Isahluko 28
Ubuzwa Ngokuzila Ukudla
PHANTSE ukuba sekudlule unyaka ukususela ekubeni uYesu waya kwiPasika yowama-30 C.E. Ngeli xesha, uYohane uMbhaptizi sele evalelwe entolongweni kangangeenyanga eziliqela. Nangona wayefuna ukuba abafundi bakhe babe ngabalandeli bakaKristu, asingabo bonke ababe ngabo.
Ngoku bambi baba bafundi bakaYohane ovalelwe entolongweni baza kuYesu baze bambuze besithi: “Kungani na ukuba sizile ukudla kaninzi, thina nabaFarisi, kanti bona abafundi bakho abakuzili?” AbaFarisi bazila ukudla kabini ngeveki njengesithethe sonqulo lwabo. Yaye mhlawumbi abalandeli bakaYohane balandela isiko elifanayo. Kwakhona kusenokwenzeka ukuba bazila kudla bezilela ukuvalelwa kukaYohane entolongweni yaye abasiboni isizathu sokuba abafundi bakaYesu bengabatheleli ekubonakaliseni ukuba buhlungu kwabo.
Ukubaphendula uYesu uyacacisa: “Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukukhedama, lo gama umyeni asenabo? Kodwa kuya kufika imihla awothi asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila.”
Abafundi bakaYohane bafanele bakhumbule ukuba uYohane ngokwakhe wathetha ngoYesu njengoMyeni. Ngoko ngoxa uYesu esekho, uYohane ebengayi kukubona kufanelekile ukuzila ukudla, nabafundi bakaYesu abakuboni kufanelekile. Kamva, xa uYesu esifa, abafundi bakhe baba buhlungu baze bazile ukudla. Kodwa xa evuswa aze anyukele ezulwini, abanasizathu simbi sokuzila ukudla.
Emva koko, uYesu unikela le mizekeliso: “Akukho ke ubeka isiziba somchako omtsha engutyeni endala; kuba eso sifakiweyo siyakrazula engutyeni, sibe sibi ngokunye isikroba. Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwenjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale iintsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha.” Le mizekeliso inakuthanani nokuzila ukudla?
UYesu wayenceda abafundi bakaYohane uMbhaptizi ukuba bayiqonde into yokuba akukho namnye wayenokulindela abalandeli bakhe ukuba bavumelane noqheliselo oludala lobuYuda, olunjengesithethe sokuzila ukudla. Wayengazanga kulungisa aze andise iinkqubo zonqulo ezindala ezaziza kushenxiswa kungekudala. UbuKristu babungayi kwenziwa buvumelane nobuYuda baloo mhla nezithethe zabo zabantu. Babungayi kuba ngumchako omtsha kwisiziba esidala okanye iwayini entsha kwintsuba endala. Mateyu 9:14-17; Marko 2:18-22; Luka 5:33-39; Yohane 3:27-29.
▪ Ngoobani abazila ukudla, yaye ngayiphi injongo?
▪ Kutheni le nto abafundi bakaYesu bengazili ukudla ngoxa esenabo, ibe emva koko unobangela wokuzila ukudla wayeya kuphela njani ngokukhawuleza?
▪ Yiyiphi imizekeliso enikelwa nguYesu, yaye inayiphi intsingiselo?