Funa UThixo Ngentliziyo Nangengqondo Yakho
UbuKristu bokwenyaniso bukhuthaza ukusebenzisa intliziyo nengqondo ekwakheni ukholo olumkholisayo uThixo.
ENYANISWENI, umseki wobuKristu, uYesu Kristu, wafundisa ukuba simele simthande uThixo ‘ngengqondo yethu iphela,’ ukongezelela ‘kwintliziyo yethu iphela’ ‘nakumphefumlo uphela.’ (Mateyu 22:37) Ewe, ingqondo yethu imele ibe nendima eyintloko kunqulo lwethu.
Xa emema abaphulaphuli bakhe ukuba bacinge ngemfundiso yakhe, ngokufuthi uYesu wayesithi: “Nithini nina?” (Mateyu 17:25; 18:12; 21:28; 22:42) Ngokufanayo, umpostile uPetros wabhalela amanye amakholwa ukuze ‘avuselele amandla awo okucinga angcwengekileyo.’ (2 Petros 3:1) Oyena mvangeli wasemazweni wokuqala owakhe wahambahamba, umpostile uPawulos, wabongoza amaKristu ukuba asebenzise “amandla engqiqo” aze ‘akungqine ngokwawo ukulunga nokwamkeleka nokungqibelela kokuthanda kukaThixo.’ (Roma 12:1, 2) Kuphela kungaloo ndlela ecokisekileyo nenenyameko kwiinkolo zawo anokuthi amaKristu akhe ukholo olwamkelekayo kuThixo nolunokuwanceda aphumelele kwiimvavanyo zobomi.—Hebhere 11:1, 6.
Ukuze bancede abanye bakhe ukholo olunjalo, abavangeli abangamaKristu okuqala ‘babeqiqa nabo ngeZibhalo, becacisa yaye bengqina ngeembekiselo’ izinto ezifundiswayo. (IZenzo 17:1-3) Ukuzenza ngokusengqiqweni ngolo hlobo izinto kwabangela ukuba abantliziyo zinyanisekileyo basabele kakuhle. Ngokomzekelo, abaninzi kwisixeko saseMakedoniya eBhereya “balamkela ilizwi [likaThixo] ngeyona ntumekelelo inkulu yengqondo, bezincina ngenyameko iZibhalo mihla le mayela nokuba zinjalo kusini na ezo zinto [ezicaciswe nguPawulos namaqabane akhe].” (IZenzo 17:11) Zimbini izinto ezimele ziqwalaselwe apha. Okokuqala, abantu baseBhereya babenentumekelelo yokuphulaphula iLizwi likaThixo; okwesibini, abazange basuke nje bakwamkele njengokuchanileyo oko babekuvile, kodwa bahlola iZibhalo. Umvangeli ongumKristu uLuka, ngokuthobeka wabancoma abantu baseBhereya ngenxa yoku, esithi “babechubekile.” Ngaba nawe uchubeke ngolo hlobo kwizinto zokomoya?
Ingqondo Nentliziyo Ziyasebenzisana
Njengoko kukhankanyiwe ngaphambilana, unqulo lokwenyaniso luquka ingqondo nentliziyo. (Marko 12:30) Cinga ngomzekelo okwinqaku elandulelayo lomntu opeyintayo ongazange asebenzise imibala efunekayo xa wayepeyinta indlu. Ukuba wayeyiphulaphule ngenyameko imiyalelo yomqeshi wakhe, umsebenzi wakhe ngewayewenze ngentliziyo nangomphefumlo wakhe uphela yaye wayeza kuqiniseka ukuba umsebenzi wakhe ubuza kumkholisa umqeshi wakhe. Kuyafana ke nangonqulo lwethu.
UYesu wathi: “Abanquli bokwenyaniso baya kumnqula uBawo ngomoya nenyaniso.” (Yohane 4:23) Ngenxa yoko, umpostile uPawulos wabhala: “Kungenxa yoko le nto nathi . . . singayekanga ukunithandazela nokunicelela ukuba nizaliswe ngolwazi oluchanileyo lokuthanda kwakhe kubulumko bonke nokuqiqa kokomoya, ukuze nihambe ngokumfaneleyo uYehova nize nimkholise ngokupheleleyo.” (Kolose 1:9, 10) ‘Ulwazi oluchanileyo’ olunjalo lunceda abantu abanyanisekileyo banqule ngentliziyo nangomphefumlo uphela beqinisekile ukuba ‘banqula abakwaziyo.’—Yohane 4:22.
Ngenxa yezi zizathu, amaNgqina kaYehova akazibhaptizi iintsana okanye abantu abasandul’ ukuba nomdla abangakhange bazifundisise ngenyameko iZibhalo. UYesu wathuma abafundi bakhe esithi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Abafundi beBhayibhile abanyanisekileyo benza isigqibo ngokuphathelele unqulo emva kokuba benolwazi oluchanileyo ngokuthanda kukaThixo. Ngaba uzabalazela ukufumana ulwazi oluchane ngolo hlobo?
