“Wayengathethi Kubo Ngaphandle Kwangomzekeliso”
‘UYesu wayethetha ngemizekeliso kwizihlwele. Eneneni, wayengathethi kuzo ngaphandle kwangomzekeliso.’—MATEYU 13:34.
1, 2. (a) Kutheni imizekeliso efanelekileyo ingalibaleki lula? (b) Injani imizekeliso eyasetyenziswa nguYesu, yaye yiyiphi imibuzo ephakamayo ngokusebenzisa kwakhe imizekeliso? (Bona kwanombhalo osemazantsi.)
NGABA unawo umzekeliso osawukhumbulayo, mhlawumbi owawuva kwintetho yesidlangalala kwiminyaka emininzi eyadlulayo? Imizekeliso efanelekileyo ayilibaleki lula. Omnye umbhali wathi imizekeliso “yenza loo nto uyivayo ube ngathi uyibona ngamehlo, nto leyo eshiya abaphulaphuli benomfanekiso-ngqondweni wayo.” Ekubeni kudla ngokuba lula ukuyiqonda into esiyibona emfanekisweni, ngoko kuba lula ukuyiqonda into efundiswa ngemizekeliso. Imizekeliso inokuyenza iphile imfundiso ize ibetheleleke engqondweni yethu.
2 Akakho omnye umfundisi phantsi kwelanga owakha wanobuchule bokusebenzisa imizekeliso njengoYesu Kristu. Amabali amaninzi kaYesu asakhunjulwa nje ngokulula nangona sekudlule iminyaka emalunga namawaka amabini.a Kwakutheni ukuze uYesu asebenzise ngokukhethekileyo le ndlela yokufundisa? Yaye yintoni eyabangela ukuba imizekeliso yakhe iphumelele?
Isizathu Sokuba UYesu Afundise Ngemizekeliso
3. (a) Ngokutsho kukaMateyu 13:34, 35, sisiphi esinye isizathu sokuba uYesu asebenzise imizekeliso? (b) Yintoni ebonisa ukuba uYehova umele ukuba uyayixabisa le ndlela yokufundisa?
3 IBhayibhile isinika izizathu ezibini eziphawulekayo zokusebenzisa kukaYesu imizekeliso. Okokuqala, wayisebenzisa ukuze azalisekise isiprofeto. Umpostile uMateyu wabhala wathi: ‘UYesu wayethetha ngemizekeliso kwizihlwele. Eneneni, wayengathethi kuzo ngaphandle kwangomzekeliso; ukuze kuzaliseke oko kwakuthethwe ngomprofeti owathi: “Ndiza kuwuvula umlomo wam ngemizekeliso.”’ (Mateyu 13:34, 35) ‘Umprofeti’ awayebhekisela kuye uMateyu ngulowo waqamba INdumiso 78:2. Loo mdumisi wabhala eqhutywa ngumoya kaThixo kwiinkulungwane ngaphambi kokuzalwa kukaYesu. Ngaba ayimangalisi into yokuba kumakhulu eminyaka kusengaphambili, uYehova wagqiba kwelokuba uNyana wakhe afundise ngemizekeliso? Ngokuqinisekileyo, uYehova umele ukuba uyayixabisa le ndlela yokufundisa!
4. UYesu wasichaza njani isizathu sokuba asebenzise imizekeliso?
4 Okwesibini, uYesu wathi wayesebenzisa imizekeliso ukuze ahlule abo babeneentliziyo ezilukhuni. Emva kokuba ebalisele “izihlwele ezikhulu” ngomhlwayeli, abafundi bakhe bambuza bathi: “Kutheni na uthetha kubo ngemizekeliso?” UYesu waphendula wathi: “Nina nikunikiwe ukuziqonda iimfihlelo ezingcwele zobukumkani bamazulu, kodwa bona abo bantu abakunikwanga. Kungenxa yoko le nto ndithetha kubo ngemizekeliso, ngenxa yokuba, nakuba bekhangela, bakhangelela ilize, nakuba besiva, bavela ilize, bengaqondi nokuqonda; kwaye sizaliseka kubo isiprofeto sikaIsaya, esithi, ‘Ukuva kona, niya kuva kodwa ningaqondi; ukukhangela kona, niya kukhangela kodwa ningaboni. Kuba intliziyo yesi sizwana ilukhuni.’”—Mateyu 13:2, 10, 11, 13-15; Isaya 6:9, 10.
