Imibuzo Evela Kubafundi
AmaKristu okwenyaniso afanele alujonge njani uqheliselo olwenziwa ngabantu lokunika abanye imibhalo yeenkqubo zekhompyutha ezithengiswayo?
Abanye ngempazamo basenokuzithethelela bebhekisela kumazwi kaYesu athi: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.” Kakade ke, uYesu wayengathethi ngokuphisa ngesisa ngemibhalo yoncwadi okanye iinkqubo zekhompyutha ezingafanele zikhutshelwe, izinto ekufuneka zisetyenziswe ngolwalathiso lwasemthethweni. Wayethetha ukupha njengenxalenye yobulungiseleli. UYesu waxelela abapostile ababesiya kwizixeko nakwiidolophu ezahlukahlukeneyo ukuba bashumayele uBukumkani, baphilise abagulayo baze bakhuphe iidemon. Kunokuba bahlawulise ngoku, abapostile kwakufuneka ‘baphe ngesisa.’—Mateyu 10:7, 8.
Ngenxa yenani elandayo leekhompyutha zobuqu nezoshishino, abantu abaninzi bafuna iinkqubo zekhompyutha. Ngokuqhelekileyo ezi nkqubo zifanele zithengwe. Kuyavunywa ukuba, abanye abantu babhala iinkqubo abazenza zifumaneke ngesisa yaye bathi zinokukhutshelwa zize zinikwe abanye. Kodwa inkoliso yeenkqubo zekhompyutha iyathengiswa. Enoba bazisebenzisa ekhaya okanye kwezoshishino, abantu abasebenzisa iinkqubo zekhompyutha kulindeleke ukuba bazithenge, bazihlawulele. Ukuba umntu uthabathe okanye ukhuphele iinkqubo zekhompyutha ngaphandle kwentlawulo, oko akukho mthethweni, njengokukhuphela iincwadi, kwanokuba kuphiswa ngazo.
Inkoliso yeenkqubo zekhompyutha (kuquka nemidlalo) zinephepha-mvume, elo umninizo/lowo uzisebenzisayo kufuneka enze ngokuvumelana nemilinganiselo yalo ethile. Inkoliso yaloo maphepha-mvume ithi mnye kuphela umntu onokufakela aze asebenzise le nkqubo—ngokufuthi eyifaka kwikhompyutha enye kuphela, enoba yikhompyutha esekhaya okanye eyeshishini okanye eyesikolo. Amanye amaphepha-mvume athi lowo uyisebenzisayo unokuba nombhalo azigcinela wona, kodwa akamele enzele abanye imibhalo. Ukuba umniniyo ufuna ukuphisa ngenkqubo yonke (kuquka nephepha-mvume noxwebhu), unokwenjenjalo. Noko ke, ngaloo ndlela liyaphela ilungelo lakhe lokuyisebenzisa. Amaphepha-mvume akafani, ngoko umntu othenga inkqubo yekhompyutha okanye oyiphiwayo ufanele afumanise ukuba inohlobo olunjani lwephepha-mvume.
Izizwe ezininzi ziyazixhasa izivumelwano zokungakhutshelwa ezikhusela “umsebenzi wobukrele-krele womnye umntu,” njengeenkqubo zekhompyutha, yaye ziyazama ukunyanzelisa imithetho yokungakhutshelwa. Ngokomzekelo, iThe New York Times kaJanuwari 14, 2000, yathi “amapolisa aseJamani nawaseDenmark abamba amalungu oko ayekubiza njengeqela eliyintloko labaphangi beenkqubo zekhompyutha” ababekhuphela baze basasaze iinkqubo nemidlalo yekhompyutha, yaye ezinye babezithengisa kwi-Internet.
Limi phi ibandla lamaKristu kulo mbandela? Kaloku, uYesu wathi: “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.” (Marko 12:17) Oko kuthetha ukuba amaKristu afanele athobele imithetho yelizwe engangqubaniyo nomthetho kaThixo. Ngokuphathelele oorhulumente, umpostile uPawulos wabhala esithi: “Yonke imiphefumlo mayiwathobele amagunya awongamileyo . . . Lowo ulichasayo igunya unxamnye nelungiselelo likaThixo; abo banxamnye nalo baya kufumana umgwebo.”—Roma 13:1, 2.
Abadala kwibandla lamaKristu abanambopheleleko yakuhlola iikhompyutha zabanye, ngokungathi banegunya lokucacisa nelokunyanzela imithetho yezinto ezingenakukhutshelwa. Kodwa bakholelwa yaye bafundisa ukuba amaKristu afanele akuphephe ukuthabatha into engeyoyawo yaye afanele enze unako-nako ukuba athobele umthetho. Oku kukhusela amaKristu ekohlwayweni njengabaphuli-mthetho, yaye kuwenza abe nesazela esihle phambi koThixo. UPawulos wabhala oku: “Ngoko ke kukho isizathu esinyanzelisayo sokuba nithobele, kungekuphela ngenxa yengqumbo leyo kodwa kwanangenxa yesazela senu.” (Roma 13:5) Ngokufanayo, uPawulos wavakalisa umnqweno wamaKristu okwenyaniso ngala mazwi: “Siyathemba ukuba sinesazela esinyanisekileyo, njengoko sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Hebhere 13:18.
[Ibhokisi ekwiphepha 29]
Amanye amashishini nezikolo zithenga amaphepha-mvume anokusetyenziswa ngabantu abaninzi achaza inani labantu abavunyelweyo ukuba basebenzise loo nkqubo. Ngowe-1995, amabandla amaNgqina kaYehova axubusha inqaku elikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani (uhlelo lwaseUnited States) eliquka eli cebiso:
“Inkoliso yeenkampani zilungiselela yaye zithengisa iinkqubo zekhompyutha ezingenakukhutshelwa, yaye zinikela ngephepha-mvume elibonisa indlela ezifanele zisetyenziswe ngayo ngokusemthethweni ezo nkqubo. Ngokuqhelekileyo iphepha-mvume lithi umniniyo akanakunika abanye imibhalo yaloo nkqubo; enyanisweni, umthetho wazweni-banzi wokuba ayinakukhutshelwa wenza ukuba kube kukwaphula umthetho ukwenjenjalo. . . . Eminye imizi-mveliso emikhulu ithengisa iikhompyutha esele zifakelwe iinkqubo nezinephepha-mvume. Noko ke, iivenkile ezithile zekhompyutha azinikeli ngamaphepha-mvume kuba ezo nkqubo zizifakayo yimibhalo engekho mthethweni, nto leyo ethetha ukuba lowo uthengayo waphula umthetho xa esebenzisa ezo nkqubo. Ngokuphathelele oku, amaKristu afanele akuphephe ukufakela, okanye ukukhuphela, izinto ezikwiibhodi zezaziso ze-elektroniki ezingakhutshelwayo (njengeempapasho zoMbutho) neziye zakhutshelwa ngaphandle kwemvume esemthethweni evela kubaninizo.”