ISAHLUKO SESIHLANU
“Bonke Ubuncwane Bobulumko”
1-3. Yintoni eyenzekayo ngethuba lokunikela kukaYesu intshumayelo ngentwasahlobo yowama-31 C.E., yaye kutheni babethe khamnqa nje abo babephulaphule?
KWAKUNGENTWASAHLOBO yowama-31 C.E. UYesu Kristu wayengaseKapernahum, isixeko esiphithizelayo kumntla-ntshona woLwandle lwaseGalili. Waya kwintaba ekufuphi nalapho, waza eyedwa wathandaza ubusuku bonke. Ngentsasa elandelayo wabiza abafundi bakhe, waza phakathi kwabo wakhetha abali-12, wababiza ngokuba ngabapostile. Kwangaxeshanye, kwakukho isihlwele esikhulu sabantu abalinde uYesu emazantsi entaba, bambi bevela kwiindawo ezikude. Babenomdla wokumva ethetha, yaye benqwenela ukuphiliswa kwizigulo zabo. UYesu akazange abadanise.—Luka 6:12-19.
2 Wasondela kweso sihlwele waza wabaphilisa bonke abagulayo. Akuba egqibile ukubaphilisa bonke, wahlala phantsi wabafundisa.a Amazwi akhe amele ukuba abamangalisa abo babephulaphule. Kaloku, abazange beve nabani na efundisa ngaloo ndlela. Akazange azikhankanye nokuzikhankanya izithethe okanye amazwi oorabhi abadumileyo bamaYuda. Kunoko, wacaphula ngokuphindaphindiweyo eZibhalweni ezingcwele zesiHebhere. Isigidimi sakhe sasingqalile, silula, yaye sicacile. Ekusiqukumbeleni kwakhe isigidimi sakhe, wasishiya eso sihlwele sithe khamnqa. Ibe ke phofu sasifanele. Kaloku sasiphulaphule oyena mntu usisilumko wakha waphila!—Mateyu 7:28, 29.
3 Le ntshumayelo, kunye nezinye izinto ezininzi uYesu awazithethayo nawazenzayo, zibhalwe eLizwini likaThixo. Sifanele sikufundisise oko kuthethwa yiloo ngxelo iphefumlelweyo ngoYesu, kuba bukuye “bonke ubuncwane bobulumko.” (Kolose 2:3) Wabufumana phi ubulumko obungako—ubuchule bokusebenzisa ulwazi nokuqonda? Wabubonisa njani ubulumko, yaye sinokuwuxelisa njani umzekelo wakhe?
“Lo Mntu Ubufumene Phi Na Obu Bulumko?”
4. Nguwuphi umbuzo abawubuzayo abo babephulaphule uYesu eNazarete, yaye ngoba?
4 Ebudeni bokuhamba kwakhe eshumayela, uYesu watyelela eNazarete, idolophu awakhulela kuyo, waza waya kufundisa endlwini yesikhungu. Abaninzi kwabo babephulaphule bamangaliswa bathi: “Lo mntu ubufumene phi na obu bulumko?” Babeyazi intsapho yakowabo—abazali bakhe nabantakwabo—yaye babesazi nokuba wayesuka kwintsapho ehlwempuzekileyo. (Mateyu 13:54-56; Marko 6:1-3) Kwakhona, ngokungathandabuzekiyo babesazi ukuba lo mchweli ocikoza kangaka wayengayanga nakwesiphi na sezikolo ezidumileyo zoorabhi. (Yohane 7:15) Ngoko umbuzo wabo wawubonakala usengqiqweni.
5. UYesu wachaza ukuba ubulumko bakhe babuvela kuwuphi umthombo?
5 Ubulumko bukaYesu babungabangelwa nje kukuba wayenengqondo egqibeleleyo. Ngesinye isihlandlo, xa wayefundisa esidlangalaleni etempileni, uYesu wachaza ukuba ubulumko bakhe babuvela kumthombo ophakame kakhulu. Wathi: “Oko ndikufundisayo asikokwam, kodwa kokwalowo wandithumayo.” (Yohane 7:16) Ewe, uBawo owathumela uNyana, nguye owayengumthombo wokwenene wobulumko bukaYesu. (Yohane 12:49) Kodwa uYesu wabufumana njani ubulumko kuYehova?
