Ngaba Wakha Phezu Kwentlabathi okanye Kolwalwa?
NGABA uyakunandipha ukufunda iBhayibhile? Ngaba unalo ixesha olibekele bucala ukuze ufunde iBhayibhile namaNgqina kaYehova? Ukuba kunjalo, akuthandabuzeki ukuba ulwazi olufumanayo luya kukunceda usiqonde isizathu sokuba ngoku ihlabathi lizaliswe ziingxaki ezingaka. (ISityhilelo 12:9, 12) Ukongezelela, iindinyana ezininzi zeBhayibhile ziye zakuthuthuzela ngamaxesha okubandezeleka zaza zakunika ithemba ngekamva.—INdumiso 145:14; 147:3; 2 Petros 3:13.
Ukufuna ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile linyathelo elibalulekileyo kwabo bafuna ukuba ngabalandeli bakaKristu. Kodwa ngaba elo kuphela kwenyathelo abafanele balithabathe? Akunjalo. Ukuze sihlale singumKristu wokwenyaniso—ngokukodwa xa ukholo lwaso luvavanywa—isifundo seBhayibhile kufuneka sithabathe elinye inyathelo elibalulekileyo. Liliphi elo nyathelo? Ukuze ufumane impendulo, makhe siqwalasele iNtshumayelo yaseNtabeni eyanikelwa nguYesu kwintaba yaseGalili.—Mateyu 5:1, 2.
Kuvavanywa Izindlu Ezimbini
Ngaba uqhelene neNtshumayelo yaseNtabeni? Unokuyifumana kwincwadi yeVangeli kaMateyu nekaLuka. (Mateyu 5:1–7:29; Luka 6:20-49) Unokuyifunda uyigqibe ngemizuzu nje engama-20. Ineengcaphulo ezingaphezu kwama-20 zeZibhalo zesiHebhere nezafobe ezingaphezu kwama-50. Esinye isafobe—esithetha ngokwakhiwa kwezindlu ezimbini—sikhethekile kuba uYesu wasisebenzisa xa equkumbela intshumayelo yakhe. Ukuba uyakuqonda ukubaluleka kwalo mzekeliso aqukumbela ngawo, uya kubona indlela onokuma ngayo uqinile njengomlandeli kaKristu, zingakhathaliseki iimvavanyo odibana nazo.
UYesu wathi: “Ngoko ke wonk’ ubani owevayo la mazwi am aze awenze uya kufaniswa nendoda eyingqondi, eyakha indlu yayo phezu kolwalwa. Yagaleleka imvula, zafika nezikhukula, yavuthuza nemimoya, yabetha kuloo ndlu, kodwa ayizange idilike, kuba yayisekwe phezu kolwalwa. Ngapha koko, wonk’ ubani owevayo la mazwi am aze angawenzi uya kufaniswa nendoda esisidenge, eyakha indlu yayo phezu kwentlabathi. Yagaleleka imvula, zafika nezikhukula, yavuthuza nemimoya, yabetha kuloo ndlu yaza yadilika, kwaba kukhulu ukuwohloka kwayo.”—Mateyu 7:24-27.
Umntu ‘Owembayo, Wehlela Nzulu’
UYesu wayedlulisela yiphi inyaniso ebalulekileyo kubafundi bakhe ngalo mzekeliso wabakhi ababini? Ukuze sikwazi oku, makhe siwaphonononge la mazwi kaYesu. Yintoni oyiphawulayo ngezi zindlu zimbini? Zombini zaba kwintlekele efanayo. Zazisenokubonakala zifana. Kwakhona kusenokwenzeka ukuba zazakhiwe ndawonye—enye ecaleni kwenye. Sekunjalo enye yayakhiwe entlabathini, enye elulwalweni. Yayinokwenzeka njani loo nto? Njengoko incwadi yeVangeli kaLuka ichaza, umntu oyingqondi ‘wemba wehlela nzulu’ ukuze afike elulwalweni. (Luka 6:48) Ngenxa yoko, indlu yomntu oyingqondi ayizange iwe.
UYesu wayefuna ukubethelela yiphi ingongoma? Wayengafuni ukubalaselisa indlela ezibonakala ngayo okanye indawo ezakhiwe kuyo ezo zindlu okanye amandla emozulu, kodwa wayebalaselisa indlela abasebenza ngayo abakhi. Omnye umntu wemba wehlela nzulu, ngoxa omnye engezang’ embe nzulu. Unokufana njani nalo mntu uyingqondi uze wembe nzulu? UYesu washwankathela ingongoma yalo mzekeliso ngokuthi: “Kutheni, ngoko, nindibiza ngokuthi ‘Nkosi! Nkosi!’ kodwa ningazenzi izinto endizitshoyo? Wonk’ ubani oza kum nowevayo amazwi am aze awenze, ndiza kunibonisa lowo anjengaye: Unjengomntu . . . owembayo, wehlela nzulu waza wabeka isiseko phezu kolwalwa.”—Luka 6:46-48.
Ngokuqinisekileyo ukuphulaphula iimfundiso zeBhayibhile nokuyifunda ekhaya kufana nokwakha indlu phezu kwentlabathi—akuyomfuneko ukwemba. Kodwa ukusebenzisa iimfundiso zikaKristu kulucelomngeni. Kufuna wembe nzulu ukuze ufikelele elulwalweni.
