‘Hlalani Kwilizwi Lam’
“Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam.”—YOHANE 8:31.
1. (a) Xa uYesu wabuyela ezulwini, yintoni awayishiya emhlabeni? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiqwalasela?
XA UYESU KRISTU, uMseki wobuKristu wabuyela emazulwini, emhlabeni akazange ashiye iincwadi ezibhalwe nguye, izakhiwo ezisisikhumbuzo awazakhayo, okanye ubutyebi awabuqokelelayo. Kodwa washiya abafundi kwanemiyalelo ecacileyo yokuba ngumfundi. Eneneni, kwincwadi yeVangeli kaYohane, uYesu ukhankanya imiyalelo emithathu ebalulekileyo efanele ithotyelwe nguye nabani na ofuna ukuba ngumlandeli wakhe. Yiyiphi le miyalelo? Yintoni esinokuyenza ukuze siyithobele? Yaye sinokuqiniseka njani ukuba thina siyafaneleka njengabafundi bakaKristu namhlanje?a
2. Nguwuphi umyalelo obalulekileyo wokuba ngumfundi, njengoko ubhalwe kwincwadi yeVangeli kaYohane?
2 Malunga neenyanga ezintandathu ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu waya eYerusalem waza washumayela kwisihlwele esasihlanganisene apho size kumsitho woMthendeleko Weminquba owawuza kuthabatha iveki. Ngenxa yoko, xa lo msitho wawusele uphakathi, “abaninzi kwisihlwele bakholwa kuye.” UYesu waqhubeka eshumayela, kangangokuba ngosuku lokugqibela lwalo msitho, kwakhona “abaninzi bakholwa kuye.” (Yohane 7:10, 14, 31, 37; 8:30) Ngelo xesha, uYesu wanikela ingqalelo kwabo babesandul’ ukukholwa waza wabanika umyalelo obalulekileyo wokuba ngumfundi, njengoko ubhalwe ngumpostile uYohane esithi: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam.”—Yohane 8:31.
3. Luluphi uphawu olufunekayo ukuze ubani ‘ahlale kwilizwi likaYesu’?
3 Ngaloo mazwi, uYesu wayengathethi ukuba loo makholwa matsha ayengenalukholo. Kunoko, wayethetha ukuba ayenelungelo lokuba ngabafundi bakhe bokwenyaniso—ukuba ayeza kuhlala kwilizwi lakhe, yaye anyamezele. Ayelamkele ilizwi lakhe, kodwa ngoku kwakufuneka aqhubeke ebambelele kulo. (Yohane 4:34; Hebhere 3:14) Eneneni, uYesu wayekugqala ukunyamezela njengophawu olubalulekileyo kubalandeli bakhe kangangokuba kumazwi akhe okugqibela nabapostile bakhe, abhalwe kwincwadi yeVangeli kaYohane, uYesu wababongoza izihlandlo ezibini esithi: ‘Qhubekani nindilandela.’ (Yohane 21:19, 22) AmaKristu okuqala amaninzi enjenjalo. (2 Yohane 4) Yintoni eyawanceda ukuba anyamezele?
4. Yintoni eyanceda amaKristu okuqala ukuze anyamezele?
4 Umpostile uYohane, umfundi kaKristu owahlala ethembekile iminyaka enokuba ngama-70, wakhankanya inkalo ebalulekileyo. Wawancoma amaKristu athembekileyo esithi: “Nomelele yaye ilizwi likaThixo lihleli kuni ibe niye namoyisa lowo ungendawo.” Abo bafundi bakaKristu banyamezela, okanye bahlala kwilizwi likaThixo, kuba ilizwi likaThixo lahlala likubo. Babelixabisa ngokunzulu. (1 Yohane 2:14, 24) Ngokufanayo namhlanje, ukuze ‘sinyamezele kude kuse esiphelweni,’ sifanele siqiniseke ukuba ilizwi likaThixo lihlala likuthi. (Mateyu 24:13) Sinokukwenza njani oku? Umzekeliso owenziwa nguYesu usinika impendulo.
