Isahluko 119
Urholelwa KuAnas, Aze Asiwe KuKayafa
UYESU, ebotshiwe njengasaphuli-mthetho, usiwa kuAnas, owayesakuba ngumbingeleli omkhulu onempembelelo. UAnas wayengumbingeleli omkhulu xa uYesu owayeyinkwenkwana owathi engoneminyaka eli-12 ubudala wamangalisa abafundisi bamaYuda etempileni. Oonyana abaliqela baka-Anas kamva bakhonza njengababingeleli abakhulu, yaye ngoku umkhwenyana wakhe uKayafa ukweso sikhundla.
Mhlawumbi uYesu uqala asiwe kwikhaya lika-Anas ngenxa yokuba loo mbingeleli mkhulu wayedume kakhulu kubomi bonqulo lwamaYuda. Oku kuphambukela kuAnas kuvulela uMbingeleli Omkhulu uKayafa ithuba lokuba abize iNtlanganiso Yamatyala, inkundla ephakamileyo yamaYuda enamalungu angama-71, nokuba ahlanganisele ndawonye amangqina obuxoki.
Ngoku umbingeleli omkhulu uAnas ubuza uYesu ngabafundi bakhe nangemfundiso yakhe. Noko ke, uYesu umphendula athi: “Mna ndathetha ngokungafihlisiyo kulo ihlabathi; mna bendihleli ndifundisa endlwini yesikhungu nasetempileni, apho amaYuda ebesakubuthelana khona, evela kumacala onke; emfihlekweni andithethanga nto. Yini na ukuba ubuze kum? Buza kwabo bayivileyo into endayithetha kubo; uyabona, aba bayakwazi oko ndakuthethayo.”
Akutsho, elinye lamadindala elimi kufuphi noYesu limqhwaba ngempama, lisithi: “Wenjenje na ukumphendula umbingeleli omkhulu?”
UYesu uphendula athi: “Ukuba ndithethe kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethelani na?” Emva kwale mpikiswano, uAnas uthumela uYesu ebotshiwe kuKayafa.
Ngoku bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu nababhali, ewe, iNtlanganiso Yamatyala iphela, baqalisa ukubuthelana ndawonye. Ngokucacileyo bahlanganisene kwikhaya likaKayafa. Ukuchophela ityala elinjalo ngobusuku bePasika ngokucacileyo kuchasene nomthetho wamaYuda. Kodwa oku akuzithinteli iinkokeli zonqulo kwinjongo yazo engendawo.
Kwiiveki ezithile ngaphambili xa uYesu ebevuse uLazaro, iNtlanganiso Yamatyala yayisele igqibile phakathi kwayo ukuba umele afe. Yaye iintsuku nje ezimbini ngaphambili, ngoLwesithathu, iinkokeli zonqulo zabhungisana ukuba zimbambe uYesu ngeyelenqe lobuqhophololo ukuze zimbulale. Khawufan’ ucinge, enyanisweni wayesele egwetyelwe ukufa kwangaphambi kokuchotshelwa kwetyala lakhe!
Ngoku kwenziwa imigudu yokufumana amangqina aza kunikela ubungqina bobuxoki ukuze uYesu abe nokubekw’ ityala. Noko ke, akakho amangqina anokufunyanwa avumelanayo ngobungqina bawo. Ekugqibeleni, amabini eza ngaphambili aze angqine athi: “Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziwe ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla.”
UKayafa ubuza athi: “Akuphenduli nento le na? Bangqina ntoni na aba ngawe?” Kodwa uYesu uhlala athi tu. Nakwesi sityholo sobuxoki, amangqina akakwazi ukubenza buvisisane ubungqina bawo, nto leyo eyihlazisayo iNtlanganiso Yamatyala. Ngoko umbingeleli omkhulu uzama iqhinga elahlukileyo.
UKayafa uyayazi indlela amaYuda akhawuleza acatshukiswe ngayo ngumntu ozibanga enguNyana kaThixo. Kwizihlandlo ezibini ngaphambilana, aye ngaphandle kokuqwalasela izibakala amgqala uYesu njengomnyelisi ofanelwe kukufa, akuba nje ngempazamo ecingela ukuba wayezibanga elingana noThixo. Ngobuqhophololo uKayafa ngoku uyambuza esithi: “Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, unyana kaThixo!”
Kungakhathaliseki oko amaYuda akucingayo, uYesu unguye ngokwenene uNyana kaThixo. Yaye ukuthula kwakhe bekuya kuqondwa njengokukhanyela kwakhe ukuba unguKristu. Ngoko uYesu uphendula ngenkalipho athi: “Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza namafu ezulu.”
Akuba eve oku, egqwashula, uKayafa ukrazula iingubo zakhe aze adanduluke esithi: “Unyelisile; sisawafunelani na amangqina? Yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe; nithini na nina?”
INtlanganiso Yamatyala ivakalisa oku: “Unetyala lokuba afe.” Ngoko baqalisa ukumenza intlekisa, yaye bathetha izinto ezininzi bemnyelisa. Bamqhwaba ngeempama baze bamtshicele ebusweni. Abanye bagquma ubuso bakhe baze bambethe ngamanqindi baze bephoxisa bathi: “Siprofetele, wena Kristu; ubethwe ngubani na?” Esi senzo sokuxhaphaza nesichasene nomthetho senzeka ebudeni bokuchotshelwa kwetyala ebusuku. Mateyu 26:57-68; 26:3, 4; Marko 14:53-65; Luka 22:54, 63-65; Yohane 18:13-24; 11:45-53; 10:31-39; 5:16-18.
▪ UYesu usiwa phi kuqala, yaye kwenzeka ntoni kuye apho?
▪ UYesu usiwa phi ngokulandelayo, yaye ngayiphi injongo?
▪ UKayafa uyibangela njani ukuba iNtlanganiso Yamatyala ivakalise ukuba uYesu ufanelwe kukufa?
▪ Sisiphi isenzo sokuxhaphaza nesichasene nomthetho esenzeka ebudeni bokuchotshelwa kwetyala?