5. Imizekeliso kaYesu yayibahlula njani abaphulaphuli abathobekileyo kwabo banekratshi?
5 Yintoni eyayisahlula abantu kwimizekeliso kaYesu? Kwezinye iimeko, abo bamphulaphuleyo kwakufuneka bacingisise ukuze baqonde intsingiselo yoko akuthethayo. Yayisenza abo bathobekileyo bafune inkcazelo engakumbi. (Mateyu 13:36; Marko 4:34) Ngoko ke, imizekeliso kaYesu yayityhila inyaniso kwabo babeyilangazelela; kwangaxeshanye, yayiyifihla kwabo banekratshi. Ngokwenene uYesu wayengumfundisi obalaseleyo! Ngoku makhe siqwalasele ezinye izibakala ezabangela ukuba imizekeliso yakhe iphumelele.
Ukukhetha Iinkcukacha
6-8. (a) Liliphi ilungelo ababengekabi nalo abaphulaphuli bakaYesu benkulungwane yokuqala? (b) Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba uYesu wayezikhetha iinkcukacha azisebenzisayo?
6 Ngaba wakha wacinga ngendlela ababevakalelwa ngayo abo bafundi benkulungwane yokuqala babemva ngokoqobo uYesu efundisa? Nangona babenelungelo lokuva ilizwi likaYesu, babengekabi nayo ingxelo ebhaliweyo eza kubakhumbuza ezo zinto wayezithetha. Kunoko, kwakufuneka bawagcine engqondweni nasentliziyweni amazwi kaYesu. Ngobuchule bakhe bokusebenzisa imizekeliso, uYesu wakwenza kwalula ukuba bakukhumbule oko wayekufundisa. Wakwenza njani oko?
7 UYesu wayezikhetha iinkcukacha anokuzisebenzisa. Xa iinkcukacha zibalulekile ukuze agxininise ingongoma ethile, wayeziquka. Ngoko ke, walichaza ngokuthe ngqo inani lezimvu ezasalayo ngoxa umninizo wayeye kufuna leyo ilahlekileyo, inani leeyure ezasetyenzwa ngabasebenzi esidiliyeni, nenani leetalente ezaphathiswa abantu.—Mateyu 18:12-14; 20:1-16; 25:14-30.
8 Kwangaxeshanye, uYesu wayeziyeka iinkcukacha ezingabalulekanga ezazinokuyisitha eyona ntsingiselo yomzekeliso. Ngokomzekelo, kwibali lekhoboka elingenanceba, akuchazwa ukuba elo khoboka lenza njani ukuze libe netyala leedenariyo ezingama-60 000 000. UYesu wayebethelela imfuneko yokuxolela. Eyona nto yayibalulekile, yayingeyiyo indlela elangena ngayo elo khoboka kwelo tyala, kodwa yindlela elaxolelwa ngayo elo tyala, nendlela lona elaliphatha ngayo elinye ikhoboka elalilityala imali encinane. (Mateyu 18:23-35) Ngendlela efanayo, kumzekeliso wonyana wolahleko, uYesu akazange asichaze isizathu sokuba unyana omncinane wasuka wafuna ilifa lakhe nesizathu sokuba alichithe. Kodwa uYesu wayichaza ngokweenkcukacha indlela awavakalelwa waza wasabela ngayo uyise xa unyana wakhe waguqukayo waza wabuyela ekhaya. Ezo nkcukacha ziphathelele indlela awasabela ngayo uyise zazibalulekile ekugxininiseni ingongoma kaYesu, yokuba uYehova uxolela “ngokukhulu.”—Isaya 55:7; Luka 15:11-32.