‘Ukuva Ilizwi’
5. (a) Yiyiphi imihlaba eyahlukahlukeneyo eyakhankanywa nguYesu komnye wemizekeliso yakhe? (b) Ifanekisela ntoni imbewu nomhlaba kumzekeliso kaYesu?
5 UYesu wenza umzekeliso womhlwayeli ohlwayela imbewu, yaye ubhalwe kwincwadi yeVangeli kaMateyu, kaMarko nekaLuka. (Mateyu 13:1-9, 18-23; Marko 4:1-9, 14-20; Luka 8:4-8, 11-15) Njengoko ufunda ezi ngxelo, uya kuphawula ukuba umgaqo oyintloko walo mzekeliso kukuba imbewu efanayo iwela kumhlaba owahlukahlukeneyo, ize ivelise iziqhamo ezahlukahlukeneyo. Umhlaba wokuqala uqinile, owesibini awukho nzulu, yaye owesithathu unameva. Owesine, ngokungafaniyo neminye emithathu, “mhle” yaye ‘ngumhlaba olungileyo.’ Ngokutsho kukaYesu, imbewu sisigidimi soBukumkani esifumaneka kwiLizwi likaThixo, yaye umhlaba ufanekisela abantu abaneemeko ezahlukahlukeneyo zentliziyo. Nangona aba bantu befanekiselwa yimihlaba eyahlukahlukeneyo kukho into abafana ngayo, abo bafanekisela umhlaba omhle baneempawu ezibenza bahluke kwabanye.
6. (a) Umhlaba wesine okumzekeliso kaYesu wahluke njani kweminye emithathu, yaye oko kuthetha ntoni? (b) Yintoni ebalulekileyo ukuze sibonakalise ukunyamezela njengabafundi bakaKristu?
6 Ingxelo ekuLuka 8:12-15 ibonisa ukuba kuzo zone ezi meko, abantu ‘bayaliva ilizwi.’ Noko ke, abo ‘banentliziyo entle nelungileyo’ abapheleli nje ‘ekuliveni ilizwi.’ ‘Bayaligcina baze bathwale isiqhamo ngonyamezelo.’ Umhlaba omhle nolungileyo, ekubeni uthambile yaye unzulu, uyazivumela iingcambu zembewu ukuba zehle, yaye oko kuphumela ekubeni imbewu ihlume ize ivelise isiqhamo. (Luka 8:8) Ngokufanayo, abo banentliziyo entle bayaliqonda, bayalixabisa baze bendele kwilizwi likaThixo. (Roma 10:10; 2 Timoti 2:7) Ilizwi likaThixo lihlala likubo. Ngenxa yoko, bavelisa isiqhamo ngonyamezelo. Ngaloo ndlela, uxabiso olunzulu ngeLizwi likaThixo lubalulekile ekubonakaliseni unyamezelo njengabafundi bakaKristu. (1 Timoti 4:15) Noko ke, sinokuba nalo njani uxabiso olunzulu olunjalo ngeLizwi likaThixo?
Imeko Yentliziyo Nokucingisisa Nzulu
7. Sisiphi isenzo esinxulunyaniswa ngokusondeleyo nentliziyo elungileyo?
7 Phawula isenzo iBhayibhile esinxulumanisa ngokuphindaphindiweyo nentliziyo entle nelungileyo. “Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo.” (IMizekeliso 15:28) “Amazwi omlomo wam nokucamngca kwentliziyo yam makukukholise, Yehova.” (INdumiso 19:14) “Nokucamngca kwentliziyo yam kuya kuba kokwezinto zokuqonda.”—INdumiso 49:3.
8. (a) Xa sifunda iBhayibhile, yintoni esifanele siyiphephe kodwa yintoni esifanele siyenze? (b) Ziziphi iinzuzo esizifumana ngokucamngca ngomthandazo ngeLizwi likaThixo? (Quka ibhokisi ethi “Nimi Ngokuqinileyo Kwinyaniso.”)