Ngenxa yoko ukuma kwakho uqinile njengomlandeli kaKristu nokungenzi oko kuxhomekeke ekubeni uyazisebenzisa na izinto ozivayo. Xa usebenzisa oko ukufunda eBhayibhileni kubomi bakho, ufana nomntu oyingqondi owemba nzulu. Ngoko ke, umfundi ngamnye weBhayibhile ufanele anqumame aze azibuze oku: ‘Ngaba ndingumphulaphuli okanye ndingumenzi? Ngaba ndiyifunda nje iBhayibhile okanye ngaba ndilandela imiyalelo yeBhayibhile xa ndisenza izigqibo?’
Imiphumo Yokwemba Nzulu
Khawuqwalasele la mava kaJosé. Abazali bakhe bamfundisa ukuhlonela imilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile kodwa akazange alifundisise iLizwi likaThixo. UJosé uthi: “Ukumka kwam ekhaya, ndazama ukwenza okulungileyo kodwa ndandinxulumana nabantu ababi. Ndaqalisa ukusebenzisa iziyobisi, ukuziphatha kakubi ngokwesini yaye ndandisoloko ndisilwa nabantu.”
Ekugqibeleni, uJosé watshintsha indlela awayephila ngayo waza wafundisisa iBhayibhile. Uthi: “Into eyabangela ukuba nditshintshe kukufunda nokuqonda iNtshumayelo kaYesu yaseNtabeni. Kodwa ubuntu bam nendlela endandiphila ngayo zatshintsha emva kwexesha elide. Ekuqaleni, ndandisoyika ukuba ‘abahlobo’ bam baza kucinga ntoni ngam, kodwa lwaphela olo loyiko. Ndayeka ukuxoka nokuba krwada ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Ndafunda ukuba, kanye njengokuba uYesu wathembisayo, ukuphila ubomi obulula nokusebenzisa amacebiso eBhayibhile kubangela ulonwabo oluhlala luhleli.”—Mateyu 5:3-12.
Iya kuba yintoni imiphumo xa usemba nzulu ukuze wakhe elulwalweni—oko kukuthi, xa ukusebenzisa ngenzondelelo oko ukufunde eLizwini likaThixo? UYesu wathi: “Xa kwavela isikhukula, umlambo wantlaleka kuloo ndlu, kodwa wawungenamandla ngokwaneleyo ukuba uyigungqise, ngenxa yokwakhiwa kwayo kakuhle.” (Luka 6:48) Ngokuqinisekileyo ukuba wakha kakuhle ngokusebenzisa izinto ozifundayo, iimvavanyo ezifana noqhwithela aziyi kuyidiliza indlu yakho, aziyi kuyigungqisa nokuyigungqisa. Hayi indlela okuthuthuzela ngayo oku!
Umfundi uYakobi, umntakwabo Yesu ngonina, uchaza enye indlela abasikelelwa ngayo abafundi beBhayibhile abangengobaphulaphuli nje kuphela kodwa abakwenza ngokunyanisekileyo oko kuseLizwini likaThixo elibhaliweyo. UYakobi wathi: “Yibani ngabenzi belizwi, ningabi ngabevayo kuphela . . . Umntu oqondela kumthetho ogqibeleleyo wenkululeko, nalowo uzingisayo kuwo, yena lowo, ngenxa yokuba uye, akaba ngovayo aze alibale, kodwa waba ngumenzi womsebenzi, uya kuba noyolo ekuwenzeni kwakhe.”—Yakobi 1:22-25.
Ngokuqinisekileyo, abo basebenzisa isiluleko seBhayibhile bonwabe ngokwenene. Kwelinye icala olo lonwabo luyabomeleza abalandeli bakaKristu ukuze beme beqinile kwiimvavanyo zokholo lwabo ezifana noqhwithela nokuzinikela kwabo ngokunyanisekileyo kuThixo.
Uza Kwenza Ntoni?
Xa uYesu wayenikela iNtshumayelo yaseNtabeni wabalaselisa ukuba xa sikhonza uYehova uThixo simele senze ukhetho. Ngokomzekelo, uYesu wafundisa ukuba umntu uneliso elingenakumbi okanye elingendawo, ukuba ukhonza uThixo okanye ubutyebi, ukuba uhamba endleleni emxinwa okanye ephangaleleyo. (Mateyu 6:22-24; 7:13, 14) Kulo mzekeliso wabakhi ababini aqukumbela ngawo uYesu, wanika abalandeli bakhe olunye ukhetho: Ukwenza njengomntu oyingqondi okanye osisidenge.
Ukuba uqhubeka ukusebenzisa ngentliziyo epheleleyo oko ukufunda eBhayibhileni, uyingqondi. Ewe, xa usemba nzulu ukuze wakhe elulwalweni, uya kufumana iintsikelelo ngoku nakwixa elizayo.—IMizekeliso 10:25.
[Imifanekiso ekwiphepha 30]
Ukuma siqinile kuxhomekeke ekusebenziseni izinto esizifundayo