‘Yiba Nesibindi Womelele!’
“Yomelelani! Mna ndiloyisile ihlabathi.”—YOHANE 16:33.
1. Ngenxa yoko kwakuwalindele amaSirayeli eKanan, afumana luphi ukhuthazo?
XA AMASIRAYELI ayesele eza kuwela uMlambo iYordan angene kwiLizwe Lesithembiso, uMoses wathi kuwo: “Yibani nesibindi, nomelele. Musani ukoyika okanye nothuke phambi kwazo, ngokuba nguYehova uThixo wakho ohamba nawe.” Wandula ke Moses wabiza uYoshuwa, owayeza kukhokelela amaSirayeli eKanan, waza waphinda wamyala ukuba akhaliphe. (Duteronomi 31:6, 7) Kamva, uYehova waphinda wamkhuthaza ngokwakhe uYoshuwa esithi: “Yiba nesibindi womelele . . . Kuphela wena yiba nesibindi womelele.” (Yoshuwa 1:6, 7, 9) Loo mazwi ayefike ngexesha elifanelekileyo. Kwakuza kufuneka amaSirayeli abe nenkalipho ukuze akwazi ukujamelana notshaba olunamandla olwaluwalindile ngaphaya kweYordan.
2. Sizifumanisa sikwiyiphi imeko namhlanje, yaye yintoni ekufuneka sibe nayo?
2 Namhlanje, kungekudala amaKristu okwenyaniso aza kuwelela kwihlabathi elitsha yaye, njengoYoshuwa, afanele abe nenkalipho. (2 Petros 3:13; ISityhilelo 7:14) Noko ke, imeko yethu yahlukile kwekaYoshuwa. UYoshuwa wayesilwa ngamakrele nemikhonto. Thina sikwidabi lokomoya yaye asisayi kuze silwe ngezixhobo zokoqobo. (Isaya 2:2-4; Efese 6:11-17) Ngaphezu koko, kwafuneka uYoshuwa alwe amadabi amaninzi anzima emva kokungena kwiLizwe Lesithembiso. Kodwa owona mlo wethu unzima ungoku—ngaphambi kokuwelela kwihlabathi elitsha. Makhe sihlole iimeko ezithile ezifuna inkalipho.
Kutheni Sitsala Nzima?
3. IBhayibhile ityhila ntoni ngomchasi wethu oyintloko?
3 Umpostile uYohane wabhala: “Siyazi ukuba thina singabakaThixo, kodwa ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) Loo mazwi abonisa isizathu esiyintloko sokuba kube nzima kumaKristu ukulondoloza ukholo lwawo. Xa umKristu egcina ingqibelelo, ngomlinganiselo othile kuthetha ukuba uSathana uMtyholi ukatyile. Ngenxa yoko, uSathana uhamba “njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo” ezama ukoyikisa nokuqwenga amaKristu athembekileyo. (1 Petros 5:8) Eneneni, ulwa namaKristu athanjisiweyo namaqabane awo. (ISityhilelo 12:17) Kulo mlo, usebenzisa abantu abathi besazi okanye bengazi bafeze iinjongo zakhe. Sifanele sibe nenkalipho ukuze sikwazi ukumxhathisa uSathana namahlakani akhe.
4. UYesu walumkisa wathini, yaye amaKristu okwenyaniso aye abonisa luphi uphawu?
4 Ekubeni uYesu esazi ukuba uSathana namahlakani akhe baya kuzichasa ngamandla iindaba ezilungileyo, walumkisa abalandeli bakhe esithi: “Baya kwandula ke abantu baninikele ekubandezelweni, banibulale, nithiywe ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.” (Mateyu 24:9) Loo mazwi angqineka eyinyaniso kwinkulungwane yokuqala, yaye aseyinyaniso nanamhlanje. Eneneni, amanye amaNgqina kaYehova anamhlanje aye ajamelana neyona ntshutshiso ikrakra embalini. Sekunjalo, amaKristu okwenyaniso ajamelana ngenkalipho nengcinezelo enjalo. Ayazi ukuba “ukungcangcazela ngumntu kubeka umgibe,” yaye akafuni ukubambiseka emgibeni.—IMizekeliso 29:25.
5, 6. (a) Ziziphi iimeko ezifanele zisenze sibe nenkalipho? (b) AmaKristu athembekileyo enza ntoni xa inkalipho yawo ivavanywa?
