KuLwandle LwaseGalili
INGXELO ekuMarko 4:35–41 ithi uYesu nabafundi bakhe bakhwela esikhepheni banqumla kuLwandle lwaseGalili. Sifunda oku: “Kwaqhambuka isaqhwithi somoya omkhulu, yaye amaza ayentlaleka esikhepheni, kangangokuba isikhephe saphantse sazala ngamanzi. Kodwa [uYesu] wayesemva, elele phezu komqamelo.”
Le kuphela kwendawo elivela kuyo eBhayibhileni igama lesiGrike elithetha ‘umqamelo.’ Ngoko abaphengululi abayazi kakuhle intsingiselo yeli gama lisetyenziswe apha. Inkoliso yeeBhayibhile iguqulela eli gama ngokuthi “umqamelo.” Kodwa wawunjani lo mqamelo? Kulwimi lwantlandlolo indlela uMarko alibhale ngayo eli gama ibonisa ukuba lo mqamelo wawuyinxalenye yezinto esenziwe ngazo isikhephe. Isikhephe esafunyanwa kufuphi noLwandle lwaseGalili ngowe-1986 sabangela ukuba liqondwe kakuhle eli gama lesiGrike lisetyenziswe nguMarko.
Uphando lubonisa ukuba esi sikhephe sinobude obuziimitha ezisibhozo sasifakwa iiseyile okanye sibhexeshwa ngephini ukuze sihambe. Kwakulotywa ngaso yaye ngasemva sasinomgangatho olungiselelwe ukuthwala umnatha wokuloba onzima. Uhlolisiso lubonisa ukuba esi sikhephe sasisetyenziswa phakathi kweminyaka ye-100 B.C.E. neyama-70 C.E., ngoko sinokufana nohlobo lwesikhephe esasisetyenziswa nguYesu nabafundi bakhe. UShelley Wachsmann, naye owayekho xa kwakusembiwa eso sikhephe, wabhala incwadi ethi The Sea of Galilee Boat—An Extraordinary 2000 Year Old Discovery. Ubonisa ukuba “umqamelo” awayelele kuwo uYesu wawuyingxowa egalelwe isanti kusenzelwa ukuba ubunzima bayo buzinzise isikhephe eso. Igqala lomlobi waseJaffa elinamava ekulobeni ngomnatha lathi: “Xa ndandiselula, izikhephe endandisebenza kuzo kwiMeditera zazidla ngokuthwala ingxowa enye okanye ezimbini zesanti. . . . Ezo ngxowa zazilayishwa kusenzelwa ukuzinzisa isikhephe. Kodwa xa zingasetyenziswa, zazigcinwa kumgangatho ongemva wesikhephe. Xa kukho umntu odiniweyo, wayesiya ngasemva aye kulala aze aqamele ngezo ngxowa zesanti.”
Abaphengululi abaninzi bakholelwa ukuba uMarko uthetha ukuba uYesu wayeqamele ngengxowa yesanti ezinzisa isikhephe kumgangatho ongasemva, eyona ndawo ikhuselekileyo yesikhephe xa kukho isaqhwithi. Enoba wawunjani na loo mqamelo, eyona nto ibalulekileyo kule ngxelo koko kwenzeka emva koko. Ngoncedo lukaThixo namandla akhe, uYesu walukhalimela olo lwandle lulwayo. Nabafundi bakhe bade babuza oku: “Ngubani ngokwenene lo, le nto ade athotyelwe ngumoya nalulwandle?”