Ngaba Umfuna Ngokunyanisekileyo UYehova?
INDODA engumKristu yayifuna ngokwenene ukuxelela abantu eyayikhwela nabo kuloliwe iindaba ezilungileyo ezivela eBhayibhileni. (Marko 13:10) Kodwa, yayinedyudyu. Ngaba yanikezela? Akunjalo, yathandaza ngokusuka entliziyweni yaza yafunda indlela yokuqalisa incoko. UYehova uThixo wawuphendula umthandazo wale ndoda waza wayinika amandla okuba ishumayele.
Ukunyaniseka okunjalo kubalulekile xa sifuna uYehova naxa sifuna ukumkholisa. Umpostile uPawulos wathi: “Lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” (Hebhere 11:6) Ukufuna nje uYehova akwanele. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukufuna ngenyameko’ lithetha ubunzulu nomgudu omkhulu. Oku kuthetha yonke intliziyo, ingqondo, umphefumlo namandla onke kabani. Ukuba simfuna ngokunyanisekileyo uYehova, asinakufuna ukuziphatha ngendlela yokungakhathali, yokungafuni ukuzibhokoxa okanye sisonqena. Kunoko, sibonakalisa inzondelelo yokwenene ekumfuneni.—IZenzo 15:17.
Abo Bamfuna Ngokunyanisekileyo UYehova
IZibhalo zinemizekelo emininzi yabo benza umgudu wokwenene wokufuna uYehova. Omnye umntu onjalo yayinguYakobi, owasukuzana nengelosi kaThixo eyayizambathise umzimba wenyama de kwangesifingo. Ngenxa yoko, uYakobi waphiwa igama elithi Sirayeli (Osukuzana noThixo) kuba wazingisa, ezibhokoxa, ‘ekusukuzaneni’ noThixo. Ingelosi yamsikelela ngenxa yomgudu wakhe wokunyaniseka.—Genesis 32:24-30.
Kwandula ke kwabakho omnye umfazi waseGalili ongaxelwanga ngegama owayenengxaki yokumpompoza kwegazi kangangeminyaka eli-12, nto leyo eyayimbangela “iintlungu.” Ngenxa yale meko, wayengamele abachukumise abanye abantu. Sekunjalo, waqweb’ isibindi sokuya kuYesu. Wayehlala esithi: “Ukuba ndichukumisa nje izambatho zakhe zangaphezulu ndiya kuphila.” Khawube nomfanekiso-ngqondweni wakhe njengoko ethubeleza phakathi ‘kwesihlwele esasilandela [uYesu] yaye simxinile.’ Njengoko echukumisa isambatho sikaYesu sangaphandle, weva ukuba ‘umthombo wakhe wegazi womile’—wayephilisiwe kwisifo sakhe esinganyangekiyo! Woyika xa uYesu wabuza oku, “Ngubani ochukumise izambatho zam zangaphezulu?” Kodwa uYesu wathi kuye: “Ntombi, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uze uphile kwisifo sakho esibuhlungu.” Wavuzwa ngenxa yemigudu yakhe.—Marko 5:24-34; Levitikus 15:25-27.
Kwakhona ngesinye isihlandlo, umfazi waseFenike wacela uYesu ngokunyanisekileyo ukuba aphilise intombi yakhe. UYesu waphendula ngokuthi akulunganga ukuthabatha ukutya kwabantwana uze ukuphose ezinjaneni. Wayethetha ukuba wayengenako ukunceda abo bangengawo amaSirayeli endaweni yamaYuda. Ekuqonda oko kuthethwa ngulo mfanekiso, lo mfazi wamcenga wathi: “Ewe, Nkosi; kodwa ngokwenene iinjana zidla iimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.” Ukholo lwakhe olomeleleyo nokunyaniseka kwakhe kwabangela uYesu athi: “Owu mfazi, ukholo lwakho lukhulu; makwenzeke kuwe ngokomnqweno wakho.”—Mateyu 15:22-28.