5 Kukho ezinye iingxaki ngaphandle kwentshutshiso ezifuna sibe nenkalipho. Kwabathile, akulula ukuthetha nabantu abangabaziyo ngeendaba ezilungileyo. Inkalipho yabanye abantwana besikolo ivavanywa xa kufuneka becengceleze amazwi okunyaniseka kwilizwe okanye kwiflegi. Ekubeni amazwi anjalo afana namazwi onqulo, abantwana bamaKristu baye ngenkalipho bakhetha ukwenza oko kukholisa uThixo, yaye ihambo yabo entle iye yabangela uvuyo olukhulu.
6 Nathi sifanele sibe nenkalipho xa abachasi besebenzisa ijelo leendaba ukuze basasaze ubuxoki ngabakhonzi bakaThixo okanye xa bezama ukubekela unqulo lokwenyaniso imiqathango ngokuqhwaya “inkathazo ngommiselo.” (INdumiso 94:20) Ngokomzekelo, sifanele sizive njani xa iphephandaba, unomathotholo, okanye umabonwakude esasaza iingxelo ezigqwethekileyo okanye ubuxoki ngamaNgqina kaYehova? Ngaba sifanele sothuke? Akunjalo. Izinto ezinjalo sizilindele. (INdumiso 109:2) Yaye asothuki xa abanye bezamkela iindaba ezibubuxoki okanye ezigqwethekileyo, ekubeni ‘nabani na ongenamava ekholwa ngamazwi onke.’ (IMizekeliso 14:15) Sekunjalo, amaKristu anyanisekileyo akakholelwa yiyo nantoni ethethwayo ngabazalwana bawo, yaye akavumeli iindaba ezizibubuxoki ziwenze aphoswe ziintlanganiso zamaKristu, aye manqaphanqapha enkonzweni yasentsimini, okanye abe buthathaka ngokomoya. Kunoko, ‘ayazincomela njengabalungiseleli bakaThixo ngozuko nehlazo, ngengxelo embi nengxelo entle; njengabakhohlisi [ngokutsho kwabachasi] ukanti [eneneni] sinenyaniso.’—2 Korinte 6:4, 8.
7. Yiyiphi imibuzo yokuzigocagoca esinokuzibuza yona?
7 Ebhalela uTimoti, uPawulos wathi: “UThixo akasinikanga moya wabugwala, kodwa owamandla . . . Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngobungqina obungeNkosi yethu.” (2 Timoti 1:7, 8; Marko 8:38) Sakuba sifunde loo mazwi, sinokuzibuza: ‘Ngaba ndineentloni ngeenkolelo zam, okanye ngaba ndinenkalipho? Emsebenzini (okanye esikolweni), ngaba abo ndiqhelene nabo bayazi ukuba ndiliNgqina likaYehova, okanye ndizama ukukufihla oko? Ngaba ndineentloni ngokwahluka kwabanye, okanye ndineqhayiya ngokuba ndahlukile ngenxa yolwalamano lwam noYehova?’ Ukuba nabani na uyoyika ukushumayela iindaba ezilungileyo okanye ukholelwa kwiimfundiso ezingathandwayo, makakhumbule isiluleko sikaYehova kuYoshuwa esithi: “Yiba nesibindi uze womelele.” Ungaze ulibale ukuba, asiyondlela abasijonga ngayo abo sisebenza nabo okanye esifunda nabo ebalulekileyo, kodwa yindlela uYehova noYesu Kristu abasijonga ngayo.—Galati 1:10.
Indlela Yokuhlakulela Inkalipho
8, 9. (a) Ngesinye isihlandlo, inkalipho yamaKristu okuqala yavavanywa njani? (b) Benza ntoni uPetros noYohane xa babetyityimbiselw’ umnwe, yaye kwenzeka ntoni kubo nakwabanye abazalwana?
8 Sinokuyihlakulela njani inkalipho eya kusenza sikwazi ukugcina ingqibelelo ebudeni bala maxesha anzima? Kaloku, amaKristu okuqala enza njani ukuze abe nenkalipho? Cinga ngoko kwenzekayo xa ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu aseYerusalem axelela uPetros noYohane ukuba bayeke ukushumayela ngegama likaYesu. Aba bafundi zange bavume yaye batyityimbiselw’ umnwe bandula ke bakhululwa. Emva koko, bekunye nabanye abazalwana, bathandaza bebonke, besithi: “Yehova, khawunikele ingqalelo kwizisongelo zabo, uze uwanike amakhoboka akho ukuba ahlale elithetha ilizwi lakho ngenkalipho yonke.” (IZenzo 4:13-29) Wandula ke uYehova wabomeleza ngomoya oyingcwele, yaye njengokuba iinkokeli ezingamaYuda kamva zavuma, ‘bayizalisa iYerusalem’ ngemfundiso yabo.—IZenzo 5:28.