9, 10. (a) Xa echaza abantu abakwimizekeliso yakhe, yintoni uYesu awayenikela ingqalelo kuyo? (b) UYesu wayesenza kube lula njani ngabaphulaphuli bakhe nabanye ukuze bayikhumbule imizekeliso yakhe?
9 Kwakhona uYesu wayenobuchule bokuchaza abantu abakwimizekeliso yakhe. Kunokuba anikele iinkcukacha ngembonakalo yabo, uYesu wayesoloko enikela ingqalelo koko bakwenzayo okanye kwindlela abasabela ngayo kwiziganeko azibalisayo. Ngoko, kunokuba achaze inkangeleko yomSamariya olungileyo, uYesu wachaza eyona nto ibalulekileyo—indlela loo mSamariya awathi ngovelwano wamnceda ngayo umYuda owenzakeleyo owayelele endleleni. UYesu wachaza iinkcukacha ezibalulekileyo ukuze afundise ukuba ukuthanda ummelwane kufanele kunabele nakwabanye abantu abangengabo abohlanga okanye belizwe lethu.—Luka 10:29, 33-37.
10 Ukuzikhetha ngobuchule kukaYesu iinkcukacha kwakuyenza imizekeliso yakhe icace yaye ingantsonkothi. Ngaloo ndlela wenza kwalula ngabaphulaphuli bakhe benkulungwane yokuqala—nabanye abantu abaninzi ababeza kuthi kamva bafunde iincwadi zeVangeli eziphefumlelweyo—ukuze bakhumbule imizekeliso yakhe kwanemfundiso yayo ebalulekileyo.
Yayithetha Ngezinto Zemihla Ngemihla
11. Chaza imizekelo yendlela amabali kaYesu awayebonisa ngayo ukuba wayenezinto aziphawulayo ekukhuleni kwakhe eGalili.
11 UYesu wayenobuchule bokusebenzisa imizekeliso ephathelele ubomi babantu. Kumabali akhe amaninzi uthetha ngezinto ekucaca ukuba waziphawula ekukhuleni kwakhe eGalili. Khawukhe ucinge nje ngobomi bakhe eselula. Zingaphi izihlandlo awayembona ngazo unina esenza isonka esinegwele esebenzisa intlama encinane ebisele? (Mateyu 13:33) Kukangaphi ebukela abalobi njengoko bethoba iminatha yabo kumanzi acwengileyo oLwandle lwaseGalili? (Mateyu 13:47) Kukangaphi ebukela abantwana bedlala kwiindawo zemarike? (Mateyu 11:16) Kusenokwenzeka ukuba uYesu waphawula nezinye izinto eziqhelekileyo awazisebenzisayo kwimizekeliso yakhe—ukuhlwayelwa kwembewu, imitshato nokuvuthwa kokutya emasimini.—Mateyu 13:3-8; 25:1-12; Marko 4:26-29.
12, 13. Ibali likaYesu lengqolowa nokhula libonisa njani ukuba wayeqhelene neemeko zasekuhlaleni?
12 Akumangalisi ke ukuba imizekeliso emininzi kaYesu izaliswe ziimeko zobomi bemihla ngemihla. Ngoko ke, ukuze sibuqonde kakuhle ubuchule bakhe bokusebenzisa le ndlela yokufundisa, kuya kusinceda ukuqwalasela oko kwakuthethwa ngamazwi akhe kubaphulaphuli bakhe abangamaYuda. Makhe siqwalasele imizekelo emibini.
13 Okokuqala, kwibali lakhe lengqolowa nokhula, uYesu wathetha ngendoda eyahlwayela ingqolowa elungileyo kwintsimi yayo kodwa “utshaba” lwangena kuloo ntsimi lwaza lwahlwayela ukhula. Kwakutheni ukuze uYesu akhethe eso senzo senkohlakalo? Kaloku, khumbula ukuba lo mzekeliso wawenza kufutshane noLwandle lwaseGalili, yaye inkoliso yabantu baseGalili yayingabalimi. Yintoni eyayinokwenzakalisa umfama ngaphezu kotshaba oluchwechwa luze luhlwayele ukhula kwintsimi yakhe? Imithetho yelo xesha ibonisa ukuba oko kwakusenzeka. Ngaba ayicacanga into yokuba uYesu wathetha ngezinto ezazinokuqondwa ngabaphulaphuli bakhe?—Mateyu 13:1, 2, 24-30.
