ISAHLUKO SESIBINI
“Indlela Nenyaniso Nobomi”
1, 2. Kutheni singenakukwazi ukusondela kuYehova ngokwethu, yaye uYesu Kristu usincede njani kule nkalo?
NGABA wakha walahleka? Usenokukhumbula mhla wawutyelele umhlobo okanye isalamane sakho, kodwa ungayifumani indlela. Njengoko wawulahleka, ngaba wemisa waza wabuza indlela mntwini uthile? Khawucinge nje indlela obuya kuvakalelwa ngayo, ukuba umntu onobubele endaweni yokusuka nje akwalathise indlela, ebenokuthi: “Ndilandele. Ndiza kukusa apho.” Bekuya kutsho kuthi qabu ngokwenene!
2 Singatsho ukuthi, uYesu Kristu usenzele into efanayo. Besingenakukwazi ukuyifumana ngokwethu indlela yokuba nolwalamano noThixo. Ngenxa yesono nokungafezeki, uluntu ‘lwahlukanisiwe nobomi bukaThixo.’ (Efese 4:17, 18) Sifuna uncedo ukuze sikwazi ukusondela kuThixo. Ngobubele uYesu akapheleli nje ngokusinika icebiso nolwalathiso; kodwa wenza okungakumbi. Njengoko sibonile kwiSahluko 1, uYesu uyasimema esithi: ‘Yiba ngumlandeli wam.’ (Marko 10:21) Ngaphezu koko, usinika isizathu esingakumbi sokusamkela eso simemo. Ngesinye isihlandlo uYesu wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) Makhe sihlolisise ezinye zezizathu zokuba inguNyana kuphela onokusibonisa indlela yokuya kuYise. Emva koko, siza kuhlolisisa ukuba uYesu uyiyo njani “indlela nenyaniso nobomi.”
Indima Ebalulekileyo Ekuphunyezweni Kwenjongo KaYehova
3. Kutheni sinokusondela kuThixo ngoYesu kuphela?
3 Isizathu esiyintloko sokuba ibe nguYesu kuphela indlela yokusondela kuThixo, kukuba uYehova uye wakubona kufanelekile ukumnika lo Nyana wakhe eyona ndima ibalulekileyo.a UYise umnike isigxina esiyintloko ekuphunyezweni kwayo yonke injongo Yakhe. (2 Korinte 1:20; Kolose 1:18-20) Ukuze siyiqonde indima ebalulekileyo anayo uNyana, makhe sihlolisise oko kwenzekayo kumyezo wase-Eden, xa isibini sokuqala sathelela uSathana ekuvukeleni uYehova.—Genesis 2:16, 17; 3:1-6.
4. Imvukelo yase-Eden yaphakamisa wuphi umbuzo, yaye yintoni uYehova awagqiba ekubeni ayenze ukuze kuphenduleke loo mbuzo?
4 Imvukelo yase-Eden yaphakamisa umbuzo ochaphazela indalo iphela: Ngaba uYehova uThixo uzilawula ngendlela efanelekileyo izidalwa zakhe? Ukuze kuphenduleke loo mbuzo, uYehova wagqiba ekubeni unyana wakhe ogqibeleleyo ongumoya eze emhlabeni. Wayeza kuphumeza isabelo esibaluleke gqitha—sokunikela ngobomi bakhe ukuze kuthethelelwe ulongamo lukaYehova yaye abe yintlawulelo yokusindisa uluntu. Ngokuhlala ethembekile kude kuse ekufeni, loo nyana unyuliweyo wayenokuvula indlela yokucombulula zonke iingxaki ezabangelwa yimvukelo kaSathana. (Hebhere 2:14, 15; 1 Yohane 3:8) Kodwa uYehova unezigidi ngezigidi zoonyana abagqibeleleyo bomoya. (Daniyeli 7:9, 10) Nguwuphi awamkhethayo ukuze aphumeze esi sabelo sibaluleke kangaka? UYehova wakhetha ‘uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo,’ uYesu Kristu.—Yohane 3:16.
