Isahluko 102
Ukungena KukaKristu EYerusalem Ngendlela Ebonakalisa Uloyiso
NGENTSASA elandelayo, yangeCawa, ngoNisan 9, uYesu enabafundi bakhe ushiya iBhetani aze asinge kwiNtaba yemiNquma esiya eYerusalem. Kungethuba lide, basondela eBhetefage, emi phezu kweNtaba yemiNquma. UYesu uyalela ababini kubafundi bakhe esithi:
“Yiyani emzaneni lo ukhangelene nani; kwaoko nofumana iesile libotshelelwe linethole, likhululeni nilizise kum. Nokuba kukho othe wathetha into kuni, nothi, Ayafuneka eNkosini; wothi ke awathumele kwaoko.”
Nangona ekuqaleni abafundi bengaqondi ukuba le miyalelo inento yokwenza nokuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile, kamva bayakuqonda oku. Umprofeti uZekariya waxela kwangaphambili ukuba uKumkani othenjiswe nguThixo wayeza kuya eYerusalem ekhwele e-esileni, ewe, “exhamxweni, etholeni lemazi ye-esile.” Ngokufanayo uKumkani uSolomon wayekhwele kwithole le-esile ngethuba lokuthanjiswa kwakhe.
Xa abafundi bengena eBhetefage baze bathabathe ithole nonina, abathile kwabemi kufutshane bathi: “Nenza ntoni na?” Kodwa xa bexelelwa ukuba ezi zilwanyana ziyafuneka eNkosini, aba bantu bayabavumela abafundi ukuba bazithabathe ezi zilwanyana bazise kuYesu. Abafundi baphosa iingubo zabo phezu kwe-esile naphezu kwethole lalo, kodwa uYesu ukhwela ithole le-esile.
Njengoko uYesu ekhwele iesile esinge eYerusalem, isihlwele siyanda. Inkoliso yabantu yandlala iingubo zayo endleleni, ngoxa abanye besikha amasebe emithini bewandlala endleleni. Badanduluka bathi, “Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; uxolo emazulwini, uzuko enyangweni.”
Abathile kubaFarisi esihlweleni apho bayacatshukiswa yile mikhwazo baze bakhalaze kuYesu besithi: “Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho.” Kodwa uYesu uyaphendula: “Ndithi kuni, kungathi kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la.”
Njengoko uYesu esondela eYerusalem, ubona isixeko aze aqalise ukusililela, esithi: “Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! Ke kungoku zifihliwe emehlweni akho.” Ngenxa yokungathobeli kwayo kwangabom, iYerusalem imele yohlwaywe, njengoko uYesu exela kwangaphambili esithi:
“Ziya kuthi iintshaba zakho [ezingamaRoma alawulwa nguNjengele Titus] zikubiyele ngodonga, zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke, zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho.” Oku kutshatyalaliswa kweYerusalem okwaxelwa kwangaphambili nguYesu enyanisweni kuyenzeka kwiminyaka engama-37 kamva, ngowama-70 C.E.
Kwiiveki nje ezimbalwa ngaphambili, abaninzi esihlweleni baye bambona uYesu evusa uLazaro. Ngoku aba bayaqhubeka bexelela abanye ngaloo mmangaliso. Ngoko xa uYesu engena eYerusalem, wonke umzi uyazamazama. Abantu bafuna ukwazi ukuba, “Ngubani na lo?” Ibe izihlwele ziyaqhubeka zisithi: “Lo nguYesu, umprofeti ongowaseNazarete yelaseGalili.” Bebona oko kwenzekayo, abaFarasi bagxwal’ emswaneni bengenakuzinceda, ngenxa yokuba, njengokuba besitsho: “Ulandelwa lilizwe lonke.”
Njengokuba kulisiko lakhe xa etyelele eYerusalem, uYesu uya etempileni esiya kufundisa. Apho iimfama neziqhwala ziza kuye, yaye uyaziphilisa! Xa ababingeleli abakhulu nababhali bebona izinto eziyimimangaliso ezenziwa nguYesu naxa besiva abantwana bedanduluka etempileni besithi, “Hosana kuye uNyana kaDavide! ” bayacaphuka. Bakhalaza besithi, “Uyayiva na into abayithethayo aba?”
UYesu uyaphendula,
“Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele udumiso?”
UYesu uyaqhubeka efundisa, ibe uzijonga zonke izinto ezisetempileni. Ngokukhawuleza amathunzi ayanaba. Ngoko uyanduluka, enabali-12, aze ahambe malunga neekhilomitha ezintathu okanye malunga nalapho ukubuyela eBhetani. Apho uchitha ubusuku bangeCawa, ngokunokwenzeka ekhayeni lomhlobo wakhe uLazaro. Mateyu 21:1-11, 14-17; Marko 11:1-11; Luka 19:29-44; Yohane 12:12-19; Zekariya 9:9.
▪ UYesu ungena nini ibe njani eYerusalem njengoKumkani?
▪ Kubaluleke kangakanani ukudunyiswa kukaYesu zizihlwele?
▪ UYesu uvakalelwa njani xa ebona iYerusalem, ibe uvakalisa siphi isiprofeto?
▪ Yintoni eyenzekayo xa uYesu esiya etempileni?