Xa ‘Sijongene Nomoya’
Xa wayechaza indlela ababetsala nzima ngayo abafundi bakaYesu njengoko babenqumla uLwandle lwaseGalili ngesikhephe, umbhali weVangeli uMarko uthi ‘babetsala nzima ekusibheqeni, kuba babejongene nomoya.’ Ngoxa wayeselunxwemeni, uYesu wayibona inkxwaleko ababekuyo waza ngokungummangaliso wahamba phezu kolwandle esiya kubo. Xa wakhwela esikhepheni kunye nabo, umoya wadamba.—Marko 6:48-51.
Umbhali ofanayo weBhayibhile wanikela ingxelo yokuba kwisihlandlo esingaphambili, “kwaqhambuka isaqhwithi somoya.” Kwangoko, uYesu “wawukhalimela umoya . . . , yaye umoya wadamba, ibe kwabakho ukuzola okukhulu.”—Marko 4:37-39.
Nangona thina namhlanje singakwazi ukubona imimangaliso enjalo, singafunda lukhulu kuyo. Njengabantu abangafezekanga abaphila kumaxesha anomngcipheko, nathi sinokujamelana nobunzima. (2 Timoti 3:1-5) Enyanisweni, maxa wambi singavakalelwa kukuba unxunguphalo olunxulumene nezilingo zethu lungaphaya kwamandla ethu. Kodwa sikho isiqabu! UYesu wenza isimemo: “Yizani kum, nonke nina nixhamlekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya.”—Mateyu 11:28.
Xa kubonakala ukuba ‘sijongene nomoya,’ singaba ‘nokuzola okukhulu’ entliziyweni. Njani? Ngokuthembela kumadinga kaYehova uThixo angasileliyo.—Thelekisa uIsaya 55:9-11; Filipi 4:5-7.