5, 6. UYehova wabonisa njani ukuba wayenentembelo kuNyana wakhe, ibe yayisekelwe entwenini loo ntembelo?
5 Ngaba luyasimangalisa ukhetho alwenzileyo uYehova? Tu kwaphela! UYise wayenentembelo epheleleyo kuNyana wakhe okuphela kwamzeleyo. Kangangeenkulungwane eziliqela ngaphambi kokufika koNyana wakhe emhlabeni, uYehova wayesele echazile ukuba lo Nyana wayeza kuhlala enyanisekile nangona wayeza kujamelana neengcinezelo ezininzi. (Isaya 53:3-7, 10-12; IZenzo 8:32-35) Khawucinge nje ngentsingiselo yoko. Njengazo zonke ezinye izidalwa ezikrelekrele, naye uNyana wayenenkululeko yokuzikhethela indlela afuna ukuphila ngayo. Kodwa uYehova wayenentembelo enkulu kuNyana wakhe ngohlobo lokuba ade akuchaze kwangaphambili ukuthembeka kwakhe. Yayisekelwe entwenini le ntembelo? Yayisekelwe ekumazini. UYehova umazi ngokupheleleyo uNyana wakhe, uyayazi nendlela uNyana wakhe amthanda kakhulu ngayo nakulangazelela ngayo ukumkholisa. (Yohane 8:29; 14:31) UNyana uyamthanda uYise, naye uYehova uyamthanda uNyana Wakhe. (Yohane 3:35) Uthando oluphakathi kukaYise noNyana lwenza bamanyane yaye bathembane ngokupheleleyo.—Kolose 3:14.
6 Ekubeni uNyana enendima ebalulekileyo, noYise enentembelo kuye, yaye kukho uthando oluqinileyo phakathi kukaYise noNyana, ngoko iyamangalisa kusini na into yokuba inguYesu kuphela esinokusondela ngaye kuThixo? Kanti kukho nesinye isizathu sokuba ibe nguNyana kuphela onokusikhokelela kuYise.
NguNyana Kuphela Omazi Ngokupheleleyo UYise
7, 8. Kutheni uYesu enokutsho ngokuchanileyo ukuba akukho bani umazi ngokupheleleyo uBawo “ngaphandle kukaNyana”?
7 Kukho imilinganiselo esimele siyifikelele ukuze sisondele kuYehova. (INdumiso 15:1-5) Ngubani oyazi bhetele kunoNyana indlela yokufikelela loo milinganiselo kaThixo ukuze simkholise? UYesu wathi: “Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo, yaye akukho bani umazi ngokupheleleyo uNyana ngaphandle kukaBawo, kungekho nabani na umazi ngokupheleleyo uBawo ngaphandle kukaNyana naye nabani na lowo uNyana athanda ukumtyhila kuye.” (Mateyu 11:27) Makhe sibone isizathu sokuba uYesu wayenyanisile, yaye engazibaxi izinto, xa wayesithi akukho nabani na omazi ngokupheleleyo uBawo “ngaphandle kukaNyana.”
8 Njengoko ‘elizibulo kwindalo yonke,’ uNyana unolwalamano olukhethekileyo kunye noYehova. (Kolose 1:15) Khawucinge nje ngolwalamano oluqinileyo oluye lwabakho phakathi kukaYise noNyana ebudeni beminyaka engenakubalwa bebobabini nje kuphela—ukususela ekuqaleni kwendalo ukusa ekudalweni kwezinye izidalwa zomoya. (Yohane 1:3; Kolose 1:16, 17) Khawucinge nje ngelo thuba lixabisekileyo uNyana esecaleni kukaYise, efunda iingcamango zikaYise, ukuthanda kwakhe, imilinganiselo yakhe, neendlela zakhe. Enyanisweni, asikokuzibaxa izinto ukuthi uYesu umazi uYise ngaphezu kwakhe nabani na omnye. Ngokuqinisekileyo umanyano olukhoyo phakathi kwabo lwenza uYesu akwazi ukumchaza uYise ngendlela ekungekho nabani na omnye onokumchaza ngayo.
9, 10. (a) UYesu wamchaza njani uYise? (b) Yintoni esimele siyenze ukuze sikholise uYehova?
