ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi KaMateyu
UMNTU wokuqala ukubhala ingxelo ebangel’ umdla ngobomi nobulungiseleli bukaYesu nguMateyu—isinxulumani esasisondele kuYesu Kristu nesakha sangumqokeleli werhafu. IVangeli kaMateyu eyabhalwa ngesiHebhere yaza kamva yaguqulelwa kwisiGrike, yagqitywa malunga nowama-41 C.E. yaye ilikhonkco elidibanisa iZibhalo ZesiHebhere neZibhalo ZamaKristu ZesiGrike.
Njengoko kubonakala ukuba ngokuyintloko yabhalelwa amaYuda, le Vangeli ichukumisayo ichaza uYesu njengoMesiya othenjisiweyo, uNyana kaThixo. Ukunikela ingqalelo kwisigidimi sayo kuya komeleza ukholo lwethu kuThixo oyinyaniso, kuNyana wakhe nakwizithembiso zikaThixo.—Heb. 4:12.
“UBUKUMKANI BAMAZULU BUSONDELE”
UMateyu ubalaselisa umxholo woBukumkani neemfundiso zikaYesu, nangona ukwenjenjalo kusenokuthetha ukungazichazi iziganeko ngolandelelwano olungqingqwa. Ngokomzekelo, ngasekuqaleni kule ncwadi kuthethwa ngeNtshumayelo Yasentabeni nangona uYesu wayinikela ngasekupheleni kobulungiseleli bakhe.
Ngexesha lobulungiseleli bakhe eGalili, uYesu wenza imimangaliso, ufundisa abapostile bakhe abali-12 ngobulungiseleli, ahlabe kabukhali abaFarisi aze enze imizekeliso ngoBukumkani. Emva koko uyemka eGalili aye “kwimida yelakwaYuda phesheya kweYordan.” (Mat. 19:1) Endleleni, uxelela abafundi bakhe oku: ‘Siyenyuka siya eYerusalem, yaye uNyana womntu uya kugwetyelwa isohlwayo sokufa, aze avuswe ngomhla wesithathu.’—Mat. 20:18, 19.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
3:16—Kuthethwa ukuthini xa kusithiwa “amazulu avuleka” xa kwakubhaptizwa uYesu? Kubonakala ngathi kuthetha ukuba uYesu wakhumbula zonke izinto ezazisenzeka esesezulwini ngaphambi kokuba aze kuphila emhlabeni.
5:21, 22—Ngaba ukuvutha ngumsindo kusisono esinzulu ngaphezu kokuwufukama? UYesu walumkisa ngelithi umntu omfukamel’ inzondo umzalwana wakhe wenza isono esinzulu. Kodwa kona ukuthetha amazwi arhabaxa ngenxa yomsindo kusisono esinzulu ngakumbi, esibangela ukuba umntu asiwe kwinkundla ephakamileyo kunaleyo yokusesikweni yasekuhlaleni.
5:48—Ngaba inokwenzeka ngokwenene into yokuba sigqibelele kanye njengokuba ‘uBawo wethu osemazulwini egqibelele’? Ewe, inokwenzeka ngandlel’ ithile. Apha uYesu wayexubusha ngothando, yaye waxelela abaphulaphuli bakhe ukuba baxelise uThixo yaye bagqibelele eluthandweni. (Mat. 5:43-47) Njani? Ngokuthanda bonke abantu kuquka iintshaba zabo.
7:16—Ziziphi ‘iziqhamo’ eziphawula unqulo lokwenyaniso? Ziquka izinto ezingakumbi kunendlela esiziphatha ngayo. Zibandakanya iinkolelo zethu—iimfundiso esizithobelayo.
10:34-38—Ngaba kumele kugxekwe isigidimi seZibhalo ngokuqhekeka kweentsapho? Akunjalo konke konke. Kunoko, ezi yantlukwano zibangelwa zizinto ezenziwa ngamalungu entsapho angakholwayo. Asenokukhetha ukubukhaba okanye abuchase ubuKristu, nto leyo ebangela iyantlukwano entsatsheni.—Luka 12:51-53.