8 Njengaba babhali beBhayibhile, nathi sifanele sicamngce ngoxabiso nangomthandazo ngeLizwi likaThixo nemisebenzi yakhe. Xa sifunda iBhayibhile okanye iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni, asifanele senze njengabakhenkethi abangxamileyo abasuka kule ndawo intle baye kwenye, bethabatha imifanekiso kodwa bengazibuki ezo ndawo. Kunoko, xa sifundisisa iBhayibhile, sifanele siziphe ixesha lokuma size, ngokungathi kunjalo, siyibukisise loo ndawo intle.b Njengoko sicingisisa nzulu ngoko sikufundayo, ilizwi likaThixo liyaziphembelela iintliziyo zethu. Lichukumisa iimvakalelo zethu lize lilungise indlela esicinga ngayo. Kwakhona lisishukumisela ukuba sithethe noThixo ngomthandazo simxelela oko kusemazantsi eentliziyo zethu. Ngenxa yoko, ulwalamano lwethu noYehova luyomelezwa, yaye uthando lwethu ngoThixo lusenza siqhubeke silandela uYesu naphantsi kweemeko ezinzima. (Mateyu 10:22) Ngokucacileyo, ukucamngca ngoko uThixo akuthethayo kubalulekile ukuze sihlale sithembekile kude kube sekupheleni.—Luka 21:19.
9. Sinokuqiniseka njani ukuba iintliziyo zethu zihlala zisamkela ilizwi likaThixo?
9 Kwakhona umzekeliso kaYesu ubonisa ukuba kukho izinto ezithintela le mbewu, elilizwi likaThixo, ingakhuli. Ngenxa yoko, ukuze sihlale singabafundi abathembekileyo, sifanele (1) siyiqonde imiqobo efuziselwa ziimeko zomhlaba ongekho mhle okhankanywe kulo mzekeliso size (2) sithabathe amanyathelo okuzilungisa okanye ukuziphepha. Ngaloo ndlela, siya kuqiniseka ukuba iintliziyo zethu zihlala zisamkela imbewu yoBukumkani zize ziqhubeke zivelisa isiqhamo.
“Ecaleni Kwendlela”—Ukuxakeka
10. Chaza uhlobo lomhlaba wokuqala okumzekeliso kaYesu, uze ucacise intsingiselo yawo.
10 Uhlobo lokuqala lomhlaba le mbewu ewela kuwo ‘usecaleni kwendlela,’ apho “yanyathelwa” khona imbewu. (Luka 8:5) Umhlaba osecaleni kwendlela enqumla kumasimi engqolowa ugangathekile ngenxa yokuba uhlala uhamba abantu. (Marko 2:23) Ngokufanayo, abo bavumela izinto zehlabathi zibagcine bexakekile yaye bediniwe, basenokufumanisa ukuba abanathuba lakuhlakulela uxabiso olunzulu ngelizwi likaThixo. Bayaliva, kodwa abacamngci ngalo. Ngoko ke iintliziyo zabo azilamkeli. Ngaphambi kokuba babe nothando ngalo, ‘uMtyholi uyeza aze alithabathe ilizwi ezintliziyweni zabo ukuze bangakholwa baze basindiswe.’ (Luka 8:12) Ngaba oku kunokuthintelwa?
11. Sinokuyithintela njani intliziyo yethu ingafani nomhlaba oqinileyo?
11 Kuninzi okunokwenziwa ukuthintela intliziyo ukuze ingafani nomhlaba ongenamveliso osecaleni kwendlela. Umhlaba ogangathekileyo noqinileyo unokuba vunduvundu uze ube nemveliso ukuba ulinyiwe kwaza kwathintelwa abantu ukuba bangahambi kuwo. Ngokufanayo, ukuzipha ixesha lokufundisisa nokucamngca ngeLizwi likaThixo kunokwenza intliziyo ibe njengomhlaba omhle nochumileyo. Undoqo kukuba ungazixakekisi gqitha ngezinto zokuphila kwemihla ngemihla. (Luka 12:13-15) Kunoko, qiniseka ukuba uzibekela ixesha lokucinga “ngezinto ezibaluleke ngakumbi” ebomini.—Filipi 1:9-11.
