:30) UYesu akazange alinde de abe mdala ngaphambi kokuba amele inyaniso. Xa wayeneminyaka eli-12 ubudala, uYesu wabashiya abazali bakhe emva komthendeleko wePasika eYerusalem. Zaqengqeleka zantathu iintsuku uYosefu noMariya bemaxhaphetshu bemfuna. Ekugqibeleni bamfumana etempileni. Wayesenza ntoni apho? ‘Wayehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphule yaye ebabuza.’ (Luka 2:41-50) Khawucinge nje ngengxoxo eyayiqhubeka apho.
8 Ababhali-mbali bathi ezinye zeenkokeli eziphambili zonqulo zazidla ngokusala etempileni emva komthendeleko zize zifundise evarandeni ephangaleleyo. Abantu babehlala ngasezinyaweni zabo bephulaphule yaye bebuza imibuzo. Ezi nkokeli zazifunde kakhulu. Zaziwazi kakhulu uMthetho kaMoses nolunye uthotho lwezithethe nemithetho entsonkothileyo yabantu eyayiqhubeka isanda. Wawuya kuvakalelwa njani kukuhlala phakathi kweenkokeli ezinjalo? Wawuya koyika, akunjalo? Yaye kuthekani ukuba wawuneminyaka eli-12 kuphela ubudala? Ngokuqhelekileyo abantu abaselula baneentloni. (Yeremiya 1:6) Abanye bazama ukuzifihla kootitshala esikolweni ukuze bangabuzwa mibuzo, kuba besoyika ukuphoxeka nokuhlekwa.
9 Kodwa yena uYesu wayehleli phakathi kwaloo madoda afundileyo, engoyiki kwaphela, kunoko ewapheka ewophula ngemibuzo. Yaye akuphelelanga apho. Ingxelo ithi: “Bonke abo babemphulaphule bahlala bethe manga kukuqonda kwakhe naziimpendulo zakhe.” (Luka 2:47) IBhayibhile ayisichazeli ukuba wathini ngeso sihlandlo, kodwa sinokuqiniseka ukuba akazange acengceleze iimfundiso zobuxoki zabo bafundisi bonqulo. (1 Petros 2:22) Kodwa wanamathela kwinyaniso eseLizwini likaThixo, yaye ngokuqinisekileyo abo babephulaphule bamangaliswa kukubona inkwenkwana eneminyaka eli-12 kuphela ubudala ithetha ngobulumko nangenkalipho elolo hlobo.
10. AmaKristu aselula namhlanje amxelisa njani uYesu?
10 Namhlanje, amawaka amaKristu aselula alandela emanyathelweni kaYesu. Enyanisweni, wona akafezekanga njengoYesu. Kodwa nawo akalindi de abe madala ngaphambi kokuba amele inyaniso. Esikolweni okanye ekuhlaleni, ngobulumko abuza abantu imibuzo, aphulaphule, aze ngentlonelo abelane nabo ngenyaniso. (1 Petros 3:15) La maKristu aselula aye anceda abo afunda nabo, ootitshala, nabamelwane ukuba babe ngabalandeli bakaKristu. Inkalipho yawo imele ukuba imkholisa ngokwenene uYehova! ILizwi lakhe lilufanisa namathontsi ombethe ulutsha olunjalo—kuba luninzi, luyamkholisa yaye luyahlaziya.—INdumiso 110:3.
11, 12. Akuba ekhulile, uYesu wayibonisa njani inkalipho ekumeleni inyaniso?
11 Akuba ekhulile, uYesu wabonisa inkalipho ngokuphindaphindiweyo ekumeleni inyaniso. Kangangokuba ubulungiseleli bakhe wabuqalisa ngokujamelana nemeko eyayisenokubonakala isoyikeka kwabaninzi. Kungekhona njengesiphatha-zingelosi esomeleleyo, kodwa njengomntu nje oyinyama negazi, uYesu wajamelana noSathana, olona tshaba lunamandla noluyingozi kunazo zonke iintshaba zikaYehova. UYesu wamgatya uSathana ngokugqwetha kwakhe iZibhalo eziphefumlelweyo. Ekugqibeleni wambhebhetha ngenkalipho wathi: “Hamb’ umke, Sathana!”—Mateyu 4:2-11.
12 Yaba sisiqalo sobulungiseleli bukaYesu eso, yaye waqhubeka elikhusela ngenkalipho iLizwi likaYise kwabo babezama ukuligqwetha. Yaye kwakuxhaphakile oko elunqulweni, njengoko kunjalo nanamhlanje. UYesu wathi kwiinkokeli zonqulo zexesha lakhe: “Niyalitshitshisa ilizwi likaThixo ngesithethe senu eniye nasinikela.” (Marko 7:13) Ezo nkokeli zonqulo zazihlonelwa kakhulu ngabantu, kodwa ngenkalipho uYesu wazigxeka njengabakhokeli abaziimfama nabahanahanisi.a (Mateyu 23:13, 16) Sinokuyibonisa njani inkalipho efana nekaYesu kule nkalo?
13. Yintoni esimele siyikhumbule ekuxeliseni kwethu uYesu, sekunjalo liliphi ilungelo esinalo?
13 Kodwa ke, simele sikhumbule ukuba thina asikwazi ukubona okusentliziyweni njengoYesu, yaye asinalo igunya lokugweba. Noko ke, sinako ukumxelisa ngokuthi siyimele ngenkalipho inyaniso. Ngokomzekelo, ngokubhenca ubuxoki bonqulo—ubuxoki obudla ngokufundiswa ngokuphathelele uThixo, injongo yakhe, neLizwi lakhe—sidlulisela ukukhanya kwihlabathi elimfanyekiswe bubuxoki bukaSathana. (Mateyu 5:14; ISityhilelo 12:9, 10) Sinceda abantu ukuba bakhululeke ebukhobokeni beemfundiso zobuxoki eziboyikisayo nezonakalisa ulwalamano lwabo noThixo. Elinjani lona ilungelo esinalo lokubona ukuzaliseka kwesithembiso sikaYesu esithi: “Inyaniso iya kunikhulula”!—Yohane 8:32.
Wakumela Ngenkalipho Okusesikweni
14, 15. (a) Yiyiphi enye indlela uYesu awakucacisa ngayo “okusesikweni”? (b) Ngokuthetha kwakhe nomfazi ongumSamariya, yiyiphi imbono yomkhethe engekho sikweni uYesu awayebonisa ukuba akayixhasi?
14 Isiprofeto seBhayibhile sachaza kwangaphambili ukuba uMesiya wayeza kucacisela iintlanga “okusesikweni.” (Mateyu 12:18; Isaya 42:1) Ngokuqinisekileyo uYesu waqalisa ukwenza oko xa wayesemhlabeni. Ngenkalipho enkulu, wayesoloko ebaphatha ngokusesikweni nangokungenamkhethe abantu. Ngokomzekelo, wasigatya isimo sengqondo sokubonisa umkhethe esasixhaphakile ngexesha lakhe.
15 Xa uYesu wathetha nomfazi ongumSamariya kwiqula laseSikare, abafundi bakhe bamangaliswa. Ngoba? Ngelo xesha, amaYuda ayewathiyile amaSamariya; kwakusele kuyiminyaka ikho loo ntiyo. (Ezra 4:4) Ngaphezu koko, abanye oorabhi babewajongela phantsi amabhinqa. Imithetho yoorabhi, eyabhalwa phantsi ekuhambeni kwethuba, yayiwalela amadoda ukuba ancokole namabhinqa; yade yakhankanya nokuba amabhinqa akakufanelekelanga ukufundiswa uMthetho kaThixo. Amabhinqa angamaSamariya ayede agqalwe njengangahlambulukanga. UYesu akazange ayixhase loo mbono yomkhethe engekho sikweni waza wamfundisa esidlangalaleni umfazi ongumSamariya (owayeziphethe kakubi), wada wazichaza kuye ukuba unguMesiya.—Yohane 4:5-27.
16. Kutheni amaKristu efanele azabalazele ngenkalipho ukungabi namkhethe?
16 Ngaba wakha waba phakathi kwabantu abanomkhethe? Mhlawumbi babenyemba abantu bolunye uhlanga, bethetha ngendlela ebathob’ isidima abantu besini esahlukileyo, okanye bebajongela phantsi abantu abangenamali nabangafundanga. Abalandeli bakaKristu abazixhasi iimbono ezinjalo zentiyo, yaye bazama ngamandla ukususa naluphi na utyekelo lomkhethe ezintliziyweni zabo. (IZenzo 10:34) Ngamnye wethu ufanele azabalazele ngenkalipho ukubonisa okusesikweni ngokuthi angabi namkhethe.
17. Yintoni uYesu awayenzayo etempileni, yaye ngoba?
17 Kwakhona ngenkalipho uYesu walwela ukuhlambuluka kwabantu bakaThixo nonqulo olunyulu. Ekuqaleni kobulungiseleli bakhe, wangena etempileni eYerusalem waza wacatshukiswa kukubona abarhwebi nabananisi ngemali beshishina apho. Evutha ngumsindo wobulungisa, uYesu wabakhuphela ngaphandle abo bantu banyolukileyo kwanezinto ababezithengisa. (Yohane 2:13-17) Waphinda wenza okufanayo nangasekupheleni kobulungiseleli bakhe. (Marko 11:15-18) Ngokuqinisekileyo oku kwamzisela iintshaba ezinamandla, kodwa wayengoyiki. Ngoba? Kwasekukhuleni kwakhe, wayeyibiza loo tempile ngokuba yindlu kaYise. (Luka 2:49) Wayengenakukunyamezela okungekho sikweni okwakusenziwa apho, kungcoliswa unqulo olunyulu. Ngenkalipho wenza okufanelekileyo.
18. AmaKristu namhlanje ayibonisa njani inkalipho ekugcineni ibandla licocekile?
18 Ngokufanayo abalandeli bakaKristu namhlanje bakuxabisile ukucoceka kwabantu bakaThixo nonqulo olunyulu. Xa bebona umKristu esona ngokunzulu, abasuki nje bakubethe ngoyaba oko. Bathetha ngenkalipho. (1 Korinte 1:11) Bayaqinisekisa ukuba abadala bebandla bayaziswa ngako oko. Abadala banokubanceda abo bagulayo ngokomoya, yaye banako nokuthabatha inyathelo lokulondoloza ukucoceka kwezimvu zikaYehova.—Yakobi 5:14, 15.
19, 20. (a) Kukuphi okungekho sikweni okwakuxhaphakile ngexesha likaYesu, yaye luluphi ucelo-mngeni awajamelana nalo uYesu? (b) Kutheni abalandeli bakaKristu besala ukubandakanyeka kwezobupolitika nogonyamelo, yaye yiyiphi inxalenye yomvuzo wokungathabathi cala kwabo?
19 Kodwa ngaba simele sigqibe kwelokuba uYesu wayelwela ukwenziwa kokusesikweni ehlabathini lonke? Ngokuqinisekileyo okungekho sikweni kwakuxhaphakile ngexesha lakhe. Ilizwe awayehlala kulo lalilawulwa ngabantu basemzini. AmaRoma ayewacinezela amaYuda ngolawulo lwawo olungqongqo, ewahlawulisa irhafu eninzi kakhulu, yaye ayede aphazamise nezithethe zawo zonqulo. Ngoko ayimangalisi into yokuba abantu abaninzi ababephila ngelo xesha babefuna ukuba uYesu abandakanyeke kwezopolitiko. (Yohane 6:14, 15) Kwakhona, kwafuneka abonise inkalipho.
20 UYesu wabachazela ukuba uBukumkani bakhe asibubo obeli hlabathi. Ngomzekelo awawumiselayo, wafundisa abalandeli bakhe ukuba bangabandakanyeki kwiimfazwe zobupolitika zelo xesha, kodwa endaweni yoko banikel’ ingqalelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Yohane 17:16; 18:36) Wabafundisa isifundo esibalulekileyo ngokuphathelele ukungathabathi cala xa kwafika ihlokondiba lize kumbamba. Ngokutyhuthuzela uPetros wathi hlasi ikrele lakhe wahlasela enye indoda. Siyaqondakala isizathu sokuba uPetros enze oko. Ukuba bekunokuthiwa ugonyamelo lufanelekile ngamaxesha athile, alikho ixesha elalifaneleke ngakumbi kunaloo ngokuhlwa, xa kwakuhlaselwa uNyana omsulwa kaThixo. Sekunjalo, kanye ngeso sihlandlo uYesu wamisela umgaqo abalandeli bakhe basemhlabeni abafanele bawulandele ukuza kuthi ga namhlanje, esithi: “Buyisela ikrele lakho endaweni yalo, kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.” (Mateyu 26:51-54) Ngokuqinisekileyo ukuhlala kwabalandeli bakaKristu beseluxolweni kwakufuna inkalipho ngelo xesha, njengoko kunjalo nanamhlanje. Ngenxa yokungathabathi cala kwabo, abantu bakaThixo namhlanje abakhange babe nanxaxheba kuthotho lweemfazwe zanamhlanje, ekuphalazweni kwegazi elininzi, kwizidubedube, nakwezinye izenzo zogonyamelo. Loo ngxelo yabo entle iyinxalenye yomvuzo wabo wokubonisa inkalipho.