11:2-6—Ukuba uYohane wayesele esazi ukuba uYesu unguMesiya ngenxa yokuba eve ilizwi likaThixo echaza ukukholiswa kwakhe nguNyana wakhe, kwakutheni ukuze abuze enoba uYesu ‘UnguLowo Uzayo na’? Kusenokwenzeka ukuba wayefuna isiqinisekiso sikaYesu. Kodwa kusenokwenzeka nokuba enye into awayefuna ukuyazi kukuba kwakuza kubakho “omnye owahlukileyo” kusini na owayeza kuza esemandleni oBukumkani aze azalisekise onke amathemba amaYuda. Impendulo kaYesu yabonisa ukuba wayengekho omnye.
19:28—Yintoni emelwa ‘zizizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli’ eziza kugwetywa? Azimeli izizwe ezili-12 zoSirayeli wokomoya. (Gal. 6:16; ISityhi. 7:4-8) Abapostile awayethetha nabo uYesu babeza kuba yinxalenye yoSirayeli wokomoya, kungekhona abagwebi baloo Sirayeli. UYesu wenza ‘umnqophiso wobukumkani nabo’ yaye babeza kuba “bubukumkani nababingeleli kuThixo.” (Luka 22:28-30; ISityhi. 5:10) Abo banguSirayeli wokomoya baza ‘kugweba ihlabathi.’ (1 Kor. 6:2) Ngoko, kuyabonakala ukuba ezi ‘zizwe zilishumi elinesibini zakwaSirayeli,’ nezigwetywa ngabo bakwiitrone zasezulwini lihlabathi loluntu olungekho kolo didi lwababingeleli basebukhosini olumelwa zizizwe ezili-12 ngoMhla Wocamagusho.—Lev., isahlu. 16.
Oko Sikufundayo:
4:1-10. Le ngxelo isifundisa ukuba uSathana ungumntu wokwenene kungekhona nje ubungendawo. Usihenda ‘ngenkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi.’ Kodwa ke, xa sisebenzisa imigaqo yeZibhalo siya kuhlala sithembekile kuThixo.—1 Yoh. 2:16.
5:1–7:29. Yiphaphele intswelo yakho yokomoya. Yiba noxolo. Ziphephe iingcamango ezingcolileyo. Bambelela kwizithembiso ozenzayo. Xa uthandaza, izinto zokomoya mazize ngaphambi kweziphathekayo. Yiba sisityebi kuThixo. Bufune kuqala uBukumkani nobulungisa bukaThixo. Musa ukuthanda ukugxeka. Yenza ukuthanda kukaThixo. Ezi zizifundo eziluncedo ngokwenene ezifumaneka kwiNtshumayelo Yasentabeni!
9:37, 38. Sifanele senze ngokuvisisana nesicelo sethu eNkosini sokuba “ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo,” siwukhuthalele umsebenzi wokwenza abafundi.—Mat. 28:19, 20.
10:32, 33. Asifanele sibe neentloni zokuthetha ngokholo lwethu.
13:51, 52. Ukuqonda inyaniso ephathelele uBukumkani kuza nembopheleleko yokufundisa abanye nokwabelana nabo ngobu buncwane.
14:12, 13, 23. Kubalulekile ukuzipha ithuba lokuba wedwa ukuze ucamngce kakuhle.—Marko 6:46; Luka 6:12.
17:20. Kufuneka sibe nokholo ukuze sikwazi ukuhlangabezana nemiqobo enjengeentaba enokuphazamisana nenkqubela yethu yokomoya nokuze simelane nobunzima. Asinakuyithatha lula into yokwakha nokomeleza ukholo lwethu kuYehova nakwizithembiso zakhe.—Marko 11:23; Luka 17:6.
18:1-4; 20:20-28. Ukungafezeki nemvelaphi yonqulo ebethelela umoya wokuthanda izikhundla kwenza abafundi bakaYesu bayixhalabela gqitha into yokuba nguwuphi oyena mkhulu phakathi kwabo. Sifanele sithobeke njengoko silumkela utyekelo lwesono size sibe nembono eyiyo ngamalungelo neembopheleleko.
