Imibuzo Evela Kubafundi
Kwakutheni ukuze uYesu axelele umfazi owayesaziwa ngokuba ngumoni ukuba izono zakhe zixolelwe?—Luka 7:37, 48.
Xa uYesu wayengqendeve esidlweni kwindlu yomFarisi ogama linguSimon, umfazi othile ‘waya ngemva ezinyaweni zikaYesu.’ Wamanzisa iinyawo zakhe ngeenyembezi waza wazisula ngeenwele zakhe. Emva koko, wazanga waza wazithambisa ngeoli yobulawu. Ingxelo yeVangeli ithi lo mfazi ‘wayesaziwa esixekweni ukuba ungumoni.’ Kakade ke, bonke abantu abangafezekanga bangaboni, kodwa eZibhalweni kudla ngokusetyenziswa eli gama xa kuchazwa umntu owayedume ngokwenza izinto ezimbi. Kusenokwenzeka ukuba lo mfazi wayengunongogo. UYesu wathi kuye: “Zixolelwe izono zakho.” (Luka 7:36-38, 48) Wayethetha ukuthini uYesu? Ekubeni idini lentlawulelo lalingekanikelwa, kwakunokwenzeka njani ukuba axolelwe?
Emva kokuba lo mfazi ehlambe iinyawo zikaYesu waza wazithambisa, kodwa ngaphambi kokuba amxolele, uYesu wenza umzekeliso ukuze acacise ingongoma ebalulekileyo kuSimon. Efanisa isono netyala elikhulu, uYesu wathi kuSimon: “Amadoda amabini ayenetyala kumbolekisi othile; enye yayinetyala leedenariyo ezingamakhulu amahlanu, kodwa enye lezingamashumi amahlanu. Ekubeni ayengenanto angahlawula ngayo, wawaxolela ngesisa omabini. Ngoko ke, yiyiphi na kuwo eya kumthanda ngakumbi?” Ekuphenduleni uSimon wathi: “Ndiba yileyo ayixolele ngesisa ngokungakumbi.” UYesu wathi kuye: “Ugwebe ngokuchanileyo.” (Luka 7:41-43) Sonke sifanele sithobele uThixo kuba xa singamthobeli size sone, oko kuthetha ukuba asimniki oko kumfaneleyo. Ngenxa yoko siba netyala kuye. Noko ke, uYehova ufana nombolekisi okulungeleyo ukucima amatyala ethu. Kungenxa yoko le nto uYesu ekhuthaza abalandeli bakhe ukuba bathandaze kuThixo, bathi: “Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.” (Mat. 6:12) KuLuka 11:4 kuthiwa la matyala zizono.
Kwixa eladlulayo, uThixo wayexolela izono kweziphi iimeko? Ngokuvumelana nokusesikweni kwakhe, isohlwayo sesono kukufa. Ngenxa yoko, uAdam wahlawula isono sakhe ngokufa. Ngoko ke, ngokoMthetho uThixo awawunika uhlanga lwakwaSirayeli, umoni wayenokuxolelwa izono zakhe ngokunikela idini lesilwanyana kuYehova. Umpostile uPawulos wathi: “Phantse zonke izinto zihlanjululwa ngegazi ngokuvumelana noMthetho, yaye kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.” (Heb. 9:22) AmaYuda ayesazi ukuba ayikho enye indlela awayenokuxolelwa ngayo nguThixo. Yiloo nto eyabangela ukuba abantu ababephulaphule xa uYesu ethetha nalo mfazi bakuchase oko. Abo babengqendeve etafileni kunye noYesu bathi ngaphakathi kubo: “Ngubani na lo mntu ukwaxolela nezono?” (Luka 7:49) Yintoni ke ngoko eyabangela ukuba lo mfazi ungumoni kangaka axolelwe?
Isiprofeto sokuqala esavakaliswa emva kokuba isibini sokuqala sivukele, sichaza injongo kaYehova yokuvelisa ‘imbewu’ eyayiza kutyunyuzwa isithende nguSathana “nembewu” yakhe. (Gen. 3:15) UYesu watyunyuzwa isithende xa wabulawa ziintshaba zikaThixo. (Gal. 3:13, 16) Igazi likaKristu elaphalalayo lidini lentlawulelo elikhulula abantu kwisono nasekufeni. Ekubeni kungekho nto inokuthintela uYehova ekuphumezeni injongo yakhe, akuba nje ethethiwe amazwi akwiGenesis 3:15, kuThixo kwakufana nokuba intlawulelo sele ihlawuliwe. Wayenokubaxolela abo babonakalisa ukholo kwizithembiso zakhe.
Ngaphambi kwexesha lobuKristu, baninzi abantu uYehova awabagqala njengamalungisa. Abanye babo nguEnoki, uNowa, uAbraham, uRahabhi noYobhi. Ngokholo, babekhangele phambili ekuzalisekeni kwezithembiso zikaThixo. Umfundi uYakobi wathi: “UAbraham wakholwa kuYehova, kwaza oko kwabalelwa kuye njengobulungisa.” Ethetha ngoRahabhi, uYakobi wathi: “Ngokufanayo akazange na noRahabhi ihenyukazi avakaliswe elilungisa ngemisebenzi?”—Yak. 2:21-25.
UKumkani uDavide wakwaSirayeli wamandulo wenza izono ezininzi, kodwa wayenokholo olomeleleyo kuThixo oyinyaniso yaye waguquka. Ngaphezulu, iZibhalo zithi: “UThixo wambeka [uYesu] njengomnikelo wocamagushelo ngokholo olusegazini lakhe. Oku kwakungokokuze abonise ubulungisa bakhe, ngenxa yokuba wayexolela izono ezenzeka kwixesha elidluleyo ngoxa uThixo wayenyamezele; ukuze abonise ubulungisa bakhe ngeli xesha langoku, ukuze abe lilungisa kwanaxa emvakalisa elilungisa umntu okholwayo kuYesu.” (Roma 3:25, 26) Ngokusekelwe kwidini lentlawulelo likaYesu elaliza kunikelwa kwixesha elizayo, uYehova wakwazi ukuxolela uDavide iziphoso zakhe ngaphandle kokwaphula imilinganiselo yakhe yokusesikweni.
Kucacile ke ukuba, nemeko yomfazi owathambisa iinyawo zikaYesu yayifana naleyo. Wayeziphethe kakubi kodwa waguquka. Wayeziqonda ukuba ufuna ukuhlangulwa esonweni yaye wabonisa ngezenzo ukuba uyamxabisa loo mntu uYehova alungiselele intlangulo ngaye. Nangona idini lentlawulelo lalingekanikelwa laliqinisekile, kangangokuba ixabiso lalo lalisele lisebenza kubantu abafana nalo mfazi. Kungenxa yoko le nto uYesu wathi kuye: “Zixolelwe izono zakho.”
Njengoko le ngxelo ibonisa, uYesu wayengabagatyi aboni. Wayebaphatha kakuhle. Ngaphezulu, uYehova ukulungele ukuxolela aboni abaguqukayo. Eso siqinisekiso siyasikhuthaza ngokwenene njengabantu abangafezekanga!
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Kwabalelwa kubo njengobulungisa