Vumela Amazwi KaYesu Atshintshe Isimo Sakho Sengqondo
“Lowo uThixo wamthumayo uthetha amazwi kaThixo.”—YOH. 3:34.
1, 2. Anokufaniswa nantoni amazwi kaYesu akwiNtshumayelo yaseNtabeni, ibe kutheni sinokuthi asekelwe ‘kumazwi kaThixo’?
EYONA dayimani inkulu namhlanje ebizwa ngokuba yiStar of Africa iziicarat ezingama-530. Ibubuncwane bokwenene! Noko ke, obona buncwane bokomoya bukwiNtshumayelo kaYesu yaseNtabeni. Akumangalisi oko, kuba uYehova unguMthombo wawo onke amazwi awathethwa nguKristu! Ibhekisela kuYesu iBhayibhile ithi: “Lowo uThixo wamthumayo uthetha amazwi kaThixo.”—Yoh. 3:34-36.
2 Nangona kusenokwenzeka ukuba iNtshumayelo yaseNtabeni yathatha ithuba elingaphantsi kwesiqingatha seyure, inezicatshulwa ezingama-21 ezivela kwiincwadi ezisibhozo zeZibhalo zesiHebhere. Ngoko isekelwe ngokuqinileyo ‘kumazwi kaThixo.’ Ngoku makhe sibone indlela esinokuwasebenzisa ngayo la mazwi maninzi axabisekileyo akwintshumayelo ebalaseleyo yoNyana kaThixo othandekayo.
‘Xolelana Nomzalwana Wakho Kuqala’
3. Emva kokulumkisa abafundi bakhe ngeengozi zokuba nengqumbo, uYesu wanikela siphi isiluleko?
3 NjengamaKristu, sinoyolo noxolo kuba sinomoya oyingcwele kaThixo, ibe isiqhamo sawo siquka uvuyo noxolo. (Gal. 5:22, 23) UYesu wayefuna abafundi bakhe bahlale beseluxolweni yaye bonwabile, ngoko wabalumkisa ngeengozi zokuqhubeka benengqumbo nezinokukhokelela ekufeni. (Funda uMateyu 5:21, 22.) Emva koko wathi: “Ukuba, ngoko, uzisa isipho sakho esibingelelweni, uthi ulapho ukhumbule ukuba umzalwana wakho unento ngakuwe, sishiye isipho sakho apho phambi kwesibingelelo, uze uhambe uye kuxolelana nomzalwana wakho kuqala, wandule ke, wakubuya, unikele isipho sakho.”—Mat. 5:23, 24.
4, 5. (a) Sasiyintoni “isipho” awabhekisela kuso uYesu kumazwi akhe akuMateyu 5:23, 24? (b) Kubaluleke kangakanani ukuxolelana nomzalwana omonileyo?
4 “Isipho” awayethetha ngaso uYesu nguwo nawuphi na umnikelo owawusenziwa kwitempile yaseYerusalem. Ngokomzekelo, amadini ezilwanyana ayebalulekile kuba ngelo xesha ayeyinxalenye yonqulo olunikelwa kuYehova ngabantu bakhe. Noko ke, wabethelela enye ingongoma ebaluleke nangakumbi—ukuxolelana nomzalwana omonileyo ngaphambi kokunikela isipho kuThixo.
5 Ngoko, yintoni esinokuyifunda kula mazwi kaYesu? Ngokuqinisekileyo sifunda ukuba indlela esiqhubana ngayo nabanye iluchaphazela ngokuthe ngqo ulwalamano lwethu noYehova. (1 Yoh. 4:20) Eneneni, iminikelo eyayisenziwa kuThixo mandulo yayisiba lilize xa isenziwa ngumntu obaphatha kakubi abanye.—Funda uMika 6:6-8.
Eyona Nto Ibalulekileyo Kukuthobeka
6, 7. Kutheni sifanele sithobeke ukuba sifuna ukuphinda sibe seluxolweni nabazalwana bethu esibonileyo?