“UNYANA WOMNTU UZA KUNIKELWA”
NgoNisan 9, 33 C.E. uYesu ufika eYerusalem “ekhwele iesile.” (Mat. 21:5) Ngosuku olulandelayo, ufika etempileni aze ayicoce. NgoNisan 11, ufundisa apho etempileni, akhalimele ababhali nabaFarisi, aze emva koko achazele abafundi bakhe ‘ngomqondiso wobukho bakhe nowokupheliswa kwenkqubo yezinto.’ (Mat. 24:3) Ngemini elandelayo, ubaxelela oku: “Niyazi ukuba kwiintsuku ezimbini ukususela ngoku kuza kubakho ipasika, yaye uNyana womntu uza kunikelwa ukuba abethelelwe.”—Mat. 26:1, 2.
KungoNisan 14. Emva kokusungula iSikhumbuzo sokufa kwakhe okwakusondela, uYesu uyangcatshwa, abanjwe, kuthethwe ityala lakhe aze abethelelwe. Ngosuku lwesithathu uyavuswa kwabafileyo. Ngaphambi kokunyukela ezulwini, uYesu ovusiweyo ubayalela oku abafundi bakhe: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke.”—Mat. 28:19.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
22:3, 4, 9—Zakhutshwa nini izimemo ezithathu zesidlo somtshato? Esokuqala sokuhlanganiswa kodidi lomtshakazi sakhutshwa xa uYesu nabalandeli bakhe baqalisa ukushumayela ngowama-29 C.E., saza saqhubeka de kwangowama-33 C.E. Isimemo sesibini sasusela kwixesha lokuthululwa komoya oyingcwele ngePentekoste yowama-33 C.E. de kwangowama-36 C.E. Zozibini ezi zimemo zazisiya kumaYuda, kwabo baguqukele ebuYudeni nakumaSamariya. Noko ke, isimemo sesithathu sathunyelwa kubantu abakwiindlela ezingaphandle kwesixeko, oko kukuthi, abantu beeNtlanga abangalukanga, ukususela ngowama-36 C.E. xa kwaguquka igosa lomkhosi elingumRoma uKorneli de kwangumhla wethu.
23:15—Kwakutheni ukuze umngeni okanye iguquka labaFarisi ‘libe sisisulu seGehena ngokuphindwe kabini kunabo’? Kusenokwenzeka ukuba abanye abaguqukela kubuFarisi babengaboni abaqaqadekileyo ngaphambili. Noko ke, ngokuguqukela kubaFarisi ababebax’ izinto, imeko yabo yaya isiba mbi kakhulu, mhlawumbi bada bangaphezulu kunabafundisi babo abonakeleyo. Ngenxa yoko, baba ‘zizisulu zeGehena’ ngokuphindwe kabini kunabaFarisi abangamaYuda.
27:3-5—Yintoni eyamenza umvandedwa uYudas? Ayikho into ebonisa ukuba umvandedwa kaYudas wawubangelwa kukuguquka kwakhe ngokunyanisekileyo. Kunokuba acele uxolo kuThixo, waya kuvuma isono sakhe kubabingeleli abaziintloko namadoda amakhulu. Njengoko wayenze ‘isono esisingisa ekufeni,’ uYudas wayefanele ukuzisola nokuphelelwa lithemba. (1 Yoh. 5:16) Umvandedwa awayenawo wawubangelwa yiloo meko ilusizi wayekuyo.
Oko Sikufundayo:
21:28-31. Ekuphela kwento ayifunayo uYehova kukuba senze ukuthanda kwakhe. Ngokomzekelo, sifanele sibe nesabelo ngokupheleleyo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi.—Mat. 24:14; 28:19, 20.
22:37-39. Imiyalelo emibini emikhulu ikushwankathela kakuhle gqitha oko kufunwa nguThixo kwabo bamnqulayo.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ngaba uwenza ngenzondelelo umsebenzi wokuvuna?
[Inkcazelo]
© 2003 BiblePlaces.com
[Umfanekiso okwiphepha 31]
UMateyu ubalaselisa umxholo woBukumkani