Isahluko 74
Isiluleko KuMarta Nesifundo Esingomthandazo
EBUDENI bexesha lobulungiseleli bukaYesu kwelakwaYuda, ungena kwidolophana yaseBhetani. Apha kulapho kuhlala khona uMarta, uMariya nomntakwabo uLazaro. Mhlawumbi uYesu wayedibene naba bathathu ngaphambilana kubulungiseleli bakhe yaye ngoko sele engumhlobo wabo osondeleyo. Phofu ke, ngoku uYesu uya kwikhaya likaMarta yaye wamkelwa nguye.
UMarta unqwenela ukulungiselela uYesu ngezona zinto zilungileyo anazo. Eneneni, kulilungelo elikhulu ukuba uMesiya othenjisiweyo atyelele ikhaya likabani! Ngoko uMarta ulungiselela isidlo esikhulu yaye ulungiselela nezinye izinto ezininzi ngenjongo yokuba ukuhlala kukaYesu kube kokunandipheka nokonwabisa ngakumbi.
Kwelinye icala, udade boMarta uMariya uhleli phantsi ngasezinyaweni zikaYesu aze aphulaphule kuye. Emva kwethutyana, uMarta uyasondela aze athi kuYesu: “Nkosi, akukhathali na, kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndedwa? Yitsho ke kuye, andincede.”
Kodwa uYesu akafuni kubhekisa nto kuMariya. Endaweni yoko, ululeka uMarta ngokuzixhalabisa ngokugqithiseleyo ngezinto eziphathekayo. Ngobubele uYesu uyamkhalimela esithi: “Marta, Marta, uxhaliswa uphithizeliswa zizinto ezininzi. Inye yona into efunekayo.” UYesu uthi akuyomfuneko ukuba achithe ixesha elininzi elungisa iintlobontlobo ezininzi zokutya ukulungiselela isidlo. Ezimbalwa nje kuphela okanye nokuba lunye, lwanele.
UMarta uneenjongo ezintle; ufuna ukuba ngumamkeli weendwendwe onobubele. Kanti, ngokubonakalisa kwakhe inkxalabo kwizinto eziphathekayo, uphulukana nethuba lokufundiswa ngokobuqu nguNyana kaThixo! Ngoko uYesu uqukumbela ngelithi: “UMariya ke unyule eso sabelo silungileyo, singayi kususwa kuye.”
Kamva, ngesinye isihlandlo, omnye kubafundi ucela kuYesu oku: “Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe.” Kusenokwenzeka ukuba lo mfundi wayengekho malunga nonyaka onesiqingatha ngaphambili, xa uYesu wabenzela umthandazo ongumzekelo kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni. Ngoko uYesu uyaziphinda iimfundiso zakhe kodwa uhlabela mgama esenza umzekeliso ukubethelela imfuneko yokuzingisa emthandazweni.
UYesu uqalisa ngokuthi: “Nguwuphi na kuni ongathi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu; kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe; aze asuke lowo ungaphakathi aphendule athi, Musa ukundaphula; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike? Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo.”
Ngale ntelekiso uYesu akathethi ukuba uYehova uThixo uyakrikriza ukusabela kwizibongozo zethu, njengokuba waba njalo umhlobo kwibali lakhe. Akunjalo, kodwa ubonisa ukuba, ukuba umhlobo okrikrizayo ukukunceda uya kusabela kwizicelo ezenziwa ngokuzingisileyo, kukangakanani ke ngoBawo wethu osemazulwini onothando! Ngoko uYesu uyaqhubeka esithi: “Nam ndithi kuni, Qhubekani nicela, nophiwa; qhubekani nifuna, nofumana; qhubekani ninkqonkqoza, novulelwa. Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa.”—NW.
Emva koko uYesu ubhekisela koobawo abangabantu abangafezekanga nabanesono, esithi: “Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; athi akucela intlanzi, amnike inyoka endaweni yentlanzi? Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane? Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osemazulwini, ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?” Eneneni, olunjani ukuchukumisa ukhuthazo uYesu alunikelayo lokuzingisa emthandazweni. Luka 10:38–11:13.
▪ Kutheni uMarta esenzela uYesu amalungiselelo amaninzi kangaka?
▪ Wenza ntoni uMariya, yaye kutheni uYesu encoma yena endaweni yokuncoma uMarta?
▪ Yintoni eqhubela uYesu ekuphindeni iimfundiso zakhe ngomthandazo?
▪ UYesu uyizekelisa njani imfuneko yokuba ngozingisayo emthandazweni?