-
Ubomi BukaYesu Esengumntwana EkhayaOyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
-
-
Xa uYesu, mhlawumbi oneminyaka emibini ubudala, eziswa apha esuka eYiputa nguYosefu noMariya, ngokucacileyo ungokuphela komntwana kaMariya. Kodwa akudluli thuba lide engokuphela komntwana wabo. Ekuhambeni kwexesha, kuzalwa uYakobi, uYose, uSimon noYuda, baze kwakhona uMariya noYosefu babe ngabazali bamantombazana. Ubuncinane ekugqibeleni uYesu, walekelwa ngabantakwabo noodade wabo abathandathu.
-
-
Ubomi BukaYesu Esengumntwana EkhayaOyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
-
-
Kufuneka uYosefu asebenze nzima ukuze axhase intsapho yakhe ekhulayo. Ungumchweli. UYosefu ukhulisa uYesu njengonyana wakhe, ngoko uYesu ubizwa ngokuba ‘ungunyana wengcibi yokwakha.’ UYosefu ufundisa uYesu ukuba naye abe ngumchweli, yaye uYesu uza kakuhle gqitha. Kungenxa yoko le nto kamva abantu besithi ngoYesu, ‘Lo yingcibi yokwakha.’
-