Isahluko 47
Iinyembezi Zaba Luvuyo Olukhulu
XA UYAYIRO ebona intokazi enethombo legazi iphilisiwe, ngokungathandabuzekiyo uya esiba nentembelo enkulu kumandla kaYesu angummangaliso. Ngaphambilana ngolu suku, uYesu ukhe wacelwa nguYayiro ukuba aye kunceda intombi yakhe ethandekayo ene-12 leminyaka ubudala nebigulela ukufa. Noko ke, oko bekusoyikwa nguYayiro kwenzeka ngokwenene. Ngoxa uYesu esathetha nomfazi lowo, kufika abantu abathile baze basebezele uYayiro oku: “Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na umfundisi?”
Hayi indlela ezinxunguphalisa ngayo ezi ndaba! Khawufan’ ucinge: Le ndoda ehlonelwa kakhulu kangaka ngabantu balapha, ngoku njengoko isiva ngokufa kwentombi yayo izifumana ingenakuzinceda konke konke. Noko ke, uYesu uyaziva ezi ndaba. Ngoko, eguqukela kuYayiro, ngelimomelezayo uthi: “Musa ukoyika, kholwa kodwa wena.”
UYesu uhamba nale ndoda igutyungelwe lilifu elimnyama ukuya kwikhaya layo. Xa befika, babona isiphithiphithi sabalilayo nabenza isijwili. Tyhini nasi nesihlwele sabantu sihlanganisene, yaye abantu baziinyhididi kuyakhalwa kuyiloo nto. Xa uYesu engena ngaphakathi, ubuza oku: “Yini na ukuba niphithizele nilile? Akafile umntwana, ulele.”
Bakuva oku abantu, basuka bamwe ngentsini uYesu kuba besazi bona ukuba ngokwenene intombazana ifile. Noko ke, uYesu uthi intombazana ilele. Ngokusebenzisa amandla akhe awanikwe nguThixo, uza kubonisa ukuba abantu basenokuvuswa ekufeni ngokulula njengokuba besenokuvuswa njalo xa belele ubuthongo obunzulu.
Ngoku uYesu uthi bonke abantu mabakhutshelwe phandle ngaphandle koPetros, uYakobi, uYohane nabazali bentombazana efileyo. Wandula ke athabathe abo bahlanu aye nabo apho ilele khona intombazana. Eyibamba ngesandla, uYesu uthi: “Talita kumi,” oko kukuthi, ngentetho evakalayo: “Ntombazana, ndithi kuwe, Vu-ka!” Yaye kwaoko intombazana iyavuka ize ihambahambe! Lo mbono ubangela ukuba abazali bayo baphantse baphambane luvuyo.
Emva kokuba eyalele ukuba umntwana aphiwe into eya ethunjini, uYesu uyalela uYayiro nomfazi wakhe ukuba bangaxeleli mntu ngale nto yenzekileyo. Kodwa phezu kwako nje oko kuthethwe nguYesu, ezi ndaba zinwenwa okomlilo wedobo kuwo wonke loo mmandla. Ngoku kokwesibini uYesu evusa umntu. Mateyu 9:18-26; Marko 5:35-43; Luka 8:41-56.
▪ Zithini iindaba azifumanayo uYayiro, yaye uYesu umomeleza njani?
▪ Balifumana likwimeko enjani ikhaya likaYayiro xa befika?
▪ Kutheni le nto uYesu esithi umntwana ofileyo ulele?
▪ Ngoobani aba bahlanu bakunye noYesu abathi bazibonele uvuko?