9 Iimfundiso zikaYesu zazibonisa ukuba uyayiqonda indlela acinga navakalelwa ngayo uYehova, noko akulindeleyo kubakhonzi Bakhe.b UYesu wamchaza uYise nangenye indlela ebalaseleyo. Wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.” (Yohane 14:9) UYesu wamxelisa ngokugqibeleleyo uYise kuyo yonk’ into awayenzayo nawayithethayo. Ngoko xa sifunda eBhayibhileni ngoYesu—ngeemfundiso zakhe ezichukumis’ intliziyo, nangovelwano olwamenza waphilisa abanye, ade alile iinyembezi—simele sibe nomfanekiso-ngqondweni kaYehova esenza kanye okufanayo. (Mateyu 7:28, 29; Marko 1:40-42; Yohane 11:32-36) Ukuthanda kukaYise kuchazwe ngokugqibeleleyo emazwini nakwizenzo zoNyana wakhe. (Yohane 5:19; 8:28; 12:49, 50) Ngoko ukuze simkholise uYehova, kufuneka sithobele iimfundiso zikaYesu size silandele umzekelo wakhe.—Yohane 14:23.
10 Ekubeni uYesu emazi ngokupheleleyo uYehova yaye emxelisa ngokugqibeleleyo, ayimangalisi into yokuba uYehova egqibe kwelokuba ibe nguNyana wakhe okhokelela abantu kuye. Njengoko sisiqonda isizathu sokuba inguYesu kuphela esinokusondela ngaye kuYehova, ngoku masihlolisise amazwi kaYesu athi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.”—Yohane 14:6.
“Ndim Indlela”
11. (a) Kutheni inguYesu kuphela indlela yokuba nolwalamano olukholekileyo noThixo? (b) Amazwi abhalwe kuYohane 14:6 akugxininisa njani ukubaluleka kwesigxina sikaYesu? (Bona umbhalo osemazantsi.)
11 Sele sifundile ukuba ayikho enye indlela yokusondela kuThixo ngaphandle koYesu. Makhe sihlolisise indlela okusichaphazela ngayo oko. UYesu ‘uyindlela’ ngengqiqo yokuba asinakukwazi ukuba nolwalamano noThixo ngaphandle kwakhe. Ngoba? Ngokuhlala kwakhe ethembekile de kuse ekufeni, uYesu wanikela ngobomi bakhe njengedini lentlawulelo. (Mateyu 20:28) Ngaphandle kwale ntlawulelo, besingenakukwazi ukusondela kuThixo. Isono singumqobo phakathi kwabantu noThixo, kuba uYehova ungcwele ngoko akanakuze akholiswe sisono. (Isaya 6:3; 59:2) Kodwa idini likaYesu lawushenxisa loo mqobo; lasigubungela, okanye lasicamagushela isono. (Hebhere 10:12; 1 Yohane 1:7) Ukuba siyalamkela eli lungiselelo uThixo alenzileyo ngoKristu size sikholelwe kulo, siya kumkholisa uYehova. Ayikho enye indlela ‘esinokuxolelaniswa ngayo noThixo.’c—Roma 5:6-11.
12. UYesu ‘uyindlela’ ngayiphi ingqiqo?
12 UYesu ‘uyindlela’ kumbandela womthandazo. NguYesu kuphela esinokuthandaza egameni lakhe ukuze siviwe nguYehova. (1 Yohane 5:13, 14) UYesu wathi: “Ukuba nicela nantoni na kuBawo uya kuninika yona egameni lam. . . . Celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliswe.” (Yohane 16:23, 24) Ngokufanelekileyo, egameni likaYesu sinokusondela kuYehova ngomthandazo size simbize ngokuthi “Bawo wethu.” (Mateyu 6:9) UYesu ‘uyindlela’ nangenye ingqiqo—ngomzekelo awawumiselayo. Njengoko kuchaziwe ngaphambili, uYesu wamxelisa ngokugqibeleleyo uYise. Ngaloo ndlela, umzekelo kaYesu usibonisa indlela esimele siphile ngayo ukuze sikholise uYehova. Ngoko ukuze sikwazi ukusondela kuYehova, simele sihambe emanyathelweni kaYesu.—1 Petros 2:21.