9 Makhe sihlolisise oko kwenzekayo ngeso sihlandlo. Xa abafundi batyityimbiselw’ umnwe ziinkokeli zamaYuda, abazange bacinge ngokunikezela. Kunoko, abafundi bathandaza baza bacela inkalipho yokuqhubeka beshumayela. Bandula ke benza ngokuvumelana nomthandazo wabo, yaye uYehova wabomeleza ngomoya wakhe. Amava abo abonisa ukuba oko kwabhalwa nguPawulos kwiminyaka ethile kamva kwimeko eyahlukileyo kuyasebenza kumaKristu xa ejamelene nentshutshiso. UPawulos wathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”—Filipi 4:13.
10. Amava kaYeremiya abanceda njani abo baneentloni ngokwemvelo?
10 Noko ke, masithi ubani ungumntu oneentloni ngokwemvelo? Ngaba sekunjalo angakwazi ukukhonza uYehova ngenkalipho xa ejamelene nenkcaso? Ngokuqinisekileyo kunjalo! Khumbula into eyenziwa nguYeremiya xa uYehova wamnyula ukuze abe ngumprofeti. Lo mfana wathi: “Ndiyinkwenkwe nje.” Ngokucacileyo, waziva emncinane. Sekunjalo, uYehova wamkhuthaza ngala mazwi: “Musa ukuthi, ‘Ndiyinkwenkwe nje.’ Kodwa ufanele uye kubo bonke abo ndiya kukuthuma kubo; kwaye ufanele uthethe yonk’ into endiya kukuyalela yona. Musa ukoyika ngenxa yobuso babo, kuba ‘mna ndinawe ukuba ndikuhlangule.’” (Yeremiya 1:6-10) UYeremiya wayenentembelo kuYehova, yaye ngenxa yoko, ngamandla kaYehova wakoyisa ukoyika yaye waba lingqina elinenkalipho emangalisayo kwaSirayeli.
11. Yintoni enceda amaKristu namhlanje ukuze abe njengoYeremiya?
11 AmaKristu athanjisiweyo namhlanje anothumo olufana nolo lukaYeremiya, yaye exhaswa ‘sisihlwele esikhulu sezinye izimvu,’ aqhubeka evakalisa iinjongo zikaYehova, enoba ayachaswa, ayagculelwa yaye ayatshutshiswa. (ISityhilelo 7:9; Yohane 10:16) Akhuthazwa ngamazwi kaYehova kuYeremiya athi: “Musani ukoyika.” Akaze alibale ukuba athunywe nguThixo yaye ashumayela isigidimi sakhe.—2 Korinte 2:17.
Imizekelo Yenkalipho Esifanele Siyixelise
12. UYesu wamisela wuphi umzekelo obalaseleyo wenkalipho, yaye wabakhuthaza njani abalandeli bakhe?
12 Into enokusinceda kwimizamo yethu yokuba nenkalipho kukucamngca ngabanye abayimizekelo yenkalipho, njengoYeremiya, ababonakalisa inkalipho. (INdumiso 77:12) Ngokomzekelo, njengokuba sihlolisisa ubulungiseleli bukaYesu, sichukunyiswa yinkalipho awayenayo xa wayelingwa nguSathana nangexesha wayejamelene nenkcaso ekrakra yeenkokeli ezingamaYuda. (Luka 4:1-13; 20:19-47) Ngenxa yamandla kaYehova, uYesu akazange azanyazanyiswe, yaye kungekudala ngaphambi kokufa kwakhe, wathi kubafundi bakhe: “Ehlabathini ninembandezelo, kodwa yomelelani! mna ndiloyisile ihlabathi.” (Yohane 16:33; 17:16) Ukuba abafundi bakaYesu babeza kulandela umzekelo wakhe, nabo babeza koyisa. (1 Yohane 2:6; ISityhilelo 2:7, 11, 17, 26) Kodwa kwakuza kufuneka ‘babe nesibindi.’
