Isahluko 12
Ukubhaptizwa KukaYesu
MALUNGA neenyanga ezintandathu emva kokuqalisa kukaYohane ukushumayela, uYesu, ngoku oneminyaka engama-30 ubudala, uza kuye eYordan. Uze kuthini? Ngaba uze kumtyelela nje? Ngaba uYesu unomdla nje kwindlela umsebenzi kaYohane oqhubeka ngayo? Akunjalo, uYesu ucela uYohane ukuba ambhaptize.
Zisuka nje uYohane uyala esithi: “Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, uza kum na wena?” UYohane uyazi ukuba umza wakhe uYesu unguNyana okhethekileyo kaThixo. Ewe, uYohane waxhuma ngenxa yovuyo esibelekweni sikanina xa uMariya, owayekhulelwe uYesu, wathi wabatyelela! Unina kaYohane uElizabhete, ngokungathandabuzekiyo kamva wamxelela ngoku. Yaye ngokungathandabuzekiyo wamxelela nangokuvakaliswa kokuzalwa kukaYesu nangokubonakala kwesithunywa sezulu kubalusi ngobusuku uYesu awazalwa ngabo.
Ngoko uYohane akaqali kuva ngoYesu. Yaye uYohane uyazi ukuba ubhaptizo lwakhe alumfanelanga uYesu. Lolwabo baguquka kwizono zabo, kodwa uYesu akanasono. Kanti, phezu kwako nje ukwala kukaYohane, uYesu uzingisa ngelithi: “Vuma okwakaloku; kuba sifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa.”
Kutheni kufanelekile nje ukuba uYesu abhaptizwe? Kungenxa yokuba ukubhaptizwa kukaYesu kungumfuziselo, kungekhona owokuguquka kwizono, kodwa owokuzinikela kwakhe ukwenza ukuthanda kukaYise. UYesu ebengumchweli, kodwa ngoku lifikile ixesha lokuba aqalise ubulungiseleli uYehova uThixo awayemthumele emhlabeni ukuba abuphumeze. Ngaba ucinga ukuba uYohane ulindele ukuba kwenzeke nto ithile ingaqhelekanga xa ebhaptiza uYesu?
Kaloku, kamva uYohane unikela le ngxelo: “Owandithumayo ukubhaptiza ngamanzi, nguye owathi kum, Othe wambona uMoya esihla ahlale phezu kwakhe, nguye lowo ubhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.” Ngoko uYohane ulindele ukuba umoya kaThixo uhlele phezu kothile ambhaptizayo. Ngoko ke, mhlawumbi akamangaliswanga ngokwenene xa, njengoko uYesu ephuma emanzini, uYohane ubona ‘umoya kaThixo onjengehobe usehlela phezu kwakhe.’
Kodwa kwenzeka okungakumbi kunoko ekubhaptizweni kukaYesu. ‘Amazulu ayavuleka.’ Kuthetha ntoni oku? Ngokucacileyo kuthetha ukuba ngoxa ebhaptizwa, inkumbulo yobomi bakhe basezulwini ngaphambi kokuba ngumntu emhlabeni ibuyela kuye. Ngaloo ndlela, ngoku uYesu ubukhumbula bonke ubomi bakhe njengoNyana ongumoya kaYehova uThixo, kuquka zonke izinto uThixo awazithethayo kuye ezulwini ebudeni bokuphila kwakhe ngaphambi kokuba abe ngumntu.
Ukongezelela, ngexesha lokubhaptizwa kwakhe, ilizwi elivela ezulwini livakalisa oku: “Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.” Lilizwi likabani elo? Ngaba lelikaYesu? Kakade ke, asililo! LelikaThixo. Ngokucacileyo, uYesu unguNyana kaThixo, akangoThixo, njengoko abantu abathile besitsho.
Noko ke, uYesu ngunyana kaThixo ongumntu, kanye njengoko kwakunjalo ngomntu wokuqala, uAdam. Umfundi uLuka, emva kokuchaza ngobhaptizo lukaYesu, ubhala athi: “Waye uYesu eminyaka ngathi imashumi mathathu ezelwe, ukuqala kwakhe ukufundisa, engobe kusithiwa ngunyana kaYosefu, kaHeli, . . . kaDavide, . . . ka-Abraham, . . . kaNowa, . . . ka-Adam, kaThixo.”
Ekubeni uAdam ‘wayengunyana kaThixo’ ongumntu, kukwanjalo nangoYesu. UYesu ungoyena mntu ubalaseleyo owakhe waphila, nto leyo ecacayo xa sihlolisisa ubomi bukaYesu. Noko ke, ekubhaptizweni kwakhe, uYesu ungena kulwalamano olutsha noThixo, kwakhona esiba nguNyana kaThixo ongokomoya. Ngoku ngokungathi kunjalo, uThixo umbizela ezulwini kwakhona, ngokumqalisa kwikhondo elaliza kumenza ukuba anikele ngobomi bakhe bobuntu ngonaphakade njengedini ngenxa yoluntu olugwetyiweyo. Mateyu 3:13-17; Luka 3:21-38; 1:34-36, 44; 2:10-14; Yohane 1:32-34; Hebhere 10:5-9.
▪ Kutheni le nto uYohane engaqali kuva ngoYesu?
▪ Ekubeni engenazono, kutheni uYesu ebhaptizwa nje?
▪ Ngenxa yoko uYohane akwaziyo ngoYesu, kutheni le nto esenokungamangaliswa xa umoya kaThixo usehlela kuYesu?