‘Ndim Inyaniso’
13, 14. (a) UYesu wangqineka njani ethetha inyaniso? (b) Yintoni enye eyayibandakanyekile ekubeni ‘yinyaniso’ kukaYesu, yaye ngoba?
13 UYesu usoloko ethetha inyaniso ngelizwi likaYise lesiprofeto. (Yohane 8:40, 45, 46) Akuzange kufunyanwe nanye inkohliso emlonyeni kaYesu. (1 Petros 2:22) Kwanabachasi bakhe bavuma ukuba wayefundisa “indlela kaThixo ngokuvumelana nenyaniso.” (Marko 12:13, 14) Kodwa ke, xa uYesu wathi ‘Ndim inyaniso,’ wayengathethi nje kuphela ukuba wayeshumayela yaye efundisa inyaniso. Kwakubandakanyeke okungaphezulu lee kunokuthetha nje kuphela.
14 Khumbula ukuba kangangeenkulungwane ngaphambili, uYehova wayephefumlele ababhali beBhayibhile ukuba babhale uthotho lweziprofeto ngoMesiya, okanye uKristu. Ezi ziprofeto zazichaza iinkcukacha ngobomi bakhe, ubulungiseleli bakhe, nokufa kwakhe. Ngaphezu koko, uMthetho kaMoses nawo wawusisiprofeto esalatha kuMesiya. (Hebhere 10:1) Ngaba uYesu wayeza kuhlala ethembekile kuse ekufeni, ngaloo ndlela ezalisekisa zonke izinto ezaziprofetiwe ngaye? Kungale ndlela kuphela uYehova awayenokungqineka enguThixo weziprofeto eziyinyaniso. Bonke obo bungqina babusemagxeni kaYesu. Ngendlela awayephila ngayo uYesu—konke awakuthethayo nawakwenzayo—wazingqina zonke iziprofeto ziyinyaniso. (2 Korinte 1:20) Ngaloo ndlela, uYesu wayeyiyo ‘inyaniso.’ Zonke iziprofeto zikaYehova zangqineka ziyinyaniso ekufikeni kukaYesu.—Yohane 1:17; Kolose 2:16, 17.
‘Ndim Ubomi’
15. Kuthetha ntoni ukubonisa ukholo kuNyana, yaye oko kunokukhokelela entwenini?
15 UYesu ‘ububomi’ ngengqiqo yokuba nguye kuphela osivulele indlela yokuzuza ubomi—oko kukuthi, ‘ubomi benene.’ (1 Timoti 6:19) IBhayibhile ithi: “Lowo ubonisa ukholo kuNyana unobomi obungunaphakade; lowo ungamthobeliyo uNyana akayi kububona ubomi, kodwa ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.” (Yohane 3:36) Kuthetha ukuthini ukubonisa ukholo kuNyana kaThixo? Kuthetha ukuba sikholelwa ngokupheleleyo ukuba asinakuzuza ubomi ngaphandle kwakhe. Ngaphezu koko, kuthetha ukuba ukholo lwethu silubonisa ngemisebenzi, siqhubeka sifunda kuYesu, yaye senza okusemandleni ethu ukulandela iimfundiso zakhe nomzekelo wakhe. (Yakobi 2:26) Ngoko ukubonisa ukholo kuNyana kaThixo kukhokelela kubomi obungunaphakade—ubomi bomoya bokungafi ezulwini ‘kumhlambi omncinane’ wamaKristu athanjiswe ngomoya, nobomi obufezekileyo ‘kwisihlwele esikhulu’ ‘sezinye izimvu’ esinethemba lokuphila kwiparadesi yasemhlabeni.—Luka 12:32; 23:43; ISityhilelo 7:9-17; Yohane 10:16.
16, 17. (a) UYesu uya kuba bubo njani ‘ubomi’ kwanakwabo bafileyo? (b) Yintoni esinokuqiniseka ngayo?