“Elulwalweni”—Ukoyika
12. Sisiphi esona sizathu sokwenene esibangela ukuba isityalo sibune kuhlobo lwesibini lomhlaba okhankanywe kumzekeliso kaYesu?
12 Xa imbewu iwela kuhlobo lwesibini lomhlaba, ayihlali nje kuwo, njengakwimeko yokuqala. Iyamila ize ihlume. Kodwa xa ilanga liphuma, isityalo sigqatswa lilanga size sibune. Noko ke, phawula le ngongoma ibalulekileyo. Esona sizathu sibangela ukuba isityalo sibune asibobushushu. Ngapha koko, isityalo esiphuma kumhlaba omhle naso sibethwa lilanga, kodwa asibuni—eneneni, siyakhula. Yintoni ebangela umahluko? UYesu ucacisa esithi, esi sityalo siyabuna, “ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba” ‘nangenxa yokungabi nakufuma.’ (Mateyu 13:5, 6; Luka 8:6) ‘Ulwalwa,’ okanye urhexe olungekho nzulu emhlabeni, luthintela imbewu ukuba ihlise iingcambu ukuze ziye kufikelela ezantsi size sifumane ukufuma yaye somelele. Isityalo siyabuna kuba umhlaba ungekho nzulu.
13. Ngabantu abanjani abafana nomhlaba ongekho nzulu, yaye sisiphi isizathu esiyintloko esibabangela boyike?
13 Le nxalenye yomzekeliso ibhekisela kubantu ‘abalamkela ilizwi ngovuyo’ baze “okwexeshana” balandele uYesu ngenzondelelo. (Luka 8:13) Xa begqatswa lilanga ‘eliyimbandezelo okanye intshutshiso,’ boyika kakhulu kangangokuba baphelelwe luvuyo namandla baze bayeke ukulandela uKristu. (Mateyu 13:21) Noko ke, esona sizathu siyintloko sokuba boyike, asiyonkcaso. Ngapha koko, abalandeli bakaKristu abaninzi banyamezela iimbandezelo ezahlukahlukeneyo, kodwa bahlala bethembekile. (2 Korinte 2:4; 7:5) Isizathu esiyintloko sokuba abanye boyike baze bayishiye inyaniso kungenxa yokuba iintliziyo zabo ezinjengolwalwa zibathintela ukuba bangacamngci ngokunzulu ngezinto ezakhayo nezokomoya. Ngenxa yoko, abanalo uxabiso olunzulu ngoYehova nangelizwi lakhe yaye babuthathaka kakhulu ukuba bangamelana nenkcaso. Ubani unokukuthintela njani oku?
14. Ngawaphi amanyathelo ubani afanele awathabathe ukuthintela intliziyo yakhe ingabi njengomhlaba ongekho nzulu?
14 Ubani ufanele aqiniseke ukuba intliziyo yakhe ayinamiqobo enjengolwalwa, njengokuba nengqumbo enzulu, ukuzingca, okanye iimvakalelo ezinjalo ezifihlakeleyo. Ukuba sele enemiqobo enjalo, amandla elizwi likaThixo anokuyisusa. (Yeremiya 23:29; Efese 4:22; Hebhere 4:12) Emva koko, ukungcamngca ngomthandazo kuya kwenza ukuba ‘ilizwi limiliselwe’ ngokunzulu entliziyweni yaloo mntu. (Yakobi 1:21) Oku kuya kumenza ukuba abe namandla okumelana nokudimazeka aze abe nenkalipho yokuhlala ethembekile phezu kwazo nje izilingo.
“Phakathi Kwameva”—Ukuba Mbaxa
15. (a) Kutheni sifanele sinikele ingqalelo ekhethekileyo kuhlobo lwesithathu lomhlaba okhankanywe nguYesu? (b) Yintoni ekugqibeleni eyenzekayo kuhlobo lwesithathu lomhlaba, yaye ngoba?