14. Kwibali lomSamariya olungileyo, kutheni ibalulekile nje into yokuba uYesu wathetha ngendlela ‘esuka eYerusalem isiya eYeriko’ ukuze agxininise ingongoma yakhe?
14 Okwesibini, khawucinge ngebali lomSamariya olungileyo. UYesu walitshayela ngokuthi: “Umntu othile wayesihla evela eYerusalem esiya eYeriko waza wagaxeleka kubaphangi, abathi bamhluba baza bambetha, bemka, bemshiya esecicini lokufa.” (Luka 10:30) Kuyaphawuleka ukuba, ukuze agxininise ingongoma yakhe, uYesu wathetha ngendlela ‘esuka eYerusalem isiya eYeriko.’ Xa wayebalisa eli bali, wayekwilizwe lakwaYuda, elingekude kuyaphi eYerusalem; ngoko kuyacaca ukuba abaphulaphuli bakhe babeyazi loo ndlela. Loo ndlela yayisaziwa ngokuba yingozi, ingakumbi kumntu ohamba yedwa. Yayizaliswe ngamagophe aphumela kwindawo ekwanti, nto leyo eyayisenza kubekho iindawo ezininzi zokuzimela abaphangi.
15. Kutheni kungekho namnye owayenokuthethelela umbingeleli nomLevi abakumzekeliso ophathelele umSamariya olungileyo?
15 Kukho nenye into ephawulekayo ngokuthetha kukaYesu ngendlela ‘ehlayo isuka eYerusalem isiya eYeriko.’ Ngokutsho kweli bali, kwaqala kwadlula umbingeleli kuloo ndlela elandelwa ngumLevi—nangona bengazange beme ukuze bancede elo xhoba. (Luka 10:31, 32) Ababingeleli babekhonza etempileni eYerusalem, yaye babencediswa ngabaLevi. Ababingeleli nabaLevi abaninzi babehlala eYeriko xa bengayanga kusebenza etempileni, kuba iYeriko yayikumgama nje weekhilomitha ezingama-23 ukusuka eYerusalem. Ngoko ke, ngokuqinisekileyo babekhe bahambe ngaloo ndlela. Kwakhona, phawula ukuba, loo mbingeleli nomLevi babehamba kuloo ndlela ‘bevela eYerusalem,’ beshiya itempile.b Ngoko akukho namnye owayenokuwathethelela la madoda ngokuthi, ‘Ayishiya loo ndoda ingxwelerhekileyo kuba yayibonakala ngathi ifile, yaye ukuchukumisa isidumbu kwakuya kuwenza angakufanelekeli ukukhonza etempileni kangangexesha elithile.’ (Levitikus 21:1; Numeri 19:11, 16) Ngaba akucacanga na ukuba lo mzekeliso kaYesu wawuthetha ngezinto ezaziqhelekile kubaphulaphuli bakhe?
Yayithetha Ngendalo
16. Kutheni ingamangalisi nje into yokuba uYesu wayeqhelene nendalo?
16 Imizekeliso namabali amaninzi kaYesu abonisa ukuqhelana kwakhe nezityalo, izilwanyana nezinye izinto zendalo. (Mateyu 6:26, 28-30; 16:2, 3) Wayelufumana phi olo lwazi? Ngoxa wayesakhula eGalili, ngokuqinisekileyo waba nethuba elininzi lokondela indalo kaYehova. Ngaphezu koko, uYesu ‘lizibulo kwindalo yonke,’ yaye uYehova wamsebenzisa “njengomsebénzi onobuchule” ekudaleni zonke izinto. (Kolose 1:15, 16; IMizekeliso 8:30, 31) Ngaba kukho into emangalisayo ngokuqhelana kukaYesu nendalo? Makhe sibone indlela awalusebenzisa ngobuchule ngayo olu lwazi lwakhe ekufundiseni.
17, 18. (a) Amazwi kaYesu abhalwe kuYohane isahluko 10 abonisa njani ukuba wayeqhelene nemikhwa yezimvu? (b) Yintoni eye yaphuwulwa ngabo batyelela kumazwe ekuthethwa ngawo eBhayibhileni ngokuphathelele ulwalamano oluphakathi kwabelusi nezimvu zabo?
17 Omnye weyona mizekeliso ichukumisayo kaYesu ngulowo ubhalwe kuYohane isahluko 10, apho afanisa ulwalamano olusondeleyo lwakhe nabalandeli bakhe kunye nolo lomalusi nezimvu zakhe. Amazwi kaYesu abonisa ukuba wayeqhelene gqitha nemikhwa yezimvu. Wabonisa ukuba izimvu zithobela ulwalathiso, yaye ngokuthembeka zilandela umalusi wazo. (Yohane 10:2-4) Ulwalamano olukhethekileyo oluphakathi kwabelusi nezimvu luye lwaphawulwa ngabo batyelela kumazwe ekuthethwa ngawo eBhayibhileni. Kwinkulungwane ye-19, isazi ngezemvelo uH. B. Tristram sathi: “Ndakha ndabukela umalusi edlala nezimvu zakhe. Wenza ngathi uyazishiya; zaza ezo zimvu zamlandela zamngqonga. . . . Ekugqibeleni wonke loo mhlambi wamrhangqa, utsiba-tsiba.”
18 Kutheni izimvu zimlandela umalusi wazo? UYesu wathi, ‘Kungenxa yokuba ziyalazi ilizwi lakhe.’ (Yohane 10:4) Ngaba ngokwenene izimvu ziyalazi ilizwi lomalusi wazo? Ngokusuka kumava obuqu, kwincwadi yakhe ethi The Historical Geography of the Holy Land, uGeorge A. Smith wabhala wathi: “Maxa wambi sasichitha imva kwemini siphumle ecaleni kwaloo maqula amanzi akwelakwaYuda, ekwakudla ngokufika kuwo abelusi abathathu okanye abane nemihlambi yabo. Loo mihlambi yayihlangana, yaye sasizibuza ngendlela abo belusi ababeza kuyahlukanisa ngayo imihlambi yabo. Kodwa emva kokuba ezo zimvu zigqibile ukusela nokudlala, ngamnye kwabo belusi wayesiya kwelakhe icala, aze azibize ngendlela yakhe eyahlukileyo; yaye izimvu zazisahlukana ziye kubelusi bazo.” Lowo ngowona mzekeliso ubalaseleyo uYesu awayenokugxininisa ngawo ingongoma yakhe. Ukuba siyazithobela iimfundiso zakhe size silandele ukhokelo lwakhe, ngoko siya kunyanyekelwa ngothando ngulo ‘malusi ulungileyo.’—Yohane 10:11.
Yayithetha Ngeziganeko Ezaziwayo Ngabaphulaphuli
19. Ukuze aphikise ingcamango yobuxoki, uYesu wasisebenzisa ngokuphumelelayo njani isiganeko sasekuhlaleni?
19 Imizekeliso ephumelelayo inokuquka amava okanye imizekelo enemfundiso. Kwesinye isihlandlo, uYesu wasebenzisa isiganeko esasisandul’ ukwenzeka ukuze aphikise ingcamango yobuxoki yokuba intlekele yehla kwabo ibimele ibehlele. Wathi: “Abo balishumi elinesibhozo abawelwa yinqaba eSilowam, bafa, ngaba nicinga ukuba babenetyala [babengaboni] ngakumbi kunabo bonke abanye abantu abangabemi eYerusalem?” (Luka 13:4) UYesu wayitshitshisa loo ngcamango iphuthileyo. Loo miphefumlo ili-18 ayizange itshabalale ngenxa yesono esithile esasicaphukise uThixo. Kunoko, ukufa kwabo kuloo ntlekele kwabangelwa lixesha nasisihlo. (INtshumayeli 9:11) Ngaloo ndlela wayiphikisa loo mfundiso yobuxoki ngokuchaza isiganeko ababesazi kakuhle abaphulaphuli bakhe.