Kwakuza kwenzeka ntoni kwaba bantu ukuba babengazange bazingise kwimigudu yabo? Ngaba ngebabezifumene iintsikelelo ukuba babenikezele xa babejamelene nobunzima okanye ukugatywa? Akunjalo! Le mizekelo iyibonisa ngokucacileyo ingongoma uYesu awayifundisayo, yokuba ‘uzingiso lwenkalipho’ lufanelekile, yaye lubalulekile ekufuneni uYehova.—Luka 11:5-13.
Ngokuvumelana Nokuthanda Kwakhe
Kwezi ngxelo zikhankanywe ngaphambilana zabo baphiliswa ngokungummangaliso, ngaba kwakufuneka ukunyaniseka kuphela ukuze ubani aphiliswe? Akunjalo, izicelo zabo zazifanele zivisisane nokuthanda kukaThixo. UYesu waphiwa amandla angummangaliso ukuze anikele ubungqina obuzeleyo bokuba wayenguNyana kaThixo, uMesiya othenjisiweyo. (Yohane 6:14; 9:33; IZenzo 2:22) Ngaphezu koko, imimangaliso eyenziwa nguYesu yayifuzisela indlela uYehova aza kubasikelela kakhulu ngayo abantu emhlabeni ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu.—ISityhilelo 21:4; 22:2.
Asikokuthanda kukaThixo ukuba abo bakunqulo lokwenyaniso babe namandla angummangaliso, njengamandla okuphilisa nokuthetha ngeelwimi. (1 Korinte 13:8, 13) Kule mihla yethu ukuthanda kwakhe kuquka ukuba sishumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani kuwo wonke umhlaba ukuze ‘zonke iintlobo zabantu zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Timoti 2:4; Mateyu 24:14; 28:19, 20) Abakhonzi bakaThixo ngokufanelekileyo banokulindela ukuba imithandazo yabo enyanisekileyo iphendulwe ukuba benza umgudu onyanisekileyo ovisisanayo nokuthanda kwakhe.
Abanye basenokuzibuza, ‘Kutheni sifanele sizibhokoxe kuba injongo kaThixo ihleli iza kuzaliseka kakade?’ Ngoxa liyinyaniso elokuba uYehova uya kuyizalisekisa injongo yakhe enoba abantu banaluphi na usukelo, uyathanda ukuba nabantu babandakanyeke ekwenzeni ukuthanda kwakhe. UYehova unokufaniswa nomntu owakha indlu. Umakhi uba neplani epheleleyo yesakhiwo, kodwa usebenzisa izinto zokwakha ezifumanekayo ekuhlaleni. Ngokufanayo, uYehova unomsebenzi afanele awufeze namhlanje yaye uyakuvuyela ukusebenzisa abakhonzi bakhe, abazinikela ngokuzithandela.—INdumiso 110:3; 1 Korinte 9:16, 17.
Cinga ngamava kaToshio oselula. Xa wayefika kwisikolo samabanga aphezulu, wayefuna ukushumayela kangangoko kunokwenzeka kule ntsimi ingaqhelekanga. Wayehlala ephethe iBhayibhile yakhe yaye esenza umgudu onyanisekileyo wokuba abe ngumKristu ongumzekelo. Ngasekupheleni konyaka wokuqala ekweso sikolo, kwavela ithuba lokuba athethe phambi kweklasi. UToshio wathandaza kuYehova ukuba amncede yaye wavuya kakhulu akubona iklasi yonke iphulaphule intetho enomxholo othi “Usukelo Lwam Lokuba Nguvulindlela.” Wacacisa ukuba wayefuna ukuba ngumlungiseleli wexesha elizeleyo wamaNgqina kaYehova. Omnye awayefunda naye wavuma ukufundisisa naye iBhayibhile waza wenza inkqubela de wabhaptizwa. UToshio wasikelelwa kakhulu ngenxa yemigudu yakhe enyanisekileyo evisisana nemithandazo yakhe.
Unyaniseke Kangakanani?
