Isahluko 35
Eyona Ntshumayelo Idumileyo Yakha Yanikelwa
ESI siganeko sesona sikhumbulekayo kwimbali yeBhayibhile: UYesu wayehleli ethambekeni, enikela iNtshumayelo yakhe edumileyo yaseNtabeni. Le ndawo ingakuLwandle lwaseGalili, mhlawumbi kufuphi naseKapernahum. Emva kokuchitha ubusuku bonke ethandaza, uYesu usandula nje ukukhetha abafundi bakhe abali-12 ukuba babe ngabapostile. Emva koko, ekunye nabo bonke, uyehla aze kule ndawo ithe tyaba entabeni.
Ngoku, usenokucinga ukuba, uYesu usenokuba udinwe gqitha yaye ufuna ukulala. Kodwa kufike inkungu nelanga yabantu, bambi basuka kude kummandla wakwaYuda naseYerusalem, i-97 ukuya kwi-113 leekhilomitha ukusuka apho. Abanye basuka kunxweme lolwandle lwaseTire naseTsidon olungentla. Bazele ukuza kuphulaphula uYesu nokuphiliswa kwizigulo zabo. Kukwakho nabantu abakhathazwa ziidemon, izithunywa ezingendawo zikaSathana.
Njengoko uYesu esihla, abantu abagulayo batyhudisela kufuphi ukuza kumchukumisa, yaye uyabaphilisa bonke. Emva koko, kubonakala ukuba uYesu unyukela kwindawo ephakamileyo esentabeni. Apho uhlala phantsi aze aqalise ukufundisa izihlwele ezihleli phambi kwakhe kuloo ndawo ithe tyaba. Khawucinge ngoku! Ngoku akukho namnye umntu kubo bonke abaphulaphuli obandezeleke kakhulu kukugula okuthile!
Abantu balangazelela ukuva lo mfundisi okwaziyo ukwenza le mimangaliso ikhwankqisayo. Noko ke, uYesu unikela intshumayelo yakhe ikakhulu ukuze kungenelwe abafundi bakhe, ekunokwenzeka ukuba bahlanganisene kufuphi naye. Kodwa ukuze nathi singenelwe koku, bobabini uMateyu noLuka bagcina ingxelo yayo.
Ingxelo kaMateyu ngale ntshumayelo inde ngokuphindwe kane kunekaLuka. Ngaphezu koko, inxalenye yoko akubhalayo uMateyu, uLuka ukunikela njengokwathethwa nguYesu ngelinye ithuba ebudeni bobulungiseleli bakhe, njengoko kunokuphawulwa ngokuthelekisa uMateyu 6:9-13 noLuka 11:1-4, uMateyu 6:25-34 noLuka 12:22-31. Ukanti oku akumele kusothuse. Ngokucacileyo uYesu wafundisa izinto ezifanayo ngaphezu kwesihlandlo esinye, yaye uLuka wakhetha ukubhala ezinye zezi mfundiso ngolunye uhlobo.
Okwenza intshumayelo kaYesu ixabiseke kakhulu asibobunzulu bezinto zokomoya eziquletheyo nje kuphela kodwa bubulula nokucaca awathi wanikela ngabo ezi nyaniso. Watsalela kumava aqhelekileyo waza wasebenzisa izinto ababeziqhelile abantu, ngaloo ndlela esenza ukuba iingcamango zakhe ziqondwe ngokulula ngabo bonke abafuna ubomi obulunge ngakumbi kwindlela kaThixo.
Ngoobani Abanoyolo Ngokwenene?
Wonk’ ubani ufuna ukonwaba. Ekuqonda oku, uYesu uqalisa iNtshumayelo yakhe yaseNtabeni ngokuchaza abo banoyolo ngenene. Njengoko sinokuthelekelela, oku kuyithimba ngokukhawuleza ingqalelo yabaphulaphuli bakhe abazizihlwele. Ukanti amazwi akhe okuqala amele abonakale ephikisana kwabaninzi.
Ebhekisela amagqabaza akhe kubafundi bakhe, uYesu uqalisa ngokuthi: “Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo. Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka. Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya . . . Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini.”
Le yingxelo kaLuka yentshayelelo yentshumayelo kaYesu. Kodwa ngokwengxelo kaMateyu, uYesu ukwathi abanobulali, abanenceba, abahlambulukileyo entliziyweni, nabaxolisi banoyolo. UYesu uchaza ukuba, aba banoyolo, kuba bona baya kuwudla ilifa umhlaba, baya kwenzelwa inceba, baya kumbona uThixo, ibe baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona.
Phofu ke, oko kuthethwa nguYesu ngokuba noyolo, asikuko nje ukuba ngochwayitileyo okanye ukuba ngonemincili, njengaxa ubani eziyolisa. Uyolo lokwenene lunzulu ngakumbi, lunengcamango yokwaneliseka, imvakalelo yolwaneliseko nokuziva unento oyiphumezayo ebomini.
Ngoko uYesu ubonisa ukuba, abo banoyolo ngokwenene, ngabantu abayiqondayo intswelo yabo yokomoya, abenziwa buhlungu yimeko yabo yesono, nabathi bamazi uThixo baze bamkhonze. Ngoko, nokuba bayathiywa okanye bayatshutshiswa ngokwenza ukuthanda kukaThixo, banoyolo kuba bayazi ukuba bakholisa uThixo yaye baya kufumana umvuzo wakhe wobomi obungunaphakade.
Noko ke, uninzi lwabaphulaphuli bakaYesu, kanye njengabantu abathile namhlanje, lukholelwa ekubeni ukuba ngophumelelayo nonandipha iziyolo koko kwenza umntu onwabe. UYesu wazi okwahlukileyo koko. Echaza umahluko omele wothuse uninzi lwabaphulaphuli bakhe, uthi:
“Yeha, nina zityebi! ngokuba niyifincile intuthuzelo yenu. Yeha, nina nihluthiyo! ngokuba niya kulamba. Yeha nina nihlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile. Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.”
Uthetha ukuthini uYesu? Kutheni ukuba nobutyebi, ukusukela iziyolo ngokuchulumanca nokunandipha ukunconywa ngabantu kusizisa uyeha? Kungenxa yokuba xa umntu enazo ibe ezixabisa ezi zinto, wandula ke ukukhonza uThixo, okuphela kwento ezisa uyolo lokwenyaniso, akutyeshele ebomini bakhe. Kwangaxeshanye, uYesu wayengathi ukuba lihlwempu nje, ukulamba, nokukhedama kwenza umntu onwabe. Phofu ke, ngokufuthi, abantu abazintsizana ngolo hlobo basenokusabela kwiimfundiso zikaYesu, baze ngaloo ndlela basikelelwe ngolonwabo lokwenyaniso.
Kwakhona, ebhekisa kubafundi bakhe, uYesu uthi: “Niyityuwa yehlabathi nina.” Kambe ke, akathethi ukuba, bayityuwa yokoqobo. Kunoko, ityuwa sisinqandi-kubola. Imfumba yayo yayibekwa kufutshane nesibingelelo kwitempile kaYehova, yaye ababingeleli ababingelelayo apho babeyisebenzisa ekuyigaleleni kwiminikelo.
Abafundi bakaYesu ‘bayityuwa yehlabathi’ kuba banempembelelo elondolozayo ebantwini. Eneneni, isigidimi abasithweleyo siya kulondoloza ubomi babo bonke abo basabela kuso! Kubomi babantu abanjalo siya kubangela uphawu lokunyamezela, ukunyaniseka nokuthembeka, sithintela nakuphi na ukonakala ngokomoya nangokokuziphatha kubo.
“Nina nilukhanyiselo lwehlabathi,” uYesu uxelela abafundi bakhe oko. Isibane asibekwa phantsi kwesitya kodwa sibekwa esiphathweni saso, ngoko uYesu uthi kubo: “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu.” Abafundi bakaYesu oku bakwenza ngokunikela ubungqina ekuhleni, kwanangokukhonza njengemizekelo eqaqambileyo yokuziphatha okuvisisana nemigaqo yeBhayibhile.
Umlinganiselo Ophakamileyo Kubalandeli Bakhe
Iinkokeli zonqulo zimgqala uYesu njengomaphuli woMthetho kaThixo yaye kutshanje bezisenza neyelenqe lokumbulala. Ngoko njengokuba uYesu eqhubeka neNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, ucacisa ngelithi: “Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa.”
UYesu uwuxabise gqitha uMthetho kaThixo yaye ukhuthaza abanye ukuba nabo babe njalo. Enyanisweni, uthi: “Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu,” nto leyo ethetha ukuba umntu onjalo wayengayi kungena konke konke eBukumkanini.
Kunokuba angawuxabisi uMthetho kaThixo, uYesu ugweba kwanesimo sengqondo esifak’ isandla ekuwaphuleni. Emva kokuphawula ukuba uMthetho uthi, “Uze ungabulali,” uYesu walek’ umsundulo esithi: “Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo.”
Ekubeni ukuqhubeka usiqumbele isinxulumani kunzulu kangako, mhlawumbi kude kukhokelele nasekubulaleni, uYesu ubonisa umlinganiselo ekufanele ubani awufikelele ukuze afumane uxolo. Uyalela ngolu hlobo: “Ngoko xa sukuba uwusondeza umnikelo [olidini] wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe, wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho.”
Ephethulel’ ingqalelo kowesixhenxe kwiMithetho Elishumi, uYesu uhlabela mgama esithi: “Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi.” Noko ke, uYesu ugxeka kwanesimo sengqondo esizingisileyo ngokubhekisele kukrexezo. “Ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe.”
Apha uYesu akathethi ngengcingane yokuziphatha okubi edlulayo kodwa uthetha ‘ngokusoloko ukhangele.’ Ukuhlala ukhangele okunjalo kuvusa inkanuko, enokuthi, ukuba ithuba liyavela, iphumele kukrexezo. Umntu unokukuthintela njani oku ukuba kungenzeki? UYesu ubonisa indlela esenokuba yimfuneko ngayo imilinganiselo eqatha, esithi: “Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe . . . Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe.”
Ngokufuthi abantu bayakuvuma ukuncama ilungu lokoqobo elinesifo ukuze basindise ubomi babo. Kodwa ngokutsho kukaYesu, kude kwabaluleka ngakumbi ‘ukulahlela kude’ nayiphi na into, kwanento exabiseke njengeliso okanye isandla, ukuze uphephe ukucinga nezenzo zokuziphatha okubi. UYesu ucacisa ukuba, kungenjalo abantu abanjalo baya kulahlelwa eGehena (imfumba yenkunkuma eyayisitsha ngaseYerusalem), nto leyo efuzisela ukutshatyalaliswa okungunaphakade.
UYesu ukwaxubusha ngendlela yokuqhubana nabantu abenzakalisayo nabacaphukisayo. Ululeka ngelithi, “Maningasunduzani nokungendawo; yithi osukuba ekutywakraza esidleleni sakho sokunene, umguqulele nesinye eso.” UYesu akathethi ukuba umntu akafanele azikhusele yena okanye intsapho yakhe ukuba uyahlaselwa. Oku kutywakraza akwenzelwa kwenzakalisa ngokwasemzimbeni kodwa, kunoko, kusisithuko. Ngoko, okuthethwa nguYesu kukuba ukuba nabani na uzama ukuxhokonxa umlo okanye impikiswano, enoba kungokutywakraza ngempama ngokoqobo okanye ngokuthetha amazwi ahlambelayo, bekuya kuba yinto ephosakeleyo ukuziphindezela.
Emva kokutsalel’ ingqalelo kumthetho kaThixo wokuthanda ummelwane kabani, uYesu uthi: “Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, . . . nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise.” Enikela isizathu esinamandla sokwenza oko, walek’ umsundulo esithi: “ [Ngaloo ndlela] nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo.”
UYesu uqukumbela le nxalenye yentshumayelo yakhe ngokuyalela ngelithi: “Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.” UYesu akathethi ukuba abantu banokufezeka ngengqiqo epheleleyo. Kunoko, ngokuxelisa uThixo, banokwandisa uthando lwabo ukuba luquke kwaneentshaba zabo. Ingxelo efanayo kaLuka ibhala amazwi kaYesu ngolu hlobo: “Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.”
Umthandazo Nokukholosa NgoThixo
Njengokuba uYesu eqhubeka nentshumayelo yakhe, uyakugxeka ukuhanahanisa kwabantu ababonakalisa ukuhlonela kwabo uThixo ngokunyhwalaza. Uthi: “Xa sukuba uliza abantu, ungahlokomisi xilongo phambi kwakho, njengoko benza ngako abahanahanisi.”
UYesu uhlabela mgama esithi: “Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu.” Kunoko, uyalela oku: “Xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni.” UYesu ngokwakhe wayethandaza ekuhleni, ngoko akakugxeki ukuthandaza ekuhleni. Akugxekayo kukuthandaza okwenzelwa ukuze kuchukunyiswe abaphulaphuli nokwenza ukuba bakuncome.
Ngokungakumbi uYesu ululeka ngokuthi: “Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga.” UYesu akathethi kuthi ukuphindaphinda kona ngokwakho kuphosakele. Ngasihlandlo sithile, naye ngokwakhe ngokuphindaphindiweyo wasebenzisa “amazwi afanayo” xa wayethandaza. Kodwa athi akwamkelekanga kukuthetha amabinzana acengcelezwayo ‘ngokuphindaphindiweyo,’ njengabo badlalisa ngeminwe njengokuba bephindaphinda imithandazo yabo egcinwe entloko.
Ukuze ancede abaphulaphuli bakhe bathandaze, uYesu unikela umthandazo ongumzekelo oquka izibongozo ezisixhenxe. Ezokuqala ezithathu ngokufanelekileyo zibonisa ukugqalwa kolongamo lukaThixo neenjongo zakhe. Sisicelo sokuba lingcwaliswe igama likaThixo, bufike uBukumkani bakhe nesokuba kwenziwe ukuthanda kwakhe. Ezine zokugqibela zizicelo zobuqu, ezizezi, ukucela isonka semihla ngemihla, ukucela ukuxolelwa kwezono, ukungalingwa kukabani ngaphezu kwanokukuthwala nokuhlangulwa kongendawo.
Ehlabela mgama, uYesu uthetha ngomgibe wokugxininisa ngokungafanelekanga kwizinto eziphathekayo. Ubongoza athi: “Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe.” Asikukuba ubutyebi obunjalo buyatshabalala nje kuphela kodwa abakhi nto inokuzuzisa kuThixo.
Ngenxa yoko, uYesu uthi: “Ziqwebeleni ubutyebi emazulwini.” Oku kwenziwa ngokubeka inkonzo kaThixo tanci ebomini bakho. Akukho bani unokubuhlutha ubutyebi obufunjwe ngaloo ndlela kuThixo okanye umvuzo wabo ozukileyo. Ngoko uYesu walek’ umsundulo ngokuthi: “Apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.”
