Isahluko 39
Abanekratshi Nabathobekileyo
EMVA kokukhankanya iimpawu zikaYohane uMbhaptizi, uYesu uphethulela ingqalelo kubantu abanekratshi nabanochuku abamngqongileyo. Uvakalisa oku, “Esi sizukulwana . . . sifana namakhwenkwana ehleli ezindaweni zembutho, ekhwaza abalingane bawo, esithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina anambambazela.”
Uthetha ukuthini uYesu? Uyacacisa: “UYohane weza engadli, engaseli, basuka bathi, Unedemon. UNyana woMntu yena weza esidla, esela, basuka bathi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni.”
Kuyinto engenakwenzeka ukwanelisa abantu. Ayikho into ebakholisayo. UYohane uye waphila ubomi obungaquki izinto ezininzi nobubobokuzincama njengoZahluleyo, ngokuvisisana nesibhengezo sesithunywa sezulu sokuba “angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo.” Sekunjalo abantu bathi unedemon. Kwelinye icala, uYesu uphila njengabanye abantu, engenguye umntu oqhelisela nabuphi na ubungqongqo obugqithiseleyo, ibe yena utyholwa ngokuzifica ngokugqith’ emgceni.
Hayi indlela ekunzima ngayo ukukholisa aba bantu! Banjengabantwana abadlalayo, abathi abanye babo bangavumi ukududa xa abanye abantwana bedlala ugwali okanye abangavumiyo ukuba buhlungu xa abahlobo babo besentlungwini. Sekunjalo, uYesu uthi: “Ubulumko . . . bubonakala buyinyaniso ngayo yonke imisebenzi esisiqhamo sabo.” (TE) Ewe, ubungqina—imisebenzi—benza kucace ukuba izityholo abekwa zona uYohane noYesu zibubuxoki.
UYesu uhlabela mgama ekhetha aze ahlasele izixeko iKorazin, iBhetesayida neKapernahum, apho athe wenza khona imisebenzi yakhe emininzi yamandla. UYesu uthi ukuba wayeyenze kwizixeko zamaFenike, iTire neTsidon, ezi zixeko ngezaziguqukile zikwezirhwexayo naseluthuthwini. Egxeka iKapernahum, ngokucacileyo ebiliziko elilikhaya lakhe ebudeni bobulungiseleli bakhe, uYesu uvakalisa oku: “Kuya kuba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom ngomhla womgwebo kunawe.”
Ngokulandelayo uYesu umdumisa ekuhleni uYise wasezulwini. Ushukunyiselwa ukwenjenjalo kuba uThixo ufihla iinyaniso ezixabisekileyo kwabazizilumko nakwiingqondi kodwa azityhile ezi zinto zimangalisayo kwabathobekileyo, ngokungathi kunjalo kwiintsana.
Ekugqibeleni, uYesu unikela esi simemo sinomtsalane: “Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla. Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.”
UYesu ukunikela njani ukuphumla? Wenjenjalo ngokulungiselela inkululeko kwizithethe ezikhobokisayo iinkokeli zonqulo eziye zasindisa abantu ngazo, kuquka, ngokomzekelo, imimiselo enemiqathango yokugcinwa kweSabatha. Kwakhona, ubonisa indlela yokukhululeka kwabo beva umthwalo ocinezelayo wokulawulwa ngamagunya obupolitika nakwabo beva ubunzima bezono zabo ngenxa yesazela esibuhlungu. Kubantu abasentlungwini elolo hlobo utyhila indlela izono zabo ezinokuxolelwa ngayo nendlela abanokulunandipha ngayo ulwalamano oluxabisekileyo noThixo.
Idyokhwe emnandi kaYesu yileyo yokuzahlulela ngokupheleleyo kuThixo, ukukwazi ukukhonza uBawo wethu wasezulwini onemfesane nenceba. Ibe umthwalo olula onikelwa nguYesu kwabo beza kuye ngulowo wokuthobela izinto uThixo azifunayo ukuze kuzuzwe ubomi, eziyimiyalelo Yakhe ebhalwe eBhayibhileni. Ibe ukuyithobela akunzima konke konke. Mateyu 11:16-30; Luka 1:15; 7:31-35; 1 Yohane 5:3.
▪ Abantu abanekratshi nabanochuku besizukulwana sikaYesu bafana njani nabantwana?
▪ Kutheni uYesu eshukunyiselwa ekubeni adumise uYise wasezulwini?
▪ Abantu basindiswa ngomthwalo ngaziphi iindlela, ibe kukuphi ukuphumla uYesu akunikelayo?