Indawo Awayevela Kuyo UYesu
“[UPilato] wangena kwibhotwe lerhuluneli kwakhona waza wathi kuYesu: ‘Uvela phi na?’ Kodwa uYesu akamnikanga mpendulo.”—YOHANE 19:9.
IRHULUNELI yaseRoma uPontiyo Pilato wabuza loo mbuzo xa kwakuchotshelwe ityala likaYesu ubomi bakhe busesichengeni.a UPilato wayesazi ukuba uYesu uvela kwiyiphi indawo kwaSirayeli. (Luka 23:6, 7) Wayesazi nokuba uYesu wayengafani nabanye abantu abaqhelekileyo. Ngaba uPilato wayezibuza ukuba uYesu wayehlala phi ngaphambi kokuba abe ngumntu? Ngaba lo mlawuli ungumhedeni wayekulungele ukuyamkela inyaniso aze enze ngokuvisisana nayo? Enokuba wayekweyiphi imeko, uYesu akazange amphendule yaye ngokukhawuleza emva koko kwabonakala ukuba uPilato wayexhalabele nje isigxina sakhe kunokufuna inyaniso nokusesikweni.—Mateyu 27:11-26.
Okuvuyisayo kukuba, abantu abakufuna ngokwenene ukwazi ukuba uYesu wayevela phi banokumazi. IBhayibhile iyichaza ngokucacileyo imvelaphi kaYesu Kristu. Khawuqwalasele oku kulandelayo.
▪ Indawo azalelwa kuyo Ubalo maxesha lwale mihla lubonisa ukuba ekuqaleni konyaka obizwa ngokuba ngowe-2 B.C.E., uYesu wazalwa kwindawo ephantsi kwidolophu yakwaYuda iBhetelehem. Umthetho ka-Agasto Kesare wanyanzela umama kaYesu uMariya, xa “wayenzima” nomyeni wakhe, uYosefu, ukuba baye eBhetelehem, eyayiyidolophu yakulo Yosefu. Wayengakwazi ukufumana indawo yokulala kulo dolophu eyayixinene ngabantu, esi sibini kwafuneka sisebenzise isitali, apho azalelwa khona uYesu waza wabekwa emkhumbini.—Luka 2:1-7.
Kwiinkulungwane ngaphambili, isiprofeto seBhayibhile sayixela kwangaphambili indawo awayeza kuzalelwa kuyo uYesu: “Nawe, Bhetelehem Efrata, wena umncinane gqitha ukuba ube phakathi kwamawaka akwaYuda, kuwe ndiya kuphunyelwa ngulowo uza kuba ngumlawuli wakwaSirayeli.”b (Mika 5:2) IBhetelehem yayincinane kakhulu ukuba yayinokubalwa phakathi kwezixeko zakwaYuda. Sekunjalo, le dolophu incinane yayiza kubalasela. UMesiya othenjisiweyo, okanye uKristu, wayeza kuvela eBhetelehem.—Mateyu 2:3-6; Yohane 7:40-42.
▪ Indawo akhulela kuyo Emva kokuhlala ixesha elifutshane eYiputa, intsapho yakuloYesu yafudukela eNazarete, isixeko esikwiphondo laseGalili malunga neekhilomitha ezingama-96 ngentla kweYerusalem. Ngelo xesha, uYesu wayengekagqibi neminyaka emithathu ubudala. UYesu wakhulela kwintsapho enkulu, ekusenokwenzeka ukuba yayingathathi ntweni, kulo mmandla ubukekayo unabalimi, abafuyi nabalobi.—Mateyu 13:55, 56.
Kwiinkulungwane ngaphambili, iBhayibhile yaxela ukuba uMesiya wayeya kuba “ngumNazarete.” Umbhali wevangeli uMateyu uthi intsapho yakulo Yesu yeza kuhlala eNazarete, “ukuze kuzaliseke oko kwakuthethwe ngabaprofeti kwathiwa: ‘Uya kubizwa ngokuba ngumNazarete.’” (Mateyu 2:19-23) Kucacile ukuba uMateyu wayebhekisela kwisiprofeto sikaIsaya esasisithi uMesiya “lisetyana” likaYese, nto leyo ethetha ukuba wayeza kuvela kumlibo kaYese, uyise kaKumkani uDavide.c (Isaya 11:1) Eneneni, uYesu wayeyinzala kaYese ngoDavide.—Mateyu 1:6, 16; Luka 3:23, 31, 32.
▪ Indawo awayevela kuyo IBhayibhile ifundisa ukuba ubomi bukaYesu baqala kude kudala ngaphambi kokuba azalwe esitalini eBhetelehem. Isiprofeto sikaMika ebesicatshulwe ngaphambilana sihlabela mgama sisithi “omvelaphi yakhe isusela kumaxesha angaphambili, ukususela kwimihla yexesha elingenammiselo.” (Mika 5:2) NjengoNyana kaThixo wamazibulo, uYesu wayesisidalwa somoya ezulwini ngaphambi kokuba azalwe engumntu emhlabeni. UYesu ngenkqu wathi: ‘ndehle ezulwini.’ (Yohane 6:38; 8:23) Inokwenzeka njani loo nto?
Esebenzisa umoya wakhe oyingcwele, uYehova uThixo wenza ummangaliso wokufudusela ubomi boNyana wakhe osezulwini kwisibeleko sentombi engumYudakazi uMariya ukuze azalwe njengomntu ofezekileyo.d Loo mmangaliso wawulula kuThixo uSomandla. Njengoko ingelosi eyayichazela uMariya yatshoyo, “uThixo akavakalisi nto ingenakwenzeka.”—Luka 1:30-35, 37.
IBhayibhile ayaneli nje ukusixelela indawo awayevela kuyo uYesu. Iincwadi ezine zeVangeli—uMateyu, uMarko, uLuka noYohane—zisixelela okungakumbi ngendlela awayephila ngayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokubanjwa nokuchotshelwa kwetyala likaYesu, funda inqaku elithi “Elona Tyala Lidumileyo Lakha Lakho” kwiphepha 18-22 lale nkupho.
b IEfrata kuyabonakala ukuba yayiligama eyayikade ibizwa ngalo iBhetelehem.—Genesis 35:19.
c Kubonakala ukuba igama elithi mNazarete liyelelene kwigama lesiHebhere elithi “isetyana.”
d UYehova ligama likaThixo elichazwe eBhayibhileni.