Ethetha ngokubhekele phaya ngomgibe wezinto eziphathekayo, uYesu unikela lo mzekeliso: “Isibane somzimba liliso; xa sukuba iliso lakho ngoko lingenakumbi, umzimba wakho uphela wokhanyiseleka. Kodwa xa sukuba iliso lakho likhohlakele [alilunganga, TE], umzimba wakho uphela woba bubumnyama.” Iliso elisebenza kakuhle emzimbeni lifana nesibane esikhanyisiweyo kwindawo emnyama. Kodwa ukuze libone ngokuchanileyo, iliso limele lingabi nakumbi, oko kukuthi, limele lijoliswe kwinto enye. Iliso elilaqazayo likhokelela ekuqikeleleni izinto ngempazamo, ekubekeni usukelo lwezinto eziphathekayo ngaphambi kwenkonzo kaThixo, nto leyo ephumela ekubeni ‘umzimba uphela’ ube bubumnyama.
UYesu uqukumbela lo mbandela ngalo mzekeliso unamandla: “Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le ayithande leya, athi mhlawumbi abambelele kule ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.”
Emva kokunikela esi siluleko, uYesu uqinisekisa abaphulaphuli bakhe ukuba akuyomfuneko ukuba babe nexhala ngeemfuno zabo zezinto eziphathekayo ukuba babeka inkonzo kaThixo tanci. Uthi: “Yondelani ezintakeni zasezulwini; ngokuba azihlwayeli, azivuni, azibutheli koovimba; ukanti ke uYihlo osemazulwini uyazondla.” Wandula ke abuze oku: “Nina anizidlule kakhulu na?”
Ngokulandelayo, uYesu walatha kwiinyibiba zasendle aze aphawule ukuba “noSolomon kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye kuzo ezi.” Uyaqhubeka esithi, “Ukuba ke ingca leyo yasendle, . . . wenjenjalo uThixo ukuyambathisa, akayi kunambathisa kakhulu ngakumbi na, bantundini balukholo luncinane?” Ngoko uYesu uqukumbela ngokuthi: “Musani ukuxhala ngoko, nisithi, Sodla ntoni na, sosela ntoni na, siyakwambatha ntoni na? . . . kuba uYihlo wasemazulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyafuneka kuni. Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.”
Indlela Esa Ebomini
Indlela esa ebomini yileyo yokuhlala kwiimfundiso zikaYesu. Kodwa ukwenza oku akulula. Ngokomzekelo, abaFarisi batyekele ekugwebeni abanye ngokungqwabalala, yaye kunokwenzeka ukuba abaninzi bayabaxelisa. Ngoko njengokuba uYesu eqhubeka neNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, unikela esi siluleko: “Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa. Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani.”
Kuyingozi ukulandela ukhokelo lwabaFarisi abagxeka ngokugqithiseleyo. Ngokwengxelo kaLuka, uYesu ucacisa le ngozi ngokuthi: “Ingakhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kuthi na zombini zeyele emhadini?”
Ukubagxeka gqitha abanye, ukubaxa iimpazamo zabo nokuzihlalutya, kusisono esinzulu. Ngoko uYesu uyabuza esithi: “Ungathini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nango umqadi kwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ke ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.”
Oku akuthethi ukuba abafundi bakaYesu kufuneka bangasebenzisi bulumko ngokunxibelelene nabanye abantu, kuba uthi: “Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile zenu phambi kweehagu.” Iinyaniso eziphuma kwiLizwi likaThixo zingcwele. Zifana neeperile zokomfuziselo. Kodwa ukuba abanye abantu, abanjengezinja okanye iihagu, ababonakalisi luxabiso ngezi nyaniso zixabisekileyo, abafundi bakaYesu bafanele babashiye abo bantu baze bafune abaneendlebe ezivayo.
Nangona uYesu ebekhe wawuxubusha umthandazo ngaphambilana kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, ngoku ubethelela imfuneko yokuzingisa kuwo. “Qhubekani nicela,” aze abongoze “niya kunikwa.” (NW) Ukuze acacise ukukulungela kukaThixo ukuphendula imithandazo, uYesu ubuza oku: “Nguwuphi na umntu kuni ongathi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye? . . . Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo?”
