Isahluko 103
Ukutyelela Etempileni Kwakhona
UYESU nabafundi bakhe basandul’ ukuchithela ubusuku babo besithathu eBhetani ukususela ekufikeni kwabo bevela eYeriko. Ngoku xa kuthi qheke ukusa ngoMvulo, ngoNisan 10, sebesendleleni eya eYerusalem. UYesu ulambile. Ngoko xa ebona umthi womkhiwane unamagqabi, uya kuwo ukuze abone enoba akanakufumana kuwo amakhiwane kusini na.
Lo mthi uvelise amagqabi ngaphambi kwexesha lawo, ekubeni ixesha lamakhiwane lingekafiki de kube ngoJuni, ibe ngoku kungasekupheleni nje kukaMatshi. Phofu ke, kuyabonakala ukuba uYesu uvakalelwa kukuba ekubeni lo mthi udubule ngaphambi kwexesha, namakhiwane asenokubakho ngaphambi kwexesha. Kodwa uyadana. Amagqabi awenze lo mthi wabonakala ukhohlisa. Wandula ke uYesu awuqalekise lo mthi, esithi: “Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade.” Imiphumo yoko uYesu akwenzileyo nentsingiselo yako kufundwa ngayo kwintsasa elandelayo.
Beqhubeka nohambo lwabo, kungekudala uYesu nabafundi bakhe bafika eYerusalem. Uya etempileni, leyo ebeze kuyihlola ngenjikalanga edluleyo. Noko ke, namhlanje, wenza kanye njengokuba wenzayo kwiminyaka emithathu ngaphambili xa wayeze kwiPasika yowama-30 C.E. UYesu uyabagxotha abo bathengisayo nabathengayo etempileni aze abhukuqe iitafile zabo bananisa ngemali nezitulo ezihleli abo bathengisa amahobe. Ude angavumeli nabani na ukuba aphathe impahla etempileni.
Egweba abo bananiselana ngemali baze bathengise izilwanyana etempileni, uthi: “Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange.” Bazizihange kuba babiza ngegunya amaxabiso aphakame ngokugqithiseleyo kwabo bangenandlela yimbi ngaphandle kokuthenga kubo izilwanyana ezifunekayo ukuze benze idini. Ngoko uYesu uzigqala ezi nkqubo zokushishina njengobuqhetseba okanye ukuphanga.
Xa ababingeleli abakhulu, ababhali, nabo baziintloko zabantu besiva oko kwenziwe nguYesu, kwakhona bafuna indlela yokumbulala. Ngaloo ndlela bazingqina bengenakuguquka. Sekunjalo, abayazi indlela abanokumbulala ngayo uYesu, ekubeni bonke abantu begxalathelene kuye ukuza kumphulaphula.
Ngaphandle kwamaYuda okwemvelo, abeeNtlanga nabo beze ePasikeni. Aba ngabangeni ebuYudeni, ekuthetha ukuba baye baguqukela kunqulo lwamaYuda. AmaGrike athile, ngokucacileyo aguqukele ebuYudeni, ngoku eza kuFilipu aze acele ukubona uYesu. UFilipu uya kuAndreya, mhlawumbi ukuya kubuza enoba intlanganiso elolo hlobo ibiya kuba yefanelekileyo na. Kuyabonakala ukuba uYesu usesetempileni, apho amaGrike anokukwazi ukumbona khona.
UYesu uyazi ukuba uneentsuku ezimbalwa kuphela ezishiyekileyo ephila, ngoko uyizekelisa kakuhle imeko yakhe esithi: “Lifikile ilixa lokuba uNyana woMntu azukiswe. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi.”
Ukhozo olunye lwengqolowa lunexabiso elincinane. Ukanti, kuthekani ukuba lufakwa emhlabeni luze “lufe,” lusenziwa lungabikho njengembewu? Lwandula ke luntshule luze ngexesha elililo lukhulele ekubeni ludiza oluvelisa iinkozo zengqolowa ezininzi. Ngokufanayo, uYesu ngomnye nje umntu ogqibeleleyo. Kodwa ukuba ufa ethembekile kuThixo, uba yindlela yokudlulisela ubomi obungunaphakade kwabathembekileyo abanomoya wokuzincama ofana nanawo. Ngaloo ndlela, uYesu uthi: “Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade.”
Kucacile ukuba uYesu akacingi ngaye kuphela, kuba ngokulandelayo uyacacisa: “Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba khona apho nondikhonzayo; ukuba umntu uthi andikhonze, uBawo wombeka.” Onjani ukumangalisa umvuzo wokulandela nokukhonza uYesu! Ngumvuzo wokubekwa nguBawo ukuze anxulumane noKristu eBukumkanini.
Ecinga ngentlungu egqithiseleyo nangokufa okungcungcuthekisayo okumlindeleyo, uYesu uyaqhubeka: “Kukalokunje umphefumlo wam ukhathazekile, mandithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa.” Ukuba nje oku kumlindeleyo bekunokuphetshwa! Kodwa, akunjalo, njengoko esithi: “Ndizele khona oku kweli lixa.” UYesu uyavumelana nalo lonke ilungiselelo likaThixo, kuquka nokufa kwakhe okulidini. Mateyu 21:12, 13, 18, 19; Marko 11:12-18; Luka 19:45-48; Yohane 12:20-27.
▪ Kutheni uYesu elindele ukufumana amakhiwane naxa ingelilo ixesha lawo?
▪ Kutheni uYesu ebabiza abo bathengisa etempileni ngokuba ‘zizihange’?
▪ UYesu ufana ngayiphi indlela nokhozo lwengqolowa olufayo?
▪ UYesu uvakalelwa njani yintlungu nokufa okumlindeleyo?