Ukuqonda Umthandazo WeNkosi
Ukuze sibone umahluko phakathi kolwazi oluchanileyo lweBhayibhile nokuba nolwazi olulinganiselweyo ngoko ikuthethayo, makhe siqwalasele oko ngokuqhelekileyo kwaziwa njengoBawo Wethu Osemazulwini, okanye uMthandazo weNkosi, obhalwe kuMateyu 6:9-13.
Izigidi zicengceleza umthandazo kaYesu ongumzekelo rhoqo ecaweni. Kodwa bangaphi abaye bafundiswa ngentsingiselo yawo, ingakumbi inxalenye yokuqala yalo mthandazo ethetha ngegama likaThixo noBukumkani bakhe? Le mibandela ibaluleke kakhulu kangangokuba uYesu waqala ngayo kulo mthandazo.
Uqalisa ngolu hlobo: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho,” okuthetha ukuhlonela, okanye ukwenza ngcwele. Phawula ukuba uYesu wathi masithandazele ukuba igama likaThixo lingcwaliswe. Kubantu abaninzi, oku kuphakamisa imibuzo emibini. Okokuqala, lingubani igama likaThixo? Okwesibini, kutheni lifanele lingcwaliswe?
Impendulo kumbuzo wokuqala inokufumaneka kwiindawo ezingaphezu kwezingama-7 000 eBhayibhileni kwiilwimi eyabhalwa ngazo ntlandlolo. Enye ikwiNdumiso 83:18: “Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, Nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” Ngokuphathelele igama likaThixo, uYehova, iEksodus 3:15 ithi: “Lilo elo igama lam kuse kwixesha elingenammiselo, yaye sisikhumbuzo sam eso kwizizukulwana ngezizukulwana.”a Kodwa kutheni igama likaThixo, elinentsingiselo yokusulungeka nobungcwele, lifanele lingcwaliswe? Kuba liye lagculelwa laza lanyeliswa kwasekuqaleni kwembali yoluntu.
E-Eden, uThixo waxelela uAdam noEva ukuba, ukuba baye batya isiqhamo esalelweyo, baya kufa. (Genesis 2:17) Ngokuqaqadeka uSathana wamphikisa uThixo, esithi kuEva: “Ngokuqinisekileyo anisayi kufa.” Ngenxa yoko, uSathana watyhola uThixo esithi uyaxoka. Kanti, akazange aphelele apho. Waphinda waligculela igama likaThixo, exelela uEva ukuba uThixo wayembandeza ulwazi oluxabisekileyo ngokungafanelekanga. “Kuba uThixo uyazi ukuba mhla nithe nadla [kumthi wokwazi okulungileyo nokubi] aya kuvuleka amehlo enu nize nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” Enjani yona intlebendwane!—Genesis 3:4, 5.
Ngokuthabatha isiqhamo esalelweyo, uAdam noEva bama ngakwicala likaSathana. Ukususela ngoko inkoliso yoluntu, isazi okanye ingazi, iye yongezelela kolo gculelo lokuqala ngokugatya imilinganiselo kaThixo yobulungisa. (1 Yohane 5:19) Abantu basamnyelisa uThixo ngokumbek’ ityala ngokubandezeleka kwabo—nangona oko kusenokubangelwa ziindlela zabo ezimbi. “Ubuyatha bomntu butshabalalisa ubomi bakhe, aze ke yena aqumbele iNkosi,” itsho IMizekeliso 19:3. (The New English Bible) Ngaba uyasibona isizathu sokuba uYesu, owayemthanda ngokwenyaniso uYise, athandazele ukuba igama Lakhe lingcwaliswe?
“Mabufike Ubukumkani Bakho”
Emva kokuthandazela ukuba igama likaThixo lingcwaliswe, uYesu wathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:10) Ngokuphathelele le ngxelo, sisenokubuza sithi: ‘Buyintoni uBukumkani bukaThixo? Yaye ukufika kwabo kunayiphi indima ekwenziweni kokuthanda kukaThixo emhlabeni?’
EBhayibhileni, igama elithi “ubukumkani” ngokuyintloko lithetha “ulawulo lwekumkani.” Ngoko ke, kusengqiqweni ukuthi, uBukumkani bukaThixo bubhekisela kulawulo, okanye kurhulumente kaThixo, ngokumkani amkhethileyo. Lo Kumkani nguYesu Kristu ovusiweyo—“uKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi.” (ISityhilelo 19:16; Daniyeli 7:13, 14) Ngokuphathelele uBukumkani bukaThixo obungoMesiya obusezandleni zikaYesu Kristu, umprofeti uDaniyeli wabhala: “Ngemihla yabo kumkani [oorhulumente babantu abalawula ngoku] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo,” oko kukuthi, ngonaphakade.—Daniyeli 2:44.
Ewe, uBukumkani bukaThixo buya kulawula ngokupheleleyo emhlabeni, buphelise bonke ubungendawo buze bulawule “ukusa kwixesha elingenammiselo,” oko kukuthi, ngonaphakade. Ngaloo ndlela, uYehova usebenzisa uBukumkani bakhe ukungcwalisa igama lakhe, esusa ugculelo lobuxoki lukaSathana nabantu abangendawo.—Hezekile 36:23.
