Qhubekani Nisenza Okulungileyo
“Qhubekani . . . nisenza okulungileyo.”—LUKA 6:35.
1, 2. Kutheni kunzima nje ukwenzela abanye okulungileyo?
KUSENOKUBA nzima ukwenzela abanye okulungileyo. Abo sibabonisa uthando basenokungenzi okufanayo. Nakuba sixhalabele impilo-ntle yabantu yokomoya ngokwabelana nabo ‘ngeendaba ezilungileyo ezizukileyo zoThixo onoyolo’ noNyana wakhe, basenokungabi namdla okanye umbulelo. (1 Tim. 1:11) Abanye ‘baziintshaba ezinentiyo zesibonda sentuthumbo sikaKristu.’ (Fil. 3:18) Simele sibaphathe njani ke thina njengamaKristu?
2 UYesu Kristu wabaxelela oku abafundi bakhe: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu yaye nisenza okulungileyo.” (Luka 6:35) Makhe sisihlolisise kakuhle esi siluleko. Siza kuncedwa nazezinye iingongoma awazivelisayo uYesu ngokuphathelele ukwenzela abanye okulungileyo.
‘Thandani Iintshaba Zenu’
3. (a) Ngamazwi akho, shwankathela oko kwathethwa nguYesu kuMateyu 5:43-45. (b) Yiyiphi imbono ephathelele amaYuda nabangengomaYuda eyavelayo phakathi kweenkokeli zonqulo zamaYuda zenkulungwane yokuqala?
3 KwiNtshumayelo yakhe edumileyo yaseNtabeni, uYesu waxelela abo babemphulaphule ukuba bathande iintshaba zabo baze bathandazele abo babatshutshisayo. (Funda uMateyu 5:43-45.) Abantu ababelapho babengamaYuda yaye babewazi umyalelo kaThixo othi: “Uze ungaphindezeli okanye ube nenqala koonyana babantu bakowenu; yaye uze ulithande idlelane lakho njengawe siqu.” (Lev. 19:18) Iinkokeli zonqulo zamaYuda zenkulungwane yokuqala zazicinga ukuba ibinzana elithi “oonyana babantu bakowenu” nelithi “idlelane lakho,” abhekisela kumaYuda kuphela. UMthetho kaMoses wawuyalela ukuba amaSirayeli ahlale ahlukile kwezinye iintlanga kodwa kwavela imbono yokuba bonke abangengomaYuda baziintshaba ezimele zicatshukelwe.
4. Abafundi bakaYesu babefanele baziphathe njani iintshaba zabo?
4 Ngokwahlukileyo koko, uYesu wathi: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.” (Mat. 5:44) Kwakuza kufuneka abafundi bakhe babonise uthando kwabo babebathiyile. Ngokutsho kombhali weVangeli uLuka, uYesu wathi: “Ndithi kuni niphulaphuleyo, Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nisenza okulungileyo kwabo banithiyayo, nisikelela abo baniqalekisayo, nithandazela abo banithukayo.” (Luka 6:27, 28) Kanye njengabantu benkulungwane yokuqala abawathobelayo amazwi kaYesu ‘senza okulungileyo kwabo basithiyayo’ ngokubaphatha ngobubele nangona besithiyile. ‘Siyabasikelela abo basiqalekisayo’ ngokuthetha nabo ngobubele. Yaye ‘siyabathandazela abo basitshutshisa’ ngokusibetha okanye basithuke ngezinye iindlela. Ezo zikhungo zothando zezokucelela ukuba abo batshutshisi batshintshe iintliziyo baze benze ngokuvisisana nokuthanda kukaYehova.
5, 6. Kutheni sifanele sizithande iintshaba zethu?
5 Kutheni sifanele sizithande nje iintshaba zethu? UYesu wathi: “Ukuze nizingqine ningoonyana boYihlo osemazulwini.” (Mat. 5:45) Ukuba siyasithobela eso siluleko, siba “ngoonyana” bakaThixo kuba sixelisa uYehova, ‘owenza ilanga lakhe liphume kubantu abangendawo nabalungileyo nemvula eyinisa kubantu abangamalungisa nabangengomalungisa.’ Ngokutsho kukaLuka, uThixo “unobubele kwabo bangenambulelo nabangendawo.”—Luka 6:35.
6 Ebethelela ukubaluleka kokuba abafundi bakhe ‘baqhubeke bethanda iintshaba zabo,’ uYesu wathi: “Ukuba nithanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Abenzi kwaloo nto na nabaqokeleli berhafu? Yaye ukuba nibulisa abazalwana benu kuphela, yintoni na into engaqhelekanga eniyenzayo? Abenzi kwaloo nto na nabantu beentlanga?” (Mat. 5:46, 47) Ukuba besiya kuthanda kuphela abo basithandayo, besingayi kufumana “mvuzo” okanye inkoliseko kaThixo. Kwanababuthi berhafu, ababengathandwa ngabantu, babebathanda abo babathandayo.—Luka 5:30; 7:34.
7. Kutheni besingayi kuba senza into engaqhelekanga xa sibulisa ‘abazalwana’ bethu kuphela?
7 Umbuliso oqhelekileyo wesiYuda wawuquka igama elithi ‘uxolo.’ (ABagwe. 19:20; Yoh. 20:19) Eli gama lalisetyenziswa ukumnqwenelela impilo-ntle nempumelelo loo mntu ubuliswayo. Besingayi kuba senza “into engaqhelekanga” ukuba besiza kubulisa abo sibagqala ‘njengabazalwana’ bethu. Njengokuba uYesu watshoyo, “abantu beentlanga” babesenza kwaloo nto.
8. UYesu wabakhuthaza ukuba benze ntoni abaphulaphuli bakhe xa wathi: ‘Nimele nigqibelele’?
8 Ngenxa yesono abasizuze ilifa, abafundi bakaKristu babeneziphako, bengafezekanga. (Roma 5:12) Sekunjalo, uYesu wayiqukumbela ngala mazwi intetho yakhe: “Ngako oko nimele nigqibelele, njengoko uYihlo osemazulwini egqibelele.” (Mat. 5:48) Ngaloo ndlela wayekhuthaza ababemphulaphule ukuba baxelise ‘uYise osezulwini,’ uYehova, ngokwenza uthando lwabo lugqibelele, ngokuthanda iintshaba zabo. Kulindeleke okufanayo nakuthi.
Kutheni Simele Sixolele?
9. Athetha ukuthini amazwi athi: “Sixolele amatyala ethu”?
9 Siqhubeka sisenza okulungileyo xa sibaxolela ngesisa abo basonayo. Enyanisweni, kumthandazo kaYesu ongumzekelo kukho amazwi athi: “Sixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.” (Mat. 6:12) Kambe ke, oku akubhekiseli kumatyala emali. IVangeli kaLuka ibonisa ukuba “amatyala” awayethetha ngawo uYesu zizono, kuba ithi: “Sixolele izono zethu, kuba nathi siyabaxolela bonke abanamatyala kuthi.”—Luka 11:4.
10. Sinokumxelisa njani uThixo kumba wokuxolela?
10 Simele sixelise uThixo obaxolela ngesisa aboni abaguqukayo. Umpostile uPawulos wathi: “Yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane, nixolelane ngesisa kanye njengokuba noThixo wanixolelayo ngesisa ngaye uKristu.” (Efe. 4:32) Umdumisi uDavide wathi: “UYehova unenceba nobabalo, uzeka kade umsindo yaye unobubele bothando obuninzi. . . . Akenzanga kuthi kanye ngokwezono zethu; engasiziseli noko kusifaneleyo ngokweziphoso zethu. . . . Njengokuba kude kwempumalanga entshonalanga, kunjalo ukukukhwelelisa kwakhe kude nathi ukunxaxha kwethu. Njengoyise obenzela inceba oonyana bakhe, uYehova ubenzele inceba abo bamoyikayo. Kuba yena uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.”—INdu. 103:8-14.
11. Ngoobani abaxolelayo uThixo?
11 Abantu banokuxolelwa nguThixo kuphela xa sele bebaxolele abo baye babona. (Marko 11:25) Egxininisa le ngongoma uYesu wongezelela ngelithi: “Kuba ukuba niyabaxolela abantu izigqitho zabo, noYihlo osemazulwini uya kunixolela; kanti ukuba anibaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela ezenu izigqitho.” (Mat. 6:14, 15) Ewe, uThixo uxolela kuphela abo babaxolela ngesisa abanye. Ekuphela kwendlela esinokuqhubeka ngayo sisenza okulungileyo kukwenza ngokuvisisana nesi siluleko sikaPawulos: “Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.”—Kol. 3:13
“Musani Ukugweba”
12. Sisiphi isiluleko esanikelwa nguYesu ngokugweba abanye?
12 Enye indlela yokwenza okulungileyo yachazwa kwiNtshumayelo yaseNtabeni apho uYesu waxelela abaphulaphuli bakhe ukuba bayeke ukugweba abanye waza emva koko wasebenzisa umzekeliso onamandla ukubethelela le ngongoma. (Funda uMateyu 7:1-5.) Makhe sihlolisise oko kwakuthethwa nguYesu ngokuthi: “Musani ukugweba.”
13. Abaphulaphuli bakaYesu ‘babenokuhlala bekhulula’ njani?
13 IVangeli kaMateyu icaphula uYesu esithi: “Musani ukugweba ukuze ningagwetywa.” (Mat. 7:1) Ngokutsho kukaLuka, uYesu wathi: “Musani ukugweba, yaye nani aniyi kugwetywa; musani ukugwebela isohlwayo, yaye nani aniyi kugwetyelwa isohlwayo. Hlalani nikhulula, yaye nani niya kukhululwa.” (Luka 6:37) AbaFarisi benkulungwane yokuqala babebagweba qatha abanye abantu, ngokusekelwe kwizithethe ezingekho zibhalweni. Nabaphi na ababesenza oko kwabo baphulaphuli bakaYesu babemele ‘bayeke ukugweba.’ Kunoko babemele ‘bahlale bekhulula,’ nto leyo ethetha ukuxolela abanye iziphoso zabo. Nompostile uPawulos wanikela isiluleko esifanayo ngokuxolela abanye.—Funda eyabase-Efese 4:32.
14. Xa bexolela, abafundi bakaYesu babeya kubangela abanye benze ntoni?
14 Xa bexolela, abafundi bakaYesu babeya kubangela abanye baxolele. UYesu wathi: “Ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.” (Mat. 7:2) Ngokwendlela esibaphatha ngayo abanye, sivuna oko sikuhlwayelayo.—Gal. 6:7.
15. UYesu wakubonisa njani ukungalungi kokugxeka?
15 Khumbula ukuba xa wayebonisa ukungalungi kokugxeka abanye uYesu wabuza lo mbuzo: “Kutheni, ngoko, ukhangela udiza olukwiliso lomzalwana wakho, kodwa ungawuqwalaseli umqadi okwelakho iliso? Okanye ungatsho njani na kumzalwana wakho ukuthi, ‘Ndivumele ndikhuphe udiza elisweni lakho’; ngoxa, khangela! umqadi uselisweni lakho?” (Mat. 7:3, 4) Umntu otyekele ekugxekeni abanye ujonga nesiphako esincinane ‘esikwiliso’ lomzalwana. Eyona nto ayitshoyo kukuba umzalwana wakhe akaziboni kakuhle izinto. Nakuba isiphako sisincinane—njengodiza—umgxeki ufuna ‘ukulukhupha olo diza.’ Ehanahanisa uthi uza kunceda umzalwana wakhe azibone kakuhle izinto.
16. Kutheni kunokuthiwa abaFarisi ‘babenemiqadi’ emehlweni abo?
16 Abantu ababebalasele ngokugxeka abanye ziinkokeli zonqulo zamaYuda. Ngokomzekelo: Xa enye indoda engaboniyo eyaphiliswa nguKristu yachazayo ukuba uYesu umele ukuba uvela kuThixo, abaFarisi baphendula ngomsindo besithi: “Wena wazalelwa ezonweni ngokupheleleyo, ukanti ufundisa thina na?” (Yohane 9:30-34) Xa kufikwa kumbandela wokubona izinto ngendlela kaYehova nokugweba kakuhle, abaFarisi ‘babenemiqadi’ emehlweni abo yaye babeziimfama. Ngenxa yoko uYesu wathi: “Mhanahanisindini! Khupha kuqala umqadi kwelakho iliso, yaye uya kwandula ke ubone ngokucacileyo indlela yokukhupha udiza elisweni lomzalwana wakho.” (Mat. 7:5; Luka 6:42) Ukuba sizimisele ukwenza okulungileyo nokubaphatha kakuhle abanye, asisayi kubagxeka kabukhali abanye, sisoloko sikhangela udiza lokomfuziselo emehlweni abazalwana bethu. Kodwa siya kuqonda ukuba nathi asifezekanga yaye sifanele sikuphephe ukugweba nokugxeka abo sikholwa nabo.
Indlela Esifanele Sibaphathe Ngayo Abanye
17. Ngokutsho kukaMateyu 7:12, sifanele sibaphathe njani abanye?
17 KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wabonisa ukuba uThixo ubaphatha njengobawo abakhonzi bakhe ngokuphendula imithandazo yabo. (Funda uMateyu 7:7-12.) Siyacaca isizathu sokuba uYesu abeke lo mlinganiselo: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mat. 7:12) Kuxa siphatha abantu ngale ndlela kuphela esiya kuzingqina singabalandeli bakaYesu Kristu.
18. “UMthetho” wabonisa njani ukuba sifanele siphathe abanye kanye ngendlela esifuna ukuphathwa ngayo?
18 Emva kokuchaza ukuba sifanele siphathe abanye ngendlela esithanda ukuphathwa ngayo, uYesu wathi: “Oku, enyanisweni, koko kuthethwa nguMthetho nabaProfeti.” Xa siphatha abanye ngendlela eyachazwa nguYesu, senza ngokuvisisana nenjongo ‘yoMthetho’—izibhalo ezibumba iincwadi zeBhayibhile ezisusela kwiGenesis ukusa kwiDuteronomi. Ngaphandle kokuba zityhila injongo kaYehova yokuvelisa imbewu eya kuphelisa ubungendawo, ezi ncwadi zinoMthetho kaThixo awawunika uhlanga lwakwaSirayeli esebenzisa uMoses ngowe-1513 B.C.E. (Gen. 3:15) Phakathi kwezinye izinto, lo Mthetho wayenza yacaca into yokuba amaSirayeli ayefanele athande okusesikweni, angabi nomkhethe, yaye ayemele abaphathe kakuhle ababandezelekileyo nabaphambukeli abaselizweni lawo.—Lev. 19:9, 10, 15, 34.
19. “AbaProfeti” babonisa njani ukuba sifanele senze okulungileyo?
19 Ngokubhekisela ‘kubaProfeti,’ uYesu wayecinga ngeencwadi zeziprofeto ezikwiZibhalo zesiHebhere. Zineziprofeto eziphathelele uMesiya ezazaliseka kuKristu ngokwakhe. Ezo zibhalo zibonisa nokuba uThixo uyabasikelela abantu bakhe xa besenza okulungileyo emehlweni akhe baze babaphathe kakuhle abanye abantu. Ngokomzekelo, kwisiprofeto sakhe, uIsaya wawaluleka ngolu hlobo amaSirayeli: “Utsho uYehova ukuthi: ‘Gcinani okusesikweni, nenze ubulungisa. . . . Unoyolo umntu ofayo okwenzayo oku, nonyana womntu obambelela kuko, . . . nosigcinayo isandla sakhe ukuze angenzi naluphi na uhlobo lobubi.’” (Isa. 56:1, 2) Ngokwenene, uThixo ulindele ukuba abantu bakhe baqhubeke besenza okulungileyo.
Yenza Okulungileyo Kwabanye Lonk’ Ixesha
20, 21. Izihlwele zasabela njani kwiNtshumayelo kaYesu yaseNtabeni, yaye unokucamngca njani ngayo?
20 Sichaze nje iingongoma ezimbalwa kwezininzi awathetha ngazo uYesu kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni engenakuthelekiswa. Sekunjalo, sinokuyiqonda lula indlela abasabela ngayo abo babemphulaphule ngeso sihlandlo. Ingxelo ephefumlelweyo ithi: “Ke kaloku akuwagqiba uYesu la mazwi, zathi khamnqa izihlwele yindlela yakhe yokufundisa; kuba wayefundisa njengomntu onegunya, kungekhona njengababhali bazo.”—Mat. 7:28, 29.
21 Akuthandabuzeki ukuba uYesu Kristu wazingqina ‘enguMcebisi Omangalisayo’ owachazwa kwangaphambili. (Isa. 9:6) INtshumayelo yaseNtabeni ingumzekelo obalaseleyo wokwazi kukaYesu indlela uYise azijonga ngayo izinto. Ukongezelela kwezi ngongoma siye sazixubusha, le ntshumayelo yathetha kakhulu ngolonwabo lokwenene, indlela yokuphepha ukuziphatha kakubi, indlela yokwenza ubulungisa, oko simele sikwenze ukuze sinandiphe ikamva elikhuselekileyo nelinolonwabo, nezinye iinkalo ezininzi. Kutheni ungakhe uphinde ufunde uMateyu isahluko 5 ukuya kutsho kwesesi-7 uze ucingisise nzulu ngazo? Camngca ngesiluleko esisemagqabini sikaYesu esibhalwe apha. Kusebenzise ebomini bakho oko uKristu wakuthetha kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni. Ngaloo ndlela uya kukwazi ukukholisa uYehova, uphathe abanye kakuhle uze uqhubeke usenza okulungileyo.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Sifanele siziphathe njani iintshaba zethu?
• Kutheni sifanele sixolele?
• Wathini uYesu ngokugweba abantu?
• Ngokutsho kukaMateyu 7:12, sifanele sibaphathe njani abanye?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 10]
Ngaba uyasazi isizathu sokuba uYesu athi: “Musani ukugweba”?
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Kutheni sifanele sibathandazele abo basitshutshisayo?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ngaba usoloko uphatha abanye ngendlela obungathanda ukuphathwa ngayo?