Isahluko 58
Izonka Negwele
IZIHLWELE ziye zathontelana ukuya kuYesu eDekapoli. Abaninzi bavela kude beze kule ndawo imiwe ikakhulu ngabeeNtlanga ukuza kumphulaphula nokuze baphiliswe kubulwelwe babo. Baphethe iminyazi, okanye iingobozi ezinkulu, abadla ngokuzisebenzisela ukuphatha imiphako xa behamba kwimimandla yeeNtlanga.
Noko ke, ekugqibeleni uYesu ubiza abafundi bakhe aze athi: “Ndisikwa yimfesane ngenxa yesi sihlwele; ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude.”
“Wokuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha?” babuza ngelitshoyo abafundi.
UYesu uyabuza: “Zingaphi na izonka eninazo?”
Baphendula ngelithi, “Zisixhenxe, neentlanzana ezimbalwa.”
Eyalela abantu ukuba bahlale phantsi, uYesu uthabatha izonka neentlanzi, athandaze kuThixo, aziqhekeze, andule azinike abafundi bakhe. Nabo, bazinika abantu, ibe bonke badla bahluthe. Emva koko, xa kuqokelelwa amaqhekeza aseleyo, kuzaliswa iingobozi ezisixhenxe, nakubeni kuye kwadla amadoda amalunga nama-4 000 kuquka abafazi nabantwana!
UYesu uyazindulula izihlwele, ukhwela emkhombeni nabafundi bakhe, aze anqumle esinge kunxweme olungasentshona loLwandle lwaseGalili. Apha abaFarisi, ngesi sihlandlo bephelekwa ngamalungu ehlelo lonqulo lwabaSadusi, bazama ukulinga uYesu ngokumcela ukuba ababonise umqondiso ovela ezulwini.
Eyiqonda imigudu yabo yokumlinga, uYesu uyabaphendula: “Ngokuhlwa nithi, Liya kusa; kuba izulu limlilo ukuba bomvu. Kananjalo kusasa nithi, Namhla luqhwithela; kuba izulu limlilo ukuba bomvu, lisibekele. . . . Nikwazi nje ukubucalula ubuso bezulu, ke yona imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula?”
Ngenxa yoko, uYesu ubabiza ngokuba basisizukulwana esingendawo nesikrexezayo yaye ubalumkisa ngelithi, njengoko ebexelele abaFarisi ngaphambili, akukho mqondiso baya kuwunikwa ingenguwo lowo kaYona. Enduluka apho, yena nabafundi bakhe bakhwela emkhombeni baze benjenjeya besinge eBhetesayida kumntla-mpuma wonxweme loLwandle lwaseGalili. Endleleni abafundi bafumanisa ukuba baye balibala ukuza nezonka, baphethe nje isonka esinye.
Ekhumbula obekusandul’ ukwenzeka phakathi kwakhe nabaFarisi nabaSadusi abangabaxhasi bakaHerode, uYesu uyabalumkisa esithi: “Ligqaleni, nililumkele, igwele labaFarisi, negwele likaHerode.” Kuyabonakala ukuba ukukhankanywa kwegwele kwenza abafundi bacinge ukuba uYesu uthetha ebhekisela ekulibaleni kwabo ukuza nezonka, ngoko baqalisa ukuxokozela bethetha ngaso. Ephawula ukungaqondi kwabo, uYesu uthi: “Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka?”
Kutshanje, ngokungummangaliso uYesu uye walungiselela abantu abangamawaka isonka, mhlawumbi ewenza lo mmangaliso wokugqibela ngezolo okanye ngezolo elinye. Bafanele baqonde ukuba akaxhalatyiswanga kukungabikho kwezonka zokoqobo. Uyabakhumbuza, “Anikhumbuli na? Okuyá ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zaye zingaphi na izitya ezizele ngamaqhekeza enazisusayo?”
“Zazilishumi elinazibini,” baphendula ngelitshoyo.
“Okuya ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo?”
“Zazisixhenxe,” baphendula ngelitshoyo.
UYesu uyababuza, “Phofu yini na ukuba ningaqondi? Yini na le nto ningaqiqiyo, ukuba bendingatsho ngasonka, ukuthi kuni, manilumkele igwele labaFarisi nabaSadusi?”
Ekugqibeleni abafundi bayayifumana ingongoma. Igwele, into ebilisayo ize ibangele isonka sinyuke, yayiligama elalidla ngokusetyenziswa ukuphawula ukonakala. Ngoku abafundi bayaqonda ukuba uYesu usebenzisa umzekeliso, ebalumkisa ukuba bayilumkele “imfundiso yabaFarisi nabaSadusi,” mfundiso leyo eyonakalisayo. Marko 8:1-21; Mateyu 15:32–16:12.
▪ Kutheni le nto aba bantu bephethe iminyazi emikhulu yemiphako?
▪ Akuba uYesu endulukile eDekapoli, uya kweziphi iindawo kuhambo lwakhe ngomkhombe?
▪ Yintoni le abafundi bangayiqondiyo ngokuphathelele amazwi kaYesu athi “igwele labaFarisi nabaSadusi?”
▪ UYesu uthetha ukuthini ngokusebenzisa amazwi athi “igwele labaFarisi nabaSadusi”?