Nikela Ingqalelo Kwilizwi LikaThixo Lesiprofeto
“Sinelizwi lesiprofeto elenziwa laqiniseka ngakumbi; yaye nenza kakuhle ukunikela ingqalelo kulo.”—2 PETROS 1:19.
1, 2. Nguwuphi umzekelo kamesiya wobuxoki onokusibalisela ngawo?
SELE kudlule iinkulungwane oomesiya bobuxoki bezama ukuchaza ikamva. Ngenkulungwane yesihlanu yeXesha Eliqhelekileyo, ndoda ithile eyayizibiza ngokuba inguMoses yeyisela amaYuda esiqithi saseKrete ukuba ayikholelwe ukuba ingumesiya nokuba iza kuwahlangula kwingcinezelo. Ngosuku ekwakusithiwa aza kukhululeka ngalo, ayilandela le ndedeba aya nayo kwinduli ephezu koLwandle lweMeditera. Yathi kufuneka aziphose elwandle, kwaye ulwandle lwaluza kwahluka kubini phambi kwawo. Inyambalala yalawo aziphosa emanzini yarhaxwa, ibe loo mesiya wobuxoki wacela kwabanentsente.
2 Ngenkulungwane ye-12, kwathi vumbu “umesiya” othile eYemen. Umlawuli walapho wamcela ukuba enze umqondiso obonisa ukuba ungumesiya. Lo “mesiya” wathi lo mlawuli makamnqumle intloko. Waprofeta esithi uza kuvuswa ngokukhawuleza ize loo nto ibe ngumqondiso. Umlawuli wavuma—yaza yaba sisiphelo saloo “mesiya” ke eso.
3. Ngubani uMesiya wokwenyaniso, yaye bangqina ntoni ubulungiseleli bakhe?
3 Oomesiya bobuxoki basilela sele bedibene nezo ziprofeto zabo, kodwa ukunikela ingqalelo kwilizwi likaThixo lesiprofeto akuze kukhokelele ekuphoxekeni. UMesiya wokwenyaniso, uYesu Kristu, wayeyinzaliseko ebonakalayo yeziprofeto ezininzi zeBhayibhile. Ngokomzekelo, xa ecaphula isiprofeto sikaIsaya, umbhali wencwadi yeVangeli uMateyu wabhala: “‘Owu lizwe lakwaZebhulon nawe lizwe lakwaNafetali, nina eningakwindlela yaselwandle, ngaphesheya kweYordan, Galili yeentlanga! bantu ababehleli ebumnyameni, nibone ukukhanya okukhulu, nina bahleli kummandla wethunzi lokufa, nivelelwe kukukhanya.’ Ukususela ngelo xesha kuse phambili uYesu washumayela esithi: ‘Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.’” (Mateyu 4:15-17; Isaya 9:1, 2) YayinguYesu oko “kukhanya okukhulu,” ibe ubulungiseleli bakhe bangqina ukuba wayengumProfeti owaxelwa kwangaphambili nguMoses. Abo bangavumiyo ukuphulaphula uYesu babeza kutshatyalaliswa.—Duteronomi 18:18, 19; IZenzo 3:22, 23.
4. UYesu wamzalisekisa njani uIsaya 53:12?
4 Kwakhona uYesu wazalisekisa amazwi esiprofeto akuIsaya 53:12 athi: “Ngenxa yokuba wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni, wabalelwa kwabanxaxhayo; kwaye yena wathwala isono sabantu abaninzi, yaye wabathethelela abo banxaxhayo.” Eqonda ukuba kungekudala wayeza kunikela ngobomi bakhe bomntu njengentlawulelo, uYesu womeleza ukholo lwabafundi bakhe. (Marko 10:45) Oku wakwenza ngendlela ebalaseleyo xa wenziwa kumila kumbi.
