Isahluko 98
Abafundi Bayaphikisana Njengoko Ukufa KukaYesu Kusondela
UYESU nabafundi bakhe bakufuphi noMlambo iYordan, apho bawela khona besuka kwisithili sasePereya besiya kwelakwaYuda. Abanye abaninzi bahamba nabo ukuya kwiPasika yowama-33 C.E., eya kuqhutywa kwisithuba esimalunga neveki.
UYesu uhamba phambili kubafundi bakhe, yaye bamangalisiwe luzimiselo lwenkalipho analo. Khumbula ukuba kwiiveki ezimbalwa ngaphambilana xa wathi uLazaro wafa yaye noYesu wayesele eza kuhamba ukuya kwelakwaYuda esuka ePereya, uTomas wakhuthaza abanye esithi: “Masiye nathi, ukuze sife naye.” Kwakhona khumbula ukuba emva kokuba uYesu evuse uLazaro, Intlanganiso Yamatyala yazama amacebo okumbulala. Akumangalisi ngoko ukuba abafundi bangenwe luloyiko njengoko bengena kwelakwaYuda kwakhona.
Ukubaxhobisela oko kuza kwenzeka ngaphambili, uYesu ubizela abali-12 bucala aze abaxelele oku: “Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem; waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubabingeleli abakhulu, nakubabhali; baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga. Ziya kudlala ngaye, zimtyakatye, zimtshicele, zimbulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.”
Esi sisihlandlo sesithathu kwiinyanga zakutshanje athe uYesu waxelela abafundi bakhe ngokufa nokuvuka kwakhe. Yaye nangona bemphulaphula, abakuqondi oku. Mhlawumbi kungenxa yokuba bakholelwa ekubuyiselweni kobukumkani bukaSirayeli emhlabeni, yaye bakhangele phambili ekunandipheni uzuko nembeko kubukumkani basemhlabeni noKristu.
Phakathi kwabahambi abaya ePasikeni kukho noSalomi, unina wompostile uYakobi noYohane. UYesu uwabize la madoda ngokuthi “ [Ngoonyana, NW] Beendudumo,” ngokungathandabuzekiyo ngenxa yesimo sabo sengqondo sokungxama. Kangangethuba elithile aba babini baye banamabhongo okuba ngababalulekileyo eBukumkanini bukaKristu, yaye iminqweno yabo bayixelela unina. Ngoku uya kuYesu ukuze abathethele, uqubuda phambi kwakhe aze acele ukwenzelwa okuthile.
UYesu uyabuza athi: “Uthanda ntoni na?”
Aphendule athi: “Yitsho baze aba nyana bam bobabini bahlale, omnye ngasekunene kwakho, omnye ngasekhohlo, ebukumkanini bakho.”
Esiqonda apho sivela khona esi sicelo, uYesu uthi kuYakobi noYohane: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiza kuyisela mna?”
Baphendula bathi: “Sinako.” Nakubeni uYesu esandul’ ukubaxelela ukuba ujongene nentshutshiso enzima yaye ekugqibeleni uya kubulawa, kubonakala ukuba abaqondi ukuba uthetha oku xa ethetha ‘ngendebe’ aza kuyisela.
Sekunjalo, uYesu ubaxelela oku: “Okunene indebe yam niya kuyisela, . . . kodwa kona ukuhlala ngasekunene kum, nangasekhohlo kum, asikwam ukupha ngako; kophiwa abo kulungiselelwe bona nguBawo.”
Ekuhambeni kwexesha abanye abapostile abalishumi bathi bakuve oko kucelwe nguYakobi noYohane, yaye bayacaphuka. Mhlawumbi uYakobi noYohane babebalasele kwingxoxo yangaphambili eyayiphakathi kwabapostile emalunga nalowo ungomkhulu. Isicelo sabo sangoku sibonisa ukuba abasisebenzisanga isiluleko uYesu abanike sona kulo mbandela. Okulusizi kukuba, umnqweno wabo wokubalasela usengamandla.
Ngoko ukuze ahlangabezane nale mpikiswano intsha nemvakalelo embi eye yayivelisa, uYesu ubizela ndawonye abali-12. Ebaluleka ngothando, uthi: “Niyazi ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nabo bazizikhulu benza ngegunya kuzo. Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu.”
UYesu uye wamisela umzekelo abafanele bawuxelise, njengoko ecacisa esithi: “Kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.” UYesu akabalungiselelanga nje kuphela abanye kodwa uya kwenjenjalo ukusa kwinqanaba lokufela uluntu! Abafundi kufuneka babe nesimo sengqondo esifanayo nesikaKristu sokufuna ukukhonza kunokufuna ukukhonzwa nokufuna ukuba ngomncinane kunokufuna ukuba kwisigxina sokubaluleka. Mateyu 20:17-28; Marko 3:17; 9:33-37; 10:32-45; Luka 18:31-34; Yohane 11:16.
▪ Kutheni ngoku abafundi bengenwa luloyiko nje?
▪ UYesu ubaxhobisa njani abafundi bakhe ukuze balungele oko kuza kwenzeka ngaphambili?
▪ Sisiphi isicelo esenziwa kuYesu, yaye bachaphazeleka njani abanye abapostile?
▪ UYesu uqhubana njani nengxaki ephakathi kwabapostile bakhe?