13. UPawulos wabakhuthaza njani abaseFilipi?
13 Emva kweminyaka eliqela uYesu efile, uPawulos noSilas bavalelwa entolongweni eFilipi. Kamva, uPawulos wakhuthaza ibandla laseFilipi ukuba lihlale ‘liqinile moyeni mnye, lizama kunye ngamphefumlo mnye ngenxa yokholo kwiindaba ezilungileyo, yaye lingothuswa ngabo bamelene nalo.’ Ukubomeleza, uPawulos wathi: “Oku [kutshutshiswa kwamaKristu] kububungqina bentshabalalo kubo [abanitshutshisayo], kodwa obosindiso kuni; yaye nguThixo omisele ukuba kube njalo, ngenxa yokuba nina nanikwa ilungelo ngenxa kaKristu, kungekuphela nje lokuba nikholwe kuye, kodwa nelokuba nibandezeleke ngenxa yakhe.”—Filipi 1:27-29.
14. Kwenzeka ntoni eRoma ngenxa yenkalipho eyabonakaliswa nguPawulos?
14 Xa uPawulos wabhalela ibandla laseFilipi, wayephinde wasentolongweni, ngoku eRoma. Sekunjalo, wayeqhubeka eshumayela kwabanye ngenkalipho. Oku kwaba nayiphi imiphumo? Wabhala: “Imixokelelwane yam iye yaziwa esidlangalaleni ngokunxulumene noKristu phakathi kwalo lonke iQela Labalindi Bakomkhulu nabo bonke abanye; yaye inkoliso yabazalwana eNkosini, ekubeni iziva inentembelo ngenxa yemixokelelwane yam yentolongo, ibonisa isibindi ngokungakumbi ekulithetheni ilizwi likaThixo ngokungenaloyiko.”—Filipi 1:13, 14.
15. Sinokuyifumana phi imizekelo emihle yokholo eya kusikhuthaza ukuze sibe nenkalipho?
15 Umzekelo kaPawulos uyasikhuthaza. Oku kunjalo nangemizekelo emihle emiselwa ngamaKristu anamhlanje aye anyamezela intshutshiso kumazwe alawulwa ngoozwilakhe okanye ngabefundisi. Amabali abanye babo aye afumaneka kwiphephancwadi IMboniselo noVukani! nakwiiNcwadi Zonyaka ZamaNgqina KaYehova. Njengokuba ufunda loo mbali, khumbula ukuba abo bantu kubaliswa ngabo ngabantu nje abaqhelekileyo abafana nathi; kodwa xa babekwiimeko ezinzima kakhulu, uYehova wabanika amandla angaphezu kwaqhelekileyo yaye banyamezela. Sinokuqiniseka ukuba uya kwenza okufanayo nakuthi ukuba iimeko zifuna oko.
Ukuba Nenkalipho Kwethu Kuyamkholisa Kuze Kumzukise UYehova
16, 17. Namhlanje sinokuyihlakulela njani inkalipho?
16 Ukuba othile uyimele ngokuqinileyo inyaniso nobulungisa, loo mntu ukhaliphile. Ukuba ubani wenjenjalo nakuba eziva esoyika ngaphakathi, lowo ukhaliphe nangakumbi. Eneneni, namphi na umKristu usenokuba nenkalipho ukuba ngokwenene ufuna ukwenza ukuthanda kukaYehova, ukuba uzimisele ukuhlala enyanisekile, ukuba ngamaxesha onke uthembela kuThixo, yaye ukuba usoloko ekhumbula ukuba uYehova ngaphambili uye womeleza abantu abaninzi abanjengaye. Ngaphezu koko, ukuba siyaqonda ukuba inkalipho yethu iyamkholisa ize imzukise uYehova, sizimisela ngakumbi ukunganikezeli. Sizimisele ukunyamezela ukugculelwa okanye into engaphezu kwaleyo kuba simthanda ngokunzulu.—1 Yohane 2:5; 4:18.
17 Ungaze ulibale ukuba xa sibandezeleka ngenxa yokholo lwethu, akuthethi ukuba kukho into embi esiyenzileyo. (1 Petros 3:17) Sibandezeleka ngenxa yokuthethelela ulongamo lukaYehova, ngokwenza okulungileyo nokungabi yinxalenye yehlabathi. Ngokuphathelele oku, umpostile uPetros wathi: “Ukuba nibandezeleka ngenxa yokwenza okulungileyo, nize ninyamezele, kuyamkholisa uThixo oko.” Kwakhona uPetros wathi: “Abo babandezeleka ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo mabahlale beyaleza imiphefumlo yabo kuMdali othembekileyo ngoxa besenza okulungileyo.” (1 Petros 2:20; 4:19) Ewe, ukholo lwethu luyamkholisa uThixo wethu onothando, uYehova, yaye luyamzukisa. Esi sisizathu esibalulekileyo sokuba sibe nenkalipho!