6, 7. UYesu wabuzuza ngaziphi iindlela ubulumko kuYise?
6 Intliziyo nengqondo kaYesu zazizaliswe ngumoya oyingcwele kaYehova. Ngokuphathelele uYesu onguMesiya othenjisiweyo, uIsaya wachaza kwangaphambili wathi: “Umoya kaYehova umele uhlale phezu [kwakhe], umoya wobulumko nowokuqonda, umoya wecebo nowamandla, umoya wokwazi nowokoyika uYehova.” (Isaya 11:2) Ekubeni umoya kaYehova wawuhleli phezu kwakhe yaye usalathisa iingcinga zakhe nezigqibo azenzayo, ngaba iyamangalisa into yokuba uYesu abe nobulumko obugqithiseleyo?
7 UYesu wafumana ubulumko kuYise nangenye indlela ebalaseleyo. Njengoko sibonile kwiSahluko 2, ngaphambi kokuphila kwakhe njengomntu, uYesu wachitha iminyaka emininzi gqitha engenisa ingcamango zikaYise engqondweni yakhe. Asinako nokubuthelekelela ubunzulu bobulumko awabuzuzayo uNyana ngoxa wayekunye noYise, ‘engumsebénzi onobuchule’ kaThixo ekudaleni zonke izinto eziphilayo nezingaphiliyo. Ngoko siyaqondakala isizathu sokuba uNyana achazwe njengobulumko obumntwisiweyo ngaphambi kokuphila kwakhe njengomntu. (IMizekeliso 8:22-31; Kolose 1:15, 16) Ebudeni bobulungiseleli bakhe, uYesu wasebenzisa ubulumko awayebuzuze ngethuba wayekunye noYise ezulwini.b (Yohane 8:26, 28, 38) Ngoko asifanele simangaliswe bubunzulu bobulumko nolwazi lukaYesu olwalubonakala emazwini akhe nakwizigqibo awazenzayo.
8. Njengabalandeli bakaYesu, sinokubuzuza njani ubulumko?
8 Njengabalandeli bakaYesu, nathi sifanele sikhangele kuYehova njengomthombo wobulumko. (IMizekeliso 2:6) Kambe ke, uYehova akasiniki ubulumko ngokungummangaliso. Kodwa uyayiphendula imithandazo yethu enyanisekileyo yokucela ubulumko ukuze sikwazi ukuhlangabezana neengxaki esijamelana nazo ebomini. (Yakobi 1:5) Ukuze sizuze obo bulumko sifanele senze umgudu omkhulu. Sifanele siqhubeke sibufuna “njengobuncwane obufihliweyo.” (IMizekeliso 2:1-6) Sifanele siqhubeke sisemba nzulu eLizwini likaThixo, apho butyhilwe khona ubulumko bakhe, size siphile ngokuvisisana noko sikufundayo. Umzekelo woNyana kaYehova ubaluleke gqitha ekusincedeni sizuze ubulumko. Makhe sihlolisise iinkalo eziliqela uYesu awabonisa kuzo ubulumko, size sifunde indlela esinokumxelisa ngayo.
Amazwi Obulumko
9. Yintoni eyenza ukuba iimfundiso zikaYesu zibe zezobulumko?
9 Abantu babethontelana ukuya kuYesu ukuze nje bamve ethetha. (Marko 6:31-34; Luka 5:1-3) Yaye akumangalisi oko, kuba xa uYesu evula umlomo, kwakuphuma amazwi obulumko obungathethekiyo! Iimfundiso zakhe zazibonisa ulwazi olunzulu ngeLizwi likaThixo nobulumko obugqithiseleyo bokucombulula iingxaki. Iimfundiso zakhe zinomtsalane kubantu bonke abasemhlabeni yaye aziphelelwa lixesha. Phawula imizekelo embalwa yobulumko bamazwi kaYesu, lowo wayechazwe kwangaphambili ‘njengoMcebisi Omangalisayo.’—Isaya 9:6.
10. Ziziphi iimpawu ezintle uYesu asibongoza ukuba sizihlakulele, yaye ngoba?
10 INtshumayelo yaseNtabeni ekuthethwe ngayo ekuqaleni, iyeyona nxalenye inkulu yeemfundiso zikaYesu ezadluliselwa njengoko zinjalo, kungakhange kufakelwe amazwi ombhali okanye abanye abantu. Kule ntshumayelo uYesu akasicebisi nje ukuba sihlakulele amazwi nehambo efanelekileyo. Isiluleko sakhe sinzulu ngakumbi kunoko. Njengoko esazi kakuhle ukuba iingcinga neemvakalelo zilawula amazwi nezenzo, uYesu usibongoza ukuba sihlakulele iimpawu ezintle, njengobulali, ubulungisa, inceba, uxolo nothando. (Mateyu 5:5-9, 43-48) Njengoko sihlakulela ezo mpawu entliziyweni yethu, oko kuya kuphumela kwintetho eyakhayo nakwihambo ekholisa uYehova nekhuthaza ulwalamano oluhle nabanye abantu.—Mateyu 5:16.
11. Xa eluleka ngehambo yesono, uYesu uwukhankanya njani owona mthombo wayo?
11 Xa eluleka ngehambo yesono, uYesu ukhankanya kanye owona mthombo wayo. Akapheleli nje ngokuthi masiphephe ugonyamelo. Kunoko usilumkisa ukuba singafukami ingqumbo entliziyweni yethu. (Mateyu 5:21, 22; 1 Yohane 3:15) Akapheleli nje ngokwalela ukukrexeza. Kunoko ulumkisa ngenkanuko eqala entliziyweni ize ikhokelele kwisenzo esinjalo. Usibongoza ukuba singavumeli amehlo ethu avuselele inkanuko enjalo. (Mateyu 5:27-30) UYesu unikel’ ingqalelo, kungekhona nje kwingxaki ngokwayo, kodwa kunobangela wayo. Ukhankanya isimo sengqondo neminqweno ekhokelela kwisono.—INdumiso 7:14.
12. Abalandeli bakaYesu basigqala njani isiluleko sakhe, yaye ngoba?
12 Hayi indlela anobulumko ngayo amazwi kaYesu! Ayimangalisi into yokuba “zathi khamnqa izihlwele yindlela yakhe yokufundisa.” (Mateyu 7:28) Njengabalandeli bakhe, sisigqala isiluleko sakhe sobulumko njengendlela esifanele siphile ngayo. Sizabalazela ukuhlakulela iimpawu ezintle athethe ngazo—eziquka inceba, uxolo nothando—sisazi ukuba ngaloo ndlela siya kumkholisa uThixo. Sizimisele ukususa ezintliziyweni zethu iimvakalelo neminqweno ephosakeleyo awasilumkisa ngayo, njengomsindo neminqweno yokuziphatha okubi, sisazi ukuba ukwenjenjalo kuya kusinceda siphephe ukwenza isono.—Yakobi 1:14, 15.
Ukuphila Ngobulumko
13, 14. Yintoni ebonisa ukuba uYesu wenza isigqibo esifanelekileyo ekukhetheni indlela awayeza kuphila ngayo?
13 UYesu akabonisanga bulumko ngamazwi kuphela kodwa kwanangezenzo. Iyonke nje indlela awayephila ngayo—izigqibo awayezenza, indlela awayezigqala ngayo yena siqu, nendlela awayebaphatha ngayo abanye—yayibonisa ubulumko ngeendlela ezahlukeneyo. Khawukhe uhlolisise imizekelo embalwa ebonisa ukuba uYesu wayesalathiswa ‘bubulumko bobuqili namandla okucinga.’—IMizekeliso 3:21.
14 Ubulumko buquka ukwenza izigqibo ezisengqiqweni. UYesu wenza isigqibo esifanelekileyo ekukhetheni indlela awayeza kuphila ngayo. Ngaba unokubuthelekelela ubomi awayenokubuphila—indlu awayenokuzakhela yona, ishishini awayenokuba nalo, okanye indlela awayenokuduma ngayo ehlabathini? UYesu wayesazi ukuba ukusukela izinto ezinjalo ebomini “kungamampunge nokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 4:4; 5:10) Ikhondo elinjalo libubudenge, kungekhona ubulumko. UYesu wakhetha ukuphila ubomi obulula. Wayengenamdla wokungenisa imali okanye ukuzuza izinto eziphathekayo. (Mateyu 8:20) Ngokuvisisana noko wayekufundisa, waligcina iliso lakhe limiliselwe entweni enye—ukwenza ukuthanda kukaThixo. (Mateyu 6:22) Ngobulumko uYesu wachitha ixesha namandla akhe ekuphumezeni izilangazelelo zoBukumkani, ezibaluleke nezinomvuzo kakhulu kunezinto eziphathekayo. (Mateyu 6:19-21) Ngoko wasimisela umzekelo esinokuwuxelisa.
15. Abalandeli bakaYesu banokubonisa njani ukuba bagcina iliso labo lingenakumbi, yaye kutheni eli ilikhondo lobulumko?
15 Abalandeli bakaYesu namhlanje bayabubona ubulumko bokugcina iliso labo lingenakumbi. Ngoko bayakuphepha ukuzithwalisa uxanduva lwamatyala angeyomfuneko, nokuzixakekisa ngezinto ezingenamsebenzi ezidla ixesha neziqoba amandla. (1 Timoti 6:9, 10) Abaninzi baye babenza lula ubomi babo ukuze bachithe ixesha elingakumbi kubulungiseleli bobuKristu, mhlawumbi bade bakhonze njengabavakalisi boBukumkani bexesha elizeleyo. Alikho elinye ikhondo lobulumko elodlula elo, kuba ukufuna kuqala izilangazelelo zoBukumkani kuzisa ulonwabo nolwaneliseko olukhulu.—Mateyu 6:33.
16, 17. (a) Ziziphi iindlela uYesu awabonisa ngazo ukuba wayethozamile yaye ekuqonda ukulinganiselwa kwakhe? (b) Sinokubonisa njani ukuba sithozamile yaye siyakuqonda ukulinganiselwa kwethu?
16 IBhayibhile inxulumanisa ubulumko nokuthozama, okuquka ukwazi ukulinganiselwa kwethu. (IMizekeliso 11:2) UYesu wayethozamile yaye ekwazi ukulinganiselwa kwakhe. Wayesazi ukuba wayengenakuguqula wonke umntu owayesiva isigidimi sakhe. (Mateyu 10:32-39) Kwakhona wayesazi ukuba wayengenakukwazi ukubafikelela bonke abantu. Ngoko ngobulumko wawuphathisa abalandeli bakhe umsebenzi wokwenza abafundi. (Mateyu 28:18-20) Ngokuthozama wavuma ukuba babeza “kwenza imisebenzi emikhulu” kuneyakhe, kuba babeza kufikelela abantu abaninzi ngakumbi, bagubungele ummandla omkhulu ngakumbi, yaye bashumayele ithuba elide ngakumbi kunaye. (Yohane 14:12) Kwakhona uYesu wayeqonda ukuba wayelufuna uncedo. Walwamkela uncedo lweengelosi ezeza kumlungiselela entlango nolwengelosi eyeza kumomeleza eGetsemane. Xa wayebandezelekile, lo Nyana kaThixo wadanduluka ecela uncedo.—Mateyu 4:11; Luka 22:43; Hebhere 5:7.
17 Nathi sifanele sithozame yaye sikwazi ukulinganiselwa kwethu. Sifanele sizibhokoxe ngomphefumlo uphela ekushumayeleni nasekwenzeni abafundi. (Luka 13:24; Kolose 3:23) Kwangaxeshanye sifanele sikhumbule ukuba uYehova akasithelekisi nabanye, ngoko nathi asifanele senjenjalo. (Galati 6:4) Ubulumko buya kusinceda sizibekele usukelo olusengqiqweni ngokuvisisana namandla kwaneemeko zethu. Kwakhona ubulumko buya kubanceda abo baneembopheleleko baqonde ukuba balinganiselwe yaye bafuna uncedo nokhuthazo maxa wambi. Ukuthozama kuya kubenza baluxabise uncedo, beqonda ukuba uYehova usenokusebenzisa omnye abakholwa naye ukuba ‘abomeleze.’—Kolose 4:11.
18, 19. (a) Yintoni ebonisa ukuba uYesu wayebaphatha ngokusengqiqweni abafundi bakhe? (b) Kutheni sinesizathu esihle sokubaphatha ngokusengqiqweni abanye, yaye sinokukwenza njani oko?
18 ‘Ubulumko obuvela phezulu bunengqiqo,’ utsho njalo uYakobi 3:17. UYesu wabaphatha ngokusengqiqweni nangobubele abafundi bakhe. Wayezazi iziphoso zabo, kodwa wanikel’ ingqalelo kwiimpawu zabo ezintle. (Yohane 1:47) Wayesazi ukuba babeza kumshiya ngobusuku bokubanjwa kwakhe, kodwa akazange akuthandabuze ukunyaniseka kwabo. (Mateyu 26:31-35; Luka 22:28-30) Kangangezihlandlo ezithathu uPetros wakhanyela ukuba uyamazi uYesu. Sekunjalo, uYesu wamthandazela uPetros ebonisa ukuba unentembelo elukholweni lwakhe. (Luka 22:31-34) Ngobusuku bokugqibela bokuphila kwakhe emhlabeni, xa wayethandaza kuYise uYesu akazange anikel’ ingqalelo kwiziphoso zabafundi bakhe. Kunoko, wathetha kakuhle ngehambo yabo ukuya kuthi ga ngobo busuku, esithi: “Baligcinile ilizwi lakho.” (Yohane 17:6) Phezu kwako nje ukungafezeki kwabo, wabaphathisa izilangazelelo zasemhlabeni zoBukumkani bakhe. (Mateyu 25:14, 15; Luka 12:42-44) Ngokungathandabuzekiyo ukubonisa kwakhe intembelo kubo kwabakhuthaza ekwenzeni umsebenzi awayebaphathise wona.
19 Abalandeli bakaYesu banesizathu sokuxelisa umzekelo wakhe kule nkalo. Ukuba uNyana ofezekileyo kaThixo wayenomonde kubafundi bakhe abangafezekanga, ngoko thina bantu banesono sifanele sibaphathe ngokusengqiqweni ngakumbi abanye! (Filipi 4:5) Kunokuba sinikel’ ingqalelo kwiziphoso zabo sikhonza nabo, kuhle ukuba sihlolisise iimpawu zabo ezintle. Kububulumko ukukhumbula ukuba nguYehova obatsalileyo. (Yohane 6:44) Ngoko kumele ukuba kukho iimpawu ezintle azibonayo kubo, yaye nathi simele sinikel’ ingqalelo kuzo. Isimo sengqondo esilolo hlobo siya kusinceda singaneli nje ‘ngokukubetha ngoyaba ukunxaxha’ kwabanye kodwa sihlolisise neenkalo esinokubancoma kuzo. (IMizekeliso 19:11) Xa sibonisa intembelo kubazalwana noodade wethu abangamaKristu, oko kuyabakhuthaza ukuba bazibhokoxe ngakumbi ekukhonzeni uYehova ngovuyo.—1 Tesalonika 5:11.
20. Sifanele senze ntoni ngovimba otyebileyo wobulumko ofumaneka kwiincwadi zeVangeli, yaye ngoba?
20 Ngokwenene ingxelo ekwiincwadi zeVangeli engobomi nobulungiseleli bukaYesu inguvimba otyebileyo wobulumko! Sifanele senze ntoni ngesi sipho sixabiseke kangaka? Ekuqukumbeleni kwakhe iNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wabongoza abo babephulaphule ukuba bangapheleli nje ngokuva amazwi akhe obulumko, kodwa bawenze okanye bawasebenzise. (Mateyu 7:24-27) Ukucinga nokwenza kwethu ngokuvisisana namazwi kunye nezenzo zikaYesu zobulumko kuya kusinceda siphile ubomi obuphucukileyo yaye sihlale endleleni ekhokelela kubomi obungunaphakade. (Mateyu 7:13, 14) Ngokuqinisekileyo alikho ikhondo elilelobulumko ngakumbi kunelo!
a Intetho eyanikelwa nguYesu ngaloo mini yaziwa ngokuba yiNtshumayelo yaseNtabeni. Ibhalwe kuMateyu 5:3–7:27, ineendinyana ezili-107, yaye inokunikelwa ngemizuzu engama-20 kuphela.
b Ngokucacileyo, xa ‘amazulu avulekayo’ ekubhaptizweni kukaYesu, yabuyiselwa kuye inkumbulo yobomi bakhe bangaphambi kokuba abe ngumntu.—Mateyu 3:13-17.