Isahluko 76
Ukudla NomFarisi
EMVA kokuba uYesu ephendule abagxeki ababuza umthombo wamandla akhe okuphilisa indoda eyayingakwazi ukuthetha, umFarisi othile ummemela kwisidlo. Ngaphambi kokuba badle, abaFarisi benza isiko labo lokuhlamba izandla zabo de kuze kufika engqinibeni. Oku bakwenza ngaphambi nasemva kwesidlo yaye kwanaphakathi kokufumana ezinye izidlo ezahlukahlukeneyo. Nangona esi sithethe singangqubani nomthetho kaThixo obhaliweyo, sigabadele kunokucoceka okufunwa nguThixo kumcimbi wokuzenza nyulu.
Xa athi uYesu angenzi ngokwesi sithethe, ommemileyo uyamangaliswa. Nangona ukumangaliswa kwakhe esenokungakuvakalisi ngamazwi, uYesu uyakuphawula aze athi: “Kaloku nina baFarisi nihlambulula umphandle wendebe nesitya, ukanti wona umbilini wenu uzele kukuphanga nokungendawo. Basweli-kuqonda, owakwenzayo okungaphandle akakwenzanga na nokungaphakathi?”
Ngaloo ndlela uYesu ubhenca uhanahaniso lwabaFarisi abathi ngokwesiko bahlambe izandla zabo kodwa bangazihlambi kubungendawo iintliziyo zabo. Uyabaluleka esithi: “Kanye ke izinto ezingaphakathi, lizani ngazo; niyabona, zosuka zonke izinto zihlambuluke kuni.” Ukupha kwabo kufanele kuphenjelelwe yintliziyo enothando, kungekhona umnqweno wokuzenza bahle kwabanye ngokungathi bangamalungisa.
UYesu uyaqhubeka esithi: “Yeha, nina baFarisi! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nezenxina nezemifuno yonke, nize nidlule kuwo umgwebo nokuthanda uThixo; ezi ndawo ke benimelwe kukuthi nizenze, nithi neziya ningazishiyi.” UMthetho kaThixo kuSirayeli ufuna ukuhlawulwa kwezishumi, okanye isahlulo seshumi, sesivuno sasemasimini. Ityeleba nenxina zizityalo ezincinane okanye imithana esetyenziselwa ukunonga ukutya. AbaFarisi bakunonelele gqitha ukuba babe banikela isishumi kwanangale mithana ingenamsebenzi, kodwa uYesu uyabagweba ngokungakukhathaleli ukwenza ezona zinto zifuneka ngakumbi, ukubonakalisa ububele, uthando nokuthozama.
Ebagweba ngokubhekele phaya, uYesu uthi: “Yeha, nina baFarisi! Ngokuba nithanda isihlalo sobukhulu ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abathi nabantu abahamba phezu kwawo, bangawazi.” Ukungacoceki kwabo akubonakali. Unqulo lwabaFarisi lubonakala luluhle ngaphandle kodwa ngaphakathi alufanelekanga! Lusekelwe kuhanahaniso.
Ephulaphule ukugwetywa ngolu hlobo, umqondisi-mthetho, omnye wabo banobunkunkqele kuMthetho kaThixo, uyakhalaza athi: “Mfundisi, uzithetha nje ezo zinto, usiphatha kakubi nathi.”
UYesu uzibek’ ityala kwaneengcali zoMthetho, uthi: “Yeha, nani baqondisi-mthetho! Ngokuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu. Yeha, nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele.”
Imithwalo athetha ngayo uYesu zizithethe ezingabhalwanga, kodwa aba baqondisi-mthetho babengasayi kunciphisa nomnye umthethwana ukubenzela lula abantu. UYesu utyhila ukuba bayavumelana nokubulawa kwabaprofeti, yaye uyalumkisa uthi: “Igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kuseloko lasekwayo ihlabathi; lithabathela egazini lika-Abheli, lide lizise egazini likaZekariya, owatshabalalela phakathi kwesibingelelo nendawo eyingcwele. Ewe, ndithi kuni, liya kumenywa kwesi sizukulwana.”
Ihlabathi labantu abanokuhlangulwa laqalisa ekuzalweni kwabantwana baka-Adam noEva; ngaloo ndlela, uAbheli waphila ngexesha ‘lokusekwa kwehlabathi.’ Emva kokubulawa kakubi kukaZekariya, umkhosi waseAsiriya waliphanzisa elakwaYuda. Kodwa uYesu uxela kusengaphambili ngokona kuphanziswa kubi kwesizukulwana sakhe ngenxa yobungendawo baso obukhulu. Oku kuphanziswa kwenzeka malunga neminyaka engama-38 kamva, ngowama-70 C.E.
Eqhubeka nokubagweba, uYesu uthi: “Yeha nina, baqondisi-mthetho! Ngokuba nasisusa isitshixo sokwazi; nina anangena, nabangenayo nabalela.” Iingcali zoMthetho zinembopheleleko yokucacisela abantu iLizwi likaThixo, zityhila intsingiselo yalo. Kodwa azikwenzi oku yaye zide zibahluthe abantu ithuba lokuliqonda.
AbaFarisi neengcali zomthetho kuthi mabamdle ngamazinyo uYesu ngumsindo ngenxa yokuba ebabhencile. Xa ephuma endlwini, baqalisa ukumchasa ngokukrakra yaye bamvingcela ngemibuzo. Bazama ukumthiyela ukuze athethe into abanokumbambisa ngayo. Luka 11:37-54; Duteronomi 14:22; Mika 6:8; 2 Kronike 24:20-25.
▪ Kutheni uYesu ebagweba nje abaFarisi neengcali zoMthetho?
▪ Yiyiphi imithwalo abaqondisi-mthetho abayibeka phezu kwabantu?
▪ Lalinini ixesha ‘lokusekwa kwehlabathi?’