Isahluko 46
Lachukumisa Ingubo Yakhe
IINDABA ezingokubuya kukaYesu eDekapoli zifikelela eKapernahum, yaye isihlwele esikhulu sihlanganisana ngaselwandle ukuze simamkele xa efika. Ngokungathandabuzekiyo sivile ukuba udambise isaqhwithi waza waphilisa abantu abebephethwe ziidemon. Ngoku, njengokuba efika elunxwemeni, bahlanganisana ngakuye benolangazelelo nolindelo.
Omnye wabo bangxamele ukubona uYesu nguYayiro, umphathi wendlu yesikhungu. Uwa ezinyaweni zikaYesu aze acele kaninzi esithi: “Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila.” Ekubeni iyekuphela komntwana wakhe yaye ineminyaka nje eli-12 ubudala, le ntombi ixabiseke ngokukhethekileyo kuYayiro.
UYesu uyavuma yaye, ephelekwa sisihlwele, uya emzini kaYayiro. Sinokuyithelekelela indlela abanemincili ngayo abantu njengokuba belindele omnye ummangaliso. Kodwa elinye inenekazi eliphakathi kwesihlwele lixhalabele ingxaki yalo enkulu.
Eli nenekazi, belinethombo legazi kangangeminyaka eli-12. Lalisithi likulo ugqirha libe likulowa, liyisebenzisela ukuzinyanga yonke imali yalo. Kodwa alikhange lincedakale; kunoko, ingxaki yalo iye isiba nkulu ngakumbi.
Njengoko usenokuba mhlawumbi uyaqonda, ngaphandle kokuba silenze buthathaka ngokugqithiseleyo, esi sifo salo silenza lizive lineentloni yaye lihlazekile ngandlel’ ithile. Ngokuqhelekileyo ubani akathethi esidlangalaleni ngesifo esinjalo. Ngaphezu koko, phantsi koMthetho kaMoses ukumpompoza kwegazi kuyalingcolisa ibhinqa yaye nabani na olichukumisayo okanye achukumise iingubo zalo ezinegazi kufuneka ahlambe aze abe yinqambi de kube ngokuhlwa.
Eli bhinqa livile ngemimangaliso kaYesu yaye ngoku liyamfuna phakathi kwesihlwele. Ngenxa yokungcola kwalo, liphumela phakathi kwesihlwele ngokufihlakeleyo kangangoko kunokwenzeka, lisithi ngentliziyo: “Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndophiliswa.” Lakuba lenjenjalo, kwangoko liyaphawula ukuba ithombo lalo legazi liphelile!
“Ngubani na lo undichukumisileyo?” Hayi indlela loo mazwi kaYesu amele ukuba alothuse ngayo! Kwenzeka njani ukuba akwazi oko? UPetros uphikisa ngelithi: “Mongameli, izihlwele zikuxina, zikukhandanisa nje, uthi na, Ngubani na lo undichukumisileyo?”
Esingasinga ngelokukhangela eli bhinqa, uYesu ucacisa esithi: “Ukho ondichukumisileyo; kuba mna ndiyawazi amandla aphumileyo kum.” Ngokwenene, asikokuchukunyiswa kuqhelekileyo; kuba ukuphiliswa oku ngumphumo woko kubangelwa ngamandla kaYesu.
Libona ukuba liboniwe, eli bhinqa liyeza lize liwe phambi kukaYesu, lisoyika yaye ligubha. Emehlweni abo bonke abantu, lichaza yonke inyaniso engokugula kwalo kwanangendlela elisandul’ ukuphiliswa ngayo.
Eshukunyiswa kukuzityand’ igila kwalo, uYesu ulithuthuzela ngovelwano esithi: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho.” Hayi indlela ekukuhle ngayo ukwazi ukuba Lowo uThixo amnyulileyo ukuba alawule umhlaba ungumntu onobubele nonovelwano ngolo hlobo, obakhathaleleyo abantu nonamandla okubanceda! Mateyu 9:18-22; Marko 5:21-34; Luka 8:40-48; Levitikus 15:25-27.
▪ Ngubani uYayiro, yaye kutheni esiza kuYesu nje?
▪ Yiyiphi ingxaki elinayo elinye ibhinqa, yaye kutheni kunzima kangaka nje ngalo ukuza kuYesu ukuze lifumane uncedo?
▪ Liphiliswa njani eli bhinqa, yaye uYesu ulithuthuzela njani?