Njengabo bonke oorhulumente, uBukumkani bukaThixo bunabalawulwa. Bangoobani? IBhayibhile iyaphendula: “Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:11) Ngokufanayo, uYesu wathi; “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” Kakade ke, aba banolwazi oluchanileyo ngoThixo, nto leyo efunekayo ukuze bafumane ubomi.—Mateyu 5:5; Yohane 17:3.
Ngaba unokuba nomfanekiso-ngqondweni waxa umhlaba uzaliswe ngabantu abalulamileyo nabanobulali abamthanda ngokwenyaniso uThixo nabathandanayo? (1 Yohane 4:7, 8) UYesu wakuthandazela oko xa wathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” Ngaba uyasazi isizathu sokuba uYesu afundise abalandeli bakhe ukuba bathandaze ngaloo ndlela? Okona kubaluleke nangakumbi, ngaba uyayibona indlela okunokusichaphazela ngayo thina ngabanye ukuzaliseka kwaloo mthandazo?
Ngoku Izigidi Ziqiqa NgeZibhalo
UYesu waxela kwangaphambili ngephulo lasemhlabeni lemfundiso yokomoya eya kubhengeza uBukumkani bukaThixo obuzayo. Wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela [kwehlabathi okanye inkqubo ekhoyo].”—Mateyu 24:14.
Ehlabathini lonke amaNgqina kaYehova azizigidi ezithandathu abelana ngeendaba ezilungileyo nabamelwane bawo. Ayakumema ukuba ufunde okungakumbi ngoThixo nangoBukumkani bakhe ‘ngokuzincina ngenyameko iZibhalo,’ usebenzisa izizathu ezibambekayo. Xa usenjenjalo uya komeleza ukholo lwakho uze ube nemihlali ngenxa yethemba lobomi eparadesi esemhlabeni, eya “kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.”—Isaya 11:6-9.
[Umbhalo osemazantsi]
a Abanye abaphengululi bakhetha inguqulelo ethi “Yahweh” kunegama elithi “Yehova.” Noko ke, inkoliso yabaguquleli beBhayibhile bezi mini iye yalisusa igama likaThixo kwiinguqulelo zayo enoba lalibhalwe ngayiphi indlela, yaza yabeka izibizo eziqhelekileyo ezithi “Nkosi” okanye “Thixo.” Ukuze ufumane ingxubusho enzulu ngegama likaThixo, nceda ubone incwadana enemifanekiso ethi Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 8]
XELISA UMFUNDISI OMKHULU
Ngokufuthi uYesu wayefundisa ngokunikela ingqalelo kwimibandela ethile yeBhayibhile. Ngokomzekelo, emva kokuvuswa kwakhe wacacisela abafundi bakhe ababini ababedidekile kukufa kwakhe ngendima yakhe kwinjongo kaThixo. ULuka 24:27 uthi: “Eqalela kuMoses nakubaProfeti bonke wabatolikela izinto eziphathelele yena kuzo zonke iZibhalo.”
Phawula ukuba uYesu wakhetha umxholo othile—“yena,” uMesiya—yaye wacaphula “kuzo zonke iZibhalo” kwingxubusho yakhe. Lilonke, uYesu wayedibanisa iindinyana ezihlobeneyo zeBhayibhile njengepuzzle, nto leyo eyenza abafundi bakhe bayiqonda ngokucacileyo inyaniso yokomoya. (2 Timoti 1:13) Ngenxa yoko, babengakhanyiselwanga nje kuphela, kodwa babechukumiseke kakhulu. Le ngxelo iyasixelela: “Bathi omnye komnye: ‘Bezingavuthi na iintliziyo zethu njengoko ebethetha nathi endleleni, njengoko ebesivulela ngokupheleleyo iZibhalo?’”—Luka 24:32.
AmaNgqina kaYehova enza unako-nako ukuxelisa iindlela zikaYesu kubulungiseleli bawo. Iincwadi ngokuyintloko azisebenzisayo ukufundisisa yincwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? nencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Ezi zixubusha imibandela yeBhayibhile emininzi ebangela umdla, njengethi: “Ngubani UThixo?,” “Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?,” “Unokulufumana Njani Unqulo Lokwenyaniso?,” “Le Yimihla Yokugqibela!,” nothi “Ukwakha Intsapho Ebeka UThixo.” Sifundo ngasinye siqulethe izibhalo eziliqela.
Wamkelekile ukuqhagamshelana namaNgqina kaYehova kwindawo ohlala kuyo okanye ubhalele kwidilesi ekwiphepha 2 leli phephancwadi ukuze ufumane isifundo seBhayibhile sasekhaya ngesisa sale mixholo neminye.
[Umfanekiso]
Fikelela intliziyo yesifundo sakho ngokunikela ingqalelo kwimibandela ethile yeBhayibhile
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Ngaba uyayazi intsingiselo yomthandazo kaYesu ongumzekelo?
“Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. . . . ”
“Mabufike ubukumkani bakho [obungoMesiya]. . . ”
“Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini”