Kuprofetwa NgoMesiya
UHLANGA lwamaYuda lwalukhangele phambili ekufikeni kukaMesiya kuba lwalukwazi oko kwakubhalwe nguIsaya nangabanye abaprofeti. Ngomhla kaYesu, amaYuda amaninzi ‘ayelindele’ ukubonakala kukaMesiya. (Luka 3:15) Okuphawulekayo kukuba iBhayibhile iqulethe iziprofeto ezineenkcukacha ngobomi bakhe. Akakho umntu owayenokuzixela kwangaphambili ezo ziganeko okanye abangele ukuba zenzeke ngoxa uYesu wayesemhlabeni.
Iinkcukacha Zokuzalwa KukaMesiya. UIsaya waxela kwangaphambili ukuba uMesiya okanye uKristu wayeza kuzalwa yintombi enyulu. Emva kokuchaza imimangaliso eyenzeka ngexesha lokuzalwa kukaYesu, umpostile uMateyu wabhala: “Konke oku okunene kwenzeka ukuze kuzaliseke oko kwakuthethwe nguYehova ngomprofeti wakhe, esithi: ‘Khangela! Intombi enyulu iya kumitha, izale unyana.’” (Mateyu 1:22, 23; Isaya 7:14) Kwakhona uIsaya waprofeta esithi uKristu wayeza kuphuma kumnombo kaDavide, kuYese, uyise kaDavide. Okunene uYesu waphuma kuloo mnombo. (Mateyu 1:6, 16; Luka 3:23, 31, 32) Ngaphambi kokuzalwa kukaYesu, ingelosi uGabriyeli yaxelela uMariya unina oku: “UThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise.”—Luka 1:32, 33; Isaya 11:1-5, 10; Roma 15:12.
Iinkcukacha Zobomi BukaMesiya. Kwindlu yesikhungu eNazarete uYesu wafunda isiprofeto sikaIsaya, esiquka la mazwi: “Umoya kaYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba undithambisele ukuvakalisa iindaba ezilungileyo kumahlwempu.” Esi siprofeto wasisebenzisa kuye esithi: “Namhlanje esi sibhalo nisandul’ ukusiva sizalisekile.” (Luka 4:17-21; Isaya 61:1, 2) Kwakhona uIsaya waprofeta wathi wayeza kubaphatha ngobubele nangobulali abantu abagulayo. UMateyu uthi: “Abaninzi bamlandela, waza wabaphilisa bonke, kodwa wabayala ngokungqongqo ukuba bangamvezi; ukuze kuzaliseke oko kwathethwa ngoIsaya umprofeti . . . ‘Akayi kudala ingxabano, okanye adanduluke kakhulu . . . Akukho ngcongolo yaphukileyo aya kuyityumza.’”—Mateyu 8:16, 17; 12:10-21; Isaya 42:1-4; 53:4, 5.
Indlela UMesiya Awabandezeleka Ngayo. UIsaya waprofeta wathi inkoliso yamaSirayeli yayingazi kumamkela uMesiya kodwa wayeza kuba ‘lilitye lesikhubekiso’ kuwo. (1 Petros 2:6-8; Isaya 8:14, 15) Nangona uYesu wayesenza imimangaliso emininzi, abantu “babengakholwa kuye, khon’ ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke elo walitshoyo esithi: ‘Yehova, ngubani na okholiweyo kwinto esiyivileyo? Yaye yona ke ingalo kaYehova, ityhileke kubani na?’” (Yohane 12:37, 38; Isaya 53:1) Esinye isizathu esasibangela ukuba amaYuda angakholwa kuYesu yayiyinkolelo eyayithandwa nengachananga yokuba uMesiya wayeza kulubhukuqa ulawulo lwamaRoma aze abuyisele ubukumkani bukaDavide emhlabeni. Ekubeni uYesu wabandezeleka waza wafa, amaYuda amaninzi akazange akholelwe ukuba unguMesiya. UIsaya wayexele kwangaphambili ukuba uMesiya wayeza kubandezeleka ngaphambi kokuba abe nguKumkani.
UIsaya waprofeta ngoMesiya njengothi: “Ndawunikela umhlana wam kubabethi . . . Andibufihlanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni.” UMateyu uchaza oko kwenzekayo xa kwakuvavanywa ityala likaYesu: “Ngoko bamtshicela ebusweni baza bambetha ngamanqindi. Abanye bammpakaza ebusweni.” (Isaya 50:6; Mateyu 26:67) UIsaya wathi: “Wazivumela waxhwaleka; ukanti wayengawuvuli umlomo wakhe.” Ngoko xa uPilato wayembuza ngezityholo awayemangalelwa ngazo ngamaYuda, uYesu “akazange amphendule, nalinye ilizwi, kangangokuba irhuluneli yamangaliswa kakhulu.”—Isaya 53:7; Mateyu 27:12-14; IZenzo 8:28, 32-35.
Indlela Awafa Ngayo UMesiya. Isiprofeto sikaIsaya saqhubeka sizaliseka ekufeni kukaYesu ukanti nasemva kokuba efile. Wathi: “Liya kuba phakathi kwabangendawo ingcwaba lakhe, abe phakathi kodidi lwezityebi ekufeni kwakhe.” (Isaya 53:9) Sazaliseka njani esi siprofeto sibonakala ngathi siyangqubana? Ekufeni kwakhe uYesu wabethelelwa phakathi kwabaphangi ababini. (Mateyu 27:38) Kodwa kamva, uYosefu waseArimathiya owayesisityebi umzimba kaYesu wawubeka kwingcwaba lakhe elitsha awayelimbe eliweni. (Mateyu 27:57-60) Ekugqibeleni, ukufa kukaYesu kwazalisekisa esinye seziprofeto ezibalulekileyo zikaIsaya. Ethetha ngoMesiya, uIsaya uthi: “Lowo ulilungisa, umkhonzi wam, uya kubazisela ukuma kobulungisa abantu abaninzi; neziphoso zabo uya kuzithwala.” Ewe, ukufa kukaYesu kwaba yintlawulelo ukuze bonke abantu abanokholo bakhululwe esonweni.—Isaya 53:8, 11; Roma 4:25.
Inzaliseko Yeziprofeto Iqinisekile
Ukuze bamchaze ngokusuka kwiZibhalo uMesiya, abapostile noYesu bacaphula isiprofeto sikaIsaya kunayo nayiphi na enye incwadi yeBhayibhile. Sekunjalo, le asikuphela kwencwadi echaza ikamva. Nezinye iziprofeto zeZibhalo zesiHebhere zazaliseka kuYesu, uBukumkani bakhe, nezinto eziza kwenziwa buBukumkani kwixesha elizayo.a (IZenzo 28:23; ISityhilelo 19:10) Yayiqiniseke kangakanani inzaliseko yezi ziprofeto? UYesu wathi kubaphulaphuli abangamaYuda: “Ningacingi ukuba ndize kutshabalalisa uMthetho okanye abaProfeti [oko kukuthi, iZibhalo zesiHebhere]. Andizanga kutshabalalisa, kodwa ndize kuzalisekisa; kuba inene ndithi kuni, kungade kudlule izulu nomhlaba kunokuba kudlule namnye unobumba omncinane okanye nalinye isuntswana lonobumba woMthetho zingenzekanga zonke ezo zinto.”—Mateyu 5:17, 18.
UYesu wabonisa ukuba izinto ezazisenzeka kuye nezaziza kwenzeka kwixa elizayo zazizalisekisa isiprofeto seBhayibhile. (Daniyeli 9:27; Mateyu 15:7-9; 24:15) Ukongezelela koko, uYesu nabafundi bakhe bachaza izinto ezaziza kwenzeka kwimihla yabo, kuquka nezo siye sazibona zizaliseka namhlanje. Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ezi ziprofeto zeBhayibhile nezinye eziseza kuzaliseka.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngeziprofeto ezazalisekayo ezithetha ngoYesu, funda incwadi epapashwe ngamaNgqina kaYehova ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? kwiphepha 200.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
‘Intombi enyulu iya kuzala unyana’
[Umfanekiso okwiphepha 5]
“Andibufihlanga ubuso bam ehlazweni”