Ukuthetha Nabasemagunyeni
18, 19. Xa sibonakalisa inkalipho phambi kwejaji, eneneni, sidlulisela siphi isigidimi kuyo?
18 Xa uYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba baza kutshutshiswa, kwakhona wathi: “[Abantu] baya kuninikela kwiinkundla zasekuhlaleni, yaye baya kunityakatya kwizindlu zabo zesikhungu. Kaloku, niya kurholelwa phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ukuze kube bubungqina kubo nakwiintlanga.” (Mateyu 10:17, 18) Ukuma phambi kwejaji okanye umlawuli ngenxa yokutyholwa kufuna inkalipho. Sekunjalo, xa sisebenzisa la mathuba ukunikela ubungqina kwabo bantu, siguqula imeko enzima ibe lithuba lokwenza into ebalulekileyo. Enyanisweni, sixelela lowo usigwebayo amazwi kaYehova, abhalwe kwiNdumiso 2 athi: “Ngoku ke, bokumkani, sebenzisani ingqiqo; zivumeleni nilungiswe, bagwebi bomhlaba. Mkhonzeni uYehova ngokoyika.” (INdumiso 2:10, 11) Ngamaxesha amaninzi, xa amaNgqina kaYehova etyholwa enkundleni, abagwebi baye bayilwela inkululeko yonqulo, yaye siyayixabisa loo nto. Noko ke, abanye abagwebi baye bazivumela ukuba baphenjelelwe ngabachasi. Kwabanjalo, iZibhalo zithi: “Zivumeleni nilungiswe.”
19 Iijaji zifanele zazi ukuba elona gunya liphakamileyo lelikaYehova uThixo. Zifanele zikhumbule ukuba bonke abantu, kuquka iijaji, baya kuphendula kuYehova uThixo nakuYesu Kristu. (Roma 14:10) Thina, enoba abagwebi abangabantu basiphatha ngokusesikweni okanye akunjalo, sinezizathu zokuba nenkalipho kuba uYehova uyasixhasa. IBhayibhile ithi: “Banoyolo bonke abo basabela kuye.”—INdumiso 2:12.
20. Kutheni sinokuvuya ukuba sifanele sinyamezele intshutshiso nokunyeliswa?
20 KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wathi: “Ninoyolo nina xa abantu beningcikiva, benitshutshisa, bethetha ngani lonke uhlobo lwento engendawo bexoka, ngenxa yam. Yibani nemihlali nixhume ngovuyo, ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba babatshutshisa ngaloo ndlela abaprofeti ababengaphambi kwenu.” (Mateyu 5:11, 12) Kakade ke, akumnandi ukutshutshiswa, kodwa ukuhlala kwethu siqinile enoba siyatshutshiswa, kuquka nokunyeliswa kumajelo eendaba, ezo zinto zifanele zisivuyise. Kuthetha ukuba sikholisa uYehova yaye siya kufumana umvuzo. Ukuba nenkalipho kubonisa ukuba sinokholo lokwenene yaye kusiqinisekisa ukuba uThixo uya kusamkela. Enyanisweni, kubonisa ukuba sinentembelo epheleleyo kuYehova. Ukuba nentembelo enjalo kubalulekile kumaKristu, njengokuba inqaku elilandelayo liza kubonisa.
Ufunde Ntoni?
• Ziziphi iimeko namhlanje ezifuna sibe nenkalipho?
• Sinokuluhlakulela njani uphawu lokuba nenkalipho?
• Ngoobani abayimizekelo emihle yokuba nenkalipho?
• Kutheni sinqwenela ukubonakalisa inkalipho?
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
USimone Arnold (ngoku unguLiebster) eJamani, uWiddas Madona eMalawi, uLydia no-Oleksii Kurdas eUkraine babonakalisa inkalipho baza bamxhathisa ongendawo
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Asinazintloni ngeendaba ezilungileyo
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Inkalipho uPawulos awayenayo entolongweni yenza lukhulu ekuhambiseleni phambili iindaba ezilungileyo
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ukuba ngenkalipho sichazela ijaji ngemigaqo esiyithobelayo yeZibhalo, sidlulisela isigidimi esibalulekileyo