16 Kuthekani ngabo sele befile? UYesu ‘ububomi’ nakubo. Ngaphambi nje kokuvusa umhlobo wakhe uLazaro ekufeni, uYesu wathi kuMarta udade boLazaro: “Ndim uvuko nobomi. Lowo ubonisa ukholo kum, nokuba uyafa, uya kubuyela ebomini.” (Yohane 11:25) UYehova unike uNyana wakhe “izitshixo zokufa nezeHadesi,” ngaloo ndlela emnika igunya lokuvusa abafileyo. (ISityhilelo 1:17, 18) Ngezo zitshixo, uYesu ozukisiweyo uza kuvula iingcango zeHadesi aze akhulule bonke abantu abasengcwabeni.—Yohane 5:28, 29.
17 “Ndim indlela nenyaniso nobomi”—ngala mazwi uYesu wayeshwankathela injongo yobomi nobulungiseleli bakhe emhlabeni. Loo mazwi anentsingiselo kuthi namhlanje. Khumbula ukuba uYesu wathi emva koko: “Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) La mazwi kaYesu asabalulekile nanamhlanje njengoko ayenjalo ukuwathetha kwakhe. Ngoko sinokuqiniseka ukuba ngokulandela uYesu, asisayi kuze silahleke. Nguye kuphela onokusibonisa indlela ‘eya kuYise.’
Uza Kusabela Njani?
18. Kubandakanya ntoni ukuba ngumlandeli wokwenene kaYesu?
18 Ngenxa yokubaluleka kwendima kaYesu nolwazi olunzulu analo ngoYise, sinesizathu esihle sokumlandela. Njengoko sibonile kwisahluko esingaphambili, ukuba ngumlandeli wokwenene kaYesu kubandakanya izenzo, kungekhona amazwi okanye iimvakalelo kuphela. Ukulandela uKristu kuthetha ukulandela iimfundiso nomzekelo wakhe. (Yohane 13:15) Le ncwadi inokukunceda ukuba wenjenjalo.
19, 20. Yintoni equlethwe yile ncwadi enokukunceda kwimizamo yakho yokulandela uKristu?
19 Kwizahluko ezilandelayo, siza kuhlolisisa ngenyameko ubomi nobulungiseleli bukaYesu. Ezi zahluko zahlulahlulwe zaba ziinxalenye ezintathu. Okokuqala, siza kuhlolisisa iimpawu anazo nendlela yakhe yokwenza izinto. Okwesibini, siza kuhlolisisa umzekelo awasimisela wona wokuba nenzondelelo ekushumayeleni nasekufundiseni. Okwesithathu, siza kuhlolisisa indlela awabonisa ngayo uthando. Ukususela kwiSahluko 3 kukho ibhokisi efundisayo enomxholo othi “Unokumlandela Njani UYesu?” Izibhalo nemibuzo ekuloo bhokisi yeyokusinceda sicamngce ngendlela esinokumxelisa ngayo uYesu ngamazwi nangezenzo.
20 Siyambulela uYehova uThixo ngokusivulela indlela yokuba nolwalamano kunye naye, nangona sinesono. Ngothando uYehova uncame lukhulu ngokuthumela uNyana wakhe ukuze asibonise indlela yokuba nolwalamano kunye Naye. (1 Yohane 4:9, 10) Ngamana ungabonisa uxabiso ngolo thando lukhulu kangako ngokuthi wamkele isimemo sikaYesu esithi: “Yiba ngumlandeli wam.”—Yohane 1:43.
a Ngendlela ebaluleke ngayo indima yoNyana, eBhayibhileni ude wanikwa amagama aliqela esiprofeto.—Bona ibhokisi ekwiphepha 23.
b Ngokomzekelo, funda amazwi kaYesu abhalwe kuMateyu 10:29-31; 18:12-14, 21-35; 22:36-40.
c KuYohane 14:6, ukugxininisa kukaYesu athi “Ndim” endaweni yokusuka nje athi ‘Ndiyindlela,’ kubalaselisa ukuba isigxina sakhe sikhethekile, nguye kuphela esinokusondela ngaye kuYise.