Buya Kuphelela Phi UbuKristu?
NGABA bonke abantu ehlabathini baza kuguquka babe ngamaKristu, okanye ngaba ubuKristu buza kuphela? Ngaba ubuKristu buye bahlala bunyulu kwihlabathi lobumnyama, okanye badyobheka? Leyo yimibuzo esixhalabisayo kude kube namhlanje.
Esebenzisa umzekeliso olula, uYesu wabonisa ukuba emva nje kokuba etyale imbewu yobuKristu, utshaba, uSathana, wayeya kuzigxobh’ izinto. (Mateyu 13:24, 25) Ngoko ke, asikokutshintsha nje kwamaxesha okwaguqula ubuKristu ebudeni beenkulungwane ezimbalwa zokuqala emva kokushumayela kukaYesu. Yayisisenzo sangabom sotshaba, uSathana. Namhlanje iicawa zeNgqobhoko zisasaza ubuxoki obaqala kudala yaye zivuna ezikuhlwayeleyo.—2 Korinte 11:14, 15; Yakobi 4:4.
Ukuhlaselwa Okuchuliweyo KobuKristu
UYesu watsho kusengaphambili ukuba iimfundiso zakhe zaziya kugqwethwa. Wathi: “Ubukumkani bamazulu bufaniswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe. Kwathi ke xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka.” Okumangalisayo kukuba, xa abakhonzi bale ndoda beyixelela ngesi sihelegu befuna imvume yokuncothula ukhula, le ndoda yathi: “Hayi; hleze nithi, xa niqokelela ukhula, suke nincothule nengqolowa. Yekani kukhule kokubini ndawonye de kube sekuvuneni; yaye ngexesha lokuvuna ndothi kubavuni, Qokelelani ukhula kuqala, nilubophe lube zizithungu ukuze nilutshise, nandule ke nihlanganisele ingqolowa kuvimba wam.”—Mateyu 13:24-30.
Njengokuba uYesu wacacisayo, kumzekeliso wakhe indoda eyatyal’ ingqolowa entsimini ifuzisela uYesu, yaye imbewu ayityalayo ifuzisela amaKristu okwenyaniso. Utshaba olwatyala ukhula phakathi kwengqolowa lufuzisela “uMtyholi.” Ukhula lufuzisela abawexuki abangenamthetho, abaxokayo besithi bangabakhonzi bakaThixo. (Mateyu 13:36-42) Umpostile uPawulos wanikela iinkcukacha ezingakumbi ngento eyayiza kwenzeka. Wathi: “Ndiyazi ukuba emva kokumka kwam kuya kungena iingcuka ezicinezelayo phakathi kwenu yaye aziyi kuwuphatha ngemfesane umhlambi, kwaye phakathi kwenu kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.”—IZenzo 20:29, 30.
Ukubhukuqwa KobuKristu
Ngaba kwenzeka oko uYesu wakuthethayo kumzekeliso wakhe nokwakuxelwe kusengaphambili nguPawulos? Ngokuqinisekileyo kwenzeka. Amadoda anamabhongo alawula ibandla elimiswe nguYesu aza alixhaphaza. UYesu wayethe kubalandeli bakhe: ‘Aniyonxalenye yehlabathi.’ (Yohane 15:19) Sekunjalo, amadoda awayenxanelw’ igunya enza izivumelwano nabalawuli, amisela iicawa zikaRhulumente ezazinegunya phezu kwabantu nezazifumbela ubutyebi obuninzi. Ezi cawa zazifundisa “izinto ezijijekileyo.” Ngokomzekelo, zafundisa abantu ukuba banqule uRhulumente baze banikele ubomi babo ngenxa yakhe emfazweni. Ngenxa yoku, abo babesithi bangamaKristu balwa kwiiMfazwe Zomnqamlezo baza babulala abantu ababetyholwa ngobuhedeni. Kwakhona balwa iimfazwe baza babulala “abazalwana” babo. Ngokuqinisekileyo abazange bahlale bengamaKristu angathabath’ icala kwezobupolitika babengabathandi abamelwane babo.—Mateyu 22:37-39; Yohane 15:19; 2 Korinte 10:3-5; 1 Yohane 4:8, 11.
Ngokucacileyo, iicawa ebezizibanga zingamaKristu kangangeenkulungwane, zingamaKristu obuxoki. Oku kusichazela isizathu sokuba iicawa ezininzi ziqhubeka ziqhekeka, ezinye zigxuphuleka kwimicimbi yobupolitika nezinye ziyityeshela imithetho kaThixo njengokuba sibonile kumanqaku andulelayo. Iziqhamo ezibi ezinjalo, aziveli kubuKristu bokwenyaniso, kodwa kubuKristu bobuxoki, obahlwayelwa nguMtyholi. Luza kuphelela phi ke olu nqulo lobuxoki? Njengokuba uYesu wabonisa kumzekeliso wakhe, alusayi kuthi shwaka kuba nje luphelelwe ngamarhamente. Luya kugwetywa luze lutshatyalaliswe.
AmaKristu Okwenyaniso Akhanya Ebumnyameni
Noko ke, ngaphambi kokuba “ukhula” lobuKristu bobuxoki luqokelelwe luze lutshatyalaliswe, uYesu wabonisa ukuba kukho enye into emele yenzeke. Kangangeenkulungwane, “ukhula” olububuKristu bobuxoki lwakhula kangangokuba “ingqolowa” ebubuKristu bokwenyaniso yasitheka. Kodwa uYesu wathi ingqolowa yahlulwa kukhula ebudeni bexesha ‘lokuvuna,’ awathi elo xesha lifuzisela “ukupheliswa kwenkqubo yezinto.” Kwakhona wathi: “Aya kuthi ke amalungisa aqaqambe njengelanga ebukumkanini.” (Mateyu 13:39-43) Ubungqina bubonisa ukuba besiphila ekupheleni kwale nkqubo yezinto ukususela kwiMfazwe Yehlabathi I, eyenzeka kwiminyaka engaphezu kwama-90 eyadlulayo. (Mateyu 24:3, 7-12) Ngaba nayo le nxalenye yomzekeliso kaYesu osisiprofeto yazaliseka?
AmaKristu okwenyaniso akayonxalenye ‘yokhula’ lweNgqobhoko. AmaNgqina kaYehova ‘aqaqamba njengelanga,’ enceda abanye ukuba bazi uThixo wokwenyaniso uYehova. AmaNgqina akayijongeli phantsi imigaqo yakhe. Kunoko, ngokuqhelekileyo abantu ababa ngamaNgqina bamele benze iinguqulelo ezinkulu kwindlela aphila ngayo ukuze athobele imigaqo yobuKristu efumaneka eBhayibhileni.
AmaNgqina kaYehova akazenzi indawo yolonwabo iintlanganiso zawo, kodwa ngesisa afundisa abantu iBhayibhile. Kwakhona abonakalisa uthando nobuhlobo, iimpawu azifunda xa efunda iZibhalo. Akholelwa ukuba uThixo uza kuwuguqula lo mhlaba ube yiparadesi baze abantu abathobekileyo bahlale kuyo, njengokuba wayecebe njalo ekuqaleni. Kodwa emhlabeni kufanele kuqale kushenxiswe yonke impembelelo engendawo yonqulo lobuxoki, ebizwa eBhayibhileni ngokuba yiBhabhiloni Enkulu. Ngokutsho kwesiprofeto seBhayibhile, uYehova uza kuzenza kungekudala ezi nguqulelo.—Mateyu 5:5; ISityhilelo 18:9, 10, 21.
Bakuba abantu abathobelayo bekhululiwe kwinkohliso yonqulo lobuxoki, unqulo lwamaKristu okwenyaniso luza kumanyanisa bonke abantu abaphila emhlabeni. UYesu wawahlwayelela ikamva eliqaqambe ngokwenene amaKristu okwenyaniso. IParadesi eyayise-Eden iya kubuyiselwa kumhlaba onoxolo, yaye akusayi kuphinda kubekho iinkonzo ezibangela umbhodamo!
[Umfanekiso okwiphepha 7]
“Kwafika utshaba lwakhe lwahlwayela ukhula”—Mateyu 13:25
[Imifanekiso ekwiphepha 8, 9]
Umenywa kuyo nayiphi na iHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova, apho kufundiswa khona iBhayibhile ngesisa
[Umfanekiso okwiphepha 9]
“Nandule ke nihlanganisele ingqolowa kuvimba wam”—Mateyu 13:30