Ukwenziwa Kumila Kumbi Kwakha Ukholo
5. Ngamazwi akho, ubunokuwuchaza njani umbono wokwenziwa kumila kumbi?
5 Isiganeko sokwenziwa kumila kumbi sasisisiprofeto. UYesu wathi: “UNyana womntu umiselwe ukuba eze esebuqaqawulini bukaYise eneengelosi zakhe . . . Inene ndithi kuni kukho abathile kwabo bemi apha abangayi kungcamla kufa konke konke de kuqala bambone uNyana womntu esiza esebukumkanini bakhe.” (Mateyu 16:27, 28) Ngaba phofu abanye babapostile bambona uYesu esiza eseBukumkani bakhe? UMateyu 17:1-7 uthi: “Kwiintsuku ezintandathu kamva uYesu wathabatha uPetros noYakobi noYohane umntakwabo baza banyuka intaba ephakamileyo bebodwa. Yaye wenziwa kumila kumbi phambi kwabo.” Esinjani ukubangel’ imincili isiganeko! “Ubuso bakhe bakhanya njengelanga, nezambatho zakhe zangaphezulu zaqaqamba njengokukhanya. Yaye, khangela! kwabonakala kubo uMoses noEliya, bencokola naye.” Yaye “ilifu eliqaqambileyo labasibekela,” baza beva ilizwi likaThixo ngokwakhe lisithi: “‘Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye; mphulaphuleni yena.’ Bakuva oku abafundi bawa ngobuso baza boyika kakhulu. Wandula ke uYesu wasondela waza wabachukumisa, wathi: ‘Sukumani yaye ningabi naloyiko.’”
6. (a) Kwakutheni ukuze uYesu athi ukwenziwa kumila kumbi ngumbono? (b) Kwakufuzisela ntoni ukwenziwa kumila kumbi?
6 Esi siganeko soyikekayo sisenokuba senzeka komnye wemimango yeNtaba iHermon, apho uYesu wachitha ubusuku kunye nabapostile bakhe abathathu. Kuyabonakala ukuba wenziwa kumila kumbi ebusuku, nto leyo eyamenza wabonakala kakuhle. Esinye sezizathu zokuba uYesu abize esi siganeko ngokuthi ngumbono yayikukuba uMoses noEliya ababefe kudala babengekho ngokoqobo. YayinguKristu yedwa owayelapho ngokwenene. (Mateyu 17:8, 9) Loo mbonakaliso iqaqambileyo yanika uPetros, uYakobi noYohane ithuba lokungcamla ubukho obuzukileyo bukaYesu ekumandla oBukumkani. UMoses noEliya bafuzisela abathanjiswa abaziindlalifa kunye noYesu, ibe lo mbono wabuqinisekisa ubungqina awabunikelayo ngoBukumkani nangolawulo lwakhe lwexesha elizayo.
7. Sazi njani ukuba ukwenziwa kumila kumbi kwakusathe thaa engqondweni kaPetros?
7 Ukwenziwa kumila kumbi kwalomeleza ukholo lwabo bapostile bathathu ababeza kuba nendima ephambili ekukhokeleni ibandla lamaKristu. Ukukhanya kobuso bukaKristu, ukuqaqamba kwezambatho zakhe kunye nelizwi likaThixo elalivakalisa ukuba uYesu unguNyana Wakhe oyintanda ababefanele bamphulaphule—zonke ezo zinto zayiphumeza kakuhle injongo yazo. Kodwa ke abapostile babengafanele baxelele mntu ngaloo mbono de uYesu avuswe. Kwiminyaka emalunga nama-32 kamva, lo mbono wawusathe thaa engqondweni kaPetros. Ethetha ngawo nangentsingiselo yawo, wabhala: “Hayi khona, akubanga ngokulandela amabali obuxoki ayilwe ngobuqhetseba esathi saniqhelanisa namandla nobukho beNkosi yethu uYesu Kristu, kodwa kwaba ngokuthi sibe ngamangqina okuzibonela ubungangamela bayo. Kuba yamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, xa kwabhekiswa kuyo amazwi anjengala evela kubungangamela bozuko: ‘Lo ngunyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.’ Ewe, la mazwi saweva ephuma ezulwini ngoxa sasinayo entabeni engcwele.”—2 Petros 1:16-18.
8. (a) Amazwi awathethwa nguThixo ngoNyana wakhe anikela ingqalelo entwenini? (b) Ayebonisa ntoni amafu awavela kumbono wokwenziwa kumila kumbi?
8 Eyona nto ibalulekileyo yayingamazwi kaThixo athi: “Lo ngunyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye; mphulaphuleni yena.” La mazwi anikela ingqalelo kuYesu njengoKumkani kaThixo obekwe etroneni, lowo yonke indalo imele imthobele. Ilifu elisibekeleyo lalibonisa ukuba inzaliseko yalo mbono yayingayi kubonakala. Yayiza kuqondwa kuphela ngamehlo okuqonda abo bawubonayo “umqondiso” wobukho obungabonakaliyo bukaYesu ekumandla oBukumkani. (Mateyu 24:3) Enyanisweni, umyalelo kaYesu wokuba kungaxelelwa mntu ngaloo mbono de abe uvusiwe kwelabafileyo ubonisa ukuba ukuphakanyiswa nokuzukiswa kwakhe kwakuza kwenzeka emva kokuba evusiwe.
9. Kutheni ukwenziwa kumila kumbi kufanele kulomeleze ukholo lwethu?
9 Emva kokuthetha ngokwenziwa kumila kumbi, uPetros wathi: “Ngenxa yoko sinelizwi lesiprofeto elenziwa laqiniseka ngakumbi; yaye nenza kakuhle ukunikela ingqalelo kulo njengakwisibane esikhanya kwindawo emnyama, kude kube ngesifingo kuphume nekhwezi, ezintliziyweni zenu. Kuba niyakwazi oku kuqala, ukuba akukho siprofeto seSibhalo siphuma nakuyiphi na inkcazelo yobuqu. Kuba isiprofeto asizange nangaliphi na ixesha siziswe ngokuthanda komntu, kodwa abantu bathetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.” (2 Petros 1:19-21) Ukwenziwa kumila kumbi kugxininisa ukuthembeka kwelizwi likaThixo lesiprofeto. Simele sinikele ingqalelo kwelo lizwi yaye singawakhathaleli “amabali obuxoki ayilwe ngobuqhetseba” angaxhaswayo nguThixo. Ukuba nokholo kwethu kwilizwi lesiprofeto kufanele komelezwe kukwenziwa kumila kumbi kuba loo mbono wozuko lukaYesu namandla oBukumkani exesha elizayo uye waba yinto yokwenene. Ewe, sinobungqina obungenakuphikiswa mntu bokuba sithethanje uKristu ukho yaye unguKumkani wasezulwini onamandla.
Indlela Ikhwezi Eliphuma Ngayo
10. Ngubani okanye yintoni ‘ikhwezi’ elakhankanywa nguPetros, yaye kutheni uphendula ngolo hlobo nje?
10 UPetros wabhala: “Nenza kakuhle ukunikela ingqalelo [kwilizwi lesiprofeto] njengakwisibane esikhanya kwindawo emnyama, kude kube ngesifingo kuphume nekhwezi.” Ngubani okanye yintoni ‘ikhwezi’? Igama elithi ‘ikhwezi’ livela kube kanye eBhayibhileni, kwaye intsingiselo yalo iyafana neyebinzana elithi ‘ikhwezi lokusa.’ ISityhilelo 22:16 sibiza uYesu Kristu ngokuthi ‘likhwezi eliqaqambileyo lokusa.’ Ngamaxesha athile onyaka, ezi nkwenkwezi ziba zezokugqibela ukuphuma kwisibhakabhaka sasempuma. Ziphuma ngaphambi nje kokuba kuphume ilanga, kwaye ngaloo ndlela zandulela usuku olutsha. UPetros wasebenzisa igama elithi ‘ikhwezi’ ebhekisela kuYesu emva kokuba efumene amandla oBukumkani. Ngelo xesha, uYesu waphuma kuyo yonke indalo, kuquka umhlaba wethu! NjengeKhwezi elinguMesiya, utshayelela isiqalo sosuku, okanye ixesha elitsha, kuluntu oluthobelayo.
11. (a) Kutheni eyesi-2 kaPetros 1:19 ingathethi kuthi ‘ikhwezi’ liphuma ezintliziyweni zokoqobo zabantu? (b) Unokuyichaza njani eyesi-2 kaPetros 1:19?
11 Iinguqulelo zeBhayibhile ezininzi zixhasa ingcamango yokuba amazwi kampostile uPetros abhalwe kweyesi-2 kaPetros 1:19 abhekisela kwintliziyo yomntu yokoqobo. Intliziyo yomntu omkhulu inobunzima beegram ezingama-250 ukusa kwezingama-300. Kwakunokwenzeka njani ukuba uYesu Kristu—ngoku osisidalwa esizukileyo esingafiyo ezulwini—aphume kula malungu omzimba womntu mancinane? (1 Timoti 6:16) Kakade ke, iintliziyo zethu zokomfuziselo zibandakanyekile kulo mba, kuba kaloku sinikela ngazo ingqalelo kwilizwi likaThixo lesiprofeto. Kodwa ke khawuyiqwalasele ngenyameko eyesi-2 kaPetros 1:19, kwaye uya kufumanisa ukuba INguqulelo Yehlabathi Elitsha isebenzisa iziphumlisi ukuze yahlule ibinzana elithi “kude kube ngesifingo kuphume nekhwezi” kwamanye amagama angaphambi kwalo akule ndinyana nakwibinzana elithi “ezintliziyweni zenu.” Le ndinyana isenokufundwa ngolu hlobo: ‘Sinelizwi lesiprofeto elenziwa laqiniseka ngakumbi; yaye nenza kakuhle ukunikela ingqalelo kulo njengakwisibane esikhanya kwindawo emnyama, ngamany’ amazwi, ezintliziyweni zenu, kude kube ngesifingo kuphume nekhwezi.’
12. Idla ngokuba njani imeko yeentliziyo zabantu, kodwa kuthekani ngamaKristu okwenyaniso?
12 Idla ngokuba njani imeko yeentliziyo zokomfuziselo zoluntu olunesono? Kaloku, iintliziyo zalo zisebumnyameni ngokomoya! Noko ke, xa singamaKristu okwenyaniso, kuba ngathi kukho isibane esikhanyise iintliziyo zethu, ebezinokuthi ngaphandle kwaso zibe mnyama. Njengoko kuboniswe ngamazwi kaPetros, kungokunikela ingqalelo kwilizwi likaThixo lesiprofeto elikhanyisayo anokuthi amaKristu okwenyaniso ahlale ephaphile yaye ekhanyiselwe de kube ngesifingo. Aya kuqonda ukuba iKhwezi liphumile, kungekuphela kwiintliziyo zokwenyama zabantu, kodwa phambi kwendalo iphela.
13. (a) Kutheni sinokuqiniseka ukuba iKhwezi sele liphumile? (b) Kutheni amaKristu enokuzinyamezela iimeko ezinzima zomhla wethu ezaxelwa kwangaphambili nguYesu?
13 IKhwezi sele liphumile! Sinokuqiniseka ngaloo nto ngokunikela ingqalelo kwisiprofeto esibalaseleyo sikaYesu esiphathelele ubukho bakhe. Namhlanje sibona inzaliseko yaso ngeziganeko ezinjengeemfazwe, iindlala, iinyikima ezingenakuthelekiswa nanto, nokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo ehlabathini lonke. (Mateyu 24:3-14) Nangona iimeko ezinzima ezaxelwa kwangaphambili nguYesu zisichaphazela nathi njengamaKristu, siyakwazi ukunyamezela sinoxolo yaye sivuya ezintliziyweni. Ngoba? Ngenxa yokuba sinikela ingqalelo kwilizwi likaThixo lesiprofeto yaye sinokholo kumadinga akhe ngekamva. Siyazi ukuba sele kumbovu ukuba sifike kwixesha lobumnandi kuba sele singene nzulu ‘kwixesha lesiphelo’! (Daniyeli 12:4) Ihlabathi lijamelene nezona ngxaki zinzima ezachazwa kwangaphambili kuIsaya 60:2 othi: “Khangela! ubumnyama buya kuwugubungela umhlaba, nesithokothoko amaqela eentlanga.” Umntu unokuyibona njani indlela ebumnyameni? Ngokuthobeka umele anikele ingqalelo kwilizwi likaThixo lesiprofeto ngoku, engekashiywa lixesha. Kufuneka abantu abantliziyo zinyanisekileyo babhenele kuYehova uThixo, uMthombo wobomi nokukhanya. (INdumiso 36:9; IZenzo 17:28) Kungokwenza oko kuphela anokuthi ubani afumane ukukhanya kokwenene nethemba lokunandipha ikamva elimangalisayo uThixo anenjongo yokulizisela abantu abathobelayo.—ISityhilelo 21:1-5.
“Ukukhanya Kufikile Ehlabathini”
14. Yintoni esimele siyenze ukuze sibone inzaliseko yeziprofeto zeBhayibhile ezimangalisayo?
14 IZibhalo ziyichaza icace into yokuba sithethanje uYesu Kristu ulawula njengoKumkani. Ngenxa yokuba eye waqalisa ukulawula ngowe-1914, kusekho iziprofeto ezimangalisayo eziseza kuzalisekiswa. Ukuze sibone inzaliseko yazo, simele sizingqine silulamile yaye sinokholo kuYesu Kristu, siguquke kwimisebenzi yesono nakwizono esizenze ngokungaqondi. Kakade ke, abo bathanda ubumnyama abayi kubufumana ubomi obungunaphakade. UYesu wathi: “Nasi isizinzi somgwebo, okokuba ukukhanya kufikile ehlabathini kodwa abantu bathande ubumnyama kunokukhanya, kuba imisebenzi yabo ibingendawo. Kuba lowo uqhelisela ububi ukuthiyile ukukhanya yaye akezi ekukhanyeni, ukuze imisebenzi yakhe ingohlwaywa. Kodwa lowo wenza oko kuyinyaniso uyeza ekukhanyeni, ukuze imisebenzi yakhe ibonakaliswe njengaleyo isetyenzwe ngokuvisisana noThixo.”—Yohane 3:19-21.
15. Kuya kwenzeka ntoni xa sityeshela usindiso uThixo alwenze lwafumaneka ngoNyana wakhe?
15 Ukukhanya kokomoya kuze ngoYesu ehlabathini, yaye kubalulekile ukumphulaphula. UPawulos wabhala: “UThixo, owathetha kwakudala kangangezihlandlo ezininzi nangeendlela ezininzi kookhokho bethu ngabaprofeti, uye ekupheleni kwale mihla wathetha nathi ngoNyana, aye wammisela njengendlalifa yezinto zonke, nathe ngaye wenza iinkqubo zezinto.” (Hebhere 1:1, 2) Kuya kwenzeka ntoni ukuba siyalugatya usindiso uThixo alwenze lwafumaneka ngoNyana wakhe? UPawulos wahlabela mgama esithi: “Ukuba ilizwi elathethwa ngeengelosi laliqine kangangokuba abo banxaxhayo kulo, abalithobela, bafumana impindezelo yokusesikweni; singasinda njani na ke thina, ukuba siye asalukhathalela usindiso olungaka ukuba lukhulu, ekwaqaliswa ukuthethwa ngalo ngayo iNkosi yethu lwaza lwaqinisekiswa kuthi ngabo bayivayo, waza noThixo walingqinela ngemiqondiso nangemihlola nangemisebenzi yamandla eyahlukahlukeneyo nangolwabiwo lomoya oyingcwele ngokokuthanda kwakhe?” (Hebhere 2:2-4) Ewe, uYesu ungundoqo ekuvakalisweni kwelizwi lesiprofeto.—ISityhilelo 19:10.
16. Kutheni sinokuba nokholo ngokupheleleyo kuzo zonke iziprofeto zikaYehova uThixo?
16 Njengoko sele kubonisiwe, uPetros wathi: “Akukho siprofeto seSibhalo siphuma nakuyiphi na inkcazelo yobuqu.” Abantu bebodwa abanako ukuprofeta izinto eziyinyaniso, kodwa sinokuba nokholo ngokupheleleyo kuzo zonke iziprofeto zikaThixo. Ezo ziprofeto zivela kuYehova uThixo ngokwakhe. Esebenzisa umoya oyingcwele uye wenza abakhonzi bakhe bakwazi ukuqonda indlela iziprofeto zeBhayibhile ezizaliseka ngayo. Okunene sinombulelo kuYehova kuba siye sabona inzaliseko yeziprofeto ezinjalo ezininzi ukususela ngowe-1914. Kwaye siqiniseke ngokupheleleyo ukuba zonke iziprofeto eziseleyo eziphathelele isiphelo sale nkqubo ingendawo yezinto ziza kuzalisekiswa. Kubalulekile ukuba siqhubeke sinikela ingqalelo kwiziprofeto zikaThixo ngoxa sivumela ukukhanya kwethu ukuba kukhanye. (Mateyu 5:16) Hayi indlela esinombulelo ngayo kuba uYehova ebangela ukuba ‘ukukhanya kukhazimle nasebumnyameni’ obugubungele umhlaba namhlanje!—Isaya 58:10.
17. Kutheni sifuna ukukhanya kokomoya okuvela kuThixo?
17 Ukukhanya kokoqobo kusenza sikwazi ukubona. Kukwabangela ukuba kukhule izilimo ezisinika ukutya okwahlukahlukeneyo. Ayikho into esinokuyenza ngaphandle kokukhanya kokoqobo. Kuthekani ke ngokukhanya kokomoya? Kuyasikhokela yaye kusibonisa ikamva elixelwe kwangaphambili kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile. (INdumiso 119:105) Ngothando uYehova uThixo ‘uthumela ukukhanya kwakhe nenyaniso yakhe.’ (INdumiso 43:3) Ngokuqinisekileyo sifanele sibonakalise uxabiso olunzulu ngaloo malungiselelo. Ngoko masenze konke okusemandleni ethu ukuze sikwamkele ukukhanya ‘kolwazi oluzukileyo lukaThixo’ nokuze kukhanyise iintliziyo zethu zokomfuziselo.—2 Korinte 4:6; Efese 1:18.
18. Yintoni iKhwezi likaYehova elilungele ukuyenza ngoku?
18 Hayi indlela esisikelelwe ngayo ngokwazi ukuba ngowe-1914, uYesu Kristu, iKhwezi, waphuma kwindalo iphela waza waqalisa ukuzalisekisa umbono wokwenziwa kumila kumbi! Sithethanje iKhwezi likaYehova likho, sele lilungele ukuphumeza injongo kaThixo yokuwuzalisekisa ngokubhekele phaya umbono wokwenziwa kumila kumbi—“imfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.” (ISityhilelo 16:14, 16) Emva kokushenxiswa kwale nkqubo indala, uYehova uya kuzalisekisa idinga alenzileyo ‘lamazulu amatsha nomhlaba omtsha’ apho sinokumdumisa ngonaphakade njengeNkosi enguMongami wendalo iphela noThixo wesiprofeto esiyinyaniso. (2 Petros 3:13) De kufike loo mhla uzukileyo, masiqhubeke sihamba ekukhanyeni kukaThixo ngokunikela ingqalelo kwilizwi likaThixo lesiprofeto.
Ubunokuphendula Uthini?
• Ubunokuwuchaza njani umbono kaYesu wokwenziwa kumila kumbi?
• Umbono wokwenziwa kumila kumbi ulwakha njani ukholo?
• Ngubani okanye yintoni iKhwezi likaYehova, yaye laphuma nini?
• Kutheni sifanele sinikele ingqalelo kwilizwi likaThixo lesiprofeto?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ngaba unokuyichaza intsingiselo yombono wokwenziwa kumila kumbi?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
IKhwezi sele liphumile. Ngaba uyazi ukuba liphume njani yaye nini?