15 Uhlobo lwesithathu lomhlaba, onameva, sifanele sinikele ingqalelo ekhethekileyo kuwo, kuba kwiinkalo ezithile uyafana nomhlaba omhle. Njengakumhlaba omhle, imbewu iyamila ize ihlume kumhlaba onameva. Ekuqaleni, kwezi ndidi zombini zomhlaba isityalo esitsha sikhula ngendlela efanayo. Noko ke, ekuhambeni kwexesha, kubakho izinto ezisiminxayo isityalo. Ngokungafaniyo nomhlaba omhle, lo mhlaba ukhula ameva. Njengoko isityalo esitsha sintshula kulo mhlaba, sisenokuminxwa ‘ngameva esikhula nawo.’ Okwexeshana zombini ezi zityalo zifuna izondlo, ukukhanya, nomhlaba owaneleyo kodwa ekugqibeleni ameva ayasigubungela eso sityalo aze ‘asiminxisele.’—Luka 8:7.
16. (a) Ngoobani abafanekisela umhlaba onameva? (b) Ngokutsho kweengxelo ezintathu zeVangeli, ameva afanekisela ntoni?—Bona umbhalo osemazantsi.
16 Ngabantu abanjani abafanekisela umhlaba onameva? UYesu uthi: “Ngabo baye beva, kodwa, ngokuthabatheka ngamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baminxwa ngokupheleleyo baze bangagqibelelisi nto.” (Luka 8:14) Kanye njengembewu yomlimi nanjengameva akhula emhlabeni ngexesha elinye, ngoko bambi bazama ukwamkela ilizwi likaThixo kwangaxeshanye “neziyolo zobu bomi.” Kutyalwa inyaniso yelizwi likaThixo ezintliziyweni zabo, kodwa iphazanyiswa zizinto nazo ezifuna ingqalelo yabo. Intliziyo yabo yokomfuziselo imbaxa. (Luka 9:57-62) Oku kubenza bangabi naxesha laneleyo lokuthandaza nelokucinga ngokunzulu ngelizwi likaThixo. Abakwazi ukulamkela ilizwi likaThixo ngokupheleleyo yaye ngenxa yoko abanalo uxabiso olunzulu olunokubenza banyamezele. Ngokuthe ngcembe, usukelo lwabo lwezinto zokomoya luphazanyiswa zizinto ezingenakuthanani nezinto zokomoya kangangokuba ‘ziminxwa ngokupheleleyo.’c Esi sisiphelo esilusizi gqitha sabo bangamthandi ngentliziyo epheleleyo uYehova!—Mateyu 6:24; 22:37.
17. Luluphi ukhetho esifanele silwenze ebomini ukuze singaminxwa ngameva okomfuziselo akhankanywe kumzekeliso kaYesu?
17 Ngokubeka izinto zokomoya kwindawo yokuqala kunezinto zokwenyama, siyakuphepha ukuminxwa ziinzima naziziyolo zeli hlabathi. (Mateyu 6:31-33; Luka 21:34-36) Asifanele nanini na sikutyeshele ukufunda iBhayibhile nokucinga ngoko siye sakufunda. Siya kufumana ixesha elingakumbi lokucamngca ngokunzulu nangomthandazo ukuba sibenza lula ubomi bethu kangangoko sinako. (1 Timoti 6:6-8) Abakhonzi bakaThixo abaye, ngokungathi kunjalo, bancothula ameva kulo mhlaba ukuze isityalo esithwala isiqhamo sibe nezondlo, ukukhanya okungakumbi nomhlaba owaneleyo—bazuza intsikelelo kaYehova. USandra, oneminyaka engama-26 ubudala uthi: “Xa ndicamngca ngeentsikelelo endiye ndazifumana ngokuba senyanisweni, ndifumanisa ukuba akukho nto ubani anokuyizuza ehlabathini enokuthelekiswa nazo!”—INdumiso 84:11.
