-
UKumkani Ulungisa Aze Acoce Abantu Bakhe NgokomoyaUBukumkani BukaThixo Buyalawula!
-
-
18 ‘Ukuthotywa komnatha orhuqwayo elwandle.’ Umnatha orhuqwayo umela ukushumayela ngoBukumkani okwenzeka kulwandle olungabantu. ‘Ukuhlanganisa lonke uhlobo lweentlanzi.’ Iindaba ezilungileyo zitsala abantu bazo zonke iintlobo—abo basebenzela ekubeni ngamaKristu okwenyaniso, kunye nabaninzi abasenokuba bebenomdla ekuqaleni kodwa bengade balumele unqulo lokwenyaniso.e ‘Ukuqokelelela ezintle ezityeni.’ Abo banyanisekileyo baqokelelelwa kumabandla afana nezitya, apho banokunqula uYehova ngendlela ecocekileyo. ‘Kulahlwa iintlanzi ezingafanelekanga.’ Ukutyhubela ixesha lesiphelo, uKristu neengelosi ‘baqhubeka besahlula abangendawo kwabangamalungisa.’f Ngenxa yoko, abo bangenazintliziyo zifanelekileyo—mhlawumbi bengafuni nokwahlukana neenkolelo okanye izenzo zabo—khange bavunyelwe ukuba bangcolise amabandla.g
-
-
UKumkani Ulungisa Aze Acoce Abantu Bakhe NgokomoyaUBukumkani BukaThixo Buyalawula!
-
-
f Ukwahlulwa kweentlanzi ezifanelekileyo nezingafanelekanga kwahlukile ekwahlulweni kweegusha ezibhokhweni. (Mat. 25:31-46) Ukwahlulwa okanye ukugwetywa kokugqibela kweegusha neebhokhwe kwenzeka ngexesha lembandezelo enkulu ezayo. Kude kube lelo xesha ke, abo bafana neentlanzi ezingafanelekanga basenokubuyela kuYehova baze bangeniswe kumabandla anjengezitya.—Mal. 3:7.
-