Sondela KuThixo
UMalusi Okukhathaleleyo
‘NGABA uThixo undikhathalele?’ Ukuba wakha wazibuza lo mbuzo akuwedwa. Uninzi lwethu lukhe lwajamelana neengxaki, yaye maxa wambi singade sizibuze enoba uMdali usikhathalele kusini na. Sifuna ukwazi ukuba, Ngaba uYehova uThixo undikhathalele? Xa wayesemhlabeni, uYesu oyena mntu umazi kakhulu uYehova wenza umzekeliso onikela impendulo ekhuthazayo.
Esebenzisa umzekelo womalusi, uYesu wathi: “Ukuba umntu unezimvu ezilikhulu ize enye yazo ibhadule, akayi kuzishiya ezintabeni na ezingamashumi asithoba anesithoba aze anduluke aye kufuna leyo ibhadulayo? Ukuba uthe wayifumana, inene, uba nemihlali ngakumbi ngayo kunangezo zingamashumi asithoba anesithoba ezingakhange zibhadule. Kwangokunjalo naye uBawo osezulwini akanqweneli ukuba kutshabalale namnye waba bancinane.” (Mateyu 18:12-14) Makhe sibone indlela uYesu ayichaza ngayo inkathalo uYehova anayo ngomkhonzi wakhe ngamnye.
Umalusi wayekhathalela mvu nganye. Wayesazi xa kukho ebhadulayo, ezazi nangamagama. (Yohane 10:3) Umalusi onenkathalo wayengaphumli de ayifumane loo mvu ilahlekileyo. Ngokukhangela kwakhe leyo ilahlekileyo, wayengazibeki engozini ezingama-99 azishiya ngasemva. Abelusi babedla ngokuhlala kunye, bayeke imihlambi ixubane.a Ngoxa umalusi ekhangela imvu elahlekileyo, wayenokuzishiya ezinye izimvu kwabanye abelusi. Wayevuya gqitha xa eyifumana ingenzakalanga. Wayeyibeka emagxeni le mvu yoyikayo aze ayibuyisele emhlambini okhuselekileyo.—Luka 15:5, 6.
Ecacisa lo mzekeliso, uYesu wathi uThixo akafuni “ukuba kutshabalale namnye waba bancinane.” Ngaphambilana, uYesu walumkisa abafundi bakhe ngokukhubekisa ‘nabani na waba bancinane banokholo kuye.’ (Mateyu 18:6) Ngoko, lo mzekeliso kaYesu usifundisa ntoni ngoYehova? UnguMalusi ozikhathalele ngokwenene izimvu zakhe, kuquka ‘ezincinane’—oko kukuthi abantu abasenokubonakala bengabalulekanga ngokwembono yehlabathi. Bonke abakhonzi bakaThixo baxabisekile emehlweni akhe.
Ukuba ufuna ukwazi ukuba uxabiseke kangakanani kuThixo, kutheni ungafundi ngakumbi ngoMalusi Omkhulu, uYehova uThixo, nendlela onokusondela ngayo ngakumbi kuye? Ngokwenjenjalo unokuvakalelwa ngendlela efanayo nekampostile uPetros, owawuva ngezakhe iindlebe umzekeliso kaYesu wemvu elahlekileyo. Kamva uPetros wabhala wathi: “Liphoseni [kuThixo] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukwahlukanisa umhlambi kwakungeyongxaki, ekubeni mvu nganye ilazi ilizwi lomalusi wayo.—Yohane 10:4.