20, 21. (a) AbaFarisi babagxeka njani abafundi bakaYesu? (b) Yiyiphi ingxelo eseZibhalweni eyasetyenziswa nguYesu ukubonisa ukuba yayingeyonjongo kaYehova ukuba umthetho weSabatha ube ngqongqo? (c) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
20 Kwimfundiso yakhe, uYesu wayesebenzisa nemizekelo eseZibhalweni. Khumbula xa abaFarisi bagxeka abafundi bakhe ngokukha izikhwebu baze bazitye ngeSabatha. Eneneni, abo bafundi baphula, kungekhona uMthetho kaThixo, kodwa imiyalelo engqongqo yabaFarisi ephathelele imisebenzi engafanele yenziwe ngeSabatha. Ukubonisa ukuba yayingeyonjongo kaThixo ukuba umthetho weSabatha ube ngqongqo ngaloo ndlela, uYesu wabhekisela kwisiganeko esichazwe kweyoku-1 kaSamuweli 21:3-6. Xa babelambile, uDavide namadoda akhe baya emnqubeni baza batya izonka zokuboniswa, ezazisele zishenxisiwe endaweni yazo. Ngokuqhelekileyo ezo zonka zazityiwa ngababingeleli. Ukanti, phantsi kwezo meko, uDavide namadoda akhe abazange bohlwaywe ngenxa yokuzitya. Into ephawulekayo kukuba, loo ngxelo yiyo kuphela ebhalwe eBhayibhileni ngokuphathelele ukutyiwa kwezo zonka ngabantu abangengobabingeleli. UYesu wayeyazi kakuhle eyona ngxelo afanele ayisebenzise, yaye ngokungathandabuzekiyo abaphulaphuli bakhe abangamaYuda babeqhelene nayo.—Mateyu 12:1-8.
21 Ngokwenene, uYesu wayenguMfundisi Omkhulu! Enyanisweni iyamangalisa indlela yakhe engenakuthelekiswa nanto yokukwazi ukudlulisela iinyaniso ezibalulekileyo ngendlela eqondwa lula ngabaphulaphuli bakhe. Noko ke, sinokumxelisa njani thina xa sifundisa? Oku kuza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Imizekeliso yakhe uYesu wayenza ngeendlela ezahlukahlukeneyo, esebenzisa imizekelo, uthelekiso, izifaniso nezafobe. Ubalasele kakhulu ngokusebenzisa kwakhe amabali amafutshane “ngenjongo yokucacisa inyaniso ephathelele ukuziphatha okanye unqulo.”
b IYerusalem yayikumhlaba ophakamileyo kuneYeriko. Ngoko, xa umntu ‘evela eYerusalem esiya eYeriko,’ njengoko kuchazwe kweli bali, ‘wayesehla.’
Ngaba Usakhumbula?
• Kwakutheni ukuze uYesu afundise ngemizekeliso?
• Nguwuphi umzekelo obonisa ukuba uYesu wayesebenzisa imizekeliso ababeyiqonda abaphulaphuli bakhe benkulungwane yokuqala?
• UYesu walusebenzisa njani ngobuchule ulwazi lwakhe ngendalo ekwenzeni imizekeliso?
• UYesu wazisebenzisa ngayiphi indlela iziganeko ezazisaziwa ngabaphulaphuli bakhe?
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
UYesu wabalisa ngekhoboka elingazange livume ukuxolela ityala nje elincinane nangobawo owaxolela unyana owalidla waligqiba lonke ilifa lakhe
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Yiyiphi ingongoma yebali likaYesu lomSamariya olungileyo?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ngaba ngokwenene izimvu ziyalazi ilizwi lomalusi wazo?