Isahluko 114
Isidlo Sangokuhlwa Sesikhumbuzo
EMVA kokuba uYesu ehlambe iinyawo zabafundi bakhe, ucaphula isibhalo esikwiNdumiso 41:9, esithi: “Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.” Uyandula ke, ekhathazekile emoyeni, acacise esithi: “Omnye kuni aba uya kundingcatsha.”
Abapostile baqalisa ukuba buhlungu baze bathi kuYesu ngabanye: “Ingaba ndim yini na?” KwanoYuda Sikariyoti uyathelela ekubuzeni. UYohane, ongqengqe ngakuYesu esithebeni, wayama esifubeni sikaYesu aze abuze esithi: “Nkosi, nguwuphi na?”
UYesu uphendula athi: “Ngomnye kwabeshumi elinababini, lowo ke uthi nkxu nam esityeni. UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.” Emva koko, uSathana ungena kuYuda kwakhona, esebenzisa ithuba lokuba eyivulile intliziyo yakhe, eye yaba yengendawo. Kamva ngobo busuku, uYesu ngokufanelekileyo umbiza uYuda ngokuthi “lowo wentshabalalo.”
Ngoku uYesu uxelela uYuda oku: “Okwenzayo, kwenze kamsinya.” Akukho namnye kubapostile oyiqondayo intsingiselo yoko uYesu akuthethayo. Bambi bacingela ukuba ekubeni uYuda egcina ingxowa yemali, uYesu uthi kuye: “Thenga ezo zinto sizifunela umthendeleko,” okanye wayefanele ahambe aze anike amahlwempu okuthile.
Emva kokuba uYuda emkile, uYesu usungula umsitho omtsha ngokupheleleyo, okanye isikhumbuzo, nabapostile bakhe abathembekileyo. Uthabatha isonka, enze umthandazo wokubulela, asiqhekeze, aze abanike, esithi: “Thabathani nidle.” Uyacacisa esithi: “Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula.”
Akuba ngamnye esidlile isonka, uYesu uthabatha indebe yewayini, kubonakala ukuba yindebe yesine esetyenziswa kwinkonzo yePasika. Kwakhona wenza umthandazo wokubulela, aze ayidlulisele kubo, abacele ukuba bayisele, aze athi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.”
Ngoko esi, enyanisweni, sisikhumbuzo sokufa kukaYesu. Nyaka ngamnye ngoNisan 14 simele siphindaphindwe, njengoko uYesu esitsho, ukwenzela ukumkhumbula. Abo basenzayo siya kubakhumbuza oko uYesu noYise wasezulwini bakwenzileyo ukulungiselela indlela yokusaba koluntu kumgwebo wokufa. KumaYuda athi abe ngabalandeli bakaKristu, lo msitho uya kuthabathel’ indawo iPasika.
Umnqophiso omtsha, owenziwe wasebenza ngegazi elaphalalayo likaYesu, uthabathel’ indawo umnqophiso omdala woMthetho. Uzakuzelelwa nguYesu Kristu phakathi kwamaqela amabini—kwelinye icala, nguYehova uThixo, yaye kwelinye, ngamaKristu azelwe ngomoya ali-144 000. Ngaphandle kokulungiselela ukuxolelwa kwezono, lo mnqophiso uvumela ukuba kusekwe uhlanga olutsha lwasezulwini lookumkani abangababingeleli. Mateyu 26:21-29; Marko 14:18-25; Luka 22:19-23; Yohane 13:18-30; 17:12; 1 Korinte 5:7.
▪ Sisiphi isiprofeto seBhayibhile esicatshulwayo nguYesu ngokuphathelele iqabane, ibe usisebenzisa ngayiphi indlela?
▪ Kutheni abapostile beba buhlungu ngokunzulu nje, ibe yintoni ngamnye wabo ayibuzayo?
▪ UYesu uthi makenze ntoni uYuda, kodwa abanye abapostile bayitolika njani le miyalelo?
▪ Nguwuphi umsitho awusungulayo uYesu emva kokumka kukaYuda, ibe yiyiphi injongo oyiphumezayo?
▪ Ngawaphi amaqela akumnqophiso omtsha, yaye yintoni efezwa ngulo mnqophiso?