Unokubonisa ngeendlela ezahlukahlukeneyo ukuba umfuna ngokunyanisekileyo uYehova yaye ufuna ukumkholisa. Okokuqala, kukho izinto ezisisiseko onokuzenza, njengokulungiselela kakuhle iintlanganiso zamaKristu. Ngokulungiselela iimpendulo kakuhle, ngeentetho ezikhuthazayo, ngemiboniso eluncedo, ubonakalisa indlela omfuna ngokunyaniseke ngayo uYehova. Kwakhona unokubonisa ukunyaniseka kwakho ngokuphucula inkonzo yakho yasentsimini. Kuthekani ngokubonakalisa ububele xa uthetha nabantu kwindlu ngendlu yaye usebenzisa intshayelelo esebenzayo kwintsimi yakho? (Kolose 3:23) Ngokuzibhokoxa ngokusuka entliziyweni, indoda engumKristu inokukwazi ukwamkela izabelo zebandla, njengokukhonza njengesicaka solungiselelo okanye umdala. (1 Timoti 3:1, 2, 12, 13) Ngokuzenza ufumaneke, unokuvuyiswa kukupha. Usenokusebenza kumsebenzi wokwakha wesebe okanye kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova. Ukuba ungumzalwana ofanelekayo nongatshatanga, kusenokwenzeka ukuba ufuna ukuya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, esiqeqesha amadoda okomoya ukuba abe ngabelusi abafanelekileyo. Ukuba utshatile, usenokubonisa umnqweno onyanisekileyo onawo wokukhonza uYehova ngakumbi ngokuba kwinkonzo yobuvangeli basemazweni. Usenokukwazi ukufudukela apho kukho imfuneko enkulu khona yabashumayeli boBukumkani.—1 Korinte 16:9.
Eyona nto ibaluleke kakhulu ngumoya onawo wokufeza isabelo. Nayiphi na imbopheleleko oyinikiweyo, zibhokoxe kuyo, ‘unokunyaniseka kwentliziyo.’ (IZenzo 2:46; Roma 12:8) Ufanele ujonge sabelo ngasinye njengethuba lokubonakalisa ulangazelelo lokudumisa uYehova. Thandazela uncedo lukaYehova ngokuthe rhoqo, uze wenze kangangoko unako. Uya kwandula ke ufumane umvuzo omkhulu.
Imigudu Enyanisekileyo Iyavuzwa
Ngaba uyayikhumbula indoda engumKristu eyathandazela ukoyisa uloyiko lwayo ukuze ikwazi ukushumayela kubantu eyayihamba nabo kuloliwe? UYehova wawusikelela umnqweno wayo onyanisekileyo. Lo mzalwana wazabalazela ukuba athethe nabantu kakuhle, ekhetha imibandela aza kuqalisa ngayo incoko. Wakwazi ukusebenzisa iBhayibhile ngobuchule ukuze ashumayele kwindoda eyayixhalatyiswe kukungabikho kobuhlobo phakathi kwabantu. Ukuthetha kwakhona nale ndoda kuloliwe kangangezihlandlo eziliqela kwakhokelela kwisifundo seBhayibhile. Ngokwenene uYehova wamsikelela ngenxa yemigudu enyanisekile!
Kusenokwenzeka ukuba nawe ube nemiphumo efanayo ukuba uyaqhubeka ufuna uYehova ngokunyanisekileyo. Ukuba uyazingisa ngokuthobeka uze uzibhokoxe nakuwuphi na umsebenzi wobuthixo obandakanyeke kuwo, uYehova uya kukusebenzisa ngokuvisisana neenjongo zakhe aze akusikelele ngokuyintabalala.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Kwakuza kwenzeka ntoni kulo mfazi ukuba wayengazange azingise?
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Ngaba uyazingisa ekuceleni intsikelelo kaYehova?
[Imifanekiso ekwiphepha 28]
Unokubonisa njani ukuba umfuna ngokunyanisekileyo uYehova?