6 Ukuxolelana nabazalwana esibonileyo kusenokuvavanya ukuthobeka kwethu. Abantu abathobekileyo abaxambulisani nabazalwana noodadewabo ngelokuzama ukulwela amalungelo abo. Loo nto ibiya kubangela ukuba imeko ibe maxongo—kanye njengokuba kwakunjalo phakathi kwamaKristu eKorinte yamandulo. Xa wayethetha ngaloo meko, umpostile uPawulos wavelisa le ngongoma ibalulekileyo: “Kuthetha ukoyiswa kwenu ngokupheleleyo ukuba nimangalelane. Kutheni kunoko ningaziyekeli nenziwe ububi? Kutheni kunoko ningaziyekeli niqhathwe?”—1 Kor. 6:7.
7 UYesu wayengathi sifanele siye kumzalwana wethu ukuya kumbonisa ukuba thina asinatyala nguye onengxaki. Eyona njongo yethu ifanele ibe kukubuyisela uxolo. Ukuze sixolelane, sifanele siyikhuphe ngokunyaniseka imbilini yethu. Enye into esifanele siyiqonde kukuba umntu esixolelana naye ukhathazekile. Ukuba kone thina, ngokuqinisekileyo kuya kufuneka sizithobe sicele uxolo.
‘Ukuba Iliso Lakho Lasekunene Liyakukhubekisa’
8. Chaza ngokufutshane amazwi kaYesu akuMateyu 5:29, 30.
8 KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wanikela isiluleko esihle ngokuziphatha. Wayesazi ukuba amalungu emizimba yethu engafezekanga anokuba nempembelelo eyingozi kuthi. Ngenxa yoko uYesu wathi: “Ukuba, ke, iliso lakho lasekunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kude. Kuba kuyingenelo ngakumbi kuwe ukuba ulahlekelwe lilungu lakho elinye kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe eGehena. Ukuba isandla sakho sasekunene siyakukhubekisa, sinqumle usilahle kude. Kuba kuyingenelo ngakumbi kuwe ukuba ulahlekelwe lilungu lakho elinye kunokuba umzimba wakho uphela uphelele eGehena.”—Mat. 5:29, 30.
9. ‘Amehlo’ okanye ‘izandla’ zethu ‘zinokusikhubekisa’ njani?
9 “Iliso” athetha ngalo uYesu limela ukukwazi kwethu ukunikela ingqalelo kwinto ethile, yaye sona “isandla” sibhekisela koko sikwenza ngezandla zethu. Ukuba asilumkanga la malungu omzimba ‘anokusikhubekisa’ aze asiyekise ‘ukuhamba noThixo.’ (Gen. 5:22; 6:9) Ngoko xa silingelwa ukuba singamthobeli uYehova, sifanele sithabathe amanyathelo angqongqo, ngokungathi kunjalo sinyothula iliso okanye sinqumla isandla.
10, 11. Yintoni enokusinceda siphephe ukuziphatha kakubi ngokwesini?
10 Sinokuwathintela njani amehlo ethu ekunikeleni ingqalelo kwizinto ezingcolileyo? Indoda eyoyika uThixo uYobhi, yathi: “Ndenze umnqophiso namehlo am. Ngoko ndinokuzibonakalisa njani ndinikela ingqalelo entombini enyulu?” (Yobhi 31:1) UYobhi wayetshatile yaye wayezimisele ekubeni angaze aphule imithetho kaThixo yokuziphatha. Nathi sifuna ukuzijonga ngolo hlobo izinto enoba sitshatile okanye asitshatanga. Ukuze singaziphathi kakubi ngokwesini, kufuneka sikhokelwe ngumoya oyingcwele kaThixo, onceda abo bathanda uThixo ukuba bazeyise.—Gal. 5:22-25.
