Isahluko 60
Ukuboniswa Kwangaphambili Kozuko LoBukumkani BukaKristu
UYESU uze kwimimandla yaseKesareya yakwaFilipu, yaye ufundisa isihlwele ekukho kuso abapostile bakhe. Wenza esi saziso sikhwankqisayo kubo: “Inene, ndithi kuni, Kwabemiyo apha kukho abangasayi kukha beve kufa, bade bambone uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe.”
Abafundi bamele ukuba bayazibuza besithi, ‘UYesu unokuba usingisele entwenini ngala mazwi?’ Malunga neveki kamva, uYesu uhamba noPetros, noYakobi noYohane baze banyuke intaba ephakamileyo. Kunokwenzeka ukuba kusebusuku, ekubeni abafundi besozela. Ngoxa uYesu ethandaza, wenziwa kumila kumbi phambi kwabo. Ubuso bakhe buqalisa ukukhazimla njengelanga, nezambatho zakhe zibengezela njengokukhanya.
Emva koku, kuvela amadoda amabini afaniswa ‘njengoMoses noEliya’ yaye aqalisa ukuthetha noYesu malunga ‘nophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem.’ Ngokucacileyo olu phumo lubhekisela ekufeni kukaYesu nasekuvukeni kwakhe kamva. Ngaloo ndlela, le ncoko ingqina ukuba ukufa kwakhe okulihlazo akunto efanele iphetshwe, njengokuba uPetros ebenqwenela njalo.
Ngoku bevukile ngokupheleleyo, abafundi bayabukela baze baphulaphule bemangalisiwe. Nangona lo ingumbono, ubonakala uyinyaniso kangangokuba uPetros uqalisa ukuba nenxaxheba koko kwenzekayo, esithi: “Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; ukuba uyathanda, masenze apha iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.”
Esathetha uPetros, bagutyungelwa lilifu eliqaqambileyo, kuze kuphume nelizwi efini lisithi: “Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.” Bakuva eli lizwi, abafundi bawa ngobuso. Kodwa uYesu uthi: “Vukani ningoyiki.” Xa bevuka, ababoni mntu ngaphandle koYesu.
Xa besihla entabeni ngemini elandelayo, uYesu uyabayalela esithi: “Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu.” Ukuvela kukaEliya embonweni kuphakamisa umbuzo ezingqondweni zabafundi. Bayabuza besithi: “Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci?”
UYesu uthi: “UEliya uselefikile. Abamazanga.” Phofu ke, uYesu uthetha ngoYohane uMbhaptizi, owaphumeza indima efana nekaEliya. UYohane walungiselela indlela yokuza kukaKristu njengokuba uEliya wenzayo kuElisha.
Hayi indlela ongqineka usomeleza ngayo lo mbono, kuYesu nakubafundi bakhe! Ngokungathi kunjalo, lo mbono ukukuboniswa kwangaphambili kozuko loBukumkani bukaKristu. Ngokungathi kunjalo, abafundi bambona “uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe,” kanye njengokuba uYesu wayethembisile kwiveki ngaphambilana. Emva kokufa kukaYesu, uPetros wabhala ngokuba ‘ngamangqina okuzibonela obungangamsha bukaKristu ngexesha sasinaye entabeni engcwele.’
AbaFarisi babefune kuYesu umqondiso ongqina ukuba yayinguye owathenjiswa eZibhalweni ukuba unguKumkani onyulwe nguThixo. Abazange bawunikwe umqondiso onjalo. Kwelinye icala, abafundi bakaYesu abasenyongweni bavunyelwa ukuba babone ukumila kumbi kukaYesu njengokuqinisekiswa kweziprofeto zoBukumkani. Ngaloo ndlela, kamva uPetros wabhala wathi: “Kananjalo sinalo nelona lizwi liqinisekileyo elilelobuprofeti.” Mateyu 16:13, 28—17:13; Marko 9:1-13; Luka 9:27-37; 2 Petros 1:16-19.
▪ Abanye bakubona njani ukuza kukaKristu ese-Bukumkanini bakhe, ngaphambi kokuba bafe?
▪ Embonweni, uMoses noEliya bathetha ngantoni noYesu?
▪ Kutheni lo mbono uluncedo kangaka ekomelezeni abafundi?