Ngokulandelayo uYesu unikela oko kuye kwaziwa njengomgaqo odumileyo wokuziphatha, ngokuqhelekileyo kwaziwa njengoMthetho Omkhulu. Uthi: “Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo.” Ukuphila ngalo mgaqo kubandakanya inyathelo elingqalileyo ekwenzeleni abanye okulungileyo, ukubaphatha ngendlela obungathanda ukuphathwa ngayo nawe.
Isibakala sokuba indlela esa ebomini ayilula sityhilwa ngulo myalelo kaYesu: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.”
Ingozi yokulahlekiswa inkulu, ngoko uYesu ulumkisa ngelithi: “Balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo.” UYesu uthi kwanjengokuba imithi elungileyo nemibi inokuqondwa ngeziqhamo zayo, abaprofeti bobuxoki banokuqondwa ngehambo nangeemfundiso zabo.
Ehlabela mgama, uYesu ucacisa ukuba asikuko nje oko umntu akuthethayo okumenza abe ngumfundi Wakhe kodwa koko akwenzayo. Abanye abantu bathi uYesu uyiNkosi yabo, kodwa ukuba abakwenzi ukuthanda kukaYise, uthi: “[Ndobaxelela], ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.”
Ekugqibeleni, uYesu unikela isiphelo esikhumbulekayo sentshumayelo yakhe. Uthi: “Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni.”
Kwelinye icala, uYesu uvakalisa oku: “Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yabetha kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ke isiwo sayo.”
Xa uYesu eyiqoshelisa intshumayelo yakhe, izihlwele ziyakhwankqisiwa yindlela afundisa ngayo, kuba uzifundisa njengomntu onegunya engazifundisi njengeenkokeli zazo zonqulo. Luka 6:12-23; Mateyu 5:1-12; Luka 6:24-26; Mateyu 5:13-48; 6:1-34; 26:36-45; 7:1-29; Luka 6:27-49.
▪ Uyinikela phi uYesu eyona ntshumayelo yakhe ikhumbulekayo, ngoobani abakhoyo, yaye yintoni eyenzekayo ngaphambi nje kokuyinikela kwakhe?
▪ Kutheni kungamangalisi nje ukuba uLuka abe ubhale iimfundiso ezithile zentshumayelo ngolunye uhlobo?
▪ Yintoni eyenza ukuba intshumayelo kaYesu ixabiseke kangaka?
▪ Ngoobani abanoyolo ngenene, yaye kutheni?
▪ Ngoobani abafumana uyeha, yaye kutheni?
▪ Abafundi bakaYesu ‘bayityuwa yomhlaba’ ‘kwanesikhanyiselo sehlabathi’ njani?
▪ UYesu wakubonakalisa njani ukuwuxabisa gqitha kwakhe uMthetho kaThixo?
▪ Nguwuphi umyalelo uYesu awunikelayo ukuze ashenxise oonobangela bokubulala nabokukrexeza?
▪ Usingisele entwenini uYesu xa ethetha ngokuguqulela esinye isidlele?
▪ Sinokuba ngabafezekileyo njani njengokuba uThixo efezekile?
▪ Yiyiphi imiyalelo engomthandazo uYesu ayinikelayo?
▪ Kutheni le nto ubutyebi basemazulwini bubalasele, yaye bunokufunyanwa njani?
▪ Yiyiphi imizekelo enikelweyo ukunceda ubani aphephe ukuthanda izinto eziphathekayo?
▪ Kutheni ukuze uYesu athi akukho mfuneko yakuxhalaba?
▪ Uthini uYesu ngokugweba abanye; ukanti ukubonisa njani ukuba abafundi bakhe kufuneka basebenzise ubulumko ebantwini?
▪ Uthini uYesu ngokungakumbi mayela nomthandazo, yaye nguwuphi umgaqo wokuziphatha awunikelayo?
▪ UYesu ubonisa njani ukuba indlela esa ebomini yayingayi kuba lula yaye kukho ingozi yokulahlekiswa?
▪ UYesu uyiqukumbela njani intshumayelo yakhe, yaye iba nawuphi umphumo?