Wajamelana Ngenkalipho Nenkcaso
21, 22. (a) UYesu wafumana luphi uncedo ngaphambi kokujamelana kwakhe nolona vavanyo lunzima? (b) UYesu wangqineka njani ekhaliphile kwada kwaba sekupheleni?
21 UNyana kaYehova wayesazi kwangaphambili ukuba uza kujamelana nenkcaso enzulu apha emhlabeni. (Isaya 50:4-7) Wajamelana nezisongelo zokufa kangangezihlandlo ezininzi, kuquka isihlandlo esichazwe ekuqaleni kwesi sahluko. UYesu wahlala njani ekhaliphile nangona wayejamelene neengozi ezingako? Kaloku khumbula, wayesenza ntoni uYesu ngaphambi kokubanjwa kwakhe lelo hlokondiba? Wayethandaza ngokusuk’ entliziyweni kuYehova. Yaye yintoni awayenzayo uYehova? IBhayibhile ithi uYesu “waviwa ngokukholekileyo.” (Hebhere 5:7) UYehova wathumela ingelosi ivela ezulwini ukuba yomeleze lo Nyana wakhe ukhaliphileyo.—Luka 22:42, 43.
22 Emva nje kokomelezwa kwakhe, uYesu wathi kubapostile bakhe: “Vukani, sihambe.” (Mateyu 26:46) Khawucinge ngokukhalipha okungako. Wathi ‘masihambeni,’ esazi ukuba uza kucela eso sihlwele ukuba singabenzakalisi abahlobo bakhe, yaye esazi ukuba bonke abo bahlobo bakhe baza kubaleka bamshiye, esazi nokuba uza kuba yedwa jwi ekujamelaneni nesona sihlandlo sinzima ebomini bakhe. Wayeyedwa ukusiwa kwakhe ematyaleni ngokungekho mthethweni, wagculelwa, wathuthunjiswa, waza wabulawa ngogonyamelo. Ebudeni balo lonke elo xesha, wahlala ekhaliphile.
23. Chaza isizathu sokuba uYesu wayengabubeki sichengeni ngokungeyomfuneko ubomi bakhe xa wajamelana nesisongelo sokufa.
23 Ngaba uYesu wayebubek’ esichengeni ngokungeyomfuneko ubomi bakhe? Akunjalo; inkalipho yokwenene ayikokububeka sichengeni ubomi. Enyanisweni, uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba balumke, basuke kwindawo enobungozi ukuze baqhubeke besenza ukuthanda kukaThixo. (Mateyu 4:12; 10:16) Noko ke, kule imeko, uYesu wayesazi ukuba akukho kubuya ngamva. Wayekwazi oko kwakubandakanywa kukuthanda kukaThixo. UYesu wayezimisele ukugcina ingqibelelo yakhe, ngoko ekuphela kwendlela yayikukuya phambili, ajamelane novavanyo.
24. Kutheni sinokuqiniseka ukuba sinako ukuhlala sikhaliphile naxa sijamelene nalo naluphi na uvavanyo olusenokuvela?
24 Hayi indlela abaqhubeka behamba ngenkalipho ngayo abalandeli bakaYesu emanyathelweni akhe! Abaninzi baye bajamelana ngenkalipho nokugculelwa, ukutshutshiswa, ukuvalelwa entolongweni, ukungcungcuthekiswa nokufa. Abantu abangafezekanga bayifumana phi inkalipho engako? Ayisuki kubo ngaphakathi. Njengoko uYesu wafumana uncedo oluvela phezulu, kukwanjalo nangabalandeli bakhe. (Filipi 4:13) Ngoko, ungaze woyike oko kusenokwenzeka kwixesha elizayo. Zimisele ukugcina ingqibelelo yakho, yaye uYehova uya kukunika inkalipho efunekayo. Ngamana ungaqhubeka usomelezwa ngumzekelo weNkokeli yethu uYesu, eyathi: “Yomelelani! mna ndiloyisile ihlabathi.”—Yohane 16:33.
a Ababhali-mbali baye bakhankanya ukuba amangcwaba oorabhi ayehlonelwa ngendlela efanayo namangcwaba abaprofeti noosolusapho.