18. Sinokuhlala njani kwilizwi likaThixo size sinyamezele njengamaKristu?
18 Licacile elokuba xa sisonke, abaselula nabakhulileyo, siya kuhlala elizwini likaThixo size sinyamezele njengabafundi bakaKristu lo gama nje ilizwi likaThixo lihleli kuthi. Ngoko ke, masiqiniseke ukuba umhlaba wentliziyo yethu yokomfuziselo asiwuvumeli ukuba uqine, ungabi nzulu, okanye ube lifusi, kodwa ufanele uhlale uvunduvundu yaye unzulu. Ngaloo ndlela, siya kukwazi ukulamkela ngokupheleleyo ilizwi likaThixo size ‘sithwale isiqhamo ngonyamezelo.’—Luka 8:15.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kweli nqaku, siza kuqwalasela owokuqala kule miyalelo. Eminye emibini iza kuxutyushwa kumanqaku alandelayo.
b Ukuze ucamngce ngomthandazo ngecandelo elithile leBhayibhile olifundileyo, ngokomzekelo usenokuzibuza: ‘Ngaba oku kutyhila uphawu okanye iimpawu ezingakumbi zikaYehova? Oku kunxulumene njani nomxholo weBhayibhile? Ndinokukusebenzisa njani ebomini bam okanye ekuncedeni abanye?’
c Ngokutsho komzekeliso kaYesu okwiingxelo ezintathu zeeVangeli, imbewu iminxwa ziinzima naziziyolo zeli hlabathi: “Amaxhala ale nkqubo yezinto,” “amandla akhohlisayo obutyebi,” ‘iminqweno yezinye izinto,’ “neziyolo zobu bomi.”—Marko 4:19; Mateyu 13:22; Luka 8:14; Yeremiya 4:3, 4.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kutheni sifanele ‘sihlale kwilizwi likaYesu’?
• Sinokulivumela njani ilizwi likaThixo ukuba lihlale ezintliziyweni zethu?
• Ngabantu abanjani abafanekiselwa ziindidi ezine ezahlukahlukeneyo zomhlaba ezakhankanywa nguYesu?
• Unokulifumana njani ixesha lokucinga ngelizwi likaThixo?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 10]
“NIMI NGOKUQINILEYO KWINYANISO”
ABAFUNDI bakaKristu abaninzi abangamagqala bazingqina iminyaka ngeminyaka ukuba ‘bami ngokuqinileyo enyanisweni.’ (2 Petros 1:12) Yintoni ebanceda ukuba banyamezele? Khawuphulaphule oko bakuthethayo.
“Usuku ngalunye ndiluqukumbela ngokufunda inxalenye ethile yeBhayibhile ndize ndithandaze. Ndandule ke ndicinge ngoko ndikufundileyo.”—UJean, ubhaptizwe ngowe-1939.
“Ukucamngca ngendlela uYehova, umntu ophakame nosithanda ngale ndlela, kundenza ndizive ndinqabisekile yaye ndinamandla okuhlala ndithembekile.”—UPatricia, ubhaptizwe ngowe-1946.
“Ngokunamathela kwimikhwa emihle yokufundisisa iBhayibhile nokuba nomdla gqitha ‘kwizinto ezinzulu zikaThixo,’ ndiye ndakwazi ukuqhubeka ndikhonza uYehova.”—1 Korinte 2:10; uAnna, ubhaptizwe ngowe-1939.
“Ndifunda iBhayibhile neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni ngenjongo yokuhlolisisa intliziyo neenjongo zam.”—UZelda, ubhaptizwe ngowe-1943.
“Elona xesha ndilithandayo kuxa ndihambahamba ndize ndithethe noYehova ngomthandazo ndize ndimthululele imbilini yam.”—URalph, ubhaptizwe ngowe-1947.
“Ndiqalisa usuku ngokufunda itekisi yosuku nokufunda inxalenye yeBhayibhile. Oku kundenza ndibe nento entsha endinokucamngca ngayo ebudeni bosuku.”—UMarie, ubhaptizwe ngowe-1935.
“Ingxubusho yeendinyana ngeendinyana yencwadi ethile yeBhayibhile indihlaziya gqitha.”—UDaniel, ubhaptizwe ngowe-1946.
Uzipha nini ixesha lokucingisisa ngomthandazo ngelizwi likaThixo?—Daniyeli 6:10b; Marko 1:35; IZenzo 10:9.
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ngokubeka izinto zokomoya kwindawo yokuqala ‘sinokuthwala isiqhamo ngonyamezelo’