11 Ukuze siphephe ukuziphatha kakubi ngokwesini, sifanele sizibuze, ‘Ngaba ndivumela amehlo am andenze ndibawele ukujonga izinto ezingcolileyo ezifumaneka lula ezincwadini, kumabonwakude okanye kwi-Internet?’ Kanti sifanele sikhumbule la mazwi omfundi uYakobi: “Ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe. Wandule ke umnqweno, xa uthe wakhawula, uzale isono; isono, xa sithe safezwa, sivelisa ukufa.” (Yak. 1:14, 15) Enyanisweni, ukuba umntu ozahlulele kuThixo ‘uqhubeka ekhangela’ umntu wesini esahlukileyo ngenjongo yokuziphatha kakubi kunye naye, kufuneka akhawuleze akuyeke oko ngokungathi unyothula iliso aze alilahle kude.—Funda uMateyu 5:27, 28.
12. Sisiphi isiluleko sikaPawulos esinokusinceda silwe neminqweno yokuziphatha kakubi?
12 Ngenxa yokuba ukungazisebenzisi kakuhle izandla zethu kunokuphumela ekuyaphuleni ngokunzulu imilinganiselo kaYehova yokuziphatha, sifanele siqiniseke ukuba sihlala sicocekile ngokuziphatha. Ngenxa yoko, sifanele sithobele esi siluleko sikaPawulos: “Bhubhisani . . . amalungu enu omzimba asemhlabeni, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisayo, nokubawa, okulunqulo-zithixo.” (Kol. 3:5) Igama elithi “bhubhisani” libethelela amanyathelo angqongqo esifanele siwathabathe ukuze silwe neminqweno yenyama yokuziphatha kakubi.
13, 14. Kutheni kubalulekile ukuphepha iingcinga nezenzo ezingcolileyo?
13 Ukuze umntu aqhubeke ephila, kusenokufuneka akulungele ukunqunyulwa ilungu lomzimba. ‘Ukulahla kude’ ngendlela efuziselayo iliso nesandla kubalulekile ukuze siphephe iingcinga nezenzo ezingcolileyo ezinokusenza singathandwa nguYehova. Ukuhlala sicocekile engqondweni, ngokuziphatha nangokomoya kuphela kwendlela yokubaleka intshabalalo engunaphakade efuziselwa yiGehena.
14 Ngenxa yokuba sazuza ilifa isono nokungafezeki, kufuneka senze umgudu ukuze sihlale sicocekile ngokuziphatha. UPawulos wathi: “Ndiyawuqoba umzimba wam ndize ndiwuphathe njengekhoboka, ukuze, emva kokuba ndishumayele kwabanye, mna ngokwam ndingabi ngongakholekanga ngandlel’ ithile.” (1 Kor. 9:27) Ngoko ke masizimisele ukusebenzisa isiluleko sikaYesu sokuziphatha, singaze senze izinto ngendlela ebonisa ukungabi nambulelo ngedini lakhe lentlawulelo.—Mat. 20:28; Heb. 6:4-6.
“Ziqheliseni Ukupha”
15, 16. (a) UYesu wasimisela njani umzekelo wokupha? (b) Athetha ukuthini amazwi kaYesu akuLuka 6:38?
15 Amazwi kaYesu nomzekelo wakhe obalaseleyo ukhuthaza ukupha. Wabonisa ukuba nesisa ngendlela ebalaseleyo ngokuza emhlabeni ukuze kungenelwe abantu abangafezekanga. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 8:9.) Ngokuzithandela uYesu wancama uzuko lwasezulwini ukuze abe ngumntu aze anikele ubomi bakhe ngenxa yabantu abanesono, abanye kubo ababeza kufumana ubutyebi ezulwini njengeendlalifa zoBukumkani kunye naye. (Roma 8:16, 17) Ngokuqinisekileyo uYesu wayekhuthaza ukuba nesisa xa wathi:
16 “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha. Baya kugalela kumasondo eengubo zenu umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlukuhliweyo nophuphumayo. Kuba ngomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.” (Luka 6:38) ‘Ukugalela esondweni’ kubhekisela kwisithethe sabathengisi abathile sokuzalisa imiphetho yeengubo zabathengi, ibotshwe ngebhanti ize ibe sisingxobo sokufaka izinto. Ukuba nesisa kwethu kunokubangela ukuba nabanye abantu babe nesisa kuthi, ingakumbi xa siswele.—INtshu. 11:2.
17. UYehova wasimisela njani umzekelo wokupha, yaye luhlobo olunjani lokupha olunokusizisela uvuyo?
17 UYehova uyabathanda yaye uyabavuza abo bapha ngokuchwayitileyo. Wasibekela umzekelo obalaseleyo, ngokusithumelela uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo “ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yoh. 3:16) UPawulos wathi: “Lowo uhlwayela ngokuyintabalala uya kuvuna intabalala. Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” (2 Kor. 9:6, 7) Ukunikela ngexesha, amandla nangezinto zethu eziphathekayo ukuze sixhase unqulo lokwenyaniso ngokuqinisekileyo kuya kusizisela uvuyo nomvuzo omkhulu.—Funda IMizekeliso 19:17; noLuka 16:9.
“Musa Ukuvuthela Ixilongo Phambi Kwakho”
18. Kuxa sisenza ntoni apho ‘singasayi kuba namvuzo’ kuBawo wethu wasezulwini?
18 “Lumkani ukuba ubulungisa benu ningabenzi phambi kwabantu ukuze nibonwe ngabo; kungenjalo aniyi kuba namvuzo kuYihlo osemazulwini.” (Mat. 6:1) Xa wayethetha ‘ngobulungisa,’ uYesu wayebhekisela kwindlela yokwenza izinto evisisana nokuthanda kukaThixo. Wayengathethi ukuba izenzo ezikholisa uThixo azimele zenziwe phambi kwabantu, kuba wayethe kubafundi bakhe ‘ukhanyiselo lwabo malukhanye phambi kwabantu.’ (Mat. 5:14-16) Kodwa ‘asisayi kuba namvuzo’ kuBawo wasezulwini ukuba senza izinto ‘ukuze sibonwe’ size sinconywe, njengabadlali abaseqongeni. Ukuba sinezo njongo, asiyi kuba nolwalamano olusondeleyo noThixo okanye sifumane iintsikelelo ezingunaphakade zolawulo loBukumkani.
19, 20. (a) Wayethetha ukuthini uYesu xa wathetha ‘ngokuvuthela ixilongo’ xa sisenza “izipho zenceba”? (b) Kuthetha ntoni ukungavumeli ukuba isandla sasekhohlo sazi okwenziwa sisandla sasekunene?
19 Ukuba sinesimo sengqondo esifanelekileyo, siya kuthobela esi siluleko sikaYesu: “Ngoko ke xa usenza izipho zenceba, musa ukuvuthela ixilongo phambi kwakho, kanye njengoko besenza abahanahanisi kwizindlu zesikhungu nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu. Inene ndithi kuni, Sebewufumene ngokupheleleyo umvuzo wabo.” (Mat. 6:2) “Izipho zenceba” zaziyiminikelo yokuxhasa abasweleyo. (Funda uIsaya 58:6, 7.) UYesu nabapostile bakhe babenengxowa-mali yokunceda amahlwempu. (Yoh. 12:5-8; 13:29) Ekubeni kwakungaqali kuvuthelwe amaxilongo ngaphambi kokuba kuncedwe amahlwempu, kuyabonakala ukuba uYesu wasebenzisa isibaxo xa wathi asimele ‘sivuthele ixilongo’ ngaphambi kokuba senze “izipho zenceba.” Asimele sihambe sixelela abantu xa sisenza ezo zipho, njengabaFarisi abangamaYuda. UYesu wathi bangabahanahanisi ngenxa yokuba babebhengeza “kwizindlu zesikhungu nasezitratweni” iminikelo yabo yokunceda. Abo bahanahanisi ‘babewufumana ngokupheleleyo umvuzo wabo.’ Ukunconywa ngabantu mhlawumbi nokuhlala ngaphambili ecaleni koorabhi ababalulekileyo kwindlu yesikhungu kuphela komvuzo ababeza kuwufumana, kuba uYehova wayengazi kubanika nto. (Mat. 23:6) Noko ke, yintoni eyayifanele yenziwe ngabafundi bakaKristu? UYesu wabaxelela—waza wasixelela nathi:
20 “Kodwa wena, xa usenza izipho zenceba, masingakwazi isandla sakho sasekhohlo okwenziwa sisandla sakho sasekunene, ukuze izipho zakho zenceba zibe semfihlekweni; yaye uYihlo okhangela emfihlekweni uya kukubuyekeza.” (Mat. 6:3, 4) Ngokuqhelekileyo izandla zethu sizisebenzisa zozibini. Ngenxa yoko, ukungavumeli ukuba isandla sakho sasekhohlo sazi oko kwenziwa sisandla sasekunene kuthetha ukungahambi sichazela abantu ngezipho esizenzayo, singachazeli nkqu nabo basondele kuthi ngendlela isandla sasekhohlo esisondele ngayo kwisandla sasekunene.
21. Iquka ntoni imbuyekezo evela kulowo ‘ukhangela emfihlekweni’?
21 Ukuba asiqhayisi ngokupha abanye, ‘izipho zethu zenceba,’ ziya kuba semfihlekweni. Emva koko uBawo wethu “okhangela emfihlekweni,” uya kusibuyekeza. Ekubeni ehlala ezulwini yaye engenakubonwa ngabantu, uBawo wethu wasezulwini ‘usemfihlekweni’ ebantwini. (Yoh. 1:18) Imbuyekezo evela kulowo ‘ukhangela emfihlekweni’ iquka ukuvumela kukaYehova ukuba sibe nolwalamano olusenyongweni kunye naye, ukuxolela kwakhe izono zethu nokusinika ubomi obungunaphakade. (IMize. 3:32; Yoh. 17:3; Efe. 1:7) Oko kubaluleke gqitha kunokuzukiswa ngabanye abantu!
Amazwi Esifanele Siwaxabise
22, 23. Kutheni simele siwaxabise amazwi kaYesu?
22 Ngokuqinisekileyo iNtshumayelo yaseNtabeni inentaphane yobutyebi bokomoya obuneenkalo ezahlukahlukeneyo ezithandekayo. Ngokungathandabuzekiyo inamazwi axabisekileyo anokusenza sonwabe nakweli hlabathi lizaliswe ziinkathazo. Siya konwaba ngokwenene ukuba siyawaxabisa amazwi kaYesu size siwavumele abe negalelo kwisimo sethu sengqondo nakwindlela esiphila ngayo.
23 Wonk’ umntu ‘ova’ aze ‘enze’ okwafundiswa nguYesu uya kusikelelwa. (Funda uMateyu 7:24, 25.) Ngoko ke, masizimisele ukuthobela isiluleko sikaYesu. Uninzi lwezinto awazithethayo kwiNtshumayelo yaseNtabeni luza kuxutyushwa kwinqaku lokugqibela kolu ngcelele.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kutheni kubalulekile ukuxolelana nomzalwana wakho omonileyo?
• Sinokukuphepha njani ukukhutyekiswa ‘liliso lethu lasekunene’?
• Sisiphi isimo sengqondo esifanele sibe naso ngokupha?
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Kuyinto entle ‘ukuxolelana’ nomzalwana wakho omonileyo!
[Imifanekiso ekwiphepha 12, 13]
UYehova uyabasikelela abo bapha bechwayitile