-
UYesu Nomlawuli Oselula OsisityebiOyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
-
-
Emva koko uYesu walek’ umsundulo esenjenje: “Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.” Uthetha ukuthini?
Uthetha ukuba abantu abaninzi ‘abangabokuqala’ ekunandipheni amalungelo angokonqulo, ngokufanayo nomlawuli oselula osisityebi, abayi kungena eBukumkanini. Baya kuba “ngabokugqibela.” Kodwa abaninzi, kuquka abafundi bakaYesu abathobekileyo, abajongelwa phantsi ngabaFarisi abazingcayo ‘njengabangabokugqibela’—njengabantu bomhlaba, okanye ii‛am ha·’aʹrets—baya kuba “ngabokuqala.” Ukuba “ngabokuqala” kwabo kuthetha ukuba baya kufumana ilungelo lokuba ngabalawuli noKristu eBukumkanini. Marko 10:17-31; Mateyu 19:16-30; Luka 18:18-30.
-
-
Abasebenzi EsidiliyeniOyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
-
-
UYESU usandula nje ukugqiba ukuthi, “Baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.” Ngoku uzekelisa oku ngokubalisa ibali. Uqalisa esenjenje, “Ubukumkani bamazulu bufana nomntu ongumninindlu, owaphuma ekuseni, waya kuqesha abasebenzi